Abaxhasi Bonqulo Lokwenyaniso—Ngaphambili Nangoku
NGABA uyalikhumbula igama lendoda eyakhalela isixeko samandulo saseYerusalem? Usenokuthi, ‘nguYesu’—yaye eneneni uYesu wenjenjalo. (Luka 19:28, 41) Noko ke, kwiinkulungwane ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, omnye umkhonzi kaThixo othembekileyo ngokufanayo wayikhalela iYerusalem. Igama lakhe lalinguNehemiya.—Nehemiya 1:3, 4.
Yintoni eyabangela uNehemiya ukuba akhathazeke kangangokuba akhalele iYerusalem? Yintoni awayenzayo eluncedo kwesi sixeko nakubemi baso? Yaye yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe? Ukuze siphendule le mibuzo, makhe sihlolisise ezinye zeziganeko zomhla wakhe.
Indoda Enenkxalabo Neluncedo
UNehemiya wamiselwa njengerhuluneli yaseYerusalem, kodwa ngaphambi koko, wayeligosa eliphakamileyo kwinkundla yamaPersi kwisixeko saseShushan. Sekunjalo, ubomi bakhe obutofo-tofo abuzange bumenze angayikhathaleli intlalo-ntle yabazalwana bakhe abangamaYuda ababehlala mgama eYerusalem. Enyanisweni, into yokuqala awayenzayo xa igqiza lamaYuda elivela eYerusalem lalityelele eShushan ‘walibuza ngamaYuda, lawo ayesindile, awayesele ekuthinjweni, nangeYerusalem.’ (Nehemiya 1:2) Xa ezi ndwendwe zathi aba bantu baseYerusalem ‘babekwishwangusha elikhulu’ yaye udonga lwesixeko ‘lwaludiliziwe,’ uNehemiya ‘wahlala phantsi waza waqalisa ukulila nokuzila kangangeentsuku.’ Emva koko wachaza indlela awayebuhlungu ngayo ngokuthandaza kuYehova ngokusuka entliziyweni. (Nehemiya 1:3-11) Kwakutheni ukuze uNehemiya akhathazeke kangaka? Kungokuba iYerusalem yayisisazulu sonqulo lukaYehova emhlabeni, yaye yayityeshelwe. (1 Kumkani 11:36) Ngaphezu koko, ukuba ngamabhodlo kwesi sixeko kwakubonisa ukugula okungokomoya kwabemi balapho.—Nehemiya 1:6, 7.
Inkxalabo nemfesane uNehemiya awayenayo ngeYerusalem nangamaYuda awayephila apho yamenza wafuna ukuwanceda. Yakuba inkosi yasePersi imvumele ukuba ahambe, uNehemiya waceba uhambo lokuya eYerusalem. (Nehemiya 2:5, 6) Wayefuna ukusebenzisa amandla, ixesha nobuchule awayenabo ukuze afak’ isandla kumsebenzi owawuyimfuneko wokulungiswa kwesixeko. Kwiintsuku ezimbalwa nje efikile, wayesele ecebe ukulungisa udonga lonke lwaseYerusalem.—Nehemiya 2:11-18.
UNehemiya wawabela iintsapho ezininzi lo msebenzi mkhulu wokulungisa udonga, yaye zonke zasebenzisana.a Amaqela angaphezu kwama-40 awahlukahlukeneyo abelwa ukuba ngalinye lilungise “icandelo elilinganisiweyo.” Waba yintoni umphumo? Eli hlokondiba labasebenzi—elaliquka abazali abahamba nabantwana babo—nelanikela ngexesha nangamandla alo, lawenza lo msebenzi owawubonakala unzima walula. (Nehemiya 3:11, 12, 19, 20) Kwiinyanga nje ezimbini zokusebenza nzima, udonga lonke lwalusele lulungisiwe! UNehemiya wabhala esithi nabo ababewuchasile lo msebenzi wokulungisa kwanyanzeleka bavume ukuba “kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.”—Nehemiya 6:15, 16.
