Banyamezela Ameva Enyameni
“Ndanikwa iliva enyameni, ingelosi kaSathana, ukuba indimpakaze.”—2 KORINTE 12:7.
1. Ziziphi ezinye zeengxaki abajamelana nazo abantu namhlanje?
NGABA ulwa novavanyo oluthile olungapheliyo? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukuhlangabezana nawo,’ amaKristu athembekileyo ahlangabezana nenkcaso ekrakra, iingxaki zentsapho, ukugula, amaxhala emali, ukunxunguphala, ukufelwa ngabantu esibathandayo nolunye ucelomngeni. (2 Timoti 3:1-5) Kumazwe athile, ubomi babantu abaninzi busesichengeni ngenxa yokunqongophala kokutya neemfazwe.
2, 3. Sisiphi isimo sengqondo esingafanelekanga esinokuba naso ngenxa yeengxaki esijamelana nazo, yaye kunokuba yingozi njani oko?
2 Iingxaki ezinjalo zinokwenza umntu adandatheke ngokunzulu, ingakumbi ukuba wehlelwa ziingxaki ezininzi ngaxeshanye. Phawula oko IMizekeliso 24:10 ikutshoyo: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” Ewe, ukudimazeka ngenxa yezilingo kunokusenza singabi namandla yaye kunokusiphazamisa kuzimiselo lwethu lokunyamezela kude kuse esiphelweni. Njani?
3 Kaloku, ukudimazeka kunokusenza siphulukane nosukelo lwethu. Ngokomzekelo, kulula ukuba siyibaxe indlela esizijonga ngayo iinzima esinazo size siqalise ukuzisizela. Bambi basenokude badanduluke bathi kuThixo, “Kutheni uvumela ukuba ndehlelwe yile nto?” Ukuba umntu unokuvumela eso simo sengqondo singafanelekanga sendele entliziyweni yakhe, sinokuluphelisa uvuyo nentembelo anayo. Umkhonzi kaThixo unokudimazeka ukusa kwinqanaba lokuba ayeke ‘ukulwa umlo omhle wokholo.’—1 Timoti 6:12.
4, 5. Kwezinye iimeko, uSathana ubandakanyeka njani kwiingxaki esinazo, ukanti yiyiphi intembelo esinokuba nayo?
4 Ngokuqinisekileyo, asingoYehova uThixo obangela ukuba sehlelwe zizilingo. (Yakobi 1:13) Ezinye iimvavanyo zisehlela ngenxa nje yokuba sizama ukuthembeka kuye. Eneneni, bonke abo bakhonza uYehova bazenza amaxhoba otshaba lwakhe oluphambili, uSathana uMtyholi. Kweli xeshana lakhe liseleyo, ‘lo thixo ungendawo wale nkqubo yezinto’ uzama ukuba nabani na othanda uYehova ayeke ukwenza ukuthanda Kwakhe. (2 Korinte 4:4) USathana ubangela ukuba bonke abazalwana bethu ehlabathini lonke babandezeleke kangangoko kunokwenzeka. (1 Petros 5:9) Kuyavunywa ukuba, iingxaki esinazo azibangelwa nguSathana zonke, kodwa unokusebenzisa ezo ngxaki ukuze asityhafise ngakumbi.
5 Noko ke, enoba uSathana okanye izixhobo zakhe zinokuba namandla kangakanani na, sinako ukumoyisa! Sinokuqiniseka njani ngaloo nto? Ngenxa yokuba uYehova uThixo uyasilwela. Uye waqinisekisa ukuba abakhonzi bakhe abakho bumnyameni ngokuphathelele amacebo kaSathana. (2 Korinte 2:11) Eneneni, iLizwi likaThixo lisixelela okuninzi ngezilingo ezehlela amaKristu okwenyaniso. Kwimeko kampostile uPawulos, iBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi “iliva enyameni.” Ngoba? Makhe sikhangele indlela iLizwi likaThixo elilichaza ngayo elo binzana. Siya kwandula ke sibone ukuba asisodwa ekufuneni uncedo lukaYehova ukuze soyise izilingo.
