IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 12/15 iphe. 30
  • Uyakhumbula Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyakhumbula Na?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusebenza “Entsimini”—Ngaphambi Kokuba Kuvunwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • “Masithelekise IZibhalo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • “Yiya Embovaneni”
    Vukani!—1990
  • Uyakhumbula Na?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 12/15 iphe. 30

Uyakhumbula Na?

Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khangela enoba unokukwazi kusini na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:

• Yintoni ebalulekileyo ukuze sicombulule ukungavisisani nomntu othile?

Okokuqala simele siyiqonde into yokuba sonke sityekele kwiingcamango nakwizimo zengqondo eziphosakeleyo. Emva koko sifanele sicingisise nzulu enoba ayisithi na ababangele ingxaki kunokuba ibe ngomnye umntu.—8/15, iphepha 23.

• Aza kufika nini “amaxesha okubuyiselwa kwezinto zonke,” akhankanywe kwiZenzo 3:21?

Ukubuyiselwa kuziindidi ezimbini. Okokuqala, kukho ukubuyiselwa kwiparadesi yokomoya obekuqhubeka ukususela ngowe-1919. Okunye ukubuyiselwa kuza kufika xa umhlaba ubuyiselwa kwiparadesi yokoqobo.—9/1, iphepha 17, 18.

• Imbovane engenamphathi, ekhankanywe kwiMizekeliso 6:6-8, isimisela njani umzekelo omhle?

Kwindawo ezihlala kuyo iimbovane, ikho imbovane engukumkanikazi, kodwa ingukumkanikazi kuba nje izalela amaqanda ize ibe ngumama kwelo qela leembovane. Iimbovane zinemveliso, yaye nathi sifanele sibe njalo, sizabalazele ukuphucula umsebenzi wethu, kwanokuba akukho mntu usijongileyo.—9/15, iphepha 26.

• Ngaba isiprofeto sikaHulida, esibhalwe kweyesi-2 yooKumkani 22:20, sasichanile xa sasisithi uYosiya wayeya kufa “ngoxolo,” ekubeni wabulawa kukwenzakala edabini?

Ewe, wafa ngoxolo ngengqiqo yokuba wafa ngaphambi kwentlekele yowama-609-607 B.C.E., xa amaBhabhiloni angqinga aza atshabalalisa iYerusalem.—9/15, iphepha 30.

• Ngaba uSolomon wayencoma xa wayefanisa umfazi ‘nexhamakazi elithandekayo nebhokhwe yasezintabeni enomtsalane’? (IMizekeliso 5:18, 19)

Imazi yempunzi, okanye ibhokhwe yasezintabeni, intle yaye inomkhitha. Ukanti, inako ukuphila yaye izalele ezingxondorheni ekunzima ukufikelela kuzo nalapho ukutya kunqabileyo khona.—10/1, iphepha 30, 31.

• Wayengubani uHenry Grew noGeorge Storrs?

La madoda mabini ayephila ngeminyaka yee-1800 yaye ayengabafundi abakhutheleyo beBhayibhile. UGrew wafunda ukuba uBathathu Emnye akasekelwanga kwizibhalo, njengokuba kunjalo nangemfundiso yokungafi komphefumlo neyesihogo esivuthayo. UStorrs waqonda ukuba bakho abaya kufumana ubomi obungenasiphelo emhlabeni. Bobabini bahlahl’ indlela kaCharles Taze Russell, owaqalisa ukupapasha eli phephancwadi ngowe-1879.—10/15, iphepha 26-30.

• AmaNgqina kaYehova azigqala njani iindlela zokunyanga apho ubani atofelwa igazi lakhe?

Esekela iinkolelo zawo eBhayibhileni, akaligcini igazi lawo aze kamva alamkele xa litofelwa. UmKristu ngamnye uzenzela isigqibo ngokwakhe sokuba liza kusetyenziswa njani igazi lakhe ebudeni bokutyandwa, ukuxilongwa okanye kunyango oluqhubekayo. Ufanele acinge ngoko iBhayibhile ikutshoyo ngegazi aze akhumbule ukuba uzinikele ngokupheleleyo kuThixo.—10/15, iphepha 30, 31.

• Uhlolisiso olwenziwe ebutsheni balo nyaka lutyhile yiphi imfuno ekhoyo kumaNgqina kaYehova ehlabathini lonke?

Kukho imfuneko yeeHolo zoBukumkani ezingama-11 000 kumazwe asakhasayo, apho imali inqongopheleyo. Iminikelo evela kumaKristu akwamanye amazwe isetyenziswa ukuze kwakhiwe iindawo zokuhlanganisana ezaneleyo.—11/1, iphepha 30.

• Ngawaphi amagama olwimi lwantlandlolo aphathelele unqulo asetyenziswe eBhayibhileni?

Lelithi lei·tour·giʹa, eliguqulelwa ngokuthi “inkonzo kawonke-wonke.” Elinye lithi la·treiʹa, liguqulelwe ngokuthi “inkonzo engcwele.” (Hebhere 10:11; Luka 2:36, 37)—11/15, iphepha 11-12.

• Sisiphi isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kwingxelo yeBhayibhile engoAdam noEva?

Nakuphi na ukuzimela geqe kuYehova uThixo kububudenge.—11/15, iphepha 24-7.

• Bubuphi ubungqina beZibhalo obubonisa ukuba uThixo ubanika amandla abakhonzi bakhe?

UDavide, uHabhakuki nompostile uPawulos banikela ubungqina bokuba uYehova uThixo wayebomelezile, okanye wabanika amandla. (INdumiso 60:12; Habhakuki 3:19; Filipi 4:13) Ngaloo ndlela, nathi sinokuqiniseka ukuba uThixo ukulungele yaye uyakwazi ukusomeleza.—12/1, iphepha 10, 11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share