Unako Ukuba Nokholo Lokwenyaniso
Xa uSarah Jayne wayeneminyaka eli-19 ubudala, wafumanisa ukuba wayenomhlaza wesiyilelo-maqanda. Emva kotyando, waziva esempilweni ibe wayenethemba ngekamva. Eneneni, wayenethemba kangangokuba xa wayeneminyaka engama-20 ubudala, waganwa waza waqalisa ukwenza amalungiselelo omtshato wakhe. Ngaloo nyaka mnye waphinda wahlaselwa ngumhlaza, waza wafumanisa ukuba wayesalelwe ziiveki nje kuphela ukuba aphile. USarah Jayne wafa ngoJuni 2000, ngaphambi nje kokuba abe neminyaka engama-21 ubudala.
INTO eyachukumisa ababetyelele uSarah Jayne esibhedlele yintembelo awayenayo ngekamva, nokholo lwakhe olunzulu kuThixo nakwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Phezu kwayo nje intlungu awayejamelane nayo, wayeqinisekile ngethemba lovuko—ukuba uza kubabona abahlobo bakhe kwakhona. (Yohane 5:28, 29) Wathi: “Ndiza kunibona nonke kwihlabathi elitsha likaThixo.”
Bambi bayalunyemba ukholo olunjalo besithi kukuziqaba ngentshongo emehlweni. ULudovic Kennedy uyabuza: “Ngaba inkolelo kubomi basemva kokufa asiyonkolelo nje yabantu abanganqabisekanga, yokuba xa kukhala ixilongo kuya kubakho ixesha elimnandi kuze kubekho intabalala yokutya, nokuba kwiEden eluhlaza yaka baya kuba namaxesha amnandi nabo baye bafa ngaphambi kwabo nabo basenokufa emva kwabo?” Lo mbuzo masiwuphendule ngomnye umbuzo. Yiyiphi eyona isengqiqweni—kukukholelwa ukuba “obu bomi kuphela kwabo, size ngenxa yoko senze konke esinokukwenza ngoxa sisaphila,” njengoko uKennedy ecebisa, okanye kukukholelwa kuThixo nakwizithembiso zakhe zovuko? USarah Jayne wakhetha ukukholelwa kuThixo. Walwakha njani olo kholo?
‘Funani UThixo Nize Nimfumane’
Ukuze wakhe ukholo yaye umthembe umntu othile, kufuneka umazi uze ufunde indlela acinga nazenza ngayo izinto. Oku kubandakanya intliziyo nengqondo. Kunjalo ke nokwakha ukholo lokwenyaniso kuThixo. Kufuneka umazi, ufunde ngeempawu zakhe nangobuntu bakhe, ufumanise indlela aye wabonisa ngayo ukuba unokuthenjwa kuko konke aye wakuthetha naye wakwenza.—INdumiso 9:10; 145:1-21.
Bambi bavakalelwa kukuba oku akunakwenzeka. Bathi, uThixo ukude lee, akanakuqondwa—ukuba ke phofu ukho kwaukubakho. Umntu onamathandabuzo ubuza oku: “Ukuba uThixo ngumntu wokwenene njengoko ebonakala enjalo kumaKristu afana noSarah Jayne, kutheni engazibonakalisi nakuthi sonke?” Kodwa ngaba ngokwenene uThixo ukude yaye akanakufikelelwa? Kwintetho awayeyibhekisa kwizithandi zobulumko nezifundiswa zaseAthene, umpostile uPawulos wathi “uThixo owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo” wenze zonke izinto eziyimfuneko ukuze ‘bamfune baze ngokwenene bamfumane.’ Enyanisweni uPawulos wathi: ‘Akakude kuye ngamnye wethu.’—IZenzo 17:24-27.
Ngoko ke, ‘unokumfuna njani uThixo uze ngokwenene umfumane’? Bambi baye bakwenza oku ngokubuka nje indalo ebangqongileyo. Kwabaninzi, indalo nje iyodwa ibubungqina obaneleyo obubeyisela ekubeni umele ukuba ukho uMdali.a (INdumiso 19:1; Isaya 40:26; IZenzo 14:16, 17) Njengompostile uPawulos, bavakalelwa kukuba “iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.”—Roma 1:20; INdumiso 104:24.
