IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 5/1 iphe. 18
  • Ubomi Bentsapho Obonwabisayo Butsalel’ Abanye KuThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubomi Bentsapho Obonwabisayo Butsalel’ Abanye KuThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Inokonwaba Intsapho Yakho
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngaba Kukho Ingozi Ekuqheliseleni Umlingo?
    Vukani!—1993
  • “UThixo Akamkhethi Wabuso Bamntu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Baxelele Ukuba Uyabathanda
    Amava
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 5/1 iphe. 18

Abavakalisi BobuKumkani Bayabalisa

Ubomi Bentsapho Obonwabisayo Butsalel’ Abanye KuThixo

UYEHOVA wamsikelela ngobona bulumko nengqiqo uYosefu. (IZenzo 7:10) Ngenxa yoko, ukuqonda kukaYosefu “kwabonakala kulungile emehlweni kaFaro nawabo bonke abakhonzi bakhe.”—Genesis 41:37.

Ngokufanayo namhlanje, uYehova unika abantu bakhe ukuqonda nengqiqo ngokufundisisa kwabo iBhayibhile. (2 Timoti 3:16, 17) Ngobu bulumko nengqiqo bavelisa isiqhamo esihle njengoko besebenzisa isiluleko esisekelwe eBhayibhileni. Ihambo yabo entle isoloko ‘ibonakala ilungile emehlweni abo bayakhel’ umkhanya,’ njengoko la mava alandelayo avela eZimbabwe ebonisa.

• Elinye ibhinqa lalinabamelwane abangamaNgqina kaYehova. Nangona lalingawathandi amaNgqina, laliyihlonela ihambo yawo, ngokukodwa ubomi bawo basekhaya. Laphawula ukuba loo myeni nomfazi wakhe babenolwalamano oluhle ngeyona ndlela, yaye nabantwana babo babethobela. Laphawula ngokukhethekileyo ukuba loo myeni wayemthanda ngokwenene umfazi wakhe.

EAfrika kuxhaphake inkolelo yokuba xa umyeni emthanda umfazi wakhe, loo mfazi umele ukuba usebenzise ivamna ukuze “amthomalalise.” Ngoko ke elo bhinqa laya kuloo mfazi welo Ngqina lamcela lisithi: “Ngaba ungandinceda undiphe le vamna uyidlise umyeni wakho ukuze nowam andithande ngale ndlela akuthanda ngayo owakho?” Elo Ngqina laphendula lathi: “Kulungile, ndiza kukuphathela ngomso emva kwemini.”

Kusuku olulandelayo, loo dade watyelela ummelwane wakhe ephethe loo “vamna.” Yayiyintoni leyo? YayiyiBhayibhile, kunye nempapasho ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Emva kokuqwalasela inkcazelo ekwincwadi ethi Ulwazi phantsi komxholo othi “Ukwakha Intsapho Ebeka UThixo,” wathi kwelo bhinqa: “Le yile ‘vamna’ siyisebenzisayo mna nomyeni wam ukuze ‘sithomalalisane,’ yaye yiloo nto sithandana kangaka nje.” Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, yaye elo bhinqa lenza inkqubela ngokukhawuleza ukusa kwinqanaba lokufuzisela uzahlulelo lwalo kuYehova ngokuntywiliselwa emanzini.

• Abanye oovulindlela abakhethekileyo ababini ababelwa ukusebenza nelinye ibandla elincinane kufuphi nomda okumntla-mpuma weZimbabwe neMozambique abazange bakwazi ukuya kubulungiseleli bendlu ngendlu kangangeeveki ezimbini. Kwakutheni? Kungenxa yokuba abantu babesiza kubo ukuza kuphulaphula oko babekuthetha. Omnye wabo vulindlela usichazela indlela okwenzeka ngayo oku esithi: “Sasihamba iimayile ezisi-9 (iikhilomitha ezili-15) ukuze siye kuqhuba isifundo seBhayibhile sasekhaya seveki nomnye umntu onomdla. Kwakungeyondlwan’ iyanetha kuthi ukuya kufikelela kuloo ndawo. Kwakufuneka sihambe eludakeni, size siwele imilambo eyayiphuphuma de amanzi eze kuthi gabhu entanyeni. Oku kwakuquka ukuthwala iimpahla nezihlangu zethu entloko, siwele loo mlambo, size sandule ukuphinda sinxibe kwelinye icala.

“Abamelwane baloo mntu wayenomdla bachukumiseka ngeyona ndlela yinzondelelo yethu. Phakathi kwabo bakuphawulayo oko kwakukho nenkokeli yentlangano yonqulo yalapho. Kubalandeli bayo yathi: ‘Ngaba anifuni ukuba nenzondelelo njengabaya bafana babini bangamaNgqina kaYehova?’ Kusuku olulandelayo, abalandeli bayo abaninzi beza kwikhaya lethu ukuze bafumanise isizathu sokuba sizingise ngolo hlobo. Ukongezelela koko, kwiiveki ezimbini ezalandelayo, saba neendwendwe ezininzi kangangokuba asizange sibe nalo kwanexesha lokuba sizilungiselele into esiza kuyitya!”

Omnye kwabo bantu babetyelele kwikhaya labo vulindlela kwezo veki zimbini yaba yiloo nkokeli yonqulo. Khawufan’ ucinge indlela abavuya ngayo abo vulindlela xa yasamkelayo isifundo seBhayibhile sasekhaya!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share