IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 1/15 iphe. 22-27
  • “Abavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo” Bahlanganisene Kunye Ngovuyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Abavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo” Bahlanganisene Kunye Ngovuyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kusuku Lokuqala Kugxininiswa Inzondelelo UYesu Awayenayo
  • Usuku Lwesibini Lubalaselisa Ukuba Nenzondelelo Ngoko Kulungileyo
  • Usuku Lwesithathu Lugxininisa Ukuba Sibe Nenzondelelo Ngemisebenzi Emihle
  • Ukuzuza Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • IiNdibano Ezichulumancisayo Zikhuthaza Imfundiso Yobuthixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Abafundisi BeLizwi LikaThixo Babongozwa Ukuba Bafeze Uthumo Lwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Zukisa UThixo Hayi Umntu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 1/15 iphe. 22-27

“Abavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo” Bahlanganisene Kunye Ngovuyo

IHLABATHI lizanyazanyiswa ziimeko zezentlalo, zezoqoqosho nezobupolitika. Noko ke, phezu kwalo lonke olu dushe, amaNgqina kaYehova ahlanganisana ngoxolo iintsuku ezintathu kwiiNdibano Zesithili ‘Zabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo.’ Ukususela ngoMeyi 2002, ezi ndibano beziqhutywa emhlabeni wonke.

Ezi ndibano zingqineke izizihlandlo zovuyo zokwenene. Ngokufutshane makhe sihlolisise ucwangciso olwakhayo olusekelwe eBhayibhileni.

Kusuku Lokuqala Kugxininiswa Inzondelelo UYesu Awayenayo

Umxholo wosuku lokuqala wale ndibano wawusithi “Xelisani Inzondelelo YeNkosi Yethu, UYesu.” (Yohane 2:17) Intetho ethi “Kuvuyeleni Ukuhlanganisana Njengabavakalisi BoBukumkani” yayikhuthaza ngokufudumeleyo abo babekho ukuba nabo babe yinxalenye yabantu bakaThixo abavuyayo ezindibanweni. (Duteronomi 16:15) Le ntetho yalandelwa ludliwano-ndlebe nabashumayeli abanenzondelelo beendaba ezilungileyo.

Intetho ethi “Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova” yagubungela indinyana nganye yeNdumiso 37:1-11. Sabongozwa ukuba ‘singavuthi ngumsindo’ ngabo bangendawo ababonakala bephumelela. Nangona abantu abangendawo basenokuxoka ngathi, ekuhambeni kwexesha uYehova uya kwenza kucace ukuba bangoobani ngokwenene abantu bakhe abathembekileyo. Intetho ethi “Hlalani Ninombulelo” yaxubusha indlela esinokubonakalisa ngayo umbulelo kuThixo. Onke amaKristu amele anikele “umbingelelo wendumiso” kuYehova. (Hebhere 13:15) Kakade ke, ixesha esilinikela kwinkonzo kaYehova lixhomekeke kumbulelo nakwiimeko zethu.

Intetho engumxholo yayisithi “Abavakalisi BoBukumkani Abatsha Ziintambo.” Yabonisa ukuba uYesu Kristu ungoyena mzekelo ubalaseleyo ekubonakaliseni inzondelelo. Emva kokuba uBukumkani basezulwini bumiselwe ngowe-1914, kwakufuneka amaKristu okwenyaniso abe nenzondelelo ukuze avakalise iindaba ezilungileyo. Isithethi sathetha ngendibano eyayiseCedar Point Ohio, eUnited States, ngowe-1922 saze sasikhumbuza ngesibhengezo esiyimbali esithi: “Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani Bakhe”! Ekuhambeni kwexesha, inzondelelo yabakhonzi bakaThixo abathembekileyo yabenza ukuba bavakalise iinyaniso zoBukumkani ezimangalisayo kuzo zonke iintlanga.

Intetho ethi “Musani Ukoyika Kuba UYehova Unathi,” eyanikelwa emva kwemini ngosuku lokuqala, yabonisa ukuba abantu bakaThixo bangamaxhoba akhethekileyo kaSathana. Noko ke, phezu kwayo nje inkcaso esijamelana nayo, ukuqwalasela imizekelo emininzi yeBhayibhile neyanamhlanje yabo banokholo kusinika inkalipho yokujamelana ngokungenaloyiko neemvavanyo kunye nezilingo.—Isaya 41:10.