Uyayifuna IBhayibhile
Noko ke, ukuze wakhe ukholo lokwenyaniso kuMdali, ikho enye yezinto azenzileyo oyifunayo. Yintoni leyo? YiBhayibhile—iLizwi likaThixo, atyhila kulo ukuthanda kunye nenjongo yakhe. (2 Timoti 3:16, 17) Abanye baya kuthi: “Khawume ke, unokuyikholelwa njani into ethethwa yiBhayibhile xa abo bathi balandela iBhayibhile besenza izinto ezimasikizi ngolu hlobo?” Kuyavunywa ukuba iNgqobhoko iye yazenzela igama elibi ngokuhanahanisa, ngenkohlakalo nangokuziphatha okubi. Kodwa ke nawuphi na umntu onengqiqo unokubona ukuba iNgqobhoko yenza ngathi ilandela imigaqo yeBhayibhile.—Mateyu 15:8.
IBhayibhile yalumkisa isithi abantu abaninzi babeya kuzibanga benqula uThixo, ukanti enyanisweni babe ‘bekhanyela nomnini owabathengayo.’ Umpostile uPetros wathi: “Ngenxa yabo iya kutshabhiswa indlela yenyaniso.” (2 Petros 2:1, 2) UYesu Kristu wathi abo bantu ‘ngabenzi bokuchasene nomthetho’ abaya kucaca ngezenzo zabo ezingendawo. (Mateyu 7:15-23) Ukuchasa iLizwi likaThixo ngenxa yegama elibi leNgqobhoko kufana nokulahla ileta evela kumhlobo omthembayo kuba nje iziswe ngumntu odume kakubi.
Akunakukwazi ukwakha ukholo lokwenyaniso ngaphandle kweLizwi likaThixo. KuseBhayibhileni kuphela apho uYehova, ngokungathi kunjalo, achaza indlela azijonga ngayo izinto. Uphendula imibuzo ekukudala ikho njengophathelele isizathu sokuba avumele ukubandezeleka nentlungu noko aza kukwenza ngale meko. (INdumiso 119:105; Roma 15:4) USarah Jayne waye wayikholelwa iBhayibhile njengeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. (1 Tesalonika 2:13; 2 Petros 1:19-21) Njani? Akazange ayikholelwe kuba abazali bakhe babemxelele ukuba ayikholelwe, kodwa wayikholelwa ngenxa yokuba eziphe ithuba lokubuphicotha ngokunyaniseka bonke ubungqina obubonisa ukuba iBhayibhile isisityhilelo esikhethekileyo esivela kuThixo. (Roma 12:2) Ngokomzekelo, waphawula impembelelo enamandla enayo iBhayibhile kubomi babo banamathela kwimigaqo yayo. Ngoncedo lweempapasho ezinjengethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?,b wakwazi ukuhlolisisa ngenyameko nobunye ubungqina obuninzi obungaphakathi kwayo obuxhasa ukuba iphefumlelwe nguThixo.
“Ukholo Lulandela Oko Kuviweyo”
Noko ke, akwanelanga ukuba neBhayibhile okanye ukukholelwa ukuba iphefumlelwe. Umpostile uPawulos uyabhala: “Ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) Asikokuba neBhayibhile kuphela, kodwa kukuyiva iBhayibhile okwakha ukholo. ‘Uyakuva’ oko uThixo akutshoyo ngokulesa nangokufundisisa iLizwi lakhe. Nabaselula banokuyenza loo nto. UPawulos uthi uTimoti wayifundiswa “kwasebusaneni imibhalo engcwele” ngunina noninakhulu. Ngaba oku kubonisa ukuba wajijwa ingqondo ngandlel’ ithile? Akunjalo konke konke! UTimoti akazange akhohliswe okanye aqhathwe nangayiphi na indlela. “Weyiselwa ekuzikholelweni” izinto awayeziva nawayezifunda.—2 Timoti 1:5; 3:14, 15.
