IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 12/15 iphe. 5-8
  • UYesu Wokwenene

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Wokwenene
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba La Ngamathandabuzo Anesihlahla?
  • Ukufuna UYesu
  • UYesu Wokwenene
  • UYesu Wokwenene Nekamva Lakho
  • Iincwadi ZeVangeli—Ngaba Zibalisa Okwenzekayo Okanye Iintsomi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Inyaniso NgoYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 12/15 iphe. 5-8

UYesu Wokwenene

EMVA kokuva kubapostile bakhe oko abantu bakucingayo ngaye, uYesu wababuza: “Ke nina nithi ndingubani na?” IVangeli kaMateyu inikela ingxelo ngempendulo kampostile uPetros owathi: “UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.” (Mateyu 16:15, 16) Nabanye babevakalelwa ngendlela efanayo. UNathaniyeli, owathi kamva waba ngomnye wabapostile, wamxelela oku uYesu: “Rabhi, unguye uNyana kaThixo, unguye uKumkani kaSirayeli.” (Yohane 1:49) UYesu wathetha ngokubaluleka kwendima yakhe esithi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Kwizihlandlo ezahlukahlukeneyo, wabhekisela kuye ‘njengoNyana kaThixo.’ (Yohane 5:24, 25; 11:4) Yaye wakungqina oko wakuthethayo ngokwenza imimangaliso, kwaye wayevusa nabafileyo.

Ngaba La Ngamathandabuzo Anesihlahla?

Kodwa ngaba sinokumthemba ngokwenene uYesu ekuthethwa ngaye kwiincwadi zeVangeli? Ngaba zichaza uYesu wokwenene? UFrederick F. Bruce, ongasekhoyo, unjingalwazi ongumhlalutyi nongumbhali wenkcazelo yeBhayibhile kwiYunivesithi yaseManchester, eNgilani, wathi: “Ngokufuthi akwenzeki ukubonisa ngeengxelo zembali inyaniso yazo zonke iinkcukacha kumbhalo wamandulo, enoba kuseBhayibhileni okanye akunjalo. Kwanele ukuba nentembelo ekumlinganiselo othile ngokuthembeka kombhali; ukuba oko kunobungqina, kucacile ukuba ezi nkcukacha ziyinyaniso. . . . Isibakala sokuba amaKristu eyamkela iTestamente Entsha ‘njengencwadi engcwele’ asisosizathu esivakalayo sokuyigqala njengenokuthenjwa ngokwembali.”

Emva kokuhlolisisa amathandabuzo ngoYesu njengokuba echazwe kwiincwadi zeVangeli, uJames R. Edwards, unjingalwazi wonqulo kwiJamestown College, North Dakota, eUnited States, wabhala: “Sinokungqina siqinisekile ukuba iincwadi zeVangeli zinengxelo enobungqina obahlukileyo nobubalulekileyo benyaniso engoYesu. . . . Eyona mpendulo isengqiqweni yesizathu sokuba iincwadi zeVangeli zimchaza uYesu ngale ndlela kungenxa yokuba ngokuyintloko uYesu wayenjalo. Iincwadi zeVangeli ziye ngokuthembeka zazilondoloza iinkumbulo awazishiya kubalandeli bakhe, zokuba wayethunywe nguThixo yaye wanikwa amandla njengoNyana noMkhonzi kaThixo.”a

Ukufuna UYesu

Kuthekani ngeembekiselo ezingasekelwanga eBhayibhileni ezingoYesu Kristu? Zigqalwa njani? Iincwadi ezibhalwe nguTacitus, uSuetonius, uJosephus, uPliny Omncinane nabanye ababhali abaliqela ziquka iimbekiselo ezininzi ezingoYesu. Xa ithetha ngabo, iThe New Encyclopædia Britannica (1995) ithi: “Ezi ngxelo zahlukahlukeneyo zibubungqina bokuba ngamaxesha amandulo nabachasi bobuKristu abazange bayithandabuze imbali engobukho bukaYesu, eyaphikiswa okwesihlandlo sokuqala yaye ngokungenasiseko ekupheleni kwenkulungwane ye-18, nasebudeni beye-19, nasekuqaleni kweyama-20.”

