Siluhlobo Olunokholo
Ukuvakalisa UBukumkani BukaThixo KwiZiqithi ZaseFiji
UYESU KRISTU wakha wathetha ngeendlela ezimbini. Enye iphangalele kwaye ikhokelela ekufeni. Enye imxinwa kodwa ikhokelela ebomini. (Mateyu 7:13, 14) Ukuze abantu bakwazi ukukhetha indlela elungileyo, uYehova uThixo wenza ukuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwe kulo lonke ihlabathi. (Mateyu 24:14) Ngenxa yoko, kuyo yonke indawo abantu baphulaphula isigidimi soBukumkani, kwaye abanye bakhetha ubomi ngokuba “luhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.” (Hebhere 10:39) Siyakumema ukuba ukhe ufunde ngabanye abakhethe ubomi eFiji nakwiziqithi ezikufuphi zoMzantsi Pasifiki.
Bakholosa NgoYehova
UMere wayeseyintwazana ehamba isikolo xa waqala ukuva ngesigidimi soBukumkani ngowe-1964. Ekubeni wayekwanti kwisiqithi esithile esikude, wayedibana manqaphanqapha namaNgqina kaYehova. Noko ke, ekugqibeleni wakwazi ukufumana ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile. Ngelo xesha wayesele etshate nendoda eyayiyingotya yesizwe esithile elalini yayo. Ngenxa yokukhetha kukaMere ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, umyeni wakhe kunye nezalamane zakhe bamphatha ngenkohlakalo, kwaye nabanye abantu baloo lali bamgculela. Noko ke, wabhaptizwa ngowe-1991.
Kungekudala emva koko, umyeni kaMere, uJosua, wayithambisa intliziyo yakhe wada waqalisa ukubakho xa uMere esiba neengxubusho zeBhayibhile nabantwana babo. UJosua wayeka ukuya kwiCawa yaseWesile. Noko ke, ekubeni wayeyingotya, waqhubeka eqhuba iimbizo zelali ezazibakho veki nganye. UJosua wabonakala enganyanisekanga kubantu baloo lali, kuba kaloku iCawa yaseWesile yayiyinto ephambili kubomi babantu basezilalini baseFiji. Ngenxa yoko, umfundisi wasekuhlaleni wabongoza uJosua ukuba abuyele kunqulo lwakhe lwangaphambili.
Ngenkalipho uJosua walikhupha latsola elokuba yena nentsapho yakhe babezenzele ukhetho kwaye babezimisele ukunqula uYehova uThixo “ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:24) Kwimbizo yelali elandelayo, inkosi eyongameleyo yakhupha umyalelo wokuba uJosua nentsapho yakhe baphume baphele kuloo lali. Banikwa iintsuku ezisixhenxe zokuba bashiye eso siqithi, nendlu, nomhlaba, nesivuno sabo—ewe, kwanto nje iyeyabo.
Abazalwana bokomoya besinye isiqithi beza kumnceda uJosua nentsapho yakhe, babanika indawo yokuhlala nomhlaba ababeza kuwulima. Sithethanje uJosua nenkulu yakhe babhaptiziwe, kwaye omnye unyana ukhonza njengomvakalisi weendaba ezilungileyo ongabhaptizwanga. Kutshanje uMere uye wabhalisa njengovulindlela othe ngxi (umvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo). Ukukhetha kwabo ukukhonza uYehova kuphumele ekulahlekelweni sisikhundla nazizinto eziphathekayo, kodwa njengompostile uPawulos, loo nto bayigqala njengelilize xa beyithelekisa noko bakufumeneyo.—Filipi 3:8.
Ukhetho Olubandakanya Isazela
Ukukhetha ukulandela isazela esiqeqeshwe yiBhayibhile kufuna ukholo nenkalipho. Ngokuqinisekileyo kwakunjalo kuSuraang, ibhinqa eliselula elisandul’ ukubhaptizwa elihlala eTarawa, esinye seziqithi zaseKiribati. USuraang wacela imvume yokuba angayenzi inkalo ethile yomsebenzi wakhe njengomongikazi esibhedlele. Isicelo sakhe sakhatywa yaye umphumo waba kukuthunyelwa kwakhe kwisiqithi esikude ukuba aye kunyamekela iziko lempilo elincinane nalapho wayeza kuba kude kwabanye anqula nabo.
