Vuya Ngenxa Yokwazi UYehova
“Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”—LUKA 11:28.
1. Waqalisa nini uYehova ukunxibelelana nabantu?
UYEHOVA uyabathanda abantu yaye unomdla ngokunzulu kwimpilo-ntle yabo. Ngoko ke, akumangalisi ukuba anxibelelane nabo. Olu nxibelelwano lwaqalisa kumyezo wase-Eden. Ngokutsho kweGenesis 3:8, ngesinye isihlandlo, “kwimpepho yasemini,” uAdam noEva “beva ilizwi likaYehova uThixo.” Abanye bathi oku kubonisa ukuba uYehova wayeqhelile ukunxibelelana noAdam ngeli xesha, mhlawumbi yonke imihla. Enoba kuyintoni na, iBhayibhile ikwenza kucace ukuba uThixo wazinika ixesha kungekhona ukuze nje anikele imiyalelo kumntu wokuqala kodwa nokumfundisa oko kwakufuneka akwazi ukuze afeze iimbopheleleko zakhe.—Genesis 1:28-30.
2. Isibini sokuqala sazahlukanisa njani nokhokelo lukaYehova, yaye waba yintoni umphumo?
2 UYehova wanika uAdam noEva ubomi, wabanika negunya phezu kwezilwanyana nasemhlabeni uphela. Inye kuphela into ababengavunyelwanga ukuba bayenze—babengavunyelwanga ukutya kumthi wokwazi okulungileyo nokubi. Bephenjelelwe nguSathana, uAdam noEva abazange bawuthobele umyalelo kaThixo. (Genesis 2:16, 17; 3:1-6) Bakhetha ukuzimela-geqe, bazenzele isigqibo ngokulungileyo nokubi. Ngokwenjenjalo, ngobudenge bazahlukanisa nokhokelo loMdali wabo onothando. Imiphumo yaba yintlekele kubo nakwinzala yabo eyayingekazalwa. UAdam noEva baluphala baza ekugqibeleni bafa bengenathemba lovuko. Inzala yabo yasizuz’ ilifa isono nemiphumo yaso, ukufa.—Roma 5:12.
3. Kwakutheni ukuze uYehova anxibelelane noKayin, yaye wasabela njani uKayin?
3 Nangona kwabakho imvukelo e-Eden, uYehova waqhubeka enxibelelana nendalo yakhe engabantu. UKayin, izibulo lika-Adam noEva, wayesengozini yokonganyelwa sisono. UYehova wamlumkisa ukuba wayeza kungena engozini waza wamcebisa ukuba ‘aguquke enze okulungileyo.’ UKayin wasigatya esi siluleko sothando waza wambulala umntakwabo. (Genesis 4:3-8) Ngaloo ndlela, abantu bokuqala emhlabeni bobathathu balugatya ulwalathiso olucacileyo oluvela kulowo wabanika ubomi, uThixo oyalela abantu bakhe ukuze bangenelwe. (Isaya 48:17) Hayi indlela amele ukuba wadana ngayo uYehova!
UYehova Uzityhila Kubantu Bamandulo
4. Yintoni awayeqiniseke ngayo uYehova ngokuphathelele inzala ka-Adam, yaye sisiphi isigidimi sethemba awasivakalisayo ngokunxulumene noko?
4 Nangona wayenezizathu zokuyeka ukunxibelelana nabantu, uYehova akazange akwenze oko. Wayeqinisekile ukuba abanye kwinzala ka-Adam, ngobulumko babeya kuluthobela ulwalathiso Lwakhe. Ngokomzekelo, xa wayewisa isigwebo kuAdam noEva, uYehova waxela kwangaphambili ‘ngembewu’ eyayiza kuchasa iNyoka, uSathana uMtyholi. Ekuhambeni kwexesha, uSathana wayeza kutyunyuzwa intloko ngokubulawa. (Genesis 3:15) Esi siprofeto sasisisigidimi sethemba ‘kwabo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine.’—Luka 11:28.
