“Iindaba Ezilungileyo” Zishunyayelwa Kwiziqithi Ezikumntla WeOstreliya
UYESU wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mateyu 24:14) AmaNgqina kaYehova athobela lo myalelo kaYesu yaye azama ukushumayeza bonke abantu ngeBhayibhile enoba bahlala phi. (Mateyu 28:19, 20) Lo msebenzi awenza ngokuzithandela nangona engena ezindlekweni nakwezinye iimeko ezinzima.
Ngokomzekelo, uNathan noCarly baye bahlengahlengisa iimeko zabo ukuze bashumayele kubantu abahlala kumagqagala eziqithi zaseTorres Strait. Ngowama-2003 ummeli wesebe lamaNgqina kaYehova aseOstreliya wabacela ukuba bafudukele eThursday Island ukuze bancedise ibandla lalapho. Eso siqithi sesinye seziqithi ezikwiPasifiki ezidibanisa iOstreliya neNew Guinea.
Ngowama-2007 le ntsapho yathenga iphenyane lamaplanga elibizwa ngokuba yiTeisan-Y. Yalilungisa ngemali yalo eli phenyane yaza yaya kushumayela ngalo kubantu abahlala kwiziqithi ezilishumi ezisemagqagaleni bemane belalisa eThursday Island. Nanga amanye amagqabantshintshi ohambo lwabo.
Januwari 2008: Namhlanje ndiye ndahamba umgama oziikhilomitha ezingama-80 ukuya nokubuya ngephenyane ndisiya eBamaga ukuze ndilande amaNgqina alapho amathandathu. Ngoku sihamba ngephenyane iTeisan-Y sisiya kwiziqithi zeWarraber nasePoruma. Sineelitha ezingama-5 500 zepetroli yaye ilitha enye siyithenge nge $2.00. Eli phenyane lihamba ngesantya sonwabu kodwa ke imozulu intle.
Ekufikeni kwethu sibophelela iphenyane elunxwemeni size sihambe nezalamane zabanye abantu esihamba nabo ukuya kucela imvume yokushumayela kwisibonda sesiqithi. Le ndoda ingumfundisi kwicawa yalapho kodwa ke iyasivumela ukuba sishumayele kubahlali. Senza kwaloo nto nasePoruma ibe siyavunyelwa ukuba sishumayele nalapho. Abantu banobubele yaye bayakuthanda ukufunda iincwadi zethu. Siqalisa ukufundisa abaninzi babo iBhayibhile.
Aprili 2008: Siceba ukuya kwezona ziqithi zikude, iDauan, Saibai neBoigu ezikufutshane nomda wasePapua New Guinea (PNG). Kodwa ke imozulu embi isinyanzela ukuba siye eMabuiag. Le dolophu ikumgama weekhilomitha ezingama-70 ukusuka kwindawo esikuyo kodwa ke sihamba ezili-140 kuba kufuneka sityhubele kwiingqaqa ezininzi ukuya apho.
Iphenyane lethu lintlithwa liliza elikhulu. Sizama ukulitsala sisilwa naloo manzi. Abaninzi kuthi esele beguliswa nakukuba selwandle.
EMabuiag sifumana imvume yokushumayela yaye abahlali beso siqithi basamkela ngezandla ezifudumeleyo kangangokuba sikhawuleza sizilibale iingxaki esibe nazo endleleni. Elinye inenekazi likuthanda gqitha ukusiphulaphula kangangokuba lithatha iincwadi zethu ezininzi ukuze lizibeke kwithala leencwadi lasekuhlaleni elisebenza kulo.
Ukususela ngoMeyi ukusa kuOktobha 2008: Imozulu embi iyasithintela ukuba singafiki eziqithini. Sisebenzisa elo xesha ukuze sishumayele kubantu basekuhlaleni size silungise nesikhephe sethu.
Ininzi into efuna ukulungiswa kwisikhephe sethu ngenxa yoko sisisa kwidolophu yaseWeipa ukuze siye kulungiswa. Akunto ilula ke noko ukusikhupha emanzini. AmaNgqina ebandla lasekuhlaleni ayasincedisa ukuze sisilungise. Amanye eza nokutya ngoxa amanye esinika izinto esiza kuzisebenzisa kuhambo lwethu olulandelayo. Siyixabisa kakhulu indlela asinceda ngayo.