Isizathu Sokuba Izilingo Zifane Nameva
6. Wayethetha ukuthini uPawulos xa wayethetha ‘ngeliva enyameni,’ yaye kusenokwenzeka ukuba laliyintoni elo liva?
6 Emva kokuba uPawulos elingwe ngendlela egqithiseleyo, waphefumlelwa ukuba abhale: “Ndanikwa iliva enyameni, ingelosi kaSathana, ukuba indimpakaze, ukuze ndingaphakami ngokugqithiseleyo.” (2 Korinte 12:7) Yayiyintoni elo liva lalisenyameni kaPawulos? Kaloku, iliva elingene laphelela esikhumbeni ngokuqinisekileyo beliya kuba buhlungu. Ngoko isafobe esisetyenziswe apha sibhekisela kwinto eyayibangela intlungu kuPawulos—enoba kusemzimbeni, kungokweemvakalelo okanye kokubini. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayekhathazwa liliso okanye sesinye isigulo esithile. Okanye kusenokwenzeka ukuba elo liva lalibandakanya abo bantu babedelela iimfaneleko zikaPawulos njengompostile nababekuthandabuza ukuxabiseka komsebenzi wakhe wokushumayela nowokufundisa. (2 Korinte 10:10-12; 11:5, 6, 13) Enoba laliyintoni na, elo liva lalikho yaye lalingenakushenxiswa.
7, 8. (a) Lithetha ntoni ibinzana elithi ‘ukumpakaza’? (b) Kutheni kubalulekile ukuba siwanyamezele nawaphi na ameva asikhathazayo ngoku?
7 Phawula ukuba eli liva laliqhubeka limmpakaza uPawulos. Okubangel’ umdla kukuba, isenzi sesiGrike esisetyenziswe nguPawulos apha sisuka kwigama elithi “amaquphele (knuckles).” Elo gama lisetyenziswa ngokoqobo kuMateyu 26:67 yaye lisetyenziswa ngokufuziselayo kweyoku-1 kwabaseKorinte 4:11. Kwezo ndinyana, lidlulisela ingcamango yokubethwa ngamanqindi. Xa sicinga intiyo ekrakra anayo uSathana nxamnye noYehova nabakhonzi Bakhe, sinokuqiniseka ukuba uMtyholi wayevuya kuba iliva laliqhubeka limpakaza uPawulos. Namhlanje, uSathana uvuya ngendlela efanayo xa sikhathazwa liliva enyameni.
8 Ngoko ke, njengoPawulos, kufuneka siyazi indlela yokuhlangabezana nameva anjalo. Ukuba senjenjalo oko kuya kuthetha ubomi kuthi! Khumbula ukuba, uYehova ufuna siqhubeke siphila ngonaphakade kwihlabathi lakhe elitsha, apho singasayi kuze siphinde sikhathazwe ziingxaki ezinjengameva kwakhona. Ukuze asincede sizuze lo mvuzo umangalisayo, uThixo usinike imizekelo emininzi eLizwini lakhe elingcwele, iBhayibhile, esibonisa ukuba abakhonzi bakhe abathembekileyo baye bahlangabezana ngokuphumelelayo nameva enyameni. Babengabantu nje abaqhelekileyo, abangafezekanga njengathi. Ukuqwalasela abanye phakathi kweli ‘lifu lamangqina’ kunokusinceda ‘silubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu.’ (Hebhere 12:1) Ukucamngca ngezinto abazinyamezelayo kunokusenza sibe nentembelo yokuba nathi sinokuhlangabezana nawo nawaphi na ameva anokusetyenziswa nguSathana nxamnye nathi.
Ameva Awayekhathaza UMefibhoshete
9, 10. (a) Kwenzeka njani ukuba uMefibhoshete abe neliva enyameni? (b) Luhlobo olunjani lobubele olwabonakaliswa nguKumkani uDavide kuMefibhoshete, yaye sinokumxelisa njani uDavide?
