Ngaba Unokukhonza Kwintsimi Yasemzini?
“NDANDISOLOKO ndiphupha ngokuba kumsebenzi wobuvangeli. Ngoxa ndandingekatshati, ndandikhonza eTexas, eUnited States, apho kwakukho imfuneko enkulu yabashumayeli. Ndahamba nomfazi wam emva kokuba sitshatile. Ukuzalwa kwentombi yethu, ndacinga ukuba, ‘Okwangoku, kuya kufuneka ndilibale.’ Kodwa uYehova uyawazalisekisa amaphupha, ingakumbi xa enento yokwenza nokuthanda kwakhe.”—UJesse, ngoku ukhonza e-Ecuador nomfazi nabantwana bakhe abathathu.
“Andizange ndicinge ukuba ndingenza into enjengaleyo ngaphandle koqeqesho lwesikolo sobuvangeli basemazweni saseGiliyadi. Xa ndabona omnye wezifundo zam zeBhayibhile enikela intetho okanye eshumayela, kwandivuyisa oko, yaye ndambulela uYehova ngokundinika eli thuba.”—UKaren, ibhinqa elingatshatanga ebelinguvulindlela iminyaka esibhozo eMzantsi Merika.
“Emva kokushumayela ixesha elizeleyo iminyaka eli-13 eUnited States, mna nomfazi wam savakalelwa kukuba sifuna ucelomngeni olutsha. Sonwabile kunakuqala; eneneni yindlela entle yobomi.”—UTom, onguvulindlela nomfazi wakhe, uLinda, kummandla waseAmazon.
La mazwi oxabiso avela kubantu abangavunyelwanga ziimeko ukuba bafumane uqeqesho lobuvangeli basemazweni kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Sekunjalo, baye bafumana uvuyo nocelomngeni kwinkonzo yasemzini. Kwenzeke njani oku? Ngaba inkonzo enjalo inokukulungela?
Kufuneka Intshukumisa Efanelekileyo
Kufuneka okungaphezulu kunokucinga ngeengozi onokujamelana nazo ukuze uphumelele kwintsimi yasemzini. Abo baye bazingisa baye bakwenza oko ngentshukumisa efanelekileyo. Njengompostile uPawulos, bazigqala njengabanetyala, kungekuphela nje kuThixo kodwa nakubantu. (Roma 1:14) Ngebezalisekise umyalelo wobuthixo wokushumayela ngokuba nesabelo kubulungiseleli kwintsimi yabo. (Mateyu 24:14) Kodwa baziva benetyala yaye benyanzelekile ukufikelela yaye bancede abo bangafane bafumane ithuba lokuva iindaba ezilungileyo.
Ukuba nomnqweno wokusebenza kwintsimi enemveliso engakumbi ngokufuthi kuyenye intshukumisa—yaye oko kufanelekile. Ngubani kuthi othi xa ebona omnye umlobi ebambisa gqitha aze angasondeli kufuphi naloo ndawo yelo chibi? Ngokukwanjalo, iingxelo ezikhuthazayo zolwando olubonakalayo kwamanye amazwe ziye zakhuthaza abaninzi ukuba baye apho kukho “inkitha enkulu yeentlanzi.”—Luka 5:4-10.
Bala Iindleko
Amazwe amaninzi awawavumeli amatsha-ntliziyo onqulo asemzini ukuba asebenze. Ngoko abo banomnqweno wokukhonza kwilizwe lasemzini ngokuqhelekileyo bamele bazixhase ngokwemali. Luye lwahlangatyezwa njani olu celomngeni lwezoqoqosho? Abaninzi baye bathengisa okanye baqeshisa ngezindlu zabo ukuze babe nemali eyaneleyo. Abanye baye bathengisa amashishini abo. Abanye baye balondoloza imali ukuze bafikelele usukelo lwabo. Sekunjalo abanye bakhonza kwilizwe lasemzini unyaka okanye emibini, babuyele kumakhaya abo ukuze basebenze baze bafumane imali, baze baphinde baye kukhonza kwakhona.
Elinye ithuba elingathandabuzekiyo lokuba kwilizwe elisakhasayo kukuba iindleko zokuphila ngokufuthi ziphantsi kakhulu kunakumazwe ahambele phambili. Oku kuye kwavumela abanye baphila ngendlela efanelekileyo ngemali yomhlala-phantsi engeninzi kangako. Kakade ke, iindleko zikabani ziya kuxhomekeka kakhulu kumgangatho wokuphila ubani awukhethayo. Kwanakumazwe asakhasayo, iindawo zokuhlala ezitofotofo ziyafumaneka kodwa ngexabiso eliphakame kakhulu.
