Ubomi Obugqibeleleyo Abulilo Nje Iphupha!
Ihlabathi eligqibeleleyo—lithetha ntoni kuwe? Khawuthelekelele nje ibutho labantu apho kungekho lwaphulo-mthetho, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, indlala, ubuhlwempu okanye ukungabikho kokusesikweni. Bonke abantu baphile qete ngokweemvakalelo nasemizimbeni. Akukho kukhedama nakungonwabi kuba kwanokufa oku kwembala kushenxisiwe. Ngaba kusengqiqweni ukulangazelela ihlabathi elinjalo?
NGOXA ingayijongeli phantsi inkqubela eyenziwa yinzululwazi nezobugcisa, inkoliso yabantu ayikholelwa ncam ukuba ubukrelekrele okanye imfundo yabantu inokuzisa ihlabathi eligqibeleleyo ekuya kuhlala kulo bonke abantu ngoxolo nangolonwabo. Kwelinye icala, akukho mntu unokuyiphikisa into yokuba abantu batyekele ekufuneni ukuphucula izinto nokulungisa ukungagqibeleli okukhoyo. Kakade ke, amaphupha nje angekho ngqiqweni akayi kubanceda abantu abangenamakhaya nabahlwempuzekileyo, kananjalo engayi kubanelisa abaneziphene nabagulayo abalangazelela ukucinywa kweentsizi zabo. Soze nje abantu bakwazi ukudala ihlabathi eligqibeleleyo. Noko ke, phezu kwalo nje olu sizi nengcinezelo esiyibonayo namhlanje, kukho izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba sele kumbovu ukuba lifike ihlabathi esinokulibiza ngokuthi ligqibelele.
Xa ucinga ngobomi obugqibeleleyo, kusenokuthi qatha ubomi bukaYesu Kristu engqondweni yakho. YayingengoYesu yedwa umntu ogqibeleleyo owakha waphila emhlabeni. UAdam noEva, ababedalwe ngomfanekiselo kaThixo, baphila ubomi obugqibeleleyo eparadesi. Noko ke, baphulukana nale meko incamisileyo ngenxa yokuvukela kwabo uYise osemazulwini. (Genesis 3:1-6) Noko ke, uMdali wawumilisela ebantwini umnqweno wokuphila ngonaphakade. INtshumayeli 3:11 iyayingqina loo nto: “Yonk’ into [uThixo] uyenze yantle ngexesha layo. Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo, ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi uThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.”
Ngoxa ukungagqibeleli nesono zibangele uluntu ukuba luphile ubomi ‘obuphuthileyo’ ‘lukhotyokiswe kukonakala,’ phawula la mazwi athuthuzelayo kampostile uPawulos: “Indalo ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo. Kuba indalo yalulanyiselwa kokuphuthileyo, kungengakuthanda kwayo kodwa ngalowo wayilulamisayo, ngethemba lokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” (Roma 8:19-21) IBhayibhile iyibeka icace into yokuba amalungiselelo kaThixo okubuyisela abantu kubomi obugqibeleleyo enziwa ngoYesu Kristu.—Yohane 3:16; 17:3.
Ukongezelela kweli themba limangalisayo lekamva, sinawo amandla okwenza inkqubela ngokomoya, siyenze ibonakale kwanangoku inkqubela yethu.
Zama Ukuba Sengqiqweni
UYesu Kristu wagqala umbandela wokugqibelela njengento ebalulekileyo kangangokuba waxelela abaphulaphuli abaninzi oku: “Nimele nigqibelele, njengoko uYihlo osemazulwini egqibelele.” (Mateyu 5:48) Ngaba ngokwenene uYesu wayelindele ukuba singabi nasiphako kule nkqubo ingendawo yezinto? Akunjalo. Ngokuqinisekileyo sifanele sizabalazele ukuhlakulela iimpawu ezinjengokuba nesisa, ububele, nokuthanda abanye abantu, ukanti sidla ngokusilela ukwenza okulungileyo. Omnye wabapostile bakaYesu wade wabhala esithi: “Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa. Ukuba sithi: ‘Asonanga,’ simenza ixoki, yaye ilizwi lakhe alikho kuthi.”—1 Yohane 1:9, 10.
Noko ke, sinako ukuyiphucula indlela esizijonga ngayo thina nendlela esibaphatha ngayo abanye, siphephe ukubaxa izinto. Ngubani onokufumana icebiso lokuhlakulela ubuntu obulungeleleneyo nobusengqiqweni elibhetele kunelo lifumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile? Ukuhlakulela iimpawu ezinjengovuyo nokuzeyisa kuya kusinceda siqhubane kakuhle nabanye emsebenzini, neqabane lethu lomtshato, nabazali okanye nabantwana bethu. Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu esithi: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali! Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.”—Filipi 4:4, 5.