9 Khawucinge ngomzekelo kaMefibhoshete, unyana kaYonatan, umhlobo kaDavide. Xa uMefibhoshete wayeneminyaka emihlanu ubudala, kwavakala iindaba zokuba uyise, uYonatan, noyisemkhulu, uKumkani uSawule, babulewe. Impelesi yale nkwenkwe yaxhalaba. ‘Yayithwala, kodwa kwathi njengoko yayibaleka ngokuphakuzela isaba, ngoko yawa yaza yaba sisiqhwala.’ (2 Samuweli 4:4) Kusenokwenzeka ukuba esi siphene saba liliva ekwafuneka uMefibhoshete alinyamezele ekukhuleni kwakhe.
10 Kwiminyaka ethile kamva, uKumkani uDavide, ngenxa yokuthanda kwakhe uYonatan, wabonakalisa ububele bothando kuMefibhoshete. UDavide wamnika wonke umhlaba kaSawule waza wamisela umlindi kaSawule uTsibha ukuba anyamekele lo mhlaba. UDavide wathi kuMefibhoshete: ‘Uya kudla isonka rhoqo etafileni yam.’ (2 Samuweli 9:6-10) Alithandabuzeki elokuba ububele bothando bukaDavide babuyintuthuzelo kuMefibhoshete yaye baba luncedo ekudambiseni intlungu yokuba nesiphene kwakhe. Esinjani ukuba sihle sona isifundo! Nathi sifanele sibonakalise ububele kwabo balwisana neliva enyameni.
11. Wathini uTsibha ngoMefibhoshete, kodwa sazi njani ukuba wayethetha ubuxoki? (Bona umbhalo osemazantsi.)
11 Kamva, kwafuneka uMefibhoshete alwisane nelinye iliva enyameni. Isicaka sakhe uTsibha, samhleba kuKumkani uDavide, ngelo xesha owayesabela eYerusalem ngenxa yemvukelo ka-Abhisalom, unyana kaDavide. UTsibha wathi uMefibhoshete usele ngobuqhetseba eYerusalem ngethemba lokuba uya kuzuza isihlalo sobukumkani.a UDavide wayikholelwa loo ntlebendwane kaTsibha waza wawunika elo bhedengu wonke umhlaba kaMefibhoshete!—2 Samuweli 16:1-4.
12. Wasabela njani uMefibhoshete kwimeko awayekuyo, yaye ungumzekelo omhle njani kuthi?
12 Noko ke, ekugqibeleni xa uMefibhoshete wadibana noDavide, wamxelela ukumkani oko kwakwenzekile. Wayelungiselela ukuya kuDavide waza uTsibha wamkhohlisa ngokuthi makuhambe yena esikhundleni sakhe. Ngaba uDavide wayilungisa le ngxaki? Ngokuyinxenye. Wawahlula phakathi umhlaba waza wanika la madoda mabini. Nantso ke enye into eyayinokuba liliva enyameni kuMefibhoshete. Ngaba wadana ngokugqithiseleyo? Ngaba wasiphikisa isigqibo sikaDavide, ekhalaza ngelithi udlelw’ indlala? Akunjalo, ngokuzithoba wahambisana neminqweno kakumkani. Wanikel’ ingqalelo kwizinto ezintle, wavuyela into yokuba ukumkani wakwaSirayeli ofanelekileyo abuye ekhuselekile. Ngokwenene, uMefibhoshete wamisela umzekelo obalaseleyo wokunyamezela ukuba nesiphene, ukutyholwa nodano.—2 Samuweli 19:24-30.
UNehemiya Wanyamezela Izilingo
13, 14. Ngawaphi ameva ekwafuneka uNehemiya awanyamezele ekubuyeleni kwakhe eYerusalem ukuze aphinde akhe iindonga zayo?
