Ukunyamezela “Iliva Enyameni”
“Ububele bam obunganifanelanga bukulingene.”—2 KORINTE 12:9.
1, 2. (a) Kutheni singafanele sidideke xa sijamelana nezilingo neengxaki? (b) Kutheni sinokuba nentembelo nakuba sijamelana nezilingo?
“BONKE abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) Kutheni kunjalo nje? Ngenxa yokuba uSathana uthi umntu ukhonza uThixo ngenxa nje yezizathu zokuzingca, yaye ufuna ngamandla ukungqina elo bango lakhe. UYesu wakha walumkisa abapostile bakhe abathembekileyo esithi: “USathana ubenibanga ukuze anihluze njengengqolowa.” (Luka 22:31) UYesu wayesazi kakuhle ukuba uThixo uyamvumela uSathana ukuba asivavanye ngeengxaki ezibuhlungu. Kakade ke, oko akuthethi kuthi nayiphi na ingxaki esijamelana nayo ivela kuSathana okanye kwiidemon zakhe ngokuthe ngqo. (INtshumayeli 9:11) Kodwa uSathana ufuna ukusebenzisa nantoni na esemandleni akhe ukuze asenze silahle ingqibelelo yethu.
2 IBhayibhile ithi asifanele sidideke ngenxa yezilingo esijamelana nazo. Nantoni na enokusehlela, asinto ingaqhelekanga okanye ingalindelekanga. (1 Petros 4:12) Eneneni, “behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana [bethu] bonke ehlabathini.” (1 Petros 5:9) Namhlanje, uSathana ubenza bajamelane nengcinezelo enkulu bonke abakhonzi bakaThixo. UMtyholi uyakuvuyela ukusibona singcungcuthekiswa ziingxaki ezinjengameva ezininzi kangangoko kunokwenzeka. Ukuze aphumeze oko, usebenzisa le nkqubo yakhe yezinto ukuze yongezelele okanye iwanyanzele nangakumbi ‘ameva asenyameni yethu.’ (2 Korinte 12:7) Sekunjalo, akuyomfuneko ukuba iintlaselo zikaSathana zisenze silahle ingqibelelo yethu. Kanye njengokuba uYehova eya ‘kwenza indlela yokuphuma’ ukuze sinyamezele isilingo, uya kwenza okufanayo xa sijamelene neengxaki ezifana nameva enyameni yethu.—1 Korinte 10:13.
Indlela Yokunyamezela Iliva
3. Waphendula njani uYehova xa uPawulos wamcela ukuba ashenxise iliva enyameni yakhe?
3 Umpostile uPawulos wabongoza uThixo ukuba alishenxise iliva enyameni yakhe. “Ngenxa yoku ndayibongoza izihlandlo ezithathu iNkosi ukuba lisuke kum.” Wasiphendula njani uYehova isicelo sikaPawulos esisuk’ entliziyweni? “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” (2 Korinte 12:8, 9) Makhe siyihlalutye le mpendulo size sibone indlela enokusinceda ngayo sihlangabezane nazo naziphi na iingxaki ezifana nameva, eziyintlungu kuthi.
4. Ziziphi iindlela awangenelwa ngazo uPawulos kububele bukaYehova obungasifanelanga?
4 Phawula ukuba uThixo wakhuthaza uPawulos ukuba makabe nombulelo ngobubele obungasifanelanga awayesele ebufumene ngoKristu. Eneneni, uPawulos wayesikelelwe ngeendlela ezininzi. Ngothando, uYehova wamnika ilungelo lokuba ngumfundi, nangona wayengumchasi ophambili wabalandeli bakaYesu. (IZenzo 7:58; 8:3; 9:1-4) Emva koko, ngobubele uYehova wanika uPawulos izabelo namalungelo enkonzo amaninzi. Ngokucacileyo sifunda okuthile kule nkalo. Kwanangawona maxesha anzima, zininzi izinto esisikeleleke ngazo yaye simele sibe nombulelo ngenxa yazo. Ngamana izilingo ezisehlelayo azingesenzi sikulibale ukulunga okuninzi kukaYehova.—INdumiso 31:19.
5, 6. (a) UYehova wamfundisa njani uPawulos ukuba amandla kaThixo “enziwa agqibelele kubuthathaka”? (b) Umzekelo kaPawulos wamngqina njani uSathana elixoki?