Kucacile ukuba, kumele kubalwe iindleko ngaphambi kokuba kufudukwe. Sekunjalo, kubandakanyeke okungakumbi kunokubala nje iindleko zezoqoqosho. Mhlawumbi amagqabaza abo baye bakhonza kuMzantsi Merika anokukhanyisa okuthile.
Olona Celomngeni Lukhulu
UMarkku, waseFinland ukhumbula oku: “Kwakunzima kakhulu kum ukufunda iSpanish. Ndacinga ukuba ekubeni ndingalwazi olo lwimi, kuya kuthabatha ithuba elide ukuba ndikhonze njengesicaka solungiselelo. Hayi indlela endothuka ngayo xa ndacelwa ukuba ndiqhube isifundo sencwadi emva nje kweenyanga ezimbini! Kakade ke, ayemaninzi amaxesha abangela iintloni. Ndandinengxaki engakumbi ngamagama. Ngenye imini ndabiza uMzalwan’ uSancho ndathi ‘Mzalwan’ uChancho (ihagu),’ yaye andisokuze ndilibale ndibiza uDade Salamea ngokuthi ‘uMalasea (ongendawo).’ Ngethamsanqa, abazalwana noodade babenomonde kakhulu.” Ekugqibeleni uMarkku wakhonza iminyaka esibhozo kwelo lizwe njengomveleli wesiphaluka nomfazi wakhe, uCeline.
UChris, umfazi kaJesse okhankanywe ngaphambilana, uthi: “Ndisalukhumbula utyelelo lwethu lokuqala lomveleli wesiphaluka, emva kokuba silapha iinyanga ezintathu. Ndandimbona ukuba lo mzalwana wayesebenzisa imizekeliso yaye wayethetha kakuhle ezama ukufikelela iintliziyo zethu, kodwa ndandingayiqondi into ayithethayo. Kanye phakathi eholweni, ndalila. Ndandingalili nje; ndandigxwala iinyembezi. Emva kwentlanganiso, ndazama ukumcacisela imeko yam umveleli wesiphaluka. Wayenobubele waza wandixelela oko bonke abanye abantu bebesoloko bendixelela, ‘Ten paciencia, hermana’ (‘Yiba nomonde, dade’). Kwiminyaka emibini okanye emithathu kamva, sadibana kwakhona saza sathetha imizuzu engama-45, ndivuyiswa kukuba sikwazi ukuthetha.”
Omnye umzalwana uthi: “Kubalulekile ukufundisisa. Okukhona sisenza umgudu ekufundisiseni ulwimi, okukhona siphucula indlela yokuluthetha.”
Bonke bayavuma ukuba imigudu enjalo iba yingenelo. Ukuthobeka, umonde, nenzondelelo ezo zinto ziyahlakulelwa xa umntu elwela ukufunda ulwimi olutsha. Kuvulwe umnyango omtsha omkhulu wokushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye. Ngokomzekelo, ukufunda iSpanish kunceda ubani athethe ulwimi oluthethwa ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-400 ehlabathini lonke. Abaninzi abathi kamva babuyela kumazwe abo basakwazi ukusebenzisa ubuchule babo bokuthetha ulwimi ukunceda abantu abathetha iSpanish.
Kuthekani Ngokukhumbula Ikhaya?
UDeborah, oye wakhonza nomyeni wakhe, uGary, kummandla waseAmazon ukhumbula oku: “Xa sasifika okokuqala e-Ecuador ngowe-1989, ndandidla ngokukhumbula ekhaya. Ndafunda ukuthembela kakhulu kubazalwana noodade abasebandleni. Baye baba njengentsapho yam.”
UKaren, okhankanywe ekuqaleni, uthi: “Ndalwa nokukhumbula ikhaya ngokuya kubulungiseleli imihla ngemihla. Ngale ndlela ndandingasoloko ndicinga ngekhaya. Kwakhona engqondweni ndandizixelela ukuba emva phaya abazali bam bayazidla ngomsebenzi wam kwintsimi yasemzini. Umama wayesoloko endikhuthaza ngala mazwi: ‘UYehova unokukunyamekela ngakumbi kunokuba mna ndinokwenza.’ ”
UMakiko, osuka eJapan, ngoburharha wongezelela esithi: “Emva kokuchitha imini yonke kwinkonzo yasentsimini, ndiyadinwa kakhulu. Ngoko xa ndibuyela endlwini ndize ndiqalise ukukhumbula ekhaya, ngokuqhelekileyo ndiyalala. Ngenxa yoko, loo mvakalelo ayihlali ixesha elide.”
