IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 1/1 iphe. 4-7
  • Ngaba Ngokwenene Linokubakho Ibutho Elingenalo Ucalucalulo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ngokwenene Linokubakho Ibutho Elingenalo Ucalucalulo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Bonke Bayalingana Phambi KukaThixo
  • Ibutho Elingenalucalucalulo—Linokubakho Njani?
  • Abantu Abangenalucalucalulo Namhlanje
  • Ukulingana Kuvumela Ukwahlukahlukana
  • Iingxaki Zocalucalulo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Isibetho Esikhoyo Sokungalingani Kwabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ukungalingani Kwabantu Ngaba Leyo Yindlela UThixo Awayecebe Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ngaba UYesu NguThixo USomandla?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 1/1 iphe. 4-7

Ngaba Ngokwenene Linokubakho Ibutho Elingenalo Ucalucalulo?

UJOHN ADAMS, owaba ngumongameli wesibini waseUnited States, wayengomnye wabo batyobela iDeclaration of Independence ebalulekileyo embalini, eyayiquka la mazwi abalulekileyo: “Siyavuma ukuba ezi nyaniso zizicacele, ukuba bonke abantu badalwa balingana.” Sekunjalo, kuyabonakala ukuba uJohn Adams wayekuthandabuza ukuba abantu bayalingana ngokwenene, kuba wabhala: “Ukungalingani kweNgqondo noMzimba kwenziwa nguThixo uSomandla Kwasekudalweni Komntu kangangokuba akukho buchule okanye umgaqo-siseko onokuzenza zilingane.” Ngokwahlukileyo koko, umbhali-mbali waseBritani uH. G. Wells wayekwazi ukuba nomfanekiso-ngqondweni webutho elinabantu abalingana ngokusekelwe kwizinto ezintathu: unqulo olunye lwehlabathi lonke kodwa olucocekileyo nolungadyobhekanga, imfundo efanayo yaye kungabikho mkhosi.

Ukuza kuthi ga ngoku, alikabikho ibutho labantu abalingana ngokomfanekiso-ngqondweni kaWells. Ngokuqinisekileyo abantu abalingani, yaye ukucalucalulana kusabonakala kakhulu kwibutho labantu. Ngaba ukwahlukana okunjalo kuye kwabangela iingenelo kwibutho labantu xa lilonke? Akunjalo. Ucalucalulo lwahlula abantu, lubangela umona, intiyo, intlungu nokuphalazwa kwegazi. Ukucinga ukuba abantu abamhlophe bongamile nto leyo ebisenzeka eAfrika, eOstreliya nakuMntla Merika kwabangela intlungu kubantu abangekho mhlophe—kuquka nokutshatyalaliswa kohlanga lwaBemi Bomthonyama eVan Diemen’s Land (ngoku eyiTasmania). EYurophu, ukuthi amaYuda aluhlanga oluphantsi kwabangela ukuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo. Ubutyebi babantu abasebukhosini nokunganeliseki kwabantu abakumgangatho ophantsi nophakathi yayingoothunywashe abakhokelela kwiMvukelo yaseFransi yenkulungwane ye-18 neMvukelo yamaBolshevik kwinkulungwane yama-20 eRashiya.

Indoda esisilumko yexesha elidluleyo yabhala isithi: “Umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.” (INtshumayeli 8:9) Amazwi ayo ayinyaniso enoba kulawula umntu omnye ngexesha okanye kulawula iqela. Xa iqela elithile labantu liziphakamisa kunelinye, ngokungaphephekiyo oku kubangela intlungu nokubandezeleka.

Bonke Bayalingana Phambi KukaThixo

Ngaba amanye amaqela abantu aphakamile kunamanye ngokwemvelo? Akunjalo emehlweni kaThixo. IBhayibhile ithi: “[UThixo] wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.” (IZenzo 17:26) Ngaphezu koko, uMdali ‘akakhethanga nkosana enganikelanga ngqalelo engakumbi kwisidwangube kunakulowo usweleyo, kuba bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.’ (Yobhi 34:19) Bonke abantu bayazalana, yaye ngaphambi kukaThixo bonke bazalwa belingana.

Kwakhona, khumbula ukuba xa umntu esifa, lonke uzuko abenalo lokuba uphakamile kunabanye luthi shwaka. AmaYiputa amandulo ayengakukholelwa oko. Xa kwakusifa uFaro, ayebeka izinto ezinexabiso elikhulu kwingcwaba lakhe ukuze zibe zezakhe njengoko eqhubeka enesikhundla esiphakamileyo kubomi basemva kokufa. Ngaba kwakusenzeka oko? Akunjalo. Inkoliso yobo butyebi babuphelela ezandleni zabantu ababephanga amangcwaba, yaye izinto ezininzi ezingazange zibiwe zinokubonwa namhlanje kwiimyuziyam.