5 Ububele bukaYehova obungasifanelanga busilingene nangenye indlela. Amandla kaThixo maninzi kakhulu yaye anokusinceda sikwazi ukuhlangabezana nezilingo. (Efese 3:20) UYehova wafundisa uPawulos ukuba amandla kaThixo “enziwa agqibelele kubuthathaka.” Njani? Ngothando, wanika uPawulos amandla ayimfuneko ukuze akwazi ukuhlangabezana nesilingo. Kwelinye icala, ukunyamezela kukaPawulos nokuthembela kwakhe ngoYehova ngokupheleleyo, kwasibonisa sonke ukuba amandla kaThixo ayesoyisa ngokuphathelele le ndoda ibuthathaka nenesono. Ngoku khawucinge ngomphumo okwaba nawo oku kuMtyholi, omi ngelithi abantu bakhonza uThixo kuphela xa izinto zibahambela kakuhle bengenangxaki. Ukubambelela kukaPawulos kwingqibelelo yakhe kwaba njengokungathi umqhwaba ngempama loo mhlebi!
6 UPawulos, owayefudula engakwicala likaSathana ekulweni nxamnye noThixo, engumtshutshisi oqaqadekileyo wamaKristu nomFarisi onenzondelelo, ngokungathandabuzekiyo wayefudula ephila ubomi obutofotofo ngenxa yokuba wayezalwa ngabantu ababemi kakuhle. Ngoku uPawulos wayekhonza uYehova noKristu ‘njengoyena mncinane kubapostile.’ (1 Korinte 15:9) Ngaloo ndlela, wayezithoba kwigunya lequmrhu elilawulayo lamaKristu lenkulungwane yokuqala. Yaye wanyamezela ngokuthembeka nangona wayeneliva enyameni. Into eyadanisa uSathana kukuba, izilingo zobomi azizange ziyithothise inzondelelo kaPawulos. UPawulos akazange alilahle ithemba lokuba wayeya kulawula noKristu kuBukumkani basezulwini. (2 Timoti 2:12; 4:18) Akukho liva, kungakhathaliseki nokuba lalibuhlungu kangakanani na, elalinokunciphisa inzondelelo yakhe. Ngamana inzondelelo yethu ingaqhubeka iqine ngendlela efanayo! Ngokusomeleza kwizilingo zethu, uYehova usijizeke ilungelo lokungqina uSathana elixoki.—IMizekeliso 27:11.
Amalungiselelo kaYehova Abalulekile
7, 8. (a) UYehova ubomeleza njani abakhonzi bakhe namhlanje? (b) Kutheni ukufunda nokufundisisa iBhayibhile yonke imihla kubalulekile ekuhlangabezaneni neliva enyameni yethu?
7 Namhlanje, uYehova womeleza amaKristu athembekileyo ngomoya wakhe oyingcwele, ngeLizwi lakhe nangabazalwana abangamaKristu. Njengompostile uPawulos, sinokuphosa ixhala lethu kuYehova ngomthandazo. (INdumiso 55:22) Nangona uThixo esenokungazishenxisi izilingo esinazo, unokusinika ubulumko bokuhlangabezana nazo, kwanezo kunzima ukuzinyamezela. UYehova unokusenza siqine—asinike “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo”—asincede sinyamezele.—2 Korinte 4:7.
8 Silufumana njani uncedo olunjalo? Simele silifundisise ngenkuthalo iLizwi likaThixo, kuba kulapho sifumana khona intuthuzelo evela kuye. (INdumiso 94:19) EBhayibhileni, sifunda amazwi achukumisayo abakhonzi bakaThixo ababecela uncedo lwakhe. Simele sicamngce ngeempendulo zikaYehova, ngokufuthi eziquka amazwi entuthuzelo. Ukufundisisa kuya kusomeleza ukuze “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.” Kanye njengoko kufuneka sitye ukutya kokoqobo yonke imihla ukuze sondleke size sifumane amandla, kufuneka sizondle ngamazwi kaThixo rhoqo. Ngaba siyakwenza oku? Ukuba siyakwenza, siya kubona ukuba ukufumana kwethu “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” kusinceda sinyamezele nawaphi na ameva okomfuziselo, lawo asenza sibandezeleke ngoku.