13 Khawucinge ngameva okomfuziselo awanyanyezelwa nguNehemiya ekubuyeleni kwakhe kwisixeko saseYerusalem esasingenandonga ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Wafika isixeko singakhuselekanga ngokoqobo, yaye amaYuda awayebuyele kwilizwe lawo ayengalungelelananga, edimazekile yaye engahlambulukanga phambi kukaYehova. Nangona wayegunyaziswe nguKumkani uArtashashta ukuba aphinde akhe iindonga zaseYerusalem, ngokukhawuleza uNehemiya wafumanisa ukuba iirhuluneli zamazwe akufuphi zazingawuthandi lo msebenzi wayeza kuwenza. “Kwabonakala kukubi kakhulu ukuba indoda ize kufunela oonyana bakaSirayeli okuthile okulungileyo.”—Nehemiya 2:10.
14 Abo bachasi bamazwe angaphandle benza konke okwakusemandleni abo ukuze bayekise uNehemiya umsebenzi wakhe. Izisongelo, ubuxoki, izityholo nezoyikiso zabo—kuquka ukuthumela kwabo iintlola ukuba ziye kumdimaza—zimele ukuba zazifana nameva ahlabayo enyameni yakhe. Ngaba wanikezela kuloo maqhinga ezo ntshaba? Akunjalo! Wakholosa ngoThixo ngokupheleleyo, akazange atyhafe. Ngaloo ndlela, xa iindonga zeYerusalem zakhiwayo ekugqibeleni, oko kwaba bubungqina obunamandla bokuba uYehova wamxhasa uNehemiya ngokunothando.—Nehemiya 4:1-12; 6:1-19.
15. Ziziphi iingxaki ezazikho phakathi kwamaYuda ezazimkhathaza ngokunzulu uNehemiya?
15 Njengerhuluneli, uNehemiya kwafuneka alwisane neengxaki ezininzi phakathi kwabantu bakaThixo. Ezi ngxaki zazifana nameva awayemkhathaza kakhulu ngenxa yokuba zazichaphazela ulwalamano lwabantu noYehova. Izityebi zazifuna inzuzo eninzi, yaye abazalwana bazo abangamahlwempu, kwakufuneka bancame imihlaba yabo bade bathengise nabantwana babo ebukhobokeni ukuze bahlawule amatyala abo kunye nerhafu yamaPersi. (Nehemiya 5:1-10) AmaYuda amaninzi ayengayihloneli iSabatha yaye ayengabaxhasi abaLevi netempile. Kwakhona, amanye ayetshate “abafazi bama-Ashdode, ama-Amoni namaMowabhi.” Hayi indlela okwamenza buhlungu ngayo uNehemiya oku! Kodwa akukho nalinye kula meva elamenza wanikezela. Ngokuphindaphindiweyo, wayezibhokoxa ngenzondelelo ekuphakamiseni imithetho kaThixo yobulungisa. NjengoNehemiya, ngamana asingevumeli ihambo yabanye yokungathembeki isiphazamise ekukhonzeni uYehova ngokunyanisekileyo.—Nehemiya 13:10-13, 23-27.
Abanye Abaninzi Abathembekileyo Abanyamezela Ameva
16-18. Yaqhambuka njani ingxaki phakathi kwentsapho kaIsake noRebheka, kaHana, kaDavide nekaHoseya?
16 IBhayibhile ineminye imizekelo emininzi yabantu abanyamezela iimeko ezibandezelayo ezazifana nameva. Enye into eyayibangela ameva anjalo ngokuqhelekileyo yayiziingxaki zentsapho. Abafazi ababini bakaEsawu “bawenza wakrakra umoya kaIsake noRebheka,” abazali bakaEsawu. URebheka wada wathi uyabenyanya ubomi bakhe ngenxa yabo bafazi. (Genesis 26:34, 35; 27:46) Kwakhona cinga ngoHana nangendlela omnye umfazi womyeni wakhe, uPenina, ‘awamqumbisa kakhulu’ ngayo ngenxa yokuba uHana wayeludlolo. Mhlawumbi uHana wayenyamezele oko kugculelwa ngokufuthi xa bebodwa kwikhaya labo. UPenina wayemhlasela naphambi kwabantu—ngokungathandabuzekiyo—phambi kwezalamane nabahlobo—xa intsapho isemthendelekweni eShilo. Oku kwakufana nokulitshonisa ngakumbi iliva enyameni kaHana.—1 Samuweli 1:4-7.