Kuthekani Ngabantwana?
Xa kubandakanyeke abantwana, kumele kunikelwe ingqalelo kwiimfuno zabo, njengemfundo. Kule nkalo abanye baye bakhetha ukubafundisa ekhaya ngoxa abanye baye babafaka kwizikolo zasekuhlaleni abantwana babo.
UAl wafudukela eMzantsi Merika nomfazi wakhe, nabantwana bakhe ababini nonina. Uthi: “Sifumanise ukuba ukubafaka esikolweni abantwana kwabafundisa ukufunda ulwimi ngokukhawuleza. Kwiinyanga nje ezintathu babetyibilika.” Kwelinye icala, amakhwenkwe amabini akwishumi elivisayo kaMike noCarrie bafunda ngembalelwano kwisikolo esidume kakuhle. Abazali bathi: “Safumanisa ukuba imfundo asinakuyishiyela kubantwana nje kuphela. Sasifanele sibe nenxaxheba kweso sifundo yaye siqinisekise ukuba amakhwenkwe ahlala ehambisana noludwe lwezifundo ezabelweyo.”
UDavid noJanita, abasuka eOstreliya, bachaza indlela abavakalelwa ngayo ngamakhwenkwe abo amabini. “Besifuna ukuba amakhwenkwe ethu azibonele ngokwawo indlela abanye abaphila ngayo. Kulula ukucinga ukuba indlela yokuphila esikhuliswe ngayo iqhelekile, kodwa eneneni bambalwa kuphela abaphila ngayo. Kwakhona baye babona indlela imigaqo yobuthixo esebenza ngayo emhlabeni wonke, kungakhathaliseki ilizwe okanye indlela yokuphila.”
UKen ukhumbula oku: “Ndandineminyaka emine nje kuphela ubudala xa intsapho yakowethu yafuduka eNgilani ngowe-1969. Nangona ndadana xa singazange sihlale kwizindlu zodaka ezinophahla lwengca, njengoko ndandicinga njalo, ndavakalelwa kukuba ndakhuliswa ngeyona ndlela eyonwabisayo umntu oselula angakhuliswa ngayo. Ndandisoloko ndibasizela abanye abantwana abangazange babe nethuba elifanayo! Ngenxa yonxulumano oluhle nabavangeli basemazweni noovulindlela abakhethekileyo, ndaqalisa ubuvulindlela bobuncedani kwiminyaka esithoba ubudala.” Ngoku uKen ungumveleli ohambahambayo.
UGabriella, intombi kaJesse uyavuma esithi: “Ngoku iEcuador likhaya lethu lokwenene. Ndiyavuya kakhulu kuba abazali bam benza isigqibo sokuza apha.”
Kwelinye icala, kuye kwakho abanye abantwana abangazange bakwazi ukuziqhelanisa neemeko ngezizathu ezithile, yaye iintsapho zabo kwakufanele zibuyele kumazwe azo. Yiloo nto kucebiseka ukuba batyelele kwilizwe lasemzini ngaphambi kokuba ufudukele apho. Ngale ndlela kungenziwa izigqibo ngezinto ozaziyo.
Iintsikelelo Zokufuduka
Eneneni, ukufudukela kwintsimi yasemzini kuquka ucelomngeni nokuzincama. Ngaba kuye kwanomvuzo kwabo baye bafuduka? Makhe basixelele.
UJesse: “Kule minyaka ilishumi sikwesi sixeko saseAmbato, siye sabona iqela lamabandla ekhula esuka kwama-2 ukusa kwali-11. Siye sanelungelo lokunceda ukuqalisa amahlanu kuloo mabandla, yaye siye sasebenza kulwakhiwo lweeHolo zoBukumkani ezimbini. Kwakhona siye sakuvuyela ukunceda ngokomlinganiselo izifundo zeBhayibhile ezimbini ngonyaka ukuba zifanelekele ukubhaptizwa. Inye kuphela into endizisola ngayo—ukungazi apha kwiminyaka elishumi ngaphambilana.”