9. Abadala banokubaxhasa njani abo bajamelene neengxaki?
9 Abadala abangamaKristu aboyik’ uThixo banokuba “njengendawo yokuzimela umoya” “nendawo yokuzifihla esiphangweni,” oko kukuthi, bayasikhusela kwiimbandezelo neengxaki. Abadala abafuna ukufanelekela oko kuthethwa yiloo ngxelo iphefumlelweyo, ngokuzithoba nangokunyanisekileyo bacela uYehova ukuba abanike “ulwimi lwabafundileyo” ukuze bakwazi ukuphendula abo babandezelekileyo ngamazwi afanelekileyo. Amazwi athethwa ngabadala anokufana nemvula ena ngokuzolileyo esenza siphole ize isithuthuzele ngamaxesha anzima ebomini. ‘Ngokuthuthuzela imiphefumlo edandathekileyo,’ abadala babaxhasa ngokwenene abazalwana noodade wabo bokomoya abasenokuba badiniwe okanye badandathekile ngenxa yeliva elithile elisenyameni yabo.—Isaya 32:2; 50:4; 1 Tesalonika 5:14.
10, 11. Abakhonzi bakaThixo banokubakhuthaza njani abanye abajamelene nezilingo ezinzima?
10 Bonke abakhonzi bakaYehova bayinxalenye yentsapho yakhe emanyeneyo engamaKristu. Ewe, “singamalungu elowo elomnye,” yaye “simele sithandane.” (Roma 12:5; 1 Yohane 4:11) Siyiphumeza njani le mbopheleleko? Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 3:8, siyiphumeza ‘ngokuba novelwano, sibe nomsa wobuzalwana, nemfesane’ kubo bonke abo bahlobene nathi elukholweni. Ngokukodwa abo bajamelene nohlobo oluthile lweliva elibuhlungu enyameni, enoba bancinane okanye badala, sonke sinokuba nolwazelelelo ngendlela ekhethekileyo kubo. Njani?
11 Sifanele sizabalazele ukubonakalisa inkathalo ngeembandezelo zabo. Ukuba asinavelwano, asinamfesane okanye asinankathalo, sinokubenza babandezeleke ngakumbi singaqondanga. Ukubonakalisa inkathalo ngezilingo zabo kufanele kusishukumisele ukuba sikulumkele oko sikuthethayo, indlela esikuthetha ngayo nendlela esenza ngayo izinto. Ukuba nesimo sengqondo esikhuthazayo kunokuzidambisa ezinye zeentlungu eziqatha ezibangelwa ngawo nawaphi na ameva abenza babandezeleke. Ngaloo ndlela, sinokuzingqina siluncedo ekubomelezeni.—Kolose 4:11.
Indlela Abanye Abaye Bahlangabezana Ngokunempumelelo Ngayo Nezilingo
12-14. (a) Yintoni eyenziwa ngomnye umKristu ukuze ahlangabezane nesifo somhlaza? (b) Abazalwana noodade bokomoya beli bhinqa balixhasa baza balikhuthaza njani?
12 Njengoko le mihla yokugqibela isondela esiphelweni, ‘ukuqala kwenimba’ kuyanda mhla ngamnye. (Mateyu 24:8) Ngaloo ndlela, kusenokwenzeka wonk’ ubani osemhlabeni achatshazelwe zizilingo, ingakumbi abakhonzi bakaYehova abathembekileyo, abafuna ukwenza ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, cinga ngomKristu owayekhonza kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Kwafunyaniswa ukuba unesifo somhlaza yaye kwafuneka enziwe utyando kuze kususwe amadlala abizwa ngokuba ziisalivary neelymphatic. Xa yena nomyeni wakhe beva ukuba unesi sifo, ngoko nangoko bathandaza umthandazo omde kuYehova, bembongoza. Kamva wathi baziva beseluxolweni ngendlela engakholelekiyo. Sekunjalo, wanyamezela amahlandinyuka, ngokukodwa xa ejamelene neengxaki ezibangelwa lunyango awayelufumana.
13 Ukuze akwazi ukuhlangabezana nale meko, lo dade wazama ukufunda okuninzi ngomhlaza kangangoko kwakunokwenzeka. Waqhagamshelana noogqirha bakhe. KwiMboniselo, noVukani! nakwezinye iimpapasho zamaKristu, wafumana amabali athetha ngendlela abanye abantu abahlangabezana ngayo nesi sifo. Wafunda nezinye izicatshulwa zeBhayibhile ezifanelekileyo ezibonisa amandla kaYehova omeleza ngawo abantu bakhe xa betyhubela ebunzimeni, nenye inkcazelo eluncedo.