17 Khawucinge ngoko kwanyanyezelwa nguDavide ngenxa yomona wempambano kayisezala, uKumkani uSawule. Ukuze asindise ubomi bakhe, uDavide wanyanzeleka ukuba ahlale emiqolombeni kwintlango yase-Engedi, apho kwakufuneka ahambe kumathambeka azele ngamatye nayingozi. Ukuphathwa ngokungekho sikweni ngaloo ndlela kumele ukuba kwakumcaphukisa, kuba wayengenzanga nto iphosakeleyo nxamnye noSawule. Sekunjalo, UDavide kwafuneka aphile ubomi bentshontsho kangangeminyaka—ngenxa nje yomona kaSawule.—1 Samuweli 24:14, 15; IMizekeliso 27:4.
18 Khawucinge ngengxaki eyayikho kwintsapho yomprofeti uHoseya. Umfazi wakhe waba ngumkrexezikazi. Ukuziphatha kwakhe okubi kumele ukuba kwakufana nameva awayemhlaba entliziyweni. Hayi indlela ekumele ukuba kwaba buhlungu ngakumbi ngayo xa wazala abantwana ababini abayimigqakhwe!—Hoseya 1:2-9.
19. Yiyiphi intshutshiso eyayinxunguphalisa umprofeti uMikaya?
19 Elinye iliva enyameni yintshutshiso. Khawucinge ngamava omprofeti uMikaya. Ukubona ukuba uKumkani uAhabhi ongendawo wayengqongwe ngabaprofeti bobuxoki nokuba uAhabhi wayebukholelwa ubuxoki babo obabuvakala nakuthathatha kumele ukuba kwawuthuthumbisa umphefumlo kaMikaya olilungisa. Xa uMikaya waxelela uAhabhi ukuba bonke abo baprofeti babethetha “umoya wenkohliso,” yintoni eyenziwa yinkokeli yabo bakhohlisi? Kaloku, ‘yaqhwaba uMikaya esidleleni’! Eyona nto yaba mbi nangakumbi yindlela awasabela ngayo uAhabhi xa uYehova wayemlumkisa ukuba iphulo lokuya kuhlutha iRamoti-giliyadi lalingayi kuphumelela. UAhabhi wayalela ukuba uMikaya avalelwe entolongweni anikwe umxhesho oncitshisiweyo. (1 Kumkani 22:6, 9, 15-17, 23-28) Kwakhona, cinga ngoYeremiya nendlela awaphathwa ngayo ngabantu ababemtshutshisa nababefuna ukumbulala.—Yeremiya 20:1-9.
20. Ngawaphi ameva awanyanyezelwa nguNahomi, yaye wavuzwa njani?
20 Ukulahlekelwa ngumntu omthandayo yenye imeko ebuhlungu enokufana neliva enyameni. UNahomi kwafuneka anyamezele intlungu yokufelwa ngumyeni noonyana bakhe ababini. Esagutyungelwe lelo lifu limnyama, wabuyela eBhetelehem. Waxelela abahlobo bakhe ukuba bangambizi ngokuthi nguNahomi, bambize ngokuthi nguMara, igama elalivakalisa intlungu ngenxa yamava awaba nawo. Noko ke, ekugqibeleni, ngenxa yokunyamezela kwakhe uYehova wamvuza ngomzukulwana owaba kumnombo kaMesiya.—Rute 1:3-5, 19-21; 4:13-17; Mateyu 1:1, 5.
21, 22. UYobhi walahlekelwa yintoni, yaye wasabela njani?