Kweso siqithi kulisiko ukuba bonke abantu abafikayo benze umbingelelo “kwisinyanya” sasekuhlaleni. Abantu bakholelwa ukuba xa ungenjinjalo uya kufa. Ekubeni uSuraang engazange avume ukuba yena kunye nabo babempheleka benzelwe eso senzo sokunqula izithixo, abantu baloo lali balindela ukuba akrwitshwe seso sinyanya sicaphukileyo. Xa kungazange kwenzeke nto imbi kuSuraang nakwabo babempheleka, kwavuleka amathuba amaninzi okunikela ubungqina obuhle.
Kodwa ke iimvavanyo zikaSuraang zazingekapheli. Abanye abafana beso siqithi bakugqala kulucelomngeni ukulukuhla iintombi ezityeleleyo. Noko ke, uSuraang wayixhathisa loo mizamo yabo waza wagcina ingqibelelo yakhe kuThixo. Eneneni, wakwazi ukukhonza njengovulindlela othe ngxi, nangona wayeye afunwe kumsebenzi wokonga nangaliphi na ixesha emini nasebusuku.
Ngaphambi kwetheko elalisenzelwa uSuraang xa wayelungiselela ukusishiya eso siqithi, amaxhego aloo lali athi wayengumvangeli wokwenene wokuqala ukubatyelela. Ngenxa yokuyimela ngokuqinileyo imigaqo yeBhayibhile, abanye abakweso siqithi baye basabela kakuhle kwisigidimi soBukumkani.
Utshintsho Olubonakalayo
Ukuba kude kwelali ethile kuthetha ukuba kufuneka abantu bakaYehova benze umgudu omkhulu ukuze babe nesabelo kubulungiseleli baye nakwiintlanganiso zamaKristu. Qwalasela umzekelo wamaNgqina amane abhaptiziweyo—indoda enye namabhinqa amathathu—achitha iiyure esiya okanye ebuya ezintlanganisweni. Indlela yawo inqumla imilambo emithathu xa kusiyiwa naxa kubuywa. Xa umlambo uzele, kuqala kuwele umzalwana, etsala imbiza enkulu ekufakwe kuyo iibhegi, iincwadi kunye neempahla abaza kuzinxiba ezintlanganisweni. Andule ke abuye aze kunceda aba dade bathathu.
Elinye iqela elincinane, eliya kwiintlanganiso kwisiqithi esikude saseNonouti eKiribati, lijamelana neengxaki ezahlukahlukeneyo. Indlu elingenela kuyo yanela abantu abasixhenxe okanye abasibhozo kuphela. Abanye abezileyo bahlala ngaphandle baze bakrobe kwiindonga zayo ezenziwe ngocingo oluyisefu. Le ndawo bahlanganisana kuyo ibonakala kuye wonk’ ubani okuloo lali ovela okanye oya kwiicawa zabo ezingamapomakazi. Kakade ke, abakhonzi bakaYehova bayaqonda ukuba ngabantu abanqweneleka ngokwenene emehlweni kaThixo, kungekhona izakhiwo. (Hagayi 2:7) Ekuphela kodade obhaptiziweyo kweso siqithi waluphele kwaye akakwazi kuhamba umgama omde. Ukanti, ukuze aye kubulungiseleli uncedwa lelinye ibhinqa eliselula, umvakalisi ongabhaptizwanga omhambisa ngenqwelwana etyhalwa ngezandla. Olunjani uxabiso abanalo ngenyaniso!
Abavakalisi abangaphezu kwama-2 100 abakhonza kwiziqithi zaseFiji bazimisele ukuqhubeka bevakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kwaye baqinisekile ukuba basebaninzi abantu abaseza kuba “luhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.”
[Imaphu ekwiphepha 8]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IOstreliya
IFiji