Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iimpapasho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khangela enoba unokukwazi kusini na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
• Yintoni eyenza kwalula ukuba iKrismesi yamkelwe eKorea?
Kwakukho inkolelo endala eKorea nakwamanye amazwe yokuba kukho uthixo owongamela igumbi lokuphekela ekwakucingelwa ukuba wayengena ngetshimini ezise izipho ngoDisemba. Kwakhona, emva kweMfazwe Yehlabathi II, amajoni aseUnited States asasaza izipho nezinto zokunceda amaxhoba kwiicawa zasekuhlaleni.—12/15, iphepha 4, 5.
• Kwinzaliseko kaIsaya 21:8, nguwuphi “umlindi” oye walungiselelwa nguThixo kwixesha lethu?
AmaKristu athanjiswe ngomoya, akhonza njengodidi lomlindi, aye azisa abantu ngentsingiselo yeziganeko zehlabathi ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile. Kwakhona aye anceda nabafundi beBhayibhile ukuba bafanise yaye baphephe iimfundiso nemikhwa engeyoyazibhalo.—1/1, iphepha 8, 9.
• Zazingoobani Ii-“Polish Brethren”?
Zaziliqela elincinane lonqulo elalikho ngenkulungwane ye-16 neye-17 ePoland elalikhuthaza ukunamathela eBhayibhileni ibe ngenxa yoko lazikhaba iimfundiso ezazikho zecawa, ezinjengoBathathu Emnye, ukubhaptizwa kweentsana neyesihogo esivuthayo. Ethubeni, latshutshiswa kanobom laza lanyanzelwa ukuba lichithakale liye kwamanye amazwe.—1/1, iphepha 21-3.
• Kutheni kumele kuthenjwe iziprofeto zeBhayibhile kunokuba kuthenjwe okuthethwa zizazinzulu ngekamva okanye abavumisa ngeenkwenkwezi?
Oosinga-baprofeti abangabantu bangqineka bengenakuthenjwa kuba bayamtyeshela uYehova neBhayibhile. Ziziprofeto zeBhayibhile kuphela ezinokukunceda wazi indlela iziganeko ezingena ngayo kwinjongo kaThixo, kuze kungenelwe wena kunye nentsapho yakho ngokungenasiphelo.—1/15, iphepha 3.
• Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela?
Sibona imiphumo yokugxothwa kukaSathana ezulwini. (ISityhilelo 12:9) Siphila kwixesha ‘lokumkani’ wokugqibela okhankanywe kwiSityhilelo 17:9-11. Inani lamaKristu athanjisiweyo okwenene liyancipha, nangona ngokucacileyo abanye beya kuba besesemhlabeni ekuqaliseni kwembandezelo enkulu.—1/15, iphepha 12, 13.
• Yabhalwa nini incwadi kaHabhakuki, yaye kutheni sifanele sibe nomdla kuyo?
Le ncwadi yeBhayibhile yabhalwa malunga nowama-628 B.C.E. Iqulethe umgwebo kaYehova onxamnye noYuda wamandulo kunye neBhabhiloni. Ikwaxubusha nangomgwebo kaThixo oza kufika kungekudala kule nkqubo ikhoyo ingendawo.—2/1, iphepha 8.
• Kukwiyiphi indawo eBhayibhileni apho sinokufumana isiluleko sikamama sobulumko esiya kubafazi abanesidima?
Isahluko sokugqibela sencwadi yeMizekeliso, isahluko 31, singumthombo obalaseleyo weso siluleko.—2/1, iphepha 30, 31.
• Kutheni sinokuba nombulelo kuba uYehova eye wasityhilela “ingqondo kaKristu”? (1 Korinte 2:16)
Esebenzisa iiVangeli, uYehova usenze sakwazi ukufunda iingcamango, iimvakalelo, imisebenzi nezinto ezazisiza kuqala ebomini bukaYesu. Oku kunokusinceda ukuze sibe njengoYesu, ngokukodwa xa kufikwa ekugxininiseni kumsebenzi wokushumayela osindisa ubomi.—2/15, iphepha 25.
• Ngaba uThixo uyayiphendula imithandazo namhlanje?
Ewe. Nangona iBhayibhile ibonisa ukuba uThixo akaphenduli yonke imithandazo, izinto ezenzeka kule mihla zibonisa ukuba udla ngokusabela kubantu abathandazela intuthuzelo noncedo olunjengokucombulula iingxaki zomtshato.—3/1, iphepha 3-7.
• Yintoni esinokuyenza ukuze sifumane amandla kaThixo?
Sinokuwacela ngomthandazo, sisebenzise iBhayibhile ukuze sifumane amandla okomoya, size somelezwe kukunxulumana namaKristu.—3/1, iphepha 15, 16.
• Abazali banokubanceda njani abantwana babo bangenelwe ngakumbi kwiintlanganiso zamaKristu?
Banokubanceda abantwana babo ukuba bangalali, mhlawumbi ngokubalalisa ngaphambi kwazo. Abantwana banokukhuthazwa ukuba bathabathe “amanqaku,” mhlawumbi ngokubhala uphawu ephepheni sihlandlo ngasinye kuthethwa ngamagama aqhelekileyo.—3/15, iphepha 17, 18.
• Ziziphi ezinye zezinto esinokuzifunda kumzekelo kaYobhi?
UYobhi walubeka kwindawo yokuqala ulwalamano lwakhe noThixo, wayesebenzisa okusesikweni xa eqhubana nabanye abantu, wazabalazela ukuthembeka kwiqabane lakhe lomtshato, waba nenkxalabo ngokutyekela kwentsapho yakhe kwizinto zokomoya waza wanyamezela ngokuthembeka xa wayevavanywa.—3/15, iphepha 25-7.
• Ngaba iBhayibhile inombhalo ofihlakeleyo osenza siqonde izigidimi ezifihliweyo?
Akunjalo. Amabango athi kukho umbhalo ofihlakeleyo anokwenziwa ngokufanayo nangezinye iincwadi zehlabathi. Oko kufane kubizwe ngokuthi ngumbhalo ofihlakeleyo weBhayibhile bekungqinwa kulilize xa kuhlolwa kwimisongo yesiHebhere enamagama abhalwe ngeendlela ezahlukeneyo.—4/1, iphepha 30, 31.