5, 6. UYehova wayenxibelelana njani nabantu bakhe ngaphambi kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, yaye bangenelwa njani koku?
5 UYehova wadlulisela ukuthanda kwakhe koosolusapho bamandulo, njengoNowa, uAbraham, uIsake, uYakobi noYobhi. (Genesis 6:13; Eksodus 33:1; Yobhi 38:1-3) Kamva, esebenzisa uMoses wamisela imithetho kuhlanga lwakwaSirayeli. UMthetho kaMoses waba yingenelo kulo ngeendlela ezininzi. Ngokuwuthobela, uSirayeli wahlukaniswa kwezinye iintlanga njengabantu bakaThixo abakhethekileyo. UThixo waqinisekisa amaSirayeli ukuba ukuba ayewuthobela uMthetho, wayeya kuwasikelela kungekuphela nje ngezinto eziphathekayo kodwa nangokomoya, awenze ubukumkani bababingeleli, uhlanga olungcwele. EMthethweni kwakukho imimiselo yokutya neyogutyulo eyayibangela ukuba abe sempilweni. Noko ke, uYehova wawalumkisa ngengozi eyayinokubakho xa ayengathobeli.—Eksodus 19:5, 6; Duteronomi 28:1-68.
6 Ekuhambeni kwexesha, kongezelelwa ezinye iincwadi eziphefumlelweyo kwimithetho eseBhayibhileni. Iingxelo zembali zithetha ngendlela uYehova awayeqhubana ngayo neentlanga nezizwana. Iincwadi zemibongo zizichaza kakuhle iimpawu zakhe. Iincwadi zeziprofeto zikuxela kwangaphambili oko kwakuza kuphunyezwa nguYehova kwixa elizayo. Amadoda athembekileyo amandulo ayifundisisa aza ayisebenzisa le mibhalo iphefumlelweyo. Enye yabhala yathi: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.” (INdumiso 119:105) Kwabo babekulungele ukuphulaphula, uYehova walungiselela imfundo nokhanyo.
Kuya Kukhanya
7. Nangona uYesu wayesenza imimangaliso, wayesaziwa ngantoni ngokuyintloko, yaye ngoba?
7 Ngenkulungwane yokuqala, amaqela onqulo lwamaYuda afakelela izithethe zabantu eMthethweni. UMthetho wasetyenziswa kakubi, yaye endaweni yokuba ube ngumthombo wokukhanya, waba luxanduva ngenxa yezo zithethe. (Mateyu 23:2-4) Noko ke, ngowama-29 C.E., kwavela uYesu njengoMesiya. Wayengezanga ngenjongo yokunikela ngobomi bakhe ngenxa yabantu kuphela kodwa ‘nokuze angqinele inyaniso.’ Nangona wayesenza imimangaliso, ngokuyintloko wayesaziwa ‘njengoMfundisi.’ Imfundiso yakhe yayifana nokukhanya okukhanyisa ubumnyama bokomoya obabugubungele iingqondo zabantu. Ngokufanelekileyo uYesu wathi: “Mna ndilukhanyiselo lwehlabathi.”—Yohane 8:12; 11:28; 18:37.
8. Ziziphi iincwadi eziphefumlelweyo ezabhalwa ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, yaye amaKristu okuqala angenelwa njani kuzo?