21 Khawucinge ngendlela amele ukuba wothuka ngayo uYobhi xa abantwana bakhe abalishumi awayebathanda bafa ngequbuliso nangendlela ebuhlungu, kungasathethwa ke ngokulahlekelwa kwakhe yimfuyo yakhe nezicaka zakhe. Ngequbuliso, latshon’ emini ilanga ngaloo mini kuye! Emva koko, esothuke enjalo uYobhi ngenxa yale ntlekele, uSathana wambetha ngokugula. UYobhi umele ukuba wayesele enikezele kwelokuba esi sifo singanyangekiyo siza kumbulala. Wayengasakwazi ukunyamezela iintlungu kangangokuba wavakalelwa kukuba wayenokuphumla xa wayenokufa.—Yobhi 1:13-20; 2:7, 8.
22 Okwaba lusizi nangakumbi kuxa umfazi wakhe weza kuye waza, ngenxa yentlungu nonxunguphalo, wathi: “Mqalekise uThixo uze ufe!” Elinjani lona iliva kwinyama yakhe eyayisele iqaqamba! Emva koko, amaqabane kaYobhi amathathu, kunokuba amthuthuzele, amhlasela eqiqa naye ngendlela elahlekisayo, emtyhola ngelithi wayesehlelwa ngaloo mashwangusha ngenxa yezono awayezenza ngokufihlakeleyo. Ezo ngcamango zawo ziphosakeleyo zabangela ukuba, ngokungathi kunjalo, loo meva atshone aphelele. Khumbula ukuba, uYobhi wayengasazi isizathu sokuba ehlelwe zezi zinto zibuhlungu kangaka; yaye wayengazi nokuba wayeza kusinda. Ukanti, “kuko konke oku uYobhi akonanga okanye abalele nantoni na engafanelekanga kuThixo.” (Yobhi 1:22; 2:9, 10; 3:3; 14:13; 30:17) Nangona wahlaselwa ngameva amaninzi ngexesha elinye, akazange ayilahle ingqibelelo yakhe. Olunjani lona ukhuthazo!
23. Yintoni eyabangela abo bathembekileyo siye saxubusha ngabo banyamezela ameva awahlukahlukeneyo enyameni?
23 Le mizekelo ingasentla asikokuphela kwayo. IBhayibhile iqulethe eminye imizekelo emininzi. Bonke aba bakhonzi bathembekileyo kwafuneka balwisane nameva abo okomfuziselo. Hayi indlela ezahlukahlukene ngayo iingxaki ababejamelana nazo! Ukanti, ikho into ababefana ngayo. Akukho namnye kubo owayekayo ukukhonza uYehova. Nangona bahlangabezana nezilingo ezibuhlungu, bamoyisa uSathana ngenxa yamandla abawanikwa nguYehova. Njani? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula loo mbuzo lize lisibonise indlela nathi esinokuhlangabezana ngayo nayo nantoni na efana neliva enyameni yethu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iyelenqe elinjalo lalingafani nendoda enoxabiso nethobekileyo njengoMefibhoshete. Ngokungathandabuzekiyo, wayelazi kakuhle ikhondo lokuthembeka elamiselwa nguyise, uYonatan. Nangona wayengunyana kaKumkani uSawule, uYonatan wayeqonda ukuba uDavide unyulwe nguYehova ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli. (1 Samuweli 20:12-17) Njengomzali kaMefibhoshete owoyik’ uThixo, nomhlobo onyanisekileyo kaDavide, uYonatan wayengenakufundisa unyana wakhe oselula ukuba alangazelele ubukhosi.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni iingxaki esijamelana nazo zinokufaniswa nameva enyameni?
• Ngawaphi amanye ameva ekwafuneka uMefibhoshete noNehemiya bawanyamezele?
• Phakathi kwemizekelo eseZibhalweni yamadoda nabafazi abanyamezela ameva awahlukahlukeneyo enyameni, yiyiphi oyifumanise ichukumisa ngakumbi, yaye ngoba?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UMefibhoshete kwafuneka anyamezele isiphene, ukutyholwa nokudana
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UNehemiya wanyamezela nangona wayechaswa