Zukisa UThixo Hayi Umntu
KWEZI nyanga zidluleyo, abathandi bobulungisa kuwo wonke umhlaba bafunde indlela yokuzukisa uThixo njengoko bebehlanganisene kwiiNdibano Zesithili zamaNgqina kaYehova ‘Zokuzukisa UThixo.’ Makhe senze impinda yeentetho ezifundisayo ezanikelwa apho.
Olu yayilucwangciso olusekelwe eBhayibhileni lweentsuku ezintathu kwinkoliso yabo babeyile kwezi ndibano neentsuku ezine kwabo bakwazi ukuya kwiindibano ezikhethekileyo zezizwe ngezizwe. Ababezile, baphulaphula iingxubusho zeZibhalo ezingaphezu kwezingama-30, kuquka neentetho ezalwenza nzulu uxabiso lwethu lokomoya, amava omeleza ukholo, imiboniso eyabalaselisa indlela ephumelelayo yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, nomdlalo onesinxibo samandulo owawubonisa iingxaki ajamelana nazo amaKristu enkulungwane yokuqala. Ukuba ubuyile kwenye yezi ndibano, kutheni ungenzi impinda yamanqaku akho njengoko ufunda eli nqaku? Siqinisekile ukuba oku kuya kukukhumbuza iingongoma ezibalulekileyo zokutya kokomoya okutyebileyo uze uzuze imfundiso esemagqabini.
Umxholo Wosuku Lokuqala: “Ufanele, Yehova, . . . Ukwamkela Uzuko”
Emva kwengoma yokuvula nomthandazo, isithethi sokuqala sabamkela ngokufudumeleyo bonke ababekho ngentetho enomxholo othi: “Sihlanganisene Ukuze Sizukise UThixo” eyayichaza isizathu esiyintloko sokuba kubekho le ndibano. Sicaphula ISityhilelo 4:11, isithethi sagxininisa umxholo uwonke wendibano. Singakhange singqunge, sangen’ emxholweni sichaza into ethethwa kukuzukisa uThixo. Sisebenzisa incwadi yeeNdumiso, sagxininisa sisithi ukuzukisa uThixo kuquka ‘ukunqula,’ ‘ukubulela,’ ‘nokudumisa.’—INdumiso 95:6; 100:4, 5; 111:1, 2.
Intetho elandelayo yayisithi “Banoyolo Abo Bazukisa UThixo.” Isithethi sathetha into ebangela umdla. Ekubeni amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithandathu efumaneka kumazwe angama-234 emhlabeni wonke, kusenokuthiwa abathile bazukisa uYehova ubusuku nemini. (ISityhilelo 7:15) Udliwano-ndlebe neqela labazalwana noodade abangamaKristu abakuhlobo oluthile lwenkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo lwaluyinxalenye emnandi gqitha kule ntetho eyabatsho bahlahlamba abaphulaphuli.
Intetho elandelayo yayinomxholo othi “Indalo Izukisa UThixo.” Nangona engathethi, amazulu abonakalayo abalaselisa ubukhulu bukaThixo aze asincede silwenze nzulu uxabiso lwethu ngenyameko yakhe yothando. Oku kwachazwa ngokweenkcukacha.—Isaya 40:26.
AmaKristu okwenyaniso ajamelene nentshutshiso, inkcaso, impembelelo yehlabathi notyekelo lwesono. Ngenxa yoko, intetho ethi “Hamba Engqibelelweni” yayithimba ingqalelo yabaphulaphuli. Kwaqalisa ingxubusho yendinyana nganye yeNdumiso 26, kuquka udliwano-ndlebe neNgqina elisahamb’ isikolo elaxolel’ ukujing’ iliso kunokuba liziphathe kakubi ngokwesini nolunye udliwano-ndlebe nelinye elalichith’ ixesha elininzi lizonwabisa ngendlela ethandabuzekayo kodwa eliye latshintsh’ unyawo lilungisa le ngxaki.
Ucwangciso lwasekuseni lwaqukunjelwa ngentetho engumxholo ethi “Imibono Ezukileyo Yesiprofeto Iyasikhuthaza!” Isithethi sacaphula abantu abayimizekelo abanjengoDaniyeli nompostile uYohane noPetros ukholo lwabo olomelezwa yimibono ezukileyo yeziprofeto eyayinokuthanani nokumiselwa nokusebenza koBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Kwabo abasenokuba abasabuboni ubungqina obucacileyo bokuba siphila kwixesha lesiphelo, isithethi sathi: “Sinethemba elingazenzisiyo lokuba abo banjalo baya kuphinda banikele ingqalelo kubukho bukaKristu ekuzuko loBukumkani baze bancedwe bomelele kwakhona ngokomoya.”