Ekubeni wayefile, uFaro wayengenako ukuzisebenzisa ezo zinto zixabisekileyo. Ekufeni, abakho abantu abaphakamileyo nabaphantsi, akukho butyebi nabuhlwempu. IBhayibhile ithi: “Amadoda azizilumko amele afe; amadoda aziziyatha, amadoda angaqiqiyo, onke ayafa. Kuba abantu banjengeenkabi zenkomo zona zingenakuphila ixesha elide, banjengeenkomo eziphila ixesha elifutshane.” (INdumiso 49:10, 12, The New English Bible) Enoba singookumkani okanye singamakhoboka, la mazwi ayasebenza kuthi sonke: “Abafileyo, abazi nto konke konke, abasenamvuzo . . . Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.”—INtshumayeli 9:5, 10.

Sonke sizalwa silingana emehlweni kaThixo, yaye sonke siyalingana xa sisifa. Ngoko ke, hayi indlela ekububuyatha ngayo ukuphakamisa elinye iqela labantu kunelinye ebudeni bexesha lethu elifutshane lokuphila!

Ibutho Elingenalucalucalulo—Linokubakho Njani?

Noko ke, ngaba likho ithemba lokuba ngenye imini kuya kubakho ibutho apho umgangatho wabantu ungayi kubaluleka? Ewe likho. Phantse iminyaka engama-2 000 eyadlulayo xa uYesu wayesemhlabeni, kwabekwa isiseko sebutho elinjalo. UYesu wanikela ngobomi bakhe njengedini lentlawulelo kuluntu lonke olukholwayo ukuze “wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.

Ukuze abonise ukuba akakho kubalandeli bakhe ofanele aziphakamise kunamanye amakholwa, uYesu wathi: “Nina, ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana. Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi nguyihlo emhlabeni, kuba mnye uYihlo, Lowo wasezulwini. Ningabizwa nangokuthi ‘iinkokeli,’ kuba inye iNkokeli yenu, uKristu. Kodwa lowo ungoyena mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu. Nabani na oziphakamisayo uya kuthotywa.” (Mateyu 23:8-12) Emehlweni kaThixo, bonke abalandeli bakaYesu bokwenyaniso bayalingana elukholweni.

Ngaba amaKristu okuqala ayezigqala elingana? Lawo ayeyifumana intsingiselo yemfundiso kaYesu ayezigqala enjalo. Ayezigqala elingana elukholweni yaye akubonisa oku ngokubizana ngokuthi “mzalwana.” (Filemon 1, 7, 20) Akakho umntu owayekhuthazwa ukuzigqala njengobhetele kwabanye. Ngokomzekelo, cinga ngendlela ethobekileyo uPetros awazichaza ngayo kwincwadi yakhe yesibini: “USimon Petros, ikhoboka nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo bazuze ukholo, abanelungelo elilinganayo nelethu.” (2 Petros 1:1) UPetros wayefundiswe nguYesu ngokwakhe, yaye njengompostile, wayenembopheleleko ebalulekileyo. Sekunjalo, wazigqala njengekhoboka yaye wayesazi ukuba amanye amaKristu ayenamalungelo njengaye ngokuphathelele inyaniso.

Abanye basenokuthi umgaqo wokulingana uyaphikisana noko kwakusenzeka ngaphambi kwexesha lobuKristu xa uThixo wenza amaSirayeli uhlanga olukhethekileyo. (Eksodus 19:5, 6) Basenokuthi oku kungumzekelo wokuba uhlanga oluthile longamile, kodwa oko akunjalo. Kuyinyaniso ukuba amaSirayeli, njengenzala ka-Abraham, ayenolwalamano olukhethekileyo noThixo yaye asetyenziswa njengejelo lezityhilelo ezivela kuThixo. (Roma 3:1, 2) Kodwa injongo yoku yayingekokuwaphakamisela phezulu. Kunoko, yayikukuba ‘kusikelelwe zonke iintlanga.’—Genesis 22:18; Galati 3:8.

Ngelishwa, amaSirayeli akazange axelise ukholo lokhokho wawo uAbraham. Akazange athembeke yaye amkhanyela uYesu njengoMesiya. Ngenxa yoko, uThixo wawalahla. (Mateyu 21:43) Noko ke, abalulamileyo kuluntu abazange balahlekelwe ziintsikelelo ezithenjisiweyo. NgePentekoste yowama-33 C.E., kwasekwa ibandla lamaKristu. Le ntlangano yamaKristu athanjiswe ngomoya oyingcwele yabizwa ngokuba ‘nguSirayeli kaThixo,’ yaye yaba lijelo elaliya kudlulisela ezo ntsikelelo.—Galati 6:16.