NoSarah Jayne weyiselwa ngendlela efanayo. NjengamaBhereya enkulungwane yokuqala, ‘walamkela ilizwi [kubazali nakwabanye ababemfundisa] ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo.’ Njengomntwana, ngokuqinisekileyo wakuthemba ngokuzenzekelayo oko abazali bakhe babemxelela kona. Kamva, njengoko wayekhula, akazange alandele nje okanye amkele kwanto ayifundiswayo. ‘Wazincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.’—IZenzo 17:11.
Unako Ukwakha Ukholo Lokwenyaniso
Nawe unako ukwakha ukholo lokwenyaniso—uhlobo lokholo oluchazwa ngumpostile uPawulos kwincwadi yakhe eya kumaKristu angamaHebhere. Uthi ukholo olunjalo “lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:1) Xa unokholo olunjalo, uya kuqiniseka ngokupheleleyo ukuba onke amathemba nolindelo onalo, kuquka isithembiso sikaThixo sovuko, ziya kuzalisekiswa. Uya kuqiniseka ukuba loo mathemba asekelwe kwiziqinisekiso ezibambekayo, kungekhona kwiminqweno nje. Uya kwazi ukuba uYehova akazange asilele ukugcina izithembiso zakhe. (Yoshuwa 21:45; 23:14; Isaya 55:10, 11; Hebhere 6:18) Ihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo liya kuba yinto yokwenene kuwe de kube ngathi sele uphila kulo. (2 Petros 3:13) Yaye uya kubona ngamehlo okholo ukuba xa kuthethwa ngoYehova uThixo, uYesu Kristu nangoBukumkani bukaThixo akuthethwa ntsomi kodwa kuthethwa ngabantu bokwenene.
Akushiywa wedwa ukuba uzibonele ukuba ulwakha njani na ukholo lokwenyaniso. Ngaphandle kokwenza iLizwi lakhe lifumaneke lula, uYehova ulungiselele nebandla lamaKristu elisehlabathini lonke elizimisele ukunceda abantu abantliziyo zilungileyo ukuba bakhe ukholo kuThixo. (Yohane 17:20; Roma 10:14, 15) Lwamkele lonke uncedo olunikelwa nguYehova ngaloo ntlangano. (IZenzo 8:30, 31) Yaye ekubeni ukholo lusisiqhamo somoya kaThixo, zingisa ukuthandazela ukuba loo moya ukuncede wakhe ukholo lokwenyaniso.—Galati 5:22.
Ungadimazeki ngenxa yabathandabuzi abagxibha nabani na othi unokholo kuThixo nakwiLizwi lakhe. (1 Korinte 1:18-21; 2 Petros 3:3, 4) Enyanisweni, ukholo lokwenyaniso lubaluleke gqitha ekukomelezeni ukuze umelane nolo hlaselo. (Efese 6:16) USarah Jayne wakufumanisa kuyinyaniso oko, yaye wayesoloko ekhuthaza abo babemtyelela esibhedlele ukuba bakhe ukholo lwabo. Wayedla ngokuthi: “Yamkela inyaniso. Fundisisa iLizwi likaThixo. Namathela kwintlangano kaThixo. Zingisa emthandazweni. Ukhuthale enkonzweni kaYehova.”—Yakobi 2:17, 26.
Ebona ukholo awayenalo kuThixo nakuvuko, omnye wabongikazi ababemnyamekela wathi: “Kuyacaca ukuba uqiniseke ngokwenene ngale nto.” Xa wayebuzwa ukuba yintoni eyayimenza angaphelelwa lithemba nangona wayejamelene neemvavanyo, waphendula: “Kukuba nokholo kuYehova. Ungumhlobo wam wokwenene, ibe ndimthanda ngentliziyo yam yonke.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UTimoti wayifundiswa “kwasebusaneni imibhalo engcwele” ngunina noninakhulu
[Umfanekiso okwiphepha 6]
AmaBhereya anconywa ngokuhlolisisa iZibhalo imihla ngemihla
[Inkcazelo]
From “Photo-Drama of Creation,” 1914
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Asikokuba nayo kuphela, kodwa kukuva nokuthobela oko iBhayibhile ikutshoyo okwakha ukholo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
“Ndiza kunibona nonke kwihlabathi elitsha likaThixo”