8 Kamva, kongezelelwa iincwadi zeVangeli, iingxelo ezibhaliweyo ezine ezithetha ngobomi bukaYesu, nencwadi yeZenzo, ingxelo yokusasazeka kobuKristu emva kokufa kukaYesu. Kukho neencwadi eziphefumlelweyo ezazibhalwe ngabafundi bakaYesu, kunye nencwadi yeSityhilelo ethetha ngeziprofeto. Le mibhalo, xa idityaniswe neZibhalo zesiHebhere, yaba yimithetho yeBhayibhile epheleleyo. Ngoncedo lwezi ncwadi ziphefumlelweyo, amaKristu ‘ayenokucacelwa ngokucokisekileyo engqondweni koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu’ benyaniso. (Efese 3:14-18) Ayenokuba ‘nengqondo kaKristu.’ (1 Korinte 2:16) Sekunjalo, loo maKristu okuqala akazange aziqonde ngokuzeleyo zonke iinkalo zeenjongo zikaYehova. Umpostile uPawulos wabhalela amanye amakholwa esithi: “Okwangoku sibona luzizi ngesipili sesinyithi.” (1 Korinte 13:12) Eso sipili sasiza kubonisa nje umfanekiso kungekhona zonke iinkcukacha. Ayesaza kuliqonda ngokuzele ngakumbi iLizwi likaThixo.
9. Kukuphi ukukhanya okuye kwaphawulwa ebudeni ‘bemihla yokugqibela’?
9 Namhlanje, siphila kwixesha elibizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela,’ elibonakala ngokuba ‘namaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Umprofeti uDaniyeli waxela kusengaphambili ukuba ngeli xesha “ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.” (Daniyeli 12:4) Ngenxa yoko, uYehova, uMniki-nkcazelo Omkhulu, uye wanceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo ukuba bacacelwe koko kuthethwa liLizwi lakhe. Ngoku, isihlwele esikhulu sabantu siyaqonda ukuba uKristu Yesu wabekwa etroneni kumazulu angabonakaliyo ngowe-1914. Siyazi nokuba kungekudala, uya kuphelisa bonke ubungendawo aze aguqule lo mhlaba ube yiparadesi wonke. Ngoku, le nkalo ibalulekileyo yeendaba ezilungileyo zoBukumkani ishunyayelwa emhlabeni wonke.—Mateyu 24:14.
10. Ukutyhubela iinkulungwane, baye basabela njani abantu kwisiluleko sikaYehova?
10 Ewe, ukutyhubela yonke imbali uYehova uye wadlulisela inkcazelo ngokuthanda kwakhe neenjongo zakhe kubantu abasemhlabeni. Ingxelo yeBhayibhile ichaza ngabantu abaninzi abaphulaphulayo, basebenzisa ubulumko bukaThixo, baza ngenxa yoko basikelelwa. Isixelela ngabanye abantu abasigatyayo isiluleko sikaThixo sothando, belandela ikhondo elonakalisayo lika-Adam noEva. UYesu wenza umzekeliso ngale meko xa wathetha ngeendlela ezimbini zokomfuziselo. Enye ikhokelela entshabalalweni. Ibanzi yaye ivulekile, abantu abaninzi abaligatyayo iLizwi likaThixo bahamba kuyo. Enye indlela ikhokelela ebomini obungunaphakade. Nangona iyindlela emxinwa, kuhamba abantu abambalwa kuyo, abayamkelayo iBhayibhile njengoko injalo, njengeLizwi likaThixo, baze baphile ngokuvisisana nayo.—Mateyu 7:13, 14.
Ukuba Noxabiso Ngoko Sinako
11. Ukwazi kwethu iBhayibhile nokuyikholelwa, bubungqina bantoni?
11 Ngaba ungomnye wabo baye bakhetha indlela esa ebomini? Ukuba kunjalo, ngokungathandabuzekiyo uya kuthanda ukuhlala kuyo. Unokukwenza njani oku? Zinike ixesha lokucamngca rhoqo uze ube noxabiso ngeentsikelelo oye wazifumana ngokwazi inyaniso yeBhayibhile. Isibakala sokuba uye wazamkela iindaba ezilungileyo bubungqina bentsikelelo kaThixo. UYesu wakubonisa oku xa wathandaza kuYise esithi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.” (Mateyu 11:25) Imfundiso kaYesu yaqondwa ngabalobi nabaqokeleli berhafu, ngoxa iinkokeli zonqulo ezazinemfundo ephakamileyo zazingayiqondi. Ngokubhekele phaya uYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) Ukuba uyayazi iBhayibhile yaye uyazikholelwa iimfundiso zayo uze uphile ngokuvisisana nazo, obu bubungqina bokuba uYehova ukutsalile. Eso sisizathu sokuba uvuye.