Disemba 2008: Kwakhona siceba ukuya eDauan, eSaibai naseBoigu. Sincedwa zizixhobo zala maxesha ukuze siphephe uqhwithela. EDauan sifika emva kweeyure ezili-12 kodwa ke isesona siqithi sihle kwesizibonileyo. Iinduli zalapha eziphakamileyo zigutyungelwe ngamafu. Abantu balapha bayasiphulaphula yaye silungiselela ukuba siqhubeke sibashumayeza ngefowuni emva kokuba sibuyele ekhaya.
Elinye ibhinqa ekuthiwa nguLettie lalikhe lafumana elinye lamaphephancwadi ethu laza lafaka isicelo soncwadi olungakumbi. Iofisi yesebe laseOstreliya yamthumelela iincwadi zakhe yaza yabhalela nebandla lethu ilicela ukuba liqhagamshelane naye. Ekugqibeleni siyamfuna uLettie yaye kuyasivuyisa ukudlala indima encinane ekwakheni ukholo lwakhe.
Isibonda sesiqithi saseSaibai asisivumeli ukuba sishumayele. Kodwa ke siyabavumela abo banezalamane apho ukuba baye kuzityelela. Ndiqashwe ngurhulumente ukuba ndipeyinte izindlu zaseSaibai yaye loo nto isinceda sikwazi ukuhlawula ezinye zeendleko zethu.
Kukho omnye udade ekuthiwa nguTassie osuka kwilali yasePNG ekumgama weekhilomitha ezine kuphela ukusuka eSaibai. Abantu basePNG bavumelekile ukuza kushishina eSaibai. UTassie udibana nabantu abaninzi belali yakhe yaye akanazincwadi zaneleyo. Uyaqala ukudibana nabantu belali yakhe kususela oko waba liNgqina likaYehova. Sibuyela kwisikhephe ukuze simphathele ibhokisi yeencwadi, uninzi lwazo ngolwimi lwasePNG ekuthiwa sisiTok Pisin. UTassie ushumayeza abantu basePNG abamalunga nama-30 yaye uninzi lwabo luthatha iincwadi. Kwilali abahlala kuyo kuyiwa kuphela ngesikhephe yaye kusenokwenzeka ukuba abazange bakhe badibane namaNgqina kaYehova.
Ukuya kufika eBoigu isiqithi sokugqibela akukho lula. Simalunga neekhilomitha ezine ukusuka elunxwemeni yaye isikhephe sethu singene kakhulu emanzini. Sizama ukufumana indlela eya esiqithini. Imvula iyayidliva yaye simanzi tixi. Kusithatha iiyure ezimbini ngaphambi kokuba siyifumane loo ndlela.
Ukufika kwethu apho, abantu besiqithi abothukileyo basixelela ukuba imaphu yam ayichananga yaye kwanomkhosi waselwandle awuhambi kuloo ndlela. Isibonda salapho asivumi ukuba sishumayele kodwa ke sivumela abantu abanezalamane ukuba baye kushumayela kuzo. Siyamthobela size siye kwizalamane zethu kuphela. Enye indoda yamkela incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?,a iyifunde ize ngoko nangoko ibhale imibuzo ngasemva kwiBhayibhile yayo. Le ndoda kuphinda kudityanwe nayo kwakhona xa ityelele eThursday Island.
Januwari 2009: Sibuyela kwisiqithi saseMoa naseMabuiag ukuze siye kuthetha nabantu ababenomdla kwiBhayibhile. Abantu bazo zozibini ezi ziqithi bayasamkela. Abantu abaninzi belali yaseSt. Paul kwisiqithi saseMoa bathi singathathi ixesha elide ngaphambi kokuba sibuye. Isibonda salapho sithi singashumayela nanini na sifuna.
Kukho iziqithi ezili-17 ekuhlala abantu kuzo eTorres Strait. Asazi ukuba bangaphi abantu esiya kukwazi ukuthetha nabo. Kodwa sonke kweli bandla elikumntla weOstreliya senza oko sinokukwazi ukukwenza ukuze sizukise uMdali wethu Ozukileyo uYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imaphu ekwiphepha 23]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
AUSTRALIA
Weipa
Bamaga
TORRES STRAIT ISLANDS
PAPUA NEW GUINEA
[Inkcazelo]
Based on NASA/Visible Earth imagery
[Imaphu ekwiphepha 24, 25]
Bamaga
Thursday Island
Moa Island
Warraber Island
Poruma Island
Mabuiag Island
Saibai Island
Dauan Island
Boigu Island
PAPUA NEW GUINEA
[Inkcazelo]
Based on NASA/Visible Earth imagery
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukufika kwethu eThursday Island
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Sisiya kutyelela abantu eSaibai Island
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Sishumayela iindaba ezilungileyo ngolwimi lwesiTok Pisin