“Bhinqani Ukuthobeka Kwengqondo”
“UThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 PETROS 5:5.
1, 2. Ziziphi iindidi ezimbini ezingafaniyo zotyekelo lwengqondo eziba nempembelelo ebonakalayo kwihambo yomntu?
PHAKATHI kweendidi zotyekelo lwengqondo eziziswa engqalelweni yethu liLizwi likaThixo kukho ezimbini ezichaseneyo. Zombini ziba nempembelelo kakhulu kwindlela umntu aziphatha ngayo. Olunye luchazwa ngokuthi ‘kukuthobeka kwengqondo.’ (1 Petros 5:5) Isichazi-magama sichaza igama elithi “ukuthobeka” ngokuthi “kukuba ngumntu othobekileyo okanye onomoya othobekileyo: ongenalo ikratshi eliqhutywa kukuzithemba.” Ukuthobeka kwengqondo yinto enye nokuthobeka, ibe ngokwembono kaThixo, kuluphawu oluthandeka ngokwenene.
2 Isichasi solu phawu likratshi. Lona lichazwa ngokuthi “kukuzicingela ngendlela engafanelekanga,” “kukubajongela phantsi abanye.” Luzicingela lona lodwa, kwaye liye lifune iingenelo zezinto eziphathekayo, ezokuzigwagwisa kunye nezinye, kwanokuba ukwenjenjalo kuyabenzakalisa abanye. IBhayibhile ichaza enye yezinto elizenzayo: ‘Umntu ugunyazela umntu, kube kubi kuye.’ Ithi “ukusukuzana omnye nomnye” ‘kukusukelana nomoya’ kuba xa besifa ‘abayi kuthabatha nento ngemigudu yabo.’ Ikratshi elinjalo lilizothe emehlweni kaThixo.—INtshumayeli 4:4; 5:15; 8:9.
Umoya Ogqubayo Wehlabathi
3. Nguwuphi umoya ogqubayo ehlabathini?
3 Namhlanje luluphi kwezi ndidi zotyekelo lwengqondo olubalaseleyo ehlabathini? Nguwuphi umoya ogqubayo ehlabathini? IWorld Military and Social Expenditures 1996 ithi: “Ayikho inkulungwane elingana neyama-20 xa kufikwa . . . kugonyamelo lobundlavini.” Ukukhuphisana ngegunya lezobupolitika nelezoqoqosho—kuquka nosukuzwano lobuzwe, lonqulo, lobuhlanga nolwezizwe—kuye kwasuba ubomi babantu abangaphezu kwezigidi ezili-100 kule nkulungwane. Nokuzingca kwabantu ngabanye kuye kwathabath’ unyawo. IChicago Tribune yathi: “Izigulo eziphethe uluntu ziquka ugonyamelo olungacingisiswanga, ukuxhatshazwa kwabantwana, uqhawulo-mtshato, ubunxila, uGawulayo, ukuzibulala kwabeshumi elivisayo, iziyobisi, amaqela emigulukudu yasesitratweni, ukudlwengula, ukuzalwa kwemigqakhwe, ukuqhomfa, izinto ezibonisa amanyala, . . . ukuxoka, ukuqhatha, ubuqhetseba bezobupolitika . . . Ayisekho imilinganiselo yokulungileyo nokuphosakeleyo.” Ngenxa yoko, iUN Chronicle yalumkisa isithi: “Uluntu luyawohloka.”
4, 5. Umoya wehlabathi uye wachazwa ngokuchanileyo njani sisiprofeto seBhayibhile esithetha ngemihla yethu?
4 Ezi zinto zenzeka ehlabathini lonke. Kunjengokuba isiprofeto seBhayibhile saxela kwangaphambili ngexesha lethu sisithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kubakho amaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangabathobeliyo abazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, bengenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abajindi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangenakuthanda kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele yinkqayiso.”—2 Timoti 3:1-4.
