Ukuqonda Injongo Yoqeqesho
YINTONI ethi qatha engqondweni yakho xa usiva igama elithi “uqeqesho”? Esinye isichazi-magama siluchaza uqeqesho ngokuthi “luqheliselo lokwenza abantu bathobele imithetho okanye imilinganiselo yokuziphatha, baze bohlwaywe xa bengayithobeli.” Nangona zikho nezinye iinkcazelo zeli gama, uninzi lwabantu namhlanje lunembono engentle ebufana nale ngokuphathelele uqeqesho.
Noko ke, iBhayibhile iluchaza ngokwahlukileyo uqeqesho. UKumkani uSolomon osisilumko wabhala wathi: “Ingqeqesho kaYehova, nyana wam, musa ukuyigatya.” (IMizekeliso 3:11) La mazwi akabhekiseli kulo naluphi na uhlobo loqeqesho, kodwa abhekisela ‘kwingqeqesho kaYehova,’ oko kukuthi, uqeqesho olusekelwe kwimigaqo ephakamileyo kaThixo. Lolo qeqesho kuphela oluneziqhamo neengenelo zokomoya—yaye luyanqweneleka. Ngokwahlukileyo koko, uqeqesho olusekelwe kwiingcamango zabantu noluphikisanayo nemigaqo ephakamileyo kaYehova ludla ngokuxhaphaza luze lubangele iintlungu. Kungenxa yoko le nto abantu abaninzi bengaluthandi uqeqesho.
Kutheni sibongozwa ukuba samkele ingqeqesho kaYehova? EZibhalweni, ingqeqesho kaThixo ichazwa njengendlela abonisa ngayo uthando lwakhe ngezidalwa zakhe ezingabantu. Ngenxa yoko, uSolomon wahlabela mgama esithi: “Lowo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoko noyise esenjenjalo kunyana akholiswayo nguye.”—IMizekeliso 3:12.
Ngaba Luqeqesho Okanye Sisohlwayo?
Uqeqesho, ngokwembono yeBhayibhile, lugubungela iinkalo ezininzi—ulwalathiso, umyalelo, ukukhalimela, isiluleko, kwanesohlwayo. Kodwa ngamaxesha onke, uYehova usiqeqesha ngothando, ngenjongo yokusinceda. UYehova akaze asiqeqeshe ngenjongo nje yokusohlwaya.
Noko ke, izohlwayo zikaThixo azisoloko zidluliselwa ngenjongo yokumluleka okanye ukumfundisa lowo wohlwaywayo. Ngokomzekelo, ukususela kumhla wokona kuka-Adam noEva, baqalisa ukuthwaxwa yimiphumo yokungathobeli kwabo. UYehova wabagxotha kumyezo oyiparadesi wase-Eden, baza bonganyelwa kukungafezeki, ukugula nokwaluphala. Emva kokubandezeleka kangangamakhulu eminyaka, bafa ngonaphakade. Konke oku kwakusisohlwayo sikaThixo, kodwa kwakungelulo uqeqesho lokulungisa ikhondo labo. Ekubeni uAdam noEva bona ngabom yaye bengaguquki, babengenakulungiswa.
Ezinye iingxelo zesohlwayo sikaYehova ziquka uMkhukula womhla kaNowa, ukutshatyalaliswa kweSodom neGomora, nokutshatyalaliswa komkhosi wamaYiputa kuLwandle Olubomvu. Ngezo zihlandlo uYehova wayenganikeli ulwalathiso, umyalelo okanye imfundiso kwabo bantu. Umpostile uPetros wabhala wathi ngokohlwaywa kwabo nguThixo: “[Akazange] ayeke nokohlwaya ihlabathi lamandulo, kodwa wagcina uNowa, umshumayeli wobulungisa ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe xa wazisa unogumbe phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo; yaye wazigwebela isohlwayo izixeko iSodom neGomora ngokuthi azifinyeze zibe luthuthu, emisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza.”—2 Petros 2:5, 6.