Ucwangciso lwasemva kwemini lwaqalisa ngentetho enomxholo othi “Uzuko LukaYehova Lutyhilelwe Abathobekileyo.” Isithethi sabonisa indlela uYehova angumzekelo ngayo wokuthobeka, nangona engoyena Mntu uphakamileyo kwindalo iphela. (INdumiso 18:35) UYehova uyabathanda abantu abathobeke ngokwenene, kodwa ubachasile abo bazenza ngathi bathobekile xa besebenzisana noogxa babo okanye abo banegunya elingaphezu kwelabo baze babe ngqwabalala kwabo bangaphantsi kwabo.—INdumiso 138:6.
Emva koku, kwalandela ungcelele olwalusekelwe kwisiprofeto seBhayibhile nolwabalaselisa iinkalo ezahlukahlukeneyo nolwalunomxholo othi: “Isiprofeto Sika-Amosi—Isigidimi Saso Kumhla Wethu.” Sisalatha kumzekelo ka-Amosi, isithethi sokuqala sathetha ngembopheleleko esinayo yokulumkisa abantu ngomgwebo kaYehova ozayo. Umxholo wentetho yaso wawusithi “Livakalise Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo.” Isithethi sesibini sabuza: “Ngaba uYehova uya kuze abuphelise ubungendawo nokubandezeleka kulo mhlaba?” Intetho yaso eyayisithi, “Umgwebo KaThixo Nxamnye Nabangendawo,” yabonisa ukuba umgwebo kaThixo usoloko ufanelekile, awunakuphepheka yaye awusayi kufikela bonke abantu. Isithethi sokugqibela kolu ngcelele sathetha ngomxholo othi “UYehova Ugocagoca Iintliziyo.” Abo banqwenela ukumkholisa uYehova baya kuwathobela amazwi akuAmosi 5:15 athi: “Thiyani okubi, nithande okulungileyo.”
Utywala, njengewayini enokonwabisa intliziyo, bunokusetyenziswa kakubi. Kwintetho yaso ethi “Wuphephe Umgibe Wokusebenzisa Kakubi Utywala,” isithethi sachaza iingozi ezingokwenyama nezingokomoya zabo babusela ngokugqithiseleyo utywala, enoba ubani akanxili. Sanikela lo mgaqo: Ekubeni utywala bubachaphazela ngeendlela ezahlukahlukeneyo abantu, enoba bungakanani na obukwenza uphelelwe ‘bubulumko bobuqili namandla okucinga’ buninzi kuwe.—IMizekeliso 3:21, 22.
Ekubeni siphila kumaxesha amanqam, umxholo olandelayo owawusithi, “UYehova, ‘Inqaba Yethu Ngamaxesha Okubandezeleka,’” waba yintuthuzelo yokwenene. Izinto ezinokusinceda, ngumthandazo, umoya oyingcwele namanye amaKristu.
Intetho yokuqukumbela olu suku eyayisithi, “‘Ilizwe Elihle’—Lisikrobisa KwiParadesi,” yabothusa bonke ababekho—kwakhululwa impapasho entsha eneemaphu ezininzi zeBhayibhile! Umxholo wayo uthi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’
Umxholo Wosuku Lwesibini: “Vakalisani Uzuko Lwakhe Phakathi Kweentlanga”
Emva kokuqwalaselwa kwetekisi yosuku, kwaqalisa ungcelele lwesibini lwendibano, olwalunomxholo othi “Lubonakaliseni Njengezipili Uzuko LukaYehova.” Inxalenye yokuqala eyayinomxholo othi “Ukusasaza Iindaba Ezilungileyo Kuyo Yonke Indawo” yaquka imiboniso yezinto ezenzeke entsimini. Intetho yesibini yaquka umboniso wokwenza ibuyelo njengoko isithethi sasithetha ngomxholo othi “Ukuvula Amehlo Abo Bamfanyekisiweyo.” Inxalenye yokugqibela, eyayinomxholo othi “Ukwenza Okungakumbi Kubulungiseleli Bethu,” yayinodliwano-ndlebe olubangel’ umdla lwamava asentsimini.
Inxalenye elandelayo yocwangciso yayinomxholo othi “Sithiyiwe Ngaphandle Kwesizathu.” Le nxalenye yayiquka udliwano-ndlebe olukhuthazayo lwabantu abathembekileyo abomelezwa nguThixo bagcin’ ingqibelelo ngoxa babechaswa.