5 Leyo yindlela echanileyo onokuchazwa ngayo umoya ogqubayo weli hlabathi. Ngumoya wokuzingca wokufuna ukuba ngabokuqala ezintweni. Usukuzwano oluphakathi kweentlanga lufana twatse noluphakathi kwabantu ngabanye. Ngokomzekelo, kwimidlalo yokhuphiswano, iimbaleki ziye zifune ukuba phambili kungakhathaliseki ukuba loo nto ibavisa ubuhlungu kangakanani na abanye ngokweemvakalelo okanye emzimbeni. Esi simo sengqondo sokuzingca sithiwa ebantwaneni size siqhubeke sikho kumanqanaba amaninzi obomi bobuntu obukhulu. Siye sidale “ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano.”—Galati 5:19-21.
6. Ngubani okhuthaza ukuzingca, kwaye uYehova uvakalelwa njani ngesi simo sengqondo?
6 IBhayibhile iyabonisa ukuba isimo sengqondo sokuzingca seli hlabathi sifana ‘nesalowo ubizwa ngokuba nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ Ithetha ngempembelelo kaSathana kubantu abaphila kule mihla yokugqibela, iBhayibhile ixela kusengaphambili isithi: “Yeha kuwo umhlaba . . . ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:9-12) Ngoko yena namahlakani akhe aziidemon baye baqinisa kwimigudu yabo yokukhuthaza isimo sengqondo sokuzingca kwintsapho yoluntu. Phofu uYehova uvakalelwa njani yena ngesi simo sengqondo? ILizwi lakhe lithi: “Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo.”—IMizekeliso 16:5.
UYehova Unabathobekileyo
7. UYehova ubajonga njani abathobekileyo, kwaye yintoni abafundisa yona?
7 Kwelinye icala, uYehova uyabasikelela abo bathobekileyo engqondweni. Xa wayevumela uYehova ingoma, uKumkani uDavide wathi: “Abantu abaziintsizana uyabasindisa, amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.” (2 Samuweli 22:1, 28) Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo liyacebisa: “Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe . . . funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.” (Zefaniya 2:3) Abo bamfuna ngokuthobeka uYehova ubafundisa ukuba bahlakulele isimo sengqondo esahluke ngokupheleleyo kweseli hlabathi. “Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.” (INdumiso 25:9; Isaya 54:13) Leyo yindlela yothando. Isekelwe ekwenzeni okulungileyo ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Ngokutsho kweBhayibhile, olu thando olusekelwe kwimigaqo “alugwagwisi, alukhukhumali, . . . alufuni ezalo izilangazelelo.” (1 Korinte 13:1-8) Lukwazibonakalisa ngokuthobeka kwengqondo.
8, 9. (a) Luvela phi uthando olusekelwe kumgaqo? (b) Kubaluleke kangakanani ukuxelisa uthando nokuthobeka kukaYesu?
8 UPawulos namanye amaKristu enkulungwane yokuqala alufunda olu hlobo lothando kwiimfundiso zikaYesu. UYesu wayelufunde kuYise, uYehova, iBhayibhile ethi ngaye: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) UYesu wayesazi ukuba yayikukuthanda kukaThixo ukuba aphile ngokuvisisana nomthetho wothando, ibe wenjenjalo. (Yohane 6:38) Kungoko waba nemfesane ngabacinezelekileyo, abangamahlwempu naboni. (Mateyu 9:36) Wabaxelela oku: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo.”—Mateyu 11:28, 29.
9 UYesu wabonisa abafundi bakhe ukubaluleka kokuxelisa uthando kunye nokuthobeka kwakhe xa wabaxelela oku: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Babeza kwahluka kweli hlabathi lizingcayo. Kungoko uYesu wathi ngabalandeli bakhe: “Abayonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:14) Ewe, abawulandeli umoya wokuba nekratshi nowokuzingca wehlabathi likaSathana. Kunoko, baxelisa umoya wothando nowokuthobeka owabonakaliswa nguYesu.
