Imibuzo Evela Kubafundi
Kweyoku-1 kaPetros 4:3, sifunda ukuba wambi amaKristu abandakanyeka ‘kunqulo-zithixo olungekho mthethweni.’ Ngaba asilulo lonke unqulo-zithixo olungekho mthethweni, alugwebayo nangaluvumeliyo uThixo?
Ewe, ngokwembono kaThixo, lonke unqulo-zithixo alukho mthethweni. Abo bafuna ukumkholisa abanako ukuqhelisela unqulo-zithixo.—1 Korinte 5:11; ISityhilelo 21:8.
Kodwa ke, kubonakala ngathi umpostile uPetros wayebhekisela kolunye unqulo-zithixo. Okokuqala, phakathi kweentlanga ezininzi zamandulo, unqulo-zithixo lwaluyinto eqhelekileyo yaye kwakungekho mgaqo uphuma kwabasemagunyeni uluthintelayo. Oko kukuthi, umthetho wasekuhlaleni wawungalwaleli unqulo-zithixo olunjalo. Olunye unqulo-zithixo lwalude lwayinxalenye yoqheliselo lwabantu bonke okanye umgaqo-siseko karhulumente. Ngaloo ndlela, abanye babandakanyeka ‘kunqulo-zithixo olungenamiqathango ingokwasemthethweni’ ngaphambi kokuba babe ngamaKristu. (INguqulelo Yehlabathi Elitsha, uhlelo lwesiNgesi lowe-1950) Ngokomzekelo, kunokukhunjulwa ukuba uKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare wamisa umfanekiso oqingqiweyo wegolide, kodwa abakhonzi bakaYehova uShadraki, uMeshaki noAbhednego abazange bavume ukuwunqula.—Daniyeli 3:1-12.
Kwelinye icala, ezinye iintlobo zonqulo-zithixo zaziquka izenzo ezimanyumnyezi ezichaseneyo nomthetho wemvelo okanye umthetho osemalungwini ethu omzimba esawuzuz’ ilifa kwizazela zethu. (Roma 2:14, 15) Umpostile uPawulos wabhala ngezenzo ezithob’ isidima ‘ezahlukileyo kwimvelo nezingamanyala’ ezinye zazo ezaziqukwa kwizithethe zonqulo. (Roma 1:26, 27) Amadoda namabhinqa awayesiba nenxaxheba kunqulo-zithixo olungekho mthethweni ayengawunanzanga umthetho wemvelo owawuwathintela ukuba enze into enjalo. Ngokuqinisekileyo abo baba ngamaKristu babefanele balushiye uqheliselo olunjalo olonakalisayo.
Ukongezelela koko, uYehova uThixo wayelugweba uqheliselo olunjalo olwaluqhelekile phakathi kwabo bangengomaYuda. Ngaloo ndlela lwalungekho mthethweni.a—Kolose 3:5-7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amazwi esiGrike akweyoku-1 kaPetros 4:3 ngokoqobo athetha “unqulo-zithixo olungekho mthethweni.” Eli binzana lisetyenziswe ngeendlela ezahlukahlukeneyo kwiiBhayibhile zesiXhosa njengokuthi ‘ukukhonza izithixo okungekho sikweni,’ ‘inkonzo ebuntshontsho yezithixo,’ kunye nelithi ‘ukunqula ngendlela elisikizi.’