ULinda: “Uxabiso lwabantu ngeendaba ezilungileyo nangemigudu yethu lusikhuthaza kakhulu. Ngokomzekelo, kwenye idolophana esehlathini, umfundi weBhayibhile ogama linguAlfonso wabona indlela ekunokuba yingenelo ngayo ukuba neentetho zesidlangalala kummandla wakhe. Wayesandul’ ukufudukela kwindlu yakhe entsha eyenziwe ngamaplanga, enye yezimbalwa kuloo dolophana. Egqiba kwelokuba indlu yakhe kuphela kwesakhiwo kuloo dolophu esifanele uYehova, wabuyela kwakhona kwindlu yakhe eyenziwe ngengca waza wanikela ngendlu yakhe kubazalwana ukuze bayisebenzise njengeHolo yoBukumkani.”
UJim: “Ixesha esilichitha sithetha nabantu kubulungiseleli lingaphezulu lee kunelo sasilichitha eUnited States. Ngapha koko, ubomi apha buzolile. Alithandabuzeki elokuba kukho ixesha elingakumbi lokufundisisa nelenkonzo yasentsimini.”
USandra: “Ukubona indlela inyaniso yeBhayibhile ebaguqula ngayo abantu ukuba balunge ngakumbi kuyandanelisa kakhulu. Ndakha ndafundisisa iBhayibhile noAmada, umnini wevenkile encinane yokutya oneminyaka engama-69 ubudala. Rhoqo wayegalela imilinganiselo emibini yamanzi kwimilinganiselo elishumi yobisi. Ngapha koko wayebaqhatha abo wayebathengisela olu busi lungxengiweyo ngokungaluzalisi. Kodwa emva kokufunda oko kufumaneka phantsi komxholwana othi ‘Ukunyaniseka Kuphumela Kulonwabo’ kwisahluko 13 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, uAmada wayiyeka le mikhwa ingalunganga. Hayi indlela endavuya ngayo ndakumbona ebhaptizwa kamva emva koko!”
UKaren: “Akuzange kufuneke ndithembele kuYehova ngolu hlobo ngaphambili okanye ndisetyenziswe nguye ngolu hlobo njengokuba ndilapha. Ubuhlobo bam noYehova buye bakhula baza baqina nangakumbi.”
Kuthekani Ngawe?
Ebudeni beminyaka amawaka amaNgqina aye akhonza kwamanye amazwe. Wambi ahlala unyaka okanye emibini, amanye ixesha elingenamda. Aye abuya enamava, eqolile ngokomoya, eme kakuhle ngokwasemalini, enosukelo lokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani kwintsimi yasemzini. Aye akwazi ukukhonza kwiindawo apho abavakalisi boBukumkani basekuhlaleni bengakwazi ukukhonza khona ngenxa yokunqongophala komsebenzi wokuziphilisa. Amaninzi aye athenga iinqwelo-mafutha ezitsala ngamavili amane ukuya kwintsimi ekungelula ukuya kuyo. Amanye, akhetha ubomi basedolophini, aye aziintsika kumabandla amakhulu apho kukho abadala abambalwa. Sekunjalo, onke athi aye afumana iintsikelelo ezingakumbi zokomoya kunoko akunikeleyo.
Ngaba unokuba nesabelo kwilungelo lokukhonza kwintsimi yasemzini? Ukuba iimeko zakho ziyakuvumela, kutheni ungakhangeli amathuba okufuduka? Inyathelo lokuqala nelibalulekileyo liya kuba kukubhalela kwiofisi yesebe loMbutho kwilizwe apho ucinga ukukhonza khona. Ingxelo engqalileyo oyifumanayo iya kukunceda uqonde amathuba akho okuphumelela. Ngapha koko, amacebiso amaninzi asebenzayo anokufumaneka kwinqaku elithi “Phuma Kuwo Umhlaba Wakowenu Nasemizalwaneni Yakho,” kwinkupho yeMboniselo ka-Agasti 15, 1988. Ngokuceba kakuhle nangentsikelelo kaYehova, mhlawumbi nawe unokuba novuyo lokukhonza kwintsimi yasemzini.
[Caption on page 24]
UTOM NOLINDA KWINDLEDLANA ESEMAGQAGALENI, BESINGE KWINDAWO YAMAINDIYA ANGAMASHUAR
[Caption on page 25]
ABANINZI BAKHONZA EQUITO, KWISIXEKO ESILIKOMKHULU LASE-ECUADOR
[Caption on page 25]
UMAKIKO USHUMAYELA KWIINTABA ZEANDES
[Caption on page 26]
INTSAPHO YAKWAHILBIG SELE IKHONZA E-ECUADOR KULE MINYAKA MIHLANU IDLULEYO