10. Yintoni eyenziwa nguYehova kwabathobekileyo namhlanje?
10 ILizwi likaThixo laxela kwangaphambili lisithi kule mihla yokugqibela, abathobekileyo babeza kuhlanganiswa babe libutho labantu elisehlabathini lonke elilawulwa luthando nokuthobeka. Ngaloo ndlela, kweli hlabathi liya lizingca ngokuzingca, abantu bakaYehova banesimo sengqondo esichaseneyo nesalo—ukuthobeka kwengqondo. Aba bantu bathi: “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova [kunqulo lwakhe lokwenyaniso oluphakamileyo], . . . asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.” (Isaya 2:2, 3) NgamaNgqina kaYehova ayila eli butho labantu elisehlabathini lonke elihamba ngomendo kaThixo. Aquka “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.” (ISityhilelo 7:9) Sithethanje esi sihlwele sikhulu sibunjwe zizigidi zabantu. UYehova ubaqeqesha njani ukuze bathobeke?
Ukufunda Ukuthobeka Engqondweni
11, 12. Abakhonzi bakaThixo bakubonakalisa njani ukuthobeka kwengqondo?
11 Umoya kaThixo osebenza kubantu abamkhonzayo ubenza bafunde ukoyisa umoya olizothe wehlabathi baze bahlakulele isiqhamo somoya kaThixo. Esi siqhamo siye sizibonakalise ‘ngothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.’ (Galati 5:22, 23) Ukuze bancedwe bahlakulele ezo mpawu, abakhonzi bakaThixo balulekwa ukuba ‘bangazigwagwisi, bekhuphisana, bemonelana.’ (Galati 5:26) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wathi: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngakumbi kunokuba kuyimfuneko ukuzicingela; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo.”—Roma 12:3.
12 ILizwi likaThixo lixelela amaKristu okwenyaniso ukuba ‘angenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye [abangabakhonzi bakaThixo] njengabongamileyo kunani, ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:3, 4) “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.” (1 Korinte 10:24) Ewe, “uthando luyakha” kwabanye, lusebenzisa amazwi nezenzo zokungazingci. (1 Korinte 8:1) Lukhuthaza intsebenziswano, kungekhona ukhuphiswano. Isimo sengqondo sokuba ngabokuqala asinandawo phakathi kwabakhonzi bakaYehova.
13. Kutheni kufanele kufundwe ukuthobeka kwengqondo, kwaye ubani unokukufunda njani?
13 Noko ke, ngenxa yokungafezeki esikuzuze njengelifa, asizalwa sithobekile engqondweni. (INdumiso 51:5) Olu phawu lumele lufundwe. Kwaye oku kusenokuba nzima kwabo bangazange bafundiswe iindlela zikaYehova besebancinane, kodwa abaye bazamkela kamva ebomini. Sele bezakhele ubuntu obusekelwe kwizimo zengqondo zeli hlabathi lidala. Ngoko kufuneka bafunde ‘ukubulahla ubuntu obudala obuvisisana nehambo yabo yangaphambili’ baze ‘bambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ (Efese 4:22, 24) Ngoncedo lukaThixo, abanyanisekileyo banako ukukwenza oko akufuna kubo: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.”—Kolose 3:12.
14. UYesu wathetha wathini nxamnye nokufuna ukuziphakamisa?
14 Abafundi bakaYesu kwafuneka bekufundile oku. Babesele bebadala xa babesiba ngabafundi bakhe yaye benomlinganiselo othile wesimo sengqondo sehlabathi sokusukuzana. Xa unina wababini babo wayefuna oonyana bakhe bavelele kunabanye, uYesu wathi: “Abalawuli beentlanga baba ziinkosi phezu [kwabantu] yaye abo bazizikhulu basebenzisa igunya phezu kwazo. Makungabi njalo phakathi kwenu; kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu, yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu. Kanye njengokuba uNyana womntu [uYesu] weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:20-28) Xa uYesu wayexelela abafundi bakhe ukuba bangasebenzisi izibizo ngelizama ukuziphakamisa, wongezelela esithi: “Nonke nina ningabazalwana.”—Mateyu 23:8.