Amanye amalungu elo bandla ayefuna ukufundiswa ngombandela wokulingana. Ngokomzekelo, umfundi uYakobi waluleka abo ababephatha amaKristu azizityebi ngembeko engakumbi kunalawo angamahlwempu. (Yakobi 2:1-4) Oko kwakungafanelekanga. Umpostile uPawulos wabonisa ukuba amaKristu eeNtlanga ayengekho ngaphantsi kunamaKristu angamaYuda, yaye amaKristu angamabhinqa ayengekho ngaphantsi kunawamadoda. Wabhala: “Nonke, enyanisweni, ningoonyana bakaThixo ngalo ukholo lwenu kuKristu Yesu. Kuba nonke nina enabhaptizelwa kuKristu niye namambatha uKristu. Akukho mYuda namGrike, akukho khoboka nokhululekileyo, akukho ndoda nabhinqa; kuba nonke ningumntu omnye ngokumanyene noKristu Yesu.”—Galati 3:26-28.

Abantu Abangenalucalucalulo Namhlanje

Namhlanje amaNgqina kaYehova azama ukuphila ngokwemigaqo yeZibhalo. Ayaqonda ukuba imigangatho yokuphila ayithethi nto emehlweni kaThixo. Ngaloo ndlela, akanabefundisi, yaye akacalucalulani ngenxa yebala lesikhumba okanye ubutyebi. Nangona amanye awo asenokuba zizityebi, akazimisele ‘ukuqhayisa ngezinto zobu bomi,’ kuba ayaqonda ukuba izinto ezinjalo ziyadlula. (1 Yohane 2:15-17) Kunoko, onke amanyene ekunquleni uMongami Wendalo Iphela, uYehova uThixo.

Onke amkela imbopheleleko yokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ebantwini. NjengoYesu, abonakalisa ukubahlonela abahlelelekileyo nabangenabani ngokubatyelela emakhayeni abo, ebafundisa iLizwi likaThixo. Lawo akumgangatho ophantsi asebenza kunye nalawo agqalwa njengakumgangatho ophezulu. Into ebalulekileyo ziimpawu zokomoya, kungekhona umgangatho wezentlalo. Njengakwinkulungwane yokuqala, onke angabazalwana noodade.

Ukulingana Kuvumela Ukwahlukahlukana

Kambe ke, ukulingana akuthethi ukufana ngokupheleleyo. Amadoda namabhinqa, abakhulileyo nabaselula, bakho bonke kule ntlangano yamaKristu equka abantu abavela kwiintlanga, iilwimi, nezizwe ezahlukahlukeneyo nabangekho kwimeko efanayo ngokwezoqoqosho. Njengabantu ngabanye, abafani ngokwamandla engqondo nawomzimba. Kodwa loo mahluko awubenzi abanye babe kumgangatho ophezulu, abanye ophantsi. Kunoko, umahluko onjalo ubangela ukwahlukahlukana okuhle. Loo maKristu ayaqonda ukuba naziphi na iziphiwo anazo zizipho ezivela kuThixo yaye akukho sizathu sakuziva uphakamile.

Ucalucalulo lubangelwa ngumgudu wabantu wokufuna ukuzilawula kunokulandela ukhokelo lukaThixo. Kungekudala, uBukumkani bukaThixo buya kuthabathel’ indawo ulawulo lwemihla ngemihla lwalo mhlaba, yaye oko kuya kuphumela ekupheleni kocalucalulo olubangelwa ngabantu, kunye nazo zonke ezinye izinto eziye zabangela ukubandezeleka ukutyhubela iminyaka. Ngoko ke, ngokwenene, ‘abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.’ (INdumiso 37:11) Zonke izizathu zokuqhayisa ngokubalasela kukabani ziya kuba zizinto zezolo. Ucalucalulo alusayi kuvunyelwa lubekho kubuzalwana behlabathi lonke.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

UMdali ‘akakhethi nkosana enganikelanga ngqalelo engakumbi kwisidwangube kunakulowo usweleyo, kuba bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.’—Yobhi 34:19.

[Umfanekiso okwiphepha 6]

AmaNgqina kaYehova abonisa intlonelo kubamelwane bawo

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Into ebalulekileyo ziimpawu zokomoya phakathi kumaKristu okwenyaniso

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share