12. IBhayibhile isinika ukukhanya ngayiphi indlela?
12 ILizwi likaThixo liqulethe inyaniso ekhululayo yaye lisinika ukukhanya. Abo baphila ngokuvisisana nolwazi lweBhayibhile bakhululekile kwiinkolelo, iimfundiso zobuxoki nakubumfama obuthwaxa izigidi zabantu. Ngokomzekelo, ukwazi inyaniso ngomphefumlo kuyasikhulula ekoyikeni ukwenzakaliswa ngabafi okanye ekucingeni ukuba abantu abafileyo esibathandayo bayabandezeleka ngandlel’ ithile. (Hezekile 18:4) Ukwazi inyaniso ngeengelosi ezingendawo kuyasinceda siphephe iingozi zokusebenzelana nemimoya. Imfundiso yovuko iyathuthuzela kwabo baye balahlekelwa ngabantu babo ababathandayo. (Yohane 11:25) Iziprofeto zeBhayibhile zisibonisa ukuba sindawoni kumsinga wexesha zize zisenze siqiniseke ngezithembiso zikaThixo zexesha elizayo. Zomeleza nethemba lethu lokuphila ngonaphakade.
13. Singenelwa njani xa sithobela iLizwi likaThixo?
13 Imigaqo yobuthixo eseBhayibhileni isifundisa ukuphila ngendlela ezisa iingenelo. Ngokomzekelo, sifunda ukuphepha imikhwa engcolisa imizimba yethu, njengokusebenzisa kakubi icuba nezinye iziyobisi. Siyakuphepha ukusebenzisa utywala kakubi. (2 Korinte 7:1) Ukuthobela imithetho kaThixo yokuziphatha kuyasikhusela kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. (1 Korinte 6:18) Ngokuthobela isiluleko sikaThixo sokuphepha ukuthanda imali, asiluphazamisi uxolo lwengqondo esinalo, njengabanye, sisukele ubutyebi. (1 Timoti 6:10) Ziziphi iindlela oye wangenelwa ngazo wena ngenxa yokusebenzisa iLizwi likaThixo ebomini bakho?
14. Umoya oyingcwele unayiphi impembelelo ebomini bethu?
14 Ukuba siphila ngokuvisisana neLizwi likaThixo, sifumana umoya oyingcwele kaYehova. Sihlakulela ubuntu obufana nobukaKristu, obubonakala ngokuba neempawu ezintle njengenceba nemfesane. (Efese 4:24, 32) Umoya kaThixo ukwavelisa iziqhamo zawo—uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ezi mpawu zibangela ukuba sibe nolwalamano oluhle nabanye, kuquka amalungu eentsapho zethu. Sifumana amandla asinceda sijamelane nobunzima ngenkalipho. Ngaba uyayiqonda indlela umoya oyingcwele oye wabuphembelela ngayo ubomi bakho ngokulunge ngakumbi?
15. Singenelwa njani xa sivisisanisa ubomi bethu nokuthanda kukaThixo?
15 Xa sivisisanisa ubomi bethu nokuthanda kukaThixo, siqinisa ulwalamano lwethu noYehova. Seyiseka ngakumbi ukuba uyasiqonda yaye uyasithanda. Amava asifundisa ukuba uyasixhasa ngamaxesha obunzima. (INdumiso 18:18) Siyaqonda ukuba uyayiphulaphula imithandazo yethu. (INdumiso 65:2) Sayama ngokhokelo lwakhe, siqinisekile ukuba siya kungenelwa kulo. Yaye sinethemba elimangalisayo lokuba ngexesha elifanelekileyo uThixo uya kubenza bafezeke abantu bakhe abathembekileyo aze abajizeke ngesipho sobomi obungunaphakade. (Roma 6:23) Umpostile uYakobi wabhala: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ngaba uvakalelwa kukuba ulwalamano lwakho noYehova luye lwaqina njengoko usondela kuye?