15. Sisiphi isimo sengqondo abafanele babe naso abo bafuna isigxina sokuba ngumveleli?
15 Umlandeli wokwenyaniso kaYesu ungumkhonzi, ewe, ulikhoboka kwamanye amaKristu. (Galati 5:13) Oku kunjalo ngokukodwa kwabo bafuna ukufanelekela ukuba ngabaveleli ebandleni. Abafanelanga nanini na bakhuphisane ngokuvelela okanye ngegunya; abafanelanga ‘babe ziinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo, kodwa bamele babe yimizekelo kubo.’ (1 Petros 5:3) Okunene, isimo sengqondo sokuzingca sibonisa ukuba ubani akakufanelekeli ukuba ngumveleli. Loo mntu uza kulenzakalisa ibandla. Ewe, kuyinto efanelekileyo kona ‘ukuzabalazela isigxina sobuveleli,’ kodwa oko kufanele kubangelwe ngumnqweno wokukhonza amanye amaKristu. Eso sigxina asisosikhundla okanye igunya eliveleleyo, kuba abaveleli bafanele babalwe phakathi kwabona bantu bathobekileyo ebandleni.—1 Timoti 3:1, 6.
16. Kwakutheni ukuze kuthethwe ngokunxamnye noDiyotrefe kwiLizwi likaThixo?
16 Umpostile uYohane utsalela ingqalelo yethu kumntu othile owayenembono ephosakeleyo, esithi: “Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba kwindawo yokuqala phakathi kwabo, akayamkeli ngembeko nantoni na evela kuthi.” Le ndoda ayizange ibaphathe ngambeko abanye phofu izama ukuzenza mkhulu. Kunokuba kwenzeke loo nto, umoya kaThixo washukumisela uYohane ukuba awaquke eBhayibhileni amazwi anxamnye noDiyotrefe ngenxa yesimo sengqondo sakhe sokufuna ukuba ngowokuqala.—3 Yohane 9, 10.
Isimo Sengqondo Esilungileyo
17. UPetros, uPawulos kunye noBharnabhas bakubonakalisa njani ukuthobeka kwengqondo?
17 Mininzi imizekelo eseBhayibhileni yabo babenesimo sengqondo esilungileyo, sokuthobeka kwengqondo. Xa uPetros wangena kwikhaya likaKorneli, le ndoda ‘yawa phantsi ezinyaweni [zikaPetros] yaza yaqubuda kuye.’ Kunokuba asamkele eso senzo sokunqula, “uPetros wamphakamisa, esithi: ‘Sukuma; nam ngokwam ndikwangumntu.’ ” (IZenzo 10:25, 26) Xa uPawulos noBharnabhas babeseListra, uPawulos waphilisa indoda ethile eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Ngenxa yesi senzo, izihlwele zazisithi aba bapostile bangoothixo. Noko ke, uPawulos noBharnabhas “bakrazula izambatho zabo zangaphezulu baza baxhumela kuso isihlwele, bedanduluka besithi: ‘Madoda, kutheni nisenza ezi zinto nje? Nathi singabantu abanobulwelwe obufanayo njengoko ninjalo nani.’ ” (IZenzo 14:8-15) La maKristu athobekileyo akazange alwamkele uzuko oluvela ebantwini.
18. Ngokuthobeka, ingelosi enamandla yamxelela ntoni uYohane?
18 Xa umpostile uYohane wanikwa “isityhilelo ngoYesu Kristu,” sadluliselwa ngengelosi. (ISityhilelo 1:1) Ngenxa yamandla engelosi, sinokusiqonda isizathu sokuba uYohane oyike, kuba ingelosi enye nje yabulala ama-Asiriya ali-185 000 ngobusuku obunye. (2 Kumkani 19:35) UYohane uyabalisa: “Xa ndevayo ndaza ndabona, ndawa phantsi ukuba ndinqule phambi kweenyawo zengelosi eyayindibonisa ezi zinto. Kodwa yathi kum: ‘Lumka! Ungakwenzi oko! Nam ndilikhoboka nje kuphela kunye nawe nabazalwana bakho . . . Nqula uThixo.’ ” (ISityhilelo 22:8, 9) Okunjani ukuthobeka kwengqondo esikubona kule ngelosi inamandla!