14 Kwelinye inqaku elithetha ngokuhlangabezana nokuphelelwa lithemba kwacatshulwa la mazwi obulumko: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca.” (IMizekeliso 18:1) Ngoko ke, eli nqaku lanikela eli cebiso: ‘Kuphephe ukuzahlula.’a Lo dade uyabalisa: “Abantu abaninzi babendixelela ukuba bayandithandazela; abanye babenditsalela umnxeba. Abadala ababini babetsala umnxeba rhoqo ukuze beve ukuba ndinjani na. Ndandiphiwa iintyantyambo namakhadi amaninzi. Abanye babesipha nokutya. Kanjalo, abaninzi babendisa kwiindawo zonyango.”
15-17. (a) Omnye umKristu wahlangabezana njani nobunzima obabangelwa ziingozi ezamehlelayo? (b) Yiyiphi inkxaso eyanikelwa ngabantu bebandla lakhe?
15 Igqala lomkhonzi kaYehova waseNew Mexico, eUnited States, lehlelwa yingozi eyayibandakanya iinqwelo-mafutha ezimbini. Lenzakala entanyeni nasemagxeni, nto leyo yayenza yaba mandundu ngakumbi imeko yalo ngenxa yokuba lalihleli likhathazwa sisifo searthritis kangangeminyaka engama-25. Liyabalisa: “Kwakunzima kakhulu kum ukuphakamisa intloko nokuphatha nantoni na eyayinobunzima obungaphezu kweekhilogram ezimbini. Kodwa ukuthandaza kuYehova ngokuzingisileyo kuye kwandomeleza kakhulu. Namanqaku eMboniselo esiye sawafundisisa andinceda. Elinye lacaphula uMika 6:8, libonisa ukuba ukuhamba noThixo ngokuthozama kuthetha ukukuqonda ukusikelwa umda kukabani. Oku kwandinceda ndaqonda ukuba kwimeko endikuyo, andifanele kuziva ndidimazekile, kwanokuba ixesha endilichithe entsimini lincinane kunelo bendingathanda ukulichitha. Eyona nto ibalulekileyo kukumkhonza uneentshukumisa ezintle.”
16 Liphinda lithi: “Abadala babesoloko bendincoma ngenxa yemigudu endandiyenza ukuze ndibekho kwiintlanganiso nokuze ndiye kubulungiseleli basentsimini. Abantwana babendanga xa bendibulisa. Abalungiseleli abangoovulindlela babebonakalisa umonde kum yaye ngokufuthi babelutshintsha ucwangciso lwabo xa ndingaziva mnandi. Xa imozulu imbi, ngobubele babesiya nam emabuyelweni okanye bahambe nam xa besiya kuqhuba izifundo zabo zeBhayibhile. Yaye ekubeni ndandingakwazi ukuphatha ibhegi, abanye abavakalisi babefaka uncwadi lwam ezibhegini zabo xa ndisiya kumsebenzi wokushumayela.”
17 Phawula indlela abadala bebandla namanye amakholwa ababanceda ngayo aba dade babini ukuba bahlangabezane nokugula okunjengameva. Banikela uncedo lobubele olwaluyingenelo ngokuphathelele iintswelo zabo zokomoya, zenyama nezeemvakalelo. Ngaba oku akukukhuthazi ukuba unikele uncedo kwabanye abazalwana noodade abajamelene neengxaki? Nani baselula ninokuba luncedo kubantu abasebandleni lenu abalwisana nameva enyameni.—IMizekeliso 20:29.
18. Luluphi ukhuthazo esinokulufumana kumabali abalisa ngobomi babantu abathile apapashwe kumaphephancwadi abizwa ngokuba yiMboniselo noVukani!?
18 Kumaphephancwadi abizwa ngokuba yiMboniselo noVukani! kuye kwapapashwa amabali amaninzi abalisa ngobomi babantu abathile namava amaNgqina aye ahlangabezana neengxaki ebomini, namanye asaqhubeka ehlangabezana nazo. Njengoko ufunda amanqaku anjalo ngokuthe rhoqo, uya kubona ukuba abazalwana noodade wenu abaninzi emhlabeni wonke baye banyamezela ubunzima bezoqoqosho, ukulahlekelwa ngabathandekayo kumaxesha eentlekele neemeko eziyingozi ngamaxesha eemfazwe. Abanye bagula zizifo ezibenza babe yimilwelwe. Abaninzi abakwazi ukwenza izinto ezilula ebomini, ezo zithatyathwa lula ngabantu abaphile qete. Ukugula kwabo sisilingo esinzulu kubo, ngokukodwa xa bengakwazi ukuba nesabelo kwimisebenzi yamaKristu ngendlela ebebengathanda ukwenza ngayo. Hayi indlela abanombulelo onzulu ngayo ngoncedo nenkxaso abayifumana kubazalwana noodade wabo abaselula nabadala!
