IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 11/15 iphe. 18-19
  • Ukupha Ngentliziyo Echwayitileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukupha Ngentliziyo Echwayitileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukukhonza UThixo ‘Ngentliziyo Nomphefumlo Omnye’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba Ufumana Uvuyo ‘Kwilungelo Lokunikela Ngobubele’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • ‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Hlakulela Umoya Wokupha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 11/15 iphe. 18-19

Ukupha Ngentliziyo Echwayitileyo

XA WAYETHETHA ngokupha, umpostile uPawulos wathi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Kor. 9:7) UYehova akanyanzeli mntu ukuba axhase unqulo olunyulu. Ufuna abakhonzi bakhe banikele ngokuzithandela nangovuyo. Ukutyhubela imbali, abantu bakhe baye banikela ngemincili. Phawula le mizekelo mithathu.

Emva kokuba amaSirayeli ephumile eYiputa, uYehova wawayalela ukuba akhe umnquba. Kuba kwakufuneka izinto zokwakha, amaSirayeli acelwa ukuba anikele. “Bonke abantliziyo zivumayo” beza negolide nesilivere, izacholo nezinye izinto. Abantu banikela ngokuyintabalala kangangokuba bada bacelwa ukuba bayeke.—Eks. 35:5, 21; 36:6, 7.

Kwiinkulungwane kamva, xa kwakuza kwakhiwa itempile, abantu bakaThixo baba nelinye ithuba lokuxhasa unqulo olunyulu. UKumkani uDavide wenza umnikelo omkhulu waza wacela nabanye ukuba banikele. Nabo banikela. Kaloku, ngokwemali yanamhlanje umnikelo wegolide nesilivere kuphela wawuxabisa amawaka ezigidi ezingama-840 zeerandi! Abantu banikela kuYehova ngemihlali.—1 Kron. 29:3-9; 2 Kron. 5:1.

Abalandeli bakaYesu Kristu bokuqala banikela ngomoya ofanayo. Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., kwabhaptizwa abantu abamalunga nama-3 000 yaye uninzi lwabo lwalungengobemi baseYerusalem. Ukuze kuncedwe abo bangathathi ntweni bakwazi ukuhlala apho eYerusalem baze bafunde okungakumbi, kwenziwa iminikelo. Abazalwana bathengisa impahla yabo baza bazisa imali kubapostile ukuze kuncedwe abasweleyo. Kumele ukuba uYehova wavuya ngokwenene xa ebona uthando nokholo olunjalo!—IZe. 2:41-47.

Nanamhlanje amaKristu asaluxhasa unqulo olunyulu ngokunikela ngokuchwayita ngexesha, ngamandla nangemali yawo. Ibhokisi ekweli nqaku ibonisa ezinye zeendlela onokukwenza ngazo oko.

[Ibhokisi ekwiphepha 18, 19]

IINDLELA ABANYE ABAKHETHA UKUNIKELA NGAZO

IMINIKELO EYA KUMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE

Abaninzi babekela bucala imali ethile okanye baqingqe imali abaza kunikela ngayo kwibhokisi ebhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke.”

Nyanga nganye amabandla athumela le mali kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe lawo. Iminikelo yokuzithandela inokuthunyelwa ngokungqalileyo kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa, Attention: Accounting Office, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe ohlala kulo. (Iminikelo yokuzithandela echazwe ngasentla inokuthunyelwa kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ekwilizwe ohlala kulo.) Iitsheki ezithunyelwa kule adresi ingasentla zimele zibhalwe “Watch Tower Society.” Unokunikela ngezacholo nezinye izinto ezixabisekileyo. Emva koko, bhala ileta echaza ngokucacileyo ukuba ezo zinto zizipho.

UKUNIKELA OKUCETYIWEYO

Ukongezelela kwiminikelo yemali enikelwa phantsi kweemeko ezithile, zikho nezinye iindlela zokunikela kwinkonzo yoBukumkani. Ezi ziquka:

I-Inshorensi: IWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa inokubhaliswa njengemele ifumane imali kwi-inshorensi yobomi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala-phantsi.

Imali Eselugcinweni Neebond: Kunokunikelwa ngemali eselugcinweni neebond kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa njengesipho okanye iWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa inokubhalwa phantsi kwebhokisi ethi Transfer on Death.

Izindlu Nemihlaba: Izindlu nemihlaba enokuthengiswa inokunikelwa njengesipho, kanti yona indawo yokuhlala, inokugcinwa ikwilungelo lalowo wenze umnikelo, onokuqhubeka ehlala kuyo ngethuba esaphila. Qhagamshelana neofisi yesebe ekwilizwe lakho ngaphambi kokubhalisa izindlu nemihlaba.

Iminqophiso Yamafa: Izinto okanye imali inokushiyelwa kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa njengomnqophiso welifa osemthethweni.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, unokubhalela okanye ufowunele iAccounting Office, kwiadresi ebhalwe apha okanye kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe ohlala kulo.

Accounting Office

Watch Tower Bible and Tract Society of South Africa

Private Bag X2067

Krugersdorp 1740 South Africa

Inombolo Yefowuni: 011 761 1000

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share