Okubuhlungu kukuba, kubonakala ukuba abaphengululi bakutshanje, befuna uYesu “wokwenene” okanye “wembali,” baye bakufihla oko akuko ngokwenene ngenxa yeembono zabo ezingenasiseko, amathandabuzo angenangqiqo, neengcamango ezingenasihlahla. Ngamanye amazwi, babekek’ ityala ngokwenza iintsomi abatyhola kuzo ababhali beencwadi zeVangeli. Bambi banqwenela ukubaluleka baze badibanise igama labo nengcamango entsha abangakhange bayihlolisise ngokunyanisekileyo ephathelele uYesu. Kwesi senzo sabo, bakha “uYesu” oyingcamango yabaphengululi.

Abo bafuna ukumfumana, uYesu wokwenene unokufunyanwa eBhayibhileni. ULuke Johnson, unjingalwazi ngeTestamente Entsha neemvelaphi zamaKristu kwiCandler School of Theology kwiEmory University uthi, inkoliso yophando ngoYesu wembali iyayityeshela imbono yeBhayibhile. Uthi kusenokubangela umdla ukuhlolisisa indlela uYesu awazenza ngayo izinto ngokwasentlalweni, kwezobupolitika, nemvelaphi yakhe, impilo yakhe engokwesithethe nendlela yakhe yokuphila ngexesha lakhe. Sekunjalo, wongezelela esithi, ukufumanisa oko abaphengululi bakubiza ngokuba nguYesu wasembalini “asiyiyo injongo yeZibhalo,” zona “ezifuna ukuchaza uhlobo lomntu uYesu awayelulo,” isigidimi sakhe nendima yakhe njengoMhlawuleli. Ngoko, ngokwenene ngaba wayeluhlobo olunjani lomntu uYesu yaye sasisithini isigidimi sakhe?

UYesu Wokwenene

Iincwadi zeVangeli—iingxelo ezine zeBhayibhile ezingobomi bukaYesu—zichaza umntu onovelwano. Usizi nemfesane zashukumisela uYesu ukuba ancede abantu ababebandezeleka kukugula, bubumfama nezinye iinkxwaleko. (Mateyu 9:36; 14:14; 20:34) Ukufa komhlobo wakhe uLazaro nentlungu oku okwayibangelayo koodade bakaLazaro yabangela ukuba uYesu ‘agcume zaze zathi waxa iinyembezi.’ (Yohane 11:32-36) Enyanisweni, iincwadi zeVangeli zibonisa iimvakalelo ezahlukahlukeneyo zikaYesu—ukuvelana nomntu oneqhenqa, ukuchulumanciswa yimpumelelo yabafundi bakhe, ukucatshukiswa ngabantu abanamathele ngokungqongqo emthethweni ngokungeyomfuneko, nokudana ngenxa yokuba iYerusalem ingazange imamkele uMesiya.

Xa uYesu wayesenza ummangaliso, ngokufuthi wayenikela ingqalelo kwindima yalowo ungenelwayo kweso senzo: “Ukholo lwakho lukuphilisile.” (Mateyu 9:22) Wancoma uNathaniyeli “njengomSirayeli wokwenene,” esithi: “Akukho nto iphosakeleyo kuye!” (Yohane 1:47, Today’s English Version) Xa abanye babecinga ukuba isipho sombulelo selinye ibhinqa sasisikhulu ngokugqithiseleyo, uYesu walithethelela waza wathi ingxelo yokuba nesisa kwalo iya kukhunjulwa ixesha elide. (Mateyu 26:6-13) Wayengumhlobo wokwenene neqabane elinothando kubalandeli bakhe, ‘wabathanda de kwasekupheleni.’—Yohane 13:1; 15:11-15.

Iincwadi zeVangeli zikwabonisa ukuba ngokukhawuleza uYesu wayezibona iintswelo zabantu awayedibana nabo. Enoba wayethetha nebhinqa elalisequleni, umfundisi wezonqulo esitiyeni, okanye umlobi weentlanzi echibini, ngoko nangoko wayeyichukumisa intliziyo yakhe. Emva kokuba uYesu ethethe amazwi okuqala, uninzi lwaba bantu lwalutyhila iingcinga zabo kuye. Wayesenza abantu bachukumiseke. Nangona abantu bexesha lakhe babekuphepha ukunxulumana namadoda asemagunyeni, uYesu wayesoloko erhangqwe ngabantu. Babekuthanda ukuba noYesu; babeziva bekhululekile ukuba kunye naye. Nabantwana babekufumanisa kulula ukuba kunye naye, yaye xa wayesebenzisa umntwana njengomzekelo, akazange ammise nje loo mntwana phambi kwabafundi bakhe kodwa “wamgona.” (Marko 9:36; 10:13-16) Enyanisweni, iincwadi zeVangeli zimbonisa uYesu eyindoda enomtsalane kangangokuba abantu babehlala iintsuku ezintathu ukuze nje baphulaphule amazwi akhe abangel’ umdla.—Mateyu 15:32.