Into esoloko ilindelwe ngamandla kwiindibano yintetho yobhaptizo elandelwa kukuntywiliselwa kwabo bafanelekela ukubhaptizwa. Ukubhaptizwa emanzini kufuzisela ukuzahlulela kukabani ngokupheleleyo kuYehova. Ngenxa yoko, le ntetho yayinomxholo ofanelekileyo othi: “Ukuphila Ngokuvisisana Nozahlulelo Lwethu Kuzukisa UThixo.”
Ucwangciso lwasemva kwemini lwaqalisa ngentetho eyayikhuthaza ukuzigocagoca, ethi “Ukuhlakulela Imbono KaKristu Ngokuphathelele Ubukhulu.” Isithethi sakhankanya le ngongoma ibangel’ umdla: Ubukhulu bubangelwa kukuzithoba njengoKristu. Ngaloo ndlela, umKristu akafanele afune imbopheleleko kuba efuna ukufeza amabhongo akhe. Ufanele azibuze, ‘Ngaba ndikulungele ukwenza imisebenzi engasayi kuphawulwa lula?’
Ngaba ukhe uzive udiniwe? Impendulo icacile. Intetho ethi “Sidiniwe Emizimbeni Kodwa Siyimiqabaqaba Ngokomoya” yavuyelwa ngabo bonke. Udliwano-ndlebe namaNgqina angamagqala lwabonisa ukuba uYehova ‘unokusomeleza ngamandla omoya wakhe.’—Efese 3:16.
Ukuba nesisa asinto esizalwa nayo kodwa yinto esifanele siyifunde. Le ngongoma ibalulekileyo yagxininiswa kwintetho ethi ‘Ningagogotyi Lutho, Nilungele Ukwabelana.’ Yaye kwabuzwa umbuzo obalulekileyo othi: “Ngaba sikulungele ukuchitha imizuzu ethile yosuku lwethu sikunye nabazalwana noodade abalupheleyo, abagulayo, abadandathekileyo okanye abangamalolo?”
Intetho ethi “Lilumkele ‘Ilizwi Labasemzini’” bayiphulaphula ngomdla omkhulu abo babekho. Le ntetho yathelekisa abalandeli bakaYesu nezimvu eziphulaphula kuphela ilizwi lakhe ‘njengomalusi omhle’ nezingaliphulaphuliyo “ilizwi labasemzini” njengokuba livela kubantu abaninzi abaphenjelelwa nguMtyholi.—Yohane 10:5, 14, 27.
Ikwayala ifanele ivume ngokuyondeleleneyo ukuze ivakale. Ukuze bazukise uThixo, abanquli bokwenyaniso ehlabathini lonke bafanele bamanyane. Ngenxa yoko, intetho ethi “Zukisani UThixo ‘Ngamlomo Mnye’” yasifundisa indlela esinokwenza ngayo ukuze sonke sithethe “ulwimi olusulungekileyo” size simkhonze uYehova “ngaxhatha linye.”—Zefaniya 3:9.
Abazali, ingakumbi abo banabantwana abancinane, bayivuyela gqitha intetho yokugqibela yolo suku eyayisithi, “Abantwana Bethu—Ilifa Elixabisekileyo.” Kwakhululwa incwadi entsha enamaphepha angama-256, nto leyo babengayilindelanga abaphulaphuli. Incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu iya kubanceda abazali bachithe ixesha eliya kubazuzisa ngokomoya nabantwana babo, isipho esivela kuThixo.
Umxholo Wosuku Lwesithathu: “Zonke Izinto Zenzeleni Uzuko LukaThixo”
Itekisi yosuku yaluqalisa olu suku lokugqibela lwendibano ngamazwi akhuthaza izinto zokomoya. Kwicandelo lokuqala locwangciso lolu suku kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo kwimibandela yentsapho. Intetho yokuqala eyayisithi, “Bazali, Yomelezani Iintsapho Zenu,” yalungisa iingqondo zabaphulaphuli. Emva kokuqwalaselwa kweembopheleleko zabazali zokunyamekela intsapho zabo ngezinto eziphathekayo, isithethi sabonisa ukuba eyona mbopheleleko iyintloko yabazali kukunyamekela abantwana babo ngokomoya.
Isithethi esilandelayo sathetha nabantwana sisebenzisa umxholo othi “Indlela Ulutsha Olumdumisa Ngayo UYehova.” Sathi abantwana ‘banjengamathontsi ombethe’ kuba baninzi yaye bayahlaziya ngobutsha babo. Abantu abadala bayakuvuyela ukusebenza nabo enkonzweni kaYehova. (INdumiso 110:3) Le nxalenye yayiquka udliwano-ndlebe olwakhayo nabaselula abangumzekelo.