Ubutyebi Obungenakuthelekiswa Nanto
16. Ziziphi iinguqulelo ezenziwa ngamanye amaKristu awayephila kwinkulungwane yokuqala?
16 UPawulos wakhumbuza amaKristu athanjiswe ngomoya, awayephila kwinkulungwane yokuqala ukuba ngaxa lithile, bambi kuwo babengabahenyuzi, abakrexezi, amafanasini, amasela, abantu ababawayo, amanxila, abatshabhisi nabaphangi. (1 Korinte 6:9-11) Inyaniso yeBhayibhile yabangela ukuba benze iinguqulelo eziphawulekayo, ‘bahlanjwa bahlambuluka.’ Khawucinge nje ukuba ubomi bakho bebuya kuba njani ngaphandle kweenyaniso ezikhululayo ozifunde eBhayibhileni. Ngokuqinisekileyo, inyaniso bubutyebi obungenakuthelekiswa nanto. Hayi indlela esivuya ngayo kuba uYehova enxibelelana nathi!
17. Aye ondliwa njani ngokomoya amaNgqina kaYehova kwiintlanganiso zamaKristu?
17 Ngapha koko, khawucinge ngentsikelelo esinayo yabazalwana bazo zonke iintlanga! ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lisinika ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo, kuquka iiBhayibhile, amaphephancwadi nezinye iimpapasho ezifumaneka ngeelwimi ezininzi. (Mateyu 24:45-47) Kwiintlanganiso zebandla, ebudeni bonyaka wama-2000, amaNgqina kaYehova akumazwe amaninzi aye ahlolisisa iimbalasane zeencwadi ezinkulu ezisibhozo kwiZibhalo zesiHebhere. Aye axubusha imibandela eyahlukahlukeneyo ethatyathwe kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo. Aye aqwalasela inxalenye yesiqingatha sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila nencwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! Kuye kwahlolisiswa namanqaku amafutshane angama-36 ephephancwadi IMboniselo ukongezelela kumanqaku afundisiswayo angama-52. Ukongezelela, abantu bakaYehova baye bondliwa ngeenkupho ezili-12 zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani neentetho zesidlangalala ezinikelwa veki nganye ezithetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo yeBhayibhile. Obunjani bona ubutyebi bolwazi lokomoya esiye salufumana!
18. Ziziphi iindlela esincedwa ngazo kwibandla lamaKristu?
18 Emhlabeni wonke, amabandla angaphezu kwama-91 000 anikela inkxaso nokhuthazo ngeentlanganiso nonxulumano. Sinandipha nenkxaso yamanye amaKristu aqolileyo akulungeleyo ukusinceda ngokomoya. (Efese 4:11-13) Ewe, siye sangenelwa kakhulu ngokufumana ulwazi lwenyaniso. Kuluvuyo ukwazi nokukhonza uYehova. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi abhalwa ngumdumisi: “Banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!”—INdumiso 144:15.
Ngaba Uyakhumbula?
• Wanxibelelana nabani uYehova kumaxesha angaphambi kobuKristu?
• Ukukhanya kokomoya kwakhanya ngakumbi njani ngenkulungwane yokuqala? Kukhanya ngakumbi njani kumhla wethu?
• Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo ngenxa yokuphila ngokuvisisana nokwazi uYehova?
• Kutheni sivuya ngokwazi kwethu uThixo?
[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]
UYehova wenza uMoses uNowa, noAbraham bakwazi ukuthanda kwakhe
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Kumhla wethu, uYehova uye wasinika ukukhanya kweLizwi lakhe
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Khawucinge ngentsikelelo esinayo kubuzalwana bethu bazo zonke iintlanga!