Ukufezeka kukaYesu akuzange kumenze abahlabe amadlala ngokugqithiseleyo abanye okanye azikhukhumalise aze abe ngqwabalala kwabo bangafezekanga nababezele zizono awayephila nawayeshumayela kubo. (Mateyu 9:10-13; 21:31, 32; Luka 7:36-48; 15:1-32; 18:9-14) UYesu wayengabanyanzeli abantu. Wayengongezeleli kwimithwalo yabantu. Kunoko wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo . . . ndiza kunihlaziya.” Abafundi bakhe bamfumanisa ‘enomoya wobulali yaye ethobekile ngentliziyo’; idyokhwe yakhe yayiyeyobubele, nomthwalo wakhe ukhaphukhaphu.—Mateyu 11:28-30.

Inyaniso ephathelele ubuntu bukaYesu inokubonwa kwingxelo yeencwadi zeVangeli. Bekungayi kuba lula ngabantu abane abahlukahlukeneyo ukuba bakhe umntu ongaqhelekanga baze bobane babalise ngaye ngendlela efanayo. Bekungenakwenzeka ukuba ababhali abane abahlukahlukeneyo bachaze umntu omnye nangendlela efanayo ukuba loo mntu wayengazange aphile ngokwenene.

Umbhali-mbali uMichael Grant ubuza umbuzo obangel’ umdla esithi: “Kunokwenzeka njani ukuba, kuzo zonke iincwadi zeVangeli, kuthethwe ngendoda eselula enomtsalane enxulumana ngokukhululekileyo nazo zonke iintlobo zamabhinqa, kuquka nangalunganga, ngaphandle kokuqhutywa ziimvakalelo, ikwenze oku ikhululekile, ize kuzo zonke iimeko ihlale ithembekile yaye igcine ingqibelelo?” Impendulo esengqiqweni yeyokuba indoda enjalo yayiphila ngokwenene yaye yenza izinto ngohlobo iBhayibhile ezixela ngayo.

UYesu Wokwenene Nekamva Lakho

Ngaphandle kokuba ichaze ukuba uYesu wayengumntu onjani ngokwenene emhlabeni, iBhayibhile ibonisa ukuba wayephila ngaphambi kokuba abe ngumntu njengokuphela koNyana kaThixo “izibulo kwindalo yonke.” (Kolose 1:15) Kwiinkulungwane ezingama-20 ezadlulayo, uThixo wadlulisela ubomi boNyana wakhe wasezulwini kwisibeleko sentombi enyulu engumYuda ukuba azalwe njengomntu. (Mateyu 1:18) Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wavakalisa uBukumkani bukaThixo njengekuphela kwethemba loluntu olukhathazekileyo, waza waqeqesha abafundi bakhe ukuba baqhubeke nalo msebenzi wokushumayela.—Mateyu 4:17; 10:5-7; 28:19, 20.

NgoNisan 14 (malunga noApril 1), 33 C.E., uYesu wabanjwa, wasiwa enkundleni, wagwetywa waza wabulawa ngesityholo sobuxoki sokuqhwaya imvukelo. (Mateyu 26:18-20, 48–27:50) Ukufa kukaYesu kuyintlawulelo, kukhulula uluntu olukholelwayo kwimeko yesono ngaloo ndlela kuvulela indlela kubomi obungunaphakade kubo bonke abanokholo kuye. (Roma 3:23, 24; 1 Yohane 2:2) NgoNisan 16, uYesu wavuswa, yaye kungekudala emva koko wanyukela ezulwini. (Marko 16:1-8; Luka 24:50-53; IZenzo 1:6-9) NjengoKumkani omiselwe nguYehova, uYesu ovusiweyo unegunya elipheleleyo lokufeza injongo yantlandlolo kaThixo ngoluntu. (Isaya 9:6, 7; Luka 1:32, 33) Ewe, iBhayibhile ithetha ngoYesu njengomntu oyintloko ekuzalisekiseni iinjongo zikaThixo.