Umzekelo Ofanele Ukhunjulwe
UNehemiya akazange anikele nje ngexesha lakhe nangobugcisa bokulungelelanisa umsebenzi kuphela. Kwakhona wasebenzisa nezinto zakhe eziphathekayo ukuxhasa unqulo lokwenyaniso. Wasebenzisa imali yakhe ukukhulula abazalwana bakhe abangamaYuda ebukhobokeni. Wabolekisa ngemali ngaphandle kokufuna inzala. Akazange ‘awenzele nzima’ amaYuda ngokufuna ukuhlawulwa njengerhuluneli, nto leyo awayenelungelo layo. Kunoko, ikhaya lakhe lalihlala livulekile ukuze ondle “amadoda alikhulu elinamashumi amahlanu, nabo babengena kuthi bevela ezintlangeni ezisijikelezileyo.” Suku ngalunye wayenika iindwendwe zakhe “inkunzi yenkomo enye, izimvu ezikhethiweyo ezintandathu neentaka.” Ukongezelela, wayebanika “lonke uhlobo lwewayini eninzi” kube kanye ngeentsuku ezilishumi—konke oko ekwenza ngeendleko zakhe.—Nehemiya 5:8, 10, 14-18.
Onjani wona ukuba mhle umzekelo wesisa uNehemiya awawumisela bonke abakhonzi bakaThixo ngaphambili nangoku! Lo mkhonzi kaThixo onenkalipho wasebenzisa izinto zakhe eziphathekayo ngokukhululekileyo nangokuzithandela exhasa abasebenzi ukuze ahambisele phambili unqulo lokwenyaniso. Ngokufanelekileyo, wayenokucela esithi kuYehova: “Kukhumbule, Thixo wam, konke ukulunga endikwenzileyo ngenxa yesi sizwana.” (Nehemiya 5:19) Ngokuqinisekileyo uYehova uya kwenza kanye oko.—Hebhere 6:10.
Namhlanje Abanye Balandela Umzekelo KaNehemiya
Kuyachukumisa ukubona ukuba abantu bakaYehova namhlanje ngokufanayo babonakalisa inkxalabo, baluncedo yaye banomoya wokuzincama ngenxa yonqulo lokwenyaniso. Xa sisiva ukuba amanye amakholwa asengxakini, siba nenkxalabo enzulu ngentlalo-ntle yawo. (Roma 12:15) NjengoNehemiya, sithandazela abazalwana bethu abaxhwalekileyo simcela uYehova sisithi: “Nceda, indlebe yakho mayiwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho nomthandazo wabakhonzi bakho abayoliswayo kukoyika igama lakho.”—Nehemiya 1:11; Kolose 4:2.
Noko ke, inkxalabo yethu ngentlalo-ntle yokomoya neyokwenyama yabazalwana bethu abangamaKristu nokuhambela phambili konqulo lokwenyaniso akuchaphazeli iimvakalelo zethu nje kuphela. Kukwasishukumisela ukuba sinikele uncedo. Abo iimeko zabo ezibavumelayo bashukunyiswa luthando ukuze bashiye ubutofo-tofo bamakhaya abo kanye njengoNehemiya, baze bafudukele kwiindawo abanokunikela kuzo uncedo. Bengatyhafiswa kukuphila kwiimeko ezingentle abanokujamelana nazo aba basebenzi bokuzithandela kumazwe athile ehlabathini, baxhasa ukuhanjiselwa phambili konqulo lokwenyaniso besebenza ngaxhathalinye nabazalwana babo abangamaKristu. Umoya wokuzincama abawubonisayo uyancomeka kakhulu.