Imidlalo yeBhayibhile equka isinxibo samandulo isoloko iyinxalenye ebalulekileyo yeendibano zesithili, yaye bekunjalo nakule ndibano. Umdlalo othi “Ukushumayela Ngenkalipho Phezu Kwayo Nje Inkcaso” wawubonisa oko kwenzeka kubalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala. Wawungenzelwanga nje ukonwabisa kodwa, okubaluleke ngakumbi, ukufundisa. Intetho eyanikelwa emva komdlalo eyayisithi, “Vakalisa Iindaba Ezilungileyo ‘Ngaphandle Kokuyekelela,’” yabethelela iingongoma ezibalulekileyo zalo mdlalo.
Bonke ababekho babekhangele phambili kwimbalasane yocwangciso lwangeCawa, intetho yesidlangalala eyayisithi, “Ngoobani Abazukisa UThixo Namhlanje?” Isithethi sabonisa indlela abenzululwazi nabonqulo abasilele ngayo ukuzukisa uThixo. Ngabantu begama lakhe kuphela, abo bashumayelayo nabafundisa inyaniso engoYehova, abalizukisa ngokwenene igama lakhe namhlanje.
Emva kwentetho yesidlangalala kwalandela ushwankathelo lweMboniselo efundwayo kuloo veki. Kwandula ke kwalandela intetho yokuqukumbela eyayisithi, “Zukisani UYehova ‘Ngokuhlala Nithwala Isiqhamo Esininzi.’” Isithethi sanikela iingongoma ezilishumi zesigqibo ekwakufanele samkelwe ngabo bonke abakhoyo. Sasisekelwe kwiindlela ezahlukahlukeneyo zokuzukisa uYehova, uMdali. Amazwi awayesithi “Ewe” awayevela kubo bonke kwezo ndibano avakala kuzo zonke iindibano ehlabathini lonke.
Indibano yaqukunjelwa umxholo othi “Zukisa UThixo” unkenteza ezindlebeni zabo bonke ababekho. Yaye ngamana, ngoncedo lomoya kaYehova nenxalenye ebonakalayo yentlangano yakhe, singazabalazela ukuzukisa uThixo hayi abantu.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 23]
Iindibano Zezizwe Ngezizwe
Kwakukho iindibano zezizwe ngezizwe zeentsuku ezine eAfrika, eAsia, kuMntla nakuMzantsi Merika, eOstreliya naseYurophu. Kwamenywa amaNgqina ehlabathini lonke ukuba aye kwezi ndibano. Ngale ndlela iindwendwe nabo baye bazamkela baye ‘bakhuthazana elukholweni.’ (Roma 1:12) Abantu abagqibelana kudala bahlaziya ubuhlobo babo, yaye abanye badibana nabahlobo abatsha. Inkalo ebalaseleyo yeendibano zezizwe ngezizwe yayiyinxalenye yocwangciso enomxholo othi “Iingxelo Ezivela Kwamanye Amazwe.”
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]
Iimpapasho Ezintsha Ezizukisa UThixo
KwiiNdibano Zesithili ‘Zokuzukisa UThixo’ kwakhululwa iimpapasho ezintsha ezimbini. Imaphu yeBhayibhile ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’ inoqweqwe olomeleleyo namaphepha angama-36 aneemaphu nemifanekiso yemimandla ekuthethwa ngayo eBhayibhileni. Iphepha ngalinye linemifanekiso emihle nemaphu yobukhosi baseAsiriya, baseBhabhiloni, bamaMedi namaPersi, baseGrisi nobaseRoma. Kukho iimaphu ezahlukahlukeneyo ezigubungela ubulungiseleli bukaYesu nokwanda kobuKristu.
Incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu inamaphepha angama-256 nemifanekiso enokuba ngama-230. Kunokuqhutywa izifundo eziliqela nabantwana kuqwalaselwa nje imifanekiso yaye kuphendulwa imibuzo ebangel’ umdla efumaneka kule ncwadi. Le ncwadi intsha ilungiselelwe ukukhusela abantwana bethu kwintlaselo kaSathana, elungiselelwe ukonakalisa indlela yabo yokuziphatha.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abavangeli basemazweni babalisa amava omeleza ukholo
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Ubhaptizo lwaba yinxalenye ebalulekileyo lweendibano ‘Zokuzukisa UThixo’
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Abadala nabaselula bayivuyela gqitha imidlalo yeBhayibhile