Kwandula ke kwalandela ungcelele lweentetho ezintathu ezinomxholo othi “Isiprofeto SikaMika Siyasomeleza Ukuze Sihambe Egameni LikaYehova.” Isithethi sokuqala sathelekisa ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha, uwexuko lonqulo, nokuthanda izinto eziphathekayo zomhla kaMika nezomhla wethu. Sathi: “Ukuba siyathobela, ihambo yethu ingcwele, sizinikele kuThixo yaye ngaphezu kwayo yonke into asilibali ukuba imini kaYehova iza kufika—sinokuqiniseka ukuba siya kuba nekamva elihle.”—2 Petros 3:11, 12.

Isithethi sesibini kolu ngcelele sathetha ngokugweba kukaMika iinkokeli zamaYuda. Zazixhaphaza amahlwempu, nabantu abangenakuzinceda. Kodwa kwakhona uMika waprofeta ngokoyisa konqulo lokwenyaniso. (Mika 4:1-5) Ngoncedo lomoya oyingcwele kaYehova, sizimisele ukuvakalisa esi sigidimi sihlaziyayo sethemba. Kodwa kuthekani ukuba sivakalelwa kukuba sisikelwe umda ngenxa yeziphene okanye ezinye izinto? Isithethi sesithathu sathi: “Imilinganiselo kaYehova isengqiqweni yaye iyafikeleleka.” Sahlabela mgama sixubusha ezinye iinkalo ezahlukahlukeneyo zikaMika 6:8, apho sifunda la mazwi athi: “Kwaye yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”

Ekubeni ukuwohloka kokuziphatha kweli hlabathi kusenokuchaphazela amaKristu, sonke sazuza kwintetho eyayinomxholo othi “Khusela Intliziyo Yakho Ngokuhlala Unyulu.” Ngokomzekelo, xa sizigcina sinyulu oko kuya kusinceda ukuba sonwabe emtshatweni. NjengamaKristu, asimele nanini na sicinge ngendlela esinokubandakanyeka ngayo ekuziphatheni okubi ngokwesini.—1 Korinte 6:18.

Intetho ethi “Kulumkele Ukukhohlisa” yabonisa ukuba ngobulumko sizijonga njengetyhefu iingcamango ezigqwethekileyo, iinyaniso ezingaphelelanga, nobuxoki obusasazwa ngabawexuki. (Kolose 2:8) Ngokufanayo, asimele sizikhohlise ngokucinga ukuba sinokwanelisa iminqweno yethu yesono size singajamelani nemiphumo eyonzakalisayo.

Umxholo othi “Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso” yayingumxholo wentetho yokuqukumbela usuku lokuqala. Njengokuba iimeko zehlabathi ziya zisiba maxongo, hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba kungekudala uYehova uya kuzisa ihlabathi elitsha elinobulungisa! Ngoobani abaya kuphila kulo? Kuphela ngabo banqula uYehova. Njengento yokusinceda, thina nabantwana bethu, nabo sifunda nabo iBhayibhile ukuze sifikelele olo sukelo, isithethi sakhulula incwadi entsha yokufundisisa iBhayibhile ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Hayi indlela esavuya ngayo ukuyifumana!

Usuku Lwesibini Lubalaselisa Ukuba Nenzondelelo Ngoko Kulungileyo

Usuku lwesibini lwendibano lwalunomxholo othi “Yenzani Okulungileyo.” (1 Petros 3:13) Isithethi sokuqala saxubusha isibhalo seBhayibhile sosuku. Sagxininisa ukuba ukuqwalasela itekisi yosuku ngokuthe rhoqo nangendlela enentsingiselo kuya kuyandisa inzondelelo yethu.

Kwandula ke kwalandela ungcelele lweentetho ezinomxholo othi “Abavakalisi BoBukumkani Ababuzukisayo Ubulungiseleli Babo.” Inxalenye yokuqala yagxininisa imfuneko yokuliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo. (2 Timoti 2:15) Xa iBhayibhile siyisebenzisa ngokufanelekileyo ibuchaphazela ‘ngamandla’ ubomi babantu. (Hebhere 4:12) Sifanele salathisele ingqalelo eBhayibhileni size siqiqe ngayo ngendlela eyoyisayo. Inxalenye yesibini yolu ngcelele yasibongoza ukuba sibuyele izihlandlo ngezihlandlo kubantu abanomdla. (1 Korinte 3:6) Sifanele silungiselele size sibe nenkalipho xa sibuyela ngokukhawuleza kubantu abanomdla. Inxalenye yesithathu yakhuthaza ukuba sijonge umntu ngamnye esidibana naye njengonokuba ngumfundi yaza yabonisa ukuba ukucela isifundo seBhayibhile kutyelelo lokuqala kunokukhokelela kuvuyo lokunceda abantu babe ngabafundi.