Ukwenza Inxalenye Yethu Ekuhlaleni
Kuyaqondakala ukuba, inkoliso yethu ayikwazi ukufudukela kwenye indawo. Sixhasa unqulo lokwenyaniso ekuhlaleni. Nako oku kuyathethwa ngako kwincwadi kaNehemiya. Phawula inkcazelo uNehemiya ayongezelelayo ngezinye zeentsapho ezithembekileyo ezazinenxaxheba kumsebenzi wokulungisa. Wabhala: “UYedaya unyana kaHarumafi wayesenza umsebenzi wokulungisa ngaphambi kwendlu yakhe . . . UBhenjamin noHashubhi babesenza umsebenzi wokulungisa ngaphambi kwendlu yabo. Emva kwabo uAzariya unyana kaMahaseya unyana ka-Ananiya wayesenza umsebenzi wokulungisa kufuphi nendlu yakhe.” (Nehemiya 3:10, 23, 28-30) Loo madoda neentsapho zawo anikela kakhulu ekuhambiseleni phambili unqulo lokwenyaniso ngokwenza inxalenye yawo kumsebenzi wokulungisa wasekuhlaleni.
Namhlanje, abaninzi kuthi baxhasa unqulo lokwenyaniso kwiindawo esihlala kuzo ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Siba nenxaxheba kumsebenzi wolwakhiwo lweeHolo zoBukumkani, uncedo olunikelwa ngamaxesha eentlekele, yaye okubaluleke nangakumbi, kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ukongezelela, enoba siyakwazi ukuba nenxaxheba ngokobuqu kumsebenzi wokwakha okanye ukunikela uncedo, sonke sinomnqweno osuk’ entliziyweni wokuxhasa unqulo lokwenyaniso ngezinto zethu eziphathekayo, kanye njengokuba uNehemiya ngesisa wenjenjalo ngomhla wakhe.—Bona ibhokisi ethi “Iimpawu Zokunikela Ngesisa.”
Ukufumana imali eyaneleyo yokuhlawulela umsebenzi wethu owandayo wokushicilela, ukunikela uncedo ngamaxesha eentlekele nezinye iindlela ezahlukahlukeneyo zokunikela uncedo ehlabathini lonke, maxa wambi usenokubonakala unzima gqitha. Noko ke, khumbula ukuba umsebenzi wokulungisa udonga olukhulu lwaseYerusalem nawo wawubonakala unzima gqitha. (Nehemiya 4:10) Sekunjalo, ngenxa yokuba lo msebenzi wahlulahlulwa phakathi kweentsapho ezazinomoya ovumayo, umsebenzi waphumelela. Ngokufanayo nanamhlanje, ukufumana izinto ezifunekayo ukuhambisela phambili umsebenzi wethu ehlabathini lonke uya kuphumelela ukuba ngamnye wethu uqhubeka enyamekela inxalenye yalo msebenzi.
Ibhokisi ethi “Iindlela Abanye Abakhetha Ukunikela Ngazo” ibonisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokuxhasa ngemali umsebenzi woBukumkani. Kunyaka ophelileyo, abaninzi phakathi kwabantu bakaThixo baye banikela inkxaso enjalo, yaye iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lisebenzisa eli thuba ukubulela bonke abanikela ngokuzithandela ngokusuk’ entliziyweni. Ngaphezu koko, siyambulela uYehova ngokusikelela kwakhe imigudu enyanisekileyo yabantu bakhe ekuhambiseleni phambili unqulo lokwenyaniso emhlabeni wonke. Ewe, xa sicinga ngendlela isandla sikaYehova esiye sasalathisa ngayo kwiminyaka edluleyo, sishukunyiselwa ukuba sithethe oko kwathethwa nguNehemiya, kuba enombulelo wathi: ‘Isandla sikaThixo wam, indlela ebesilunge ngayo kum.’—Nehemiya 2:18.
[Umbhalo osemazantsi]
a UNehemiya 3:5 uthi amanye amaYuda awaziwayo, “iingangamsha,” akwala ukuba nenxaxheba kulo msebenzi, kodwa yayingawo kuphela. Abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo—ababingeleli, abakhandi begolide, abenzi bezithambiso, iinkosana, abarhwebi—bonke bawuxhasa lo msebenzi.—Indinyana 1, 8, 9, 32.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Iindlela Abanye Abakhetha Ukunikela Ngazo
IMINIKELO YOMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE
Abaninzi babekela bucala, okanye benze uqingqo-mali lwesixa abaza kusifaka kwiibhokisi zeminikelo ezibhalwe “Iminikelo Yomsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke.—Mateyu 24:14.”