19, 20. Khawuthelekise ikratshi lweenjengele zaseRoma ezoyisileyo kunye nokuthobeka kwengqondo kukaYesu.
19 UYesu wayengowona mzekelo mhle womntu othobekileyo engqondweni. Wayekuphela koNyana ozelwe nguThixo, owayeza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini. Xa wayesiza ebantwini, akazange eze njengokuba zazisenza iinjengele ezoyisileyo zexesha leRoma. Zazisenzelwa imiboniso emikhulu—imingcelele—kwaye zikhwela iinqwelo zokulwa ezihonjiswe ngegolide nangophondo lwendlovu, zitsalwa ngamahashe amhlophe, okanye ziindlovu, iingonyama okanye izingwe. Kolo ngcelele kwakubakho iimvumi ezihlabela amagwijo oloyiso, kukho neenqwelwana ezithwele ixhoba kunye namaqonga abonisa oko kwenzeka edabini. Kwakhona kwakubakho ookumkani, amatshawe kunye neenjengele ezithinjiweyo kunye neentsapho zazo, ngokufuthi ezazihlutywa zihambe ze ukuze kuhlekiswe ngazo. Yonke le nto yayintama ikratshi nokuziphakamisa.
20 Khawuthelekise loo nto ke nendlela uYesu aweza ngayo. Wayekulungele ukuthobela ngobulali ukuze azalisekise isiprofeto esingaye, esaxela kwangaphambili sisithi: “Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni.” Ngokuthobeka wakhwela isilwanyana esasisetyenziselwa ukuthwala imithwalo, kungekhona inqwelo yemfazwe eyayitsalwa zizilwanyana ezazibalasele kwimiboniso. (Zekariya 9:9; Mateyu 21:4, 5) Hayi indlela abavuya ngayo abantu abathobekileyo kuba uYesu enguKumkani omiselwe nguYehova ukuba alawule umhlaba uphela kwihlabathi elitsha, othobekileyo ngengqondo, onothando, onemfesane, onenceba!—Isaya 9:6, 7; Filipi 2:5-8.
21. Yintoni engathethwa kukuthobeka kwengqondo?
21 Isibakala sokuba uYesu, uPetros, uPawulos namanye amadoda namabhinqa okholo awayephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile ayethobekile ngengqondo asivumelani nengcamango yokuba ukuthobeka kuluphawu lobuthathaka. Kunoko, kuyimbonakaliso yokuba nobuntu obuhle, kuba aba bantu babekhaliphile yaye benenzondelelo. Banyamezela iimvavanyo eziqatha ngenxa yokuba beneengqondo eziphilileyo yaye beziphethe kakuhle. (Hebhere, isahluko 11) Kwaye namhlanje, xa abakhonzi bakaYehova bethobekile engqondweni, baba namandla afanayo kuba uThixo uyabaxhasa abathobekileyo esebenzisa umoya wakhe oyingcwele onamandla. Ngaloo ndlela, siyabongozwa: “Nonke bhinqani ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo. Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo”—1 Petros 5:5, 6; 2 Korinte 4:7.
22. Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
22 Ikho enye inkalo ethandekayo yokuthobeka kwengqondo ekufuneka abakhonzi bakaThixo babe nayo. Yinkalo eba negalelo kakhulu ekuhlakuleleni umoya wothando nowentsebenziswano emabandleni. Okunene, isesona sithako sibalaseleyo sokuthobeka kwengqondo. Le nkalo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Impinda
◻ Chaza umoya ogquba kweli hlabathi.
◻ UYehova ukholiswa njani ngabo bathobekileyo engqondweni?
◻ Kutheni kumelwe kufundwe ukuthobeka kwengqondo?
◻ Yiyiphi eminye yemizekelo echazwa yiBhayibhile yabantu ababethobekile engqondweni?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ingelosi yathi kuYohane: ‘Ungakwenzi oko! Nam ndilikhoboka kunye nawe’