Umxholo wentetho elandelayo wawusithi “Isizathu Sokuba ‘Sithandaze Ngokungapheziyo.’” IBhayibhile iyala amaKristu ukuba afune ukhokelo lukaThixo kuzo zonke iinkalo zobomi. Sifanele sizenzele ixesha lokuthandaza ngasese. Ngaphezu koko, simele sizingise emthandazweni, kuba uYehova usenokusiyeka ukuba siqhubeke sithandaze ngaphambi kokuba ibonakale indlela asiphendula ngayo.—Yakobi 4:8.

Intetho ethi “Ukuncokola Ngezinto Zokomoya Kuyakha” yasikhuthaza ukuba sisebenzise isiphiwo sethu sokuthetha ukuze sincede thina nabanye. (Filipi 4:8) Abantu abatshatileyo nabantwana bayakufuna ukuncokola ngezinto zokomoya suku ngalunye. Ukuze zikwenze oku, iintsapho zifanele zizame ukutya ubuncinane isidlo esinye ndawonye suku ngalunye, ngaloo ndlela zivulela ithuba lencoko eyakhayo.

Ucwangciso lwasekuseni lwaqukunjelwa ngentetho echukumisa intliziyo ethi “Indlela Uzahlulelo Nobhaptizo Olukhokelela Ngayo Kusindiso.” Abo babeza kubhaptizwa babezuze ulwazi, babonakalisa ukholo, baguquka, bayeka ukwenza okubi, baza bazahlulela kuThixo. Isithethi sathi, emva kokubhaptizwa bamele baqhubeke bekhula ngokomoya yaye bahlale benenzondelelo yaye baziphathe kakuhle.—Filipi 2:15, 16.

Ngaloo mvakwemini, kwabethelelwa iingongoma ezimbini ezibalulekileyo kwintetho ethi “Yiba Ngothozamileyo, Uze Ugcine Iliso Lakho Lingenakumbi.” Ukuthozama kuthetha ukuzamkela iintsilelo zethu nesikhundla sethu phambi koThixo. Ukuthozama kusinceda sigcine iliso “lingenakumbi”—sinikele ingqalelo kuBukumkani bukaThixo, kungekhona kwizinto eziphathekayo. Xa sikwenza oku, asifanele sibe nexhala, kuba uYehova uya kusinika oko sikusweleyo.—Mateyu 6:22-24, 33, 34.

Isithethi esilandelayo sabonisa isizathu sokuba simele ‘Sikholose NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Anzima.’ Sinokujamelana njani nobuthathaka bobuqu neengxaki ezingokwemali okanye zempilo? Masicele uYehova asiphe ubulumko size sicele abanye basincede. Kunokuba sizixhalabise gqitha okanye sinxunguphale, sifanele someleze intembelo yethu kuThixo ngokufunda iLizwi lakhe.—Roma 8:35-39.

Ungcelele lokugqibela lweentetho kule ndibano lwalunomxholo othi “Ukholo Lwethu Luvavanywa Zizilingo Ezahlukeneyo.” Inxalenye yokuqala yasikhumbuza ukuba onke amaKristu okwenyaniso ajamelana nentshutshiso. Intshutshiso ivula amathuba okunikela ubugqina, yomeleza ukholo lwethu, ize isinike ithuba lokubonakalisa ukunyaniseka kwethu kuThixo. Nangona singabeki ubomi bethu esichengeni ngokungeyomfuneko, asimele nanini na siphephe intshutshiso ngokusebenzisa iindlela ezingavisisani neZibhalo.—1 Petros 3:16.

Isithethi sesibini kolu ngcelele lweentetho sachaphazela iinkalo eziphathelele ubundilele. AmaKristu okuqala ayengayichasanga nje imfazwe, kodwa ayeqonda ukuba afanele ngokuyintloko anyaniseke kuThixo. Ngokufanayo namhlanje, amaNgqina kaYehova abambelela ngokuqinileyo kumgaqo othi: ‘Aniyonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19) Ekubeni sinokujamelana novavanyo ngenxa yobundilele bethu singalindelanga, iintsapho zifanele ziziphe ixesha lokuhlolisisa imigaqo yeBhayibhile ngalo mbandela. Njengoko intetho yesithathu kolu ngcelele yabonisa, injongo kaSathana asikokusibulala, kodwa kukusinyanzela ukuba singathembeki. Ngokunyamezela ngokuthembeka ukugculelwa, ingcinezelo yokuziphatha okubi, ukukhathazeka, nobulwelwe, sidumisa uYehova.