Nyanga nganye, amabandla athumela ezi zixa kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova okanye kwiofisi yesebe esekuhlaleni. Iminikelo yokuzithandela yemali isenokuthunyelwa ngokungqalileyo kwiAccounting Office, Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwiofisi yesebe enyamekela ilizwe lakho. Kusenokunikelwa ngezinto ezenziwe ngamatye anqabileyo okanye ngezinye izinto ezixabisekileyo. Le minikelo ifanele iphelekwe yileta emfutshane echaza ukuba le yiminikelo.
UMNIKELO PHANTSI KWEEMEKO EZITHILE
Kusenokunikelwa ngemali phantsi kwelungiselelo elikhethekileyo lokuba, xa lowo unikeleyo enokuba nengxaki yobuqu, loo mnikelo ubuyiselwe kuye. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, nceda uqhagamshelane neAccounting Office yesebe lasekuhlaleni.
UKUNIKELA OKUCETYIWEYO
Ukongezelela kwiminikelo yemali enikelwa phantsi kweemeko ezithile, zikho nezinye iindlela zokunikela kwinkonzo yoBukumkani ehlabathini lonke. Ezi ziquka:
I-Inshorensi: IWatch Tower Society inokubhaliswa njengemele ifumane imali kwi-inshorensi yobomi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala-phantsi.
Imali Eselugcinweni NeeBond: Kunokunikelwa ngemali eselugcinweni neebond kwiWatch Tower Society.
Izindlu Nemihlaba: Izindlu nemihlaba enokuthengiswa inokunikelwa kwiWatch Tower Society njengesipho okanye ngokuzigcina zikwilungelo lalowo wenze umnikelo, onokuqhubeka ehlala kuzo ngethuba esaphila. Qhagamshelana neofisi yesebe ekwilizwe lakho ngaphambi kokubhalisa izindlu nemihlaba.
Iminqophiso Yamafa: Izinto okanye imali inokushiyelwa iWatch Tower Society ngomnqophiso welifa osemthethweni.
Ukuba unomdla kuyo nayiphi na indlela ecetyiweyo yokunikela, umele uqhagamshelane neAccounting Office, ngokuyibhalela okanye ngokutsala umnxeba, kwidilesi ebhalwe apha ngezantsi okanye kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe lakho.
Accounting Office
Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
Private Bag X2067,
Krugersdorp, 1740, South Africa
Inombolo Yomnxeba: (011) 761-1000
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Iimpawu Zokunikela Ngesisa
Kwincwadi yakhe eya kwabaseKorinte, umpostile uPawulos wakhankanya iimpawu ezintathu ezibalulekileyo ekunikeleni ngesisa. (1) Xa wayebhala ngokuqokelelwa kwemali, uPawulos wayalela esithi: “Ngolokuqala usuku evekini ngamnye wenu endlwini yakhe makabekele bucala okuthile.” (1 Korinte 16:2a) Ngaloo ndlela, ubani ufanele acebe ngaphambi kokuba anikele, yaye oko kufanele kwenziwe ngocwangco. (2) Kwakhona uPawulos wabhala ukuba umntu ngamnye ufanele anikele “ngokwemali ayifumanayo.” (1 Korinte 16:2b, New International Version) Ngamanye amazwi, umntu ofuna ukunikela ngokuzithandela unokwenjenjalo ngokwamandla akhe. Nokuba umKristu wamkela imali encinane, uYehova uyixabisile loo mali incinane anokuyinikela. (Luka 21:1-4) (3) Ngokubhekele phaya uPawulos wabhala: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) AmaKristu anikela ngokusuk’ entliziyweni—ngokuchwayitileyo.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
UNehemiya wayeyindoda enenkxalabo neluncedo
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Iminikelo yokuzithandela ixhasa umsebenzi wokushicilela, ukunceda ngamaxesha eentlekele, ukwakha iiHolo zoBukumkani nezinye iindlela zokunikela uncedo emhlabeni wonke