IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 11/15 iphe. 20-21
  • ‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukukhonza UThixo ‘Ngentliziyo Nomphefumlo Omnye’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ukupha Ngentliziyo Echwayitileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Ufumana Uvuyo ‘Kwilungelo Lokunikela Ngobubele’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Intsikelelo KaYehova—Yiyo Etyebisayo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 11/15 iphe. 20-21

‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’

XA UMNTU ekwenzela ububele, uye ulubonakalise njani uxabiso? Phawula indlela iintloko zomkhosi wakwaSirayeli ezabonisa ngayo uxabiso emva kokulwa namaMidiyan. Lo mlo wabakho emva kokuba amaSirayeli enze isono esinxulumene noBhahali wasePehore. UThixo wabanceda abantu bakhe boyisa yaye amaxhoba athinjiweyo ahlulelwa amajoni ali-12 000 namaSirayeli onke. Elandela ulwalathiso lukaYehova, amajoni anikela ngenxalenye yawo ethile kubabingeleli aza amanye amaSirayeli anikela inxalenye yawo kubaLevi.—Num. 31:1-5, 25-30.

Noko ke, iintloko zomkhosi zafuna ukunikela ngakumbi. Zathi kuMoses: “Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda emfazwe aphethwe sithi yaye akukho nanye ekubikwe ukuba ayikho kuthi.” Zagqiba ekubeni zinikele kuYehova igolide nezihombo ezahlukahlukeneyo. Ubunzima bezo zihombo zegolide babungaphezu kwe-190 eekhilogram.—Num. 31:49-54.

Nanamhlanje, abantu abaninzi baye babonise uxabiso ngoko uYehova abenzele kona. Noko ke, asingobakhonzi bakaThixo abazahluleleyo kuphela ababonisa uxabiso. Ngokomzekelo, cinga ngomqhubi webhasi owayeqhubela iindwendwe ezivela kwamanye amazwe ukuya kwibala ekwakuqhutyelwa kulo indibano yezizwe ngezizwe eBologna, eItali, ngowama-2009. Ekubeni wayeqhuba ngenkathalo yaye ethobekile, abo babekhwele ibhasi yakhe bagqiba ekubeni bamnike ikhadi elinamazwi ombulelo nobugcwabalalana obuthile kuquka nencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Lo mqhubi wathi: “Ndiyabulela ngekhadi nangencwadi, kodwa yona imali ndiyayibuyisa kuba ndifuna ukunikela ngayo ukuze niqhubeke nomsebenzi eniwenzayo. Nangona ndingeloNgqina likaYehova, ndifuna ukunikela kuba ndiye ndabona ukuba nenza izinto ngokuqhutywa luthando.”

Enye indlela onokubonisa ngayo uxabiso ngoko uYehova akwenzele kona, kukunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova. (Mat. 24:14) Iindlela abanye abakhetha ukunikela ngazo zidweliswe kwibhokisi ekweli nqaku.

IINDLELA ABANYE ABAKHETHA UKUNIKELA NGAZO

IMINIKELO EYA KUMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE

Abaninzi babekela bucala imali ethile yomnikelo baze bayifake kwibhokisi ebhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke.”

Nyanga nganye amabandla athumela le mali kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe lawo. Iminikelo yokuzithandela inokuthunyelwa ngokungqalileyo kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa, Attention: Accounting Office, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe ohlala kulo. (Iminikelo yokuzithandela echazwe ngezantsi inokuthunyelwa kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ekwilizwe ohlala kulo.) Iitsheki ezithunyelwa kule adresi ingasentla zimele zibhalwe “Watch Tower Society.” Unokunikela ngezacholo nezinye izinto ezixabisekileyo. Emva koko, bhala ileta echaza ngokucacileyo ukuba ezo zinto zizipho.

UKUNIKELA OKUCETYIWEYO

Ukongezelela kwiminikelo yemali, zikho nezinye iindlela zokunikela kumsebenzi woBukumkani owenziwa ehlabathini lonke. Ezi ziquka:

I-Inshorensi:

IWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa inokubhaliswa njengemele ifumane imali kwi-inshorensi yobomi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala-phantsi.

Imali Eselugcinweni Neebond:

Kunokunikelwa ngemali eselugcinweni neebond kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa njengesipho okanye iWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa inokubhalwa phantsi kwebhokisi ethi Transfer on Death.

Izindlu Nemihlaba:

Izindlu nemihlaba enokuthengiswa inokunikelwa njengesipho, kanti yona indawo yokuhlala, inokugcinwa ikwilungelo lalowo wenze umnikelo, onokuqhubeka ehlala kuyo ngethuba esaphila. Qhagamshelana neofisi yesebe ekwilizwe lakho ngaphambi kokubhalisa izindlu nemihlaba.

Iminqophiso Yamafa:

Izinto ofuna ukunikela ngazo okanye imali unokuzishiyela kwiWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa njengomnqophiso welifa osemthethweni.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, unokubhalela okanye ufowunele iAccounting Office, kwiadresi ebhalwe apha okanye kwiofisi yesebe enyamekela ilizwe ohlala kulo.

Accounting Office

Watch Tower Bible and Tract Society of South Africa

Private Bag X2067

Krugersdorp 1740 South Africa

Inombolo Yefowuni: 011 761 1000

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share