Umxholo wentetho yokugqibela yolu suku yayisisimemo sobubele esithi “Sondela KuYehova.” Ukuziqonda iimpawu ezibalaseleyo zikaYehova kusenza sitsaleleke kuye. Usebenzisa amandla akhe angenamda ukukhusela abantu bakhe, ingakumbi ngokomoya. Okusesikweni kwakhe akakubonakalisi ngendlela engqwabalala kodwa unika wonke ubani owenza okulungileyo ithuba lokuphila ngonaphakade. Ubulumko bukaThixo bubonakala ngendlela awasebenzisa ngayo abantu abangafezekanga ukuze babhale iBhayibhile. Eyona nto inomtsalane luthando lwakhe, olwamenza wenza ilungiselelo lokuba abantu basindiswe ngoYesu Kristu. (Yohane 3:16) Esi sithethi saqukumbela ngokukhulula incwadi entsha ethi Sondela KuYehova.

Usuku Lwesithathu Lugxininisa Ukuba Sibe Nenzondelelo Ngemisebenzi Emihle

Umxholo wosuku lwesithathu lwendibano wawusithi “Abantu Abazondelela Imisebenzi Emihle.” (Tito 2:14) Ucwangciso lwasekuseni lwaqalisa ngengxubusho emnandi yentsapho yetekisi yosuku. Emva koko kwalandela intetho ethi “Ngaba Ukholose NgoYehova?” Iintlanga ziye zathembela kwinto elilize ngokwayama ngobulumko namandla azo. Noko ke, ngokwahlukileyo abakhonzi bakaYehova ngenkalipho nangovuyo bathembela kuye phezu kwazo nje iinkxwaleko.—INdumiso 46:1-3, 7-11.

Intetho enomxholo othi “Lutsha—Zenzeleni Ikamva Nentlangano KaYehova” yaphendula umbuzo othi: Umntu oselula unokukufumana njani okona kulungileyo ebomini? Oku akanakukwenza ngokusukela imali, ukuba nezinto nokuba ngumntu odumileyo. UMdali wethu ngothando ubongoza ulutsha ukuba lumkhumbule ngoxa luselula. Esi sithethi sadlan’ indlebe nabathile abaye bazibhokoxa kwinkonzo yamaKristu ngoxa beselula, yaye besiyibona indlela abavuye ngayo. Yaye kwasizuzisa gqitha ukufumana iphetshana elitsha elithi, Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?, elilungiselelwe ukunceda amaNgqina aselula azakhele isiseko sekamva elingunaphakade kunye nentlangano kaYehova.

Kwandula ke kwalandela umdlalo weBhayibhile othimb’ ingqondo othi “Yimani Niqinile Ngamaxesha Anzima.” Wachaza oko kwakusenziwa nguYeremiya ukususela ebutsheni ukusa kwixesha lokutshatyalaliswa kweYerusalem, nto leyo awayeprofete ngayo ngenzondelelo. UYeremiya wayeziva engasifanelekeli isabelo sakhe, kodwa wasiphumeza phezu kwayo nje inkcaso, yaye uYehova wamhlangula.—Yeremiya 1:8, 18, 19.

Lo mdlalo walandelwa yintetho ethi “Xelisa UYeremiya—Vakalisa Ilizwi LikaThixo Ngaphandle Koloyiko.” Abavakalisi boBukumkani banamhlanje kusoloko kuthethwa ngabo kakubi yaye kuxokwa. (INdumiso 109:1-3) Noko ke, njengoYeremiya sinokoyisa ukudimazeka ngokuyoliswa liLizwi likaYehova. Yaye siqinisekile ukuba abo balwa nathi abayi koyisa.

Eneneni, intetho yesidlangalala ethi “Imeko Yeli Hlabathi Iyatshintsha” yafika ngexesha elifanelekileyo. Kuye kwakho iinguqulelo ezinkulu kwimihla yethu. IBhayibhile yaprofeta isithi iimeko ezinjalo, kuquka nesibhengezo esithi “uxolo nonqabiseko,” siya kukhokelela kwimini kaThixo eyoyikekayo