Ezi zohlwayo ‘zabamisela njani abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza’? Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabaseTesalonika, uPawulos wathi ngomhla wethu uThixo uza kusebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu, ‘ukuphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo.’ UPawulos wongezelela esithi: “Bona aba baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.” (2 Tesalonika 1:8, 9) Ngokucacileyo, eso sohlwayo asenzelwanga ukufundisa nokulungisa ikhondo labo bantu. Noko ke, xa uYehova emema abanquli bakhe ukuba bamkele uqeqesho lwakhe, akabhekiseli kwisohlwayo saboni abangaguqukiyo.
Kubalulekile ukuphawula ukuba iBhayibhile ayimchazi uYehova ngokuyintloko njengomohlwayi. Kunoko, udla ngokuchazwa njengomyaleli onothando nomonde. (Yobhi 36:22; INdumiso 71:17; Isaya 54:13) Ewe, uqeqesho lobuthixo lokulungisa ikhondo lethu lusoloko lunikelwa ngothando nangomonde. Xa eyiqonda injongo yoqeqesho, amaKristu akulungela ngakumbi ukulwamkela nokulunikela ngomoya omhle.
Uqeqesho Lwabazali Abanothando
Entsatsheni nasebandleni lobuKristu, kufuneka sonke siyiqonde injongo yoqeqesho. Oku kubaluleke nangakumbi kwabo banegunya, njengabazali. IMizekeliso 13:24 ithi: “Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe, kodwa omthandayo umfunela ingqeqesho.”
Abazali bafanele balunikele njani uqeqesho? IBhayibhile ichaza isithi: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Esi sibongozo siphinda sigxininiswe ngala mazwi: “Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.”—Kolose 3:21.
Abazali abangamaKristu abayiqondayo injongo yoqeqesho ababi ngqwabalala. Umgaqo ochazwe kweyesi-2 kuTimoti 2:24 unokusetyenziswa nakwindlela abazali abalunikela ngayo uqeqesho. UPawulos wabhala wathi: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, likufanelekele ukufundisa.” Ukugqwashula ngumsindo, ukungxolisa, nokuthuka okanye ukunyemba akuloqeqesho lothando yaye akufanelekanga kumaKristu.—Efese 4:31; Kolose 3:8.
Isiluleko sabazali siquka okungakumbi kunesohlwayo nje umntu asinikela ngokukhawuleza engacinganga. Abantwana abaninzi bafuna ukuyalwa ngokuphindaphindiweyo ngaphambi kokuba baguqule indlela abacinga ngayo. Ngoko abazali bamele bachithe ixesha, babe nomonde, baze bayicingisise kakuhle indlela abalunikela ngayo uqeqesho. Bamele bakhumbule ukuba abantwana bafanele bakhuliselwe “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” Oku kufezwa ngengqeqesho yeminyaka emininzi.
Abalusi AbangamaKristu Baqeqesha Ngobulali
Le migaqo iyasebenza nakubadala abangamaKristu. Njengabalusi abanothando bazabalazela ukwakha umhlambi ngokunikela imiyalelo, ulwalathiso, nesohlwayo xa kuyimfuneko. Ekwenzeni oko, bahlala bekhumbula eyona njongo yoqeqesho. (Efese 4:11, 12) Ukuba bebenikel’ ingqalelo ekohlwayeni kuphela, bebeya kusuka nje bamohlwaye lowo unxaxhayo kube kuphelele apho. Uqeqesho lobuthixo lubandakanya okungakumbi kunoko. Ngokuqhutywa luthando, abadala benza imizamo ephindaphindiweyo yokunceda. Ngenxa yokuba benenkxalabo yokwenene, badla ngokunikela ukhuthazo nemfundiso ngokuphindaphindiweyo.
Ngokutsho kwesibongozo esifumaneka kweyesi-2 kuTimoti 2:25, 26, kwanaxa beqeqesha abo bangalwamkeli ngokulula uqeqesho, abadala bamele bayalele “ngobulali.” Emva koko esi sibhalo sichaza injongo yoqeqesho sisithi: “Mhlawumbi uThixo angabanika inguquko ekhokelela kulwazi oluchanileyo lwenyaniso, baze babuyele ezingqondweni, baphume emgibeni [kaMtyholi].”