Unyamezelo Luzisa Ulonwabo
19. Kutheni uPawulos wayekwazi ukuvuya nangona wayesehlelwa zizilingo ezinjengameva yaye esilwa nobuthathaka?
19 UPawulos wavuya kukubona indlela uThixo awamomeleza ngayo. Wathi: “Ngokuchulumanca okukhulu, ndiza kuqhayisa ngobuthathaka bam, ukuze amandla kaKristu ahlale njengentente phezu kwam. Ngoko ke ndiyakholiswa bubuthathaka, kukuthukwa, kukuswela, ziintshutshiso neenzima, ngenxa kaKristu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (2 Korinte 12:9, 10) Ngenxa yamava akhe obuqu, ngokuqinisekileyo, uPawulos wayenokuthi: “Andithethi kuba ndiswele nto, kuba ndiye ndafunda ukwaneliseka, phantsi kwazo naziphi na iimeko. Eneneni ndiyazi ukuba kunjani ukuhlwempuzeka, ndiyazi ukuba kunjani ukuba nentabalala. Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela. Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:11-13.
20, 21. (a) Kutheni sinokuba novuyo xa sicamngca ‘ngezinto ezingabonwayo’? (b) Yiyiphi enye ‘yezinto ezingabonwayo’ onethemba lokuzibona eParadesi?
20 Ngoko ke, ngokunyamezela naliphi na iliva esinalo enyameni yethu, sinokufumana uvuyo xa sibonisa wonk’ ubani ukuba amandla kaYehova enziwa agqibelele kubuthathaka bethu. UPawulos wabhala: “Asiyeki . . . Ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla. Kuba nakuba imbandezelo iyeyokomzuzwana yaye incinane, isizisela uzuko olugqwese ngakumbi nangakumbi nolungunaphakade; ngoxa siphosa amehlo ethu . . . kwizinto ezingabonwayo. Kuba izinto . . . ezingabonwayo zingunaphakade.”—2 Korinte 4:16-18.
21 Inkoliso yabantu bakaYehova namhlanje inethemba lokuphila kwiParadesi yakhe esemhlabeni ize inandiphe iintsikelelo azithembisileyo. Namhlanje, ezo ntsikelelo zinokugqalwa njengento ‘esingayiboniyo.’ Noko ke, lisondele kakhulu ixesha apho siya kuzibona ngamehlo ethu ezo ntsikelelo, ewe, sizinandiphe ngonaphakade. Enye yezo ntsikelelo kukuba asisayi kuze siphinde sibe nengxaki efana neliva kwakhona! UNyana kaThixo uya ‘kuyichitha imisebenzi kaMtyholi’ aze “amtshitshise lowo unamandla okubangela ukufa.”—1 Yohane 3:8; Hebhere 2:14.
22. Sifanele sibe nayiphi intembelo nozimiselo?
22 Ngoko ke, enoba liliphi na iliva elisenza sibandezeleke namhlanje, masiqhubeke silinyamezela. NjengoPawulos, siya kuba namandla okwenjenjalo ngenxa kaYehova, osinika amandla ngokuyintabalala. Xa siphila kumhlaba oyiParadesi, siya kumbonga uYehova uThixo wethu yonke imihla ngenxa yezenzo zakhe ezimangalisayo.—INdumiso 103:2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Imbono YeBhayibhile: Indlela Yokuhlangabezana Nokuphelelwa Lithemba,” kwinkupho kaVukani! kaMeyi 8, 2000.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni uMtyholi ezama ukwaphula ingqibelelo yamaKristu okwenyaniso yaye ukwenza njani oko?
• Amandla kaYehova ‘enziwa njani agqibelele kubuthathaka’?
• Abadala nabanye banokubakhuthaza njani abo basentlungwini ngenxa yeengxaki?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UPawulos wathandaza izihlandlo ezithathu ukuba uThixo alishenxise iliva elalisenyameni yakhe