Iingenelo Zokuba Nengqiqo
Xa ulindela okusengqiqweni yaye uphepha ukuzingcungcuthekisa nokuzikatyisa ngokuthanda ukugqibelela, kungenelwa wena kwanabanye. Ukuwazi awona mandla akho kubandakanya ukuzijonga izinto ngendlela eziyiyo nokuba sengqiqweni ngezinto ofuna ukuzenza. Khumbula, uThixo wasidalela ukuba siphile emhlabeni yaye sifumane ulwaneliseko ngomsebenzi onentsingiselo oyingenelo kuthi nakwabanye.—Genesis 2:7-9.
Ukuba ubukade ulindela lukhulu kwisiqu sakho, kutheni ungabheneli kuYehova ngomthandazo? Ukufumana inkoliseko kaThixo kuya kukuzisela isiqabu sokwenene. UYehova uyayazi indlela esidalwe ngayo nokuba asigqibelelanga, ngoko usebenzisa ingqiqo yaye akunzimanga ukumkholisa. Umdumisi uyasiqinisekisa: “Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:13, 14) Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uThixo ebaphatha ngenceba enjalo abantu! Uyakwazi ukulinganiselwa kwethu, ukanti sinokuba ngabaxabisekileyo emehlweni akhe njengabantwana abathandwayo.
Kunokuba sifune ukugqibelela, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuhlakulela ukuqonda kokomoya nembono elungeleleneyo! Ngaphezu koko, sinokuqiniseka ukuba akukho mntu unokuthintela uYehova ekuzalisekiseni injongo yakhe yokuphakamisa uluntu ukuze lugqibelele phantsi koBukumkani bukaThixo. Kodwa kuthetha ntoni ukugqibelela kwabantu?
Ubomi Obugqibeleleyo Bubhetele Kunokuthanda Ukugqibelela
Imfezeko ayithethi kuthanda ukugqibelela. Ngokuqinisekileyo abo banelungelo lokuphila kwiParadesi esemhlabeni phantsi koBukumkani bukaThixo abayi kuba ngabantu abanolindelo olugqithiseleyo nabazenza amalungisa. Enye yezinto ezifunekayo ukuze ubani asinde kwimbandezelo enkulu kukuba noxabiso olusuka entliziyweni ngedini lentlawulelo, njengoko oko kuboniswa sisihlwele esikhulu sezizwe ngezizwe esachazwa ngumpostile uYohane sisithi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana.” (ISityhilelo 7:9, 10, 14) Bonke abasinde kwimbandezelo enkulu ekufuphi baya kuba nombulelo kuba uKristu eye ngokuzithandela wabafela bona kunye nabo bonke abanokholo kuye. Idini lakhe elibonakalisa uthando labeka isizinzi sokuziswa kwesiqabu kukungagqibeleli nakubuthathaka babo.—Yohane 3:16; Roma 8:21, 22.
Buza kuba njani ubomi obugqibeleleyo? Kunokuba kubekho ukhuphiswano nosukelo lokuzingca, uthando nobubele obuphakathi kwabantu buya kwenza ubomi bube mnandi, kuphele amaxhala nokungazixabisi. Sekunjalo, ubomi obugqibeleleyo abuyi kukruqula okanye bube yindinisa. ILizwi likaThixo alisichazeli zonke iinkcukacha ngeParadesi kodwa liyaluchaza uhlobo lobomi esinokululindela: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. Kuba njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo. Abayi kubulalekela ilize, bengayi kuzalela ukuphazamiseka.”—Isaya 65:21-23.
Kunokuba uzibuze ukuba ziya kube zinjani iindlela zokuzonwabisa, iivenkile zokuthenga, ubugcisa okanye izithuthi eziya kulungiselelwa phantsi koBukumkani, yiba nombono wakho siqu unandipha inzaliseko yala mazwi: “‘Ingcuka nemvana ziya kudla kunye, nengonyama iya kudla iindiza njengenkunzi yenkomo; inyoka, kube luthuli ukutya kwayo. Aziyi kwenzakalisa okanye zibangele nawuphi na umonakalo entabeni yam yonke engcwele,’ utsho uYehova.” (Isaya 65:25) Hayi indlela ubomi obugqibeleleyo obuya kwahluka ngayo kule nto siyibona namhlanje! Ukuba uba ngomnye wabo bagqalwa njengabafanelwe kukuphila ngelo xesha, uya kuba nesizathu sokuba nentembelo yokuba uYihlo onothando wasezulwini uya kuba nomdla kuwe nakwintsapho yakho. “Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.”—INdumiso 37:4.
Ubomi obugqibeleleyo abulophupha nje. Injongo kaYehova yothando ngokuphathelele uluntu iya kuzalisekiswa ngokupheleleyo. Wena nentsapho yakho ninokuba phakathi kwabo baya kuphakanyiswa ukuze nibe ngabantu abagqibeleleyo nize niphile ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. IBhayibhile ixela kusengaphambili: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Sinako ukuyiphucula indlela esizijonga ngayo thina nabanye, siphephe ukuthanda ukugqibelela okanye ukuba nochuku
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Kutheni ungazithelekeleli sele uphila ngoxolo nobulungisa eParadesi?