Maxa wambi, kuye kufuneke ukuba umenzi-bubi ongaguqukiyo asuswe kubudlelane bebandla. (1 Timoti 1:18-20) Kwanaso esi senzo siqatha ngolu hlobo sifanele sigqalwe njengoqeqesho, kungekhona nje isohlwayo. Ngamathub’ athile, abadala benza imizamo yokubatyelela abo basusiweyo kubudlelane bangasaqhubekiyo nokwenza okubi. Ebudeni botyelelo olunjalo, abadala babonisa eyona njongo yoqeqesho ngokuthi bamchazele umntu lowo amanyathelo afanele awathabathe ukuze abuyele ebandleni lobuKristu.
UYehova UnguMgwebi Ogqibeleleyo
Abazali, abalusi abangamaKristu, nabanye abanegunya elingokweZibhalo lokunikela uqeqesho bafanele bayigqale njengebalulekileyo le mbopheleleko. Abamele bagwebe abanye njengooncanyelweni. Ngoko, uqeqesho lwabo alufanele lube sisohlwayo sempindezelo okanye senkohlakalo.
Liyinyaniso elokuba, iBhayibhile ithi uYehova uza kunikela isohlwayo esiqatha ekugqibeleni. Kangangokuba iZibhalo zide zithi “kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo.” (Hebhere 10:31) Kodwa akakho umntu omele azame ukuzifanisa noYehova kule nkalo okanye nangayiphi na enye indlela. Yaye akukho namnye ofanele abe nesizathu sokuvakalelwa kukuba kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zomzali okanye zomdala othile ebandleni.
UYehova uyakwazi ukugcina ulungelelwano ngokugqibeleleyo xa enikela uqeqesho. Abantu bona abakwazi. UThixo uyakwazi ukubona oko kusentliziyweni aze agqibe enoba umntu akasenakukwazi kusini na ukuncedakala, abe ngaloo ndlela ufanelwe sisohlwayo sokugqibela. Kanti bona abantu abanakukwazi ukunikela ugwebo olunjalo. Ngenxa yeso sizathu, xa kufuneka benikele uqeqesho, abo banegunya bafanele basoloko bekwenza oko ngenjongo yokulungisa.
Ukwamkela Ingqeqesho KaYehova
Sonke siyayifuna ingqeqesho kaYehova. (IMizekeliso 8:33) Enyanisweni, sifanele silulangazelele uqeqesho olusekelwe eLizwini likaThixo. Njengoko sifunda iLizwi likaThixo, sinokulwamkela uqeqesho lukaYehova olufumaneka eZibhalweni. (2 Timoti 3:16, 17) Noko ke, maxa wambi uqeqesho silufumana kwamanye amaKristu. Ukuqonda eyona njongo yokunikelwa koqeqesho olunjalo kuya kusinceda silwamkele ngokulula.
Umpostile uPawulos wavuma wathi: “Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu.” Wandula ke wongezelela wathi: “Ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.” (Hebhere 12:11) Ingqeqesho kaYehova ibonisa uthando lwakhe olunzulu ngathi. Enoba siyalunikela okanye siyalwamkela uqeqesho, masihlale sikhumbula injongo yoqeqesho lobuthixo size sithobele isiluleko seBhayibhile sobulumko esithi: “Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.”—IMizekeliso 4:13.
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Aboni abangaguqukiyo bafumana isohlwayo somgwebo kaThixo, kungekhona ingqeqesho yokulungisa ikhondo labo
[Imifanekiso ekwiphepha 22]
Ngokuqhutywa luthando, abadala bachitha ixesha besenza uphando ukuze bancede abo banxaxhayo
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ngomonde nangothando abazali banikela ‘ingqeqesho nokweyiselwa kwengqondo kuYehova’