Kwinkulungwane yokuqala, izihlwele zabantu zamamkela uYesu ngokomntu anguye—uMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu, owathunyelwa emhlabeni ukuze athethelele ulongamo lukaYehova aze afele uluntu njengentlawulelo. (Mateyu 20:28; Luka 2:25-32; Yohane 17:25, 26; 18:37) Bejamelene nentshutshiso eqatha, abantu babengenakushukunyiselwa ekubeni babe ngabafundi bakaYesu ukuba babengamazi ukuba ungubani. Ngenkalipho nangenzondelelo, bawenza umsebenzi awayebathume wona, wokuba ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke.’—Mateyu 28:19.

Namhlanje, izigidi zamaKristu anyanisekileyo nanolwazi ziyazi ukuba uYesu akangomntu nje wasentsomini. Zimamkela njengoKumkani obekwe etroneni yoBukumkani bukaThixo basezulwini obumiselweyo, oza kuthi kungekudala alawule umhlaba nemicimbi yawo. Lo rhulumente umiselwe nguThixo uziindaba ezintle kuba uthembisa isiqabu kwiingxaki zomhlaba. AmaKristu okwenyaniso abonakalisa inkxaso yawo enyanisekileyo kuKumkani kaYehova okhethiweyo ngokuba avakalise “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” kwabanye.—Mateyu 24:14.

Abo baxhasa ilungiselelo loBukumkani ngoKristu, uNyana kaThixo ophilayo, baya kuphila ukuze banandiphe iintsikelelo ezingunaphakade. Nawe unokuzifumana ezi ntsikelelo! Abapapashi balo lindixesha bangakuvuyela ukukunceda umazi uYesu wokwenene.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane uhlolisiso oluneenkcukacha ngeengxelo zeencwadi zeVangeli, bona isahluko 5 ukusa kwese-7 sencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]

Oko Abanye Bakuthethileyo

“UYesu waseNazarete ndiye ndamgqala njengomnye wabafundisi abanamandla abakhe bakho emhlabeni. . . . Into endinokuyithetha kumaHindu kukuba ubomi benu abuyi kuphelela ngaphandle kokuba nizifundisise ngocoselelo iimfundiso zikaYesu.”—Mohandas K. Gandhi, The Message of Jesus Christ.

“Umntu osisiqalo, opheleleyo, ongaguquguqukiyo, ofezekileyo, onobuntu kodwa sekunjalo ongaphezulu kunabo bonke abantu abakhulu, akanakuba ngumntu wobuxoki okanye intsomi. . . . Bekuya kufuneka umntu obalaseleyo kunoYesu ukuze kuqanjwe uYesu.”—Philip Schaff, History of the Christian Church.

“Into yokuba abantu nje abambalwa abaqhelekileyo babenokuthi ngesizukulwana nje esinye baziyilele umntu owayenobuntu obunamandla nobunomtsalane ngolo hlobo, owayenemilinganiselo yokuziphatha ephakame ngolo hlobo nowayezimisele ukwakha umanyano lobuzalwana olunempembelelo ngolo hlobo, ibiya kuba ngowona mmangaliso ungakholelekiyo kunayo nayiphi na ebhalwe kwiincwadi zeVangeli.”—Will Durant, Caesar and Christ.

“Kusenokubonakala kuyinto engenakwenzeka ukuba iqela lonqulo ehlabathini lonke liyilwe ngumntu ongazange abekho, ekubeni kukho abantu bokwenene nabaziwayo abaye bazama baza abakwazi ukuyila iinkonzo.”—Gregg Easterbrook, Beside Still Waters.

‘Njengombhali-mbali ndeyiseke ngokupheleleyo ukuba enoba ziyintoni na iincwadi zeVangeli, kodwa aziyontsomi. Akusetyenziswanga luqikelelo oludla ngokusetyenziswa kwiintsomi. Inxalenye enkulu yobomi bukaYesu asiyazi, ibe akukho bantu banokuyila ibali baze bathande ukuba libe njalo.’—C. S. Lewis, God in the Dock.

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Iincwadi zeVangeli zityhila iindlela ezahlukahlukeneyo uYesu awayevakalelwa ngazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share