IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 8/1 iphe. 3-4
  • Isibetho Esikhoyo Sokungalingani Kwabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isibetho Esikhoyo Sokungalingani Kwabantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukungalingani Kwabantu Ngaba Leyo Yindlela UThixo Awayecebe Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ngaba Abantu Bazo Zonke Iintlanga Bangaze Baphathwe Ngokufanayo?—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • Ukuphelisa Isibetho Sokungalingani Kwabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Iliso Ejongwa Ngalo Le Nyewe Kumgangatho Wama-29
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 8/1 iphe. 3-4

Isibetho Esikhoyo Sokungalingani Kwabantu

“Siyavuma ukuba ezi nyaniso zizicacele, ukuba bonke abantu badalwa balingana, ukuba uMdali wabo ubajizeke Ngamalungelo athile angenakwahluthwa, ukuba phakathi kwawo Kukuphila, iNkululeko nelungelo lokufuna uLonwabo.”​—⁠ISibhengezo Senkululeko, esamkelwa yiUnited States ngowe-1776.

“Bonke abantu bazalwa bekhululekile yaye belingana ngamalungelo.”​—⁠ISibhengezo Samalungelo Abantu naBemi, esamkelwa yiNdlu Yowiso-mthetho yaseFransi ngowe-1789.

“Bonke abantu bazalwa bekhululekile yaye belingana ngesidima nangamalungelo.”​—⁠I-Universal Declaration of Human Rights, eyamkelwa ngowe-1948 yiNgqungquthela yeZizwe Ezimanyeneyo.

AKUTHANDABUZEKI oko. Bonke abantu banomnqweno wokulingana. Kodwa okubuhlungu kukuba, isibakala sokuba ingcamango yokulingana kwabantu iye yaphindaphindwa izihlandlo ezingaka sibonisa ukuba de kube ngoku akukhange kubekho ukulingana ebantwini.

Ngaba ukho nabani na onokuma ngelithi ngoku njengokuba sisondela ekupheleni kwale nkulungwane yama-20, izinto ziye zabhetele? Ngaba bonke abemi baseUnited States naseFransi, okanye abo bamazwe ali-185 angamalungu eZizwe Ezimanyeneyo, bakunandipha ngokwenene ukulingana kwamalungelo ekumele ukuba abantu bazalwa nawo?

Nangona ingcamango yokulingana kwabantu bonke isenokuba “inobungqina,” ilungelo “Lokuphila, iNkululeko nokufumana uLonwabo” awalingani kubo bonke abantu. Ngokomzekelo, sinokuthetha njani ngokulingana kobu bomi sibuphilayo xa umntwana omnye waseAfrika kufuneka anyangwe ngugqirha omnye nabanye abantu abangama-2 569, ngoxa umntwana waseYurophu enyangwa nabantu abangama-289 kuphela? Okanye kuphi ukulingana kwamalungelo abantu okufuna inkululeko nolonwabo xa inkwenkwe enye kwamathathu okanye amantombazana amabini kwamathathu eIndiya eya kukhula engafundanga, ngoxa kwiindawo ezifana neJapan, iJamani, neBritani, enyanisweni bonke abantwana balapho beqinisekiswe ngemfundo?

Ngaba xa abantu abakumazwe akuMbindi Merika befumana umvuzo ongama-R8 530 mntu ngamnye, bafumana “intlonelo namalungelo” afanayo ebomini njengabo baseFransi, apho mntu ngamnye efumana i-R154 440 ngonyaka? Kuphi ukulingana xa umntwana oyintombazana ozalwa eAfrika kulindeleke ukuba aphile iminyaka engama-56 xa kuthelekiswa nomntwana oyintombazana wakuMntla Merika ekulindeleke ukuba aphile iminyaka engama-⁠79?

Ukungalingani kuneenkalo eziliqela, zonke zinezothe. Ukungalingani kumgangatho wokuphila nakumathuba okunyanyekelwa ngokwempilo nemfundo zizinto nje ezimbalwa. Maxa wambi, ukwahluka kwezobupolitika, ngokohlanga, okanye ngokonqulo kunendima enkulu ekuhlutheni abantu intlonelo nenkululeko yabo. Phezu kwako nje konke oko kuthethwayo ngokulingana, siphila kwihlabathi elinabantu abangalinganiyo. Njengesibetho​—⁠“isizathu sokuba kubekho intlungu engaka,” njengokuba eli gama lichazwa ngaloo ndlela​—⁠ukungalingani kukho kulo lonke ibutho labantu. Intlungu ebangelwa bubuhlwempu, ukugula, ukungabi nalwazi, ukungaqeshwa, nocalu-calulo ibuhlungu gqitha.

“Bonke abantu badalwa belingana.” Enjani ukuba ntle yona ingcamango! Hayi indlela ekubuhlungu ngayo ukuthi oko kwenzekayo kwahluke gqitha!

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]

UN PHOTO 152113/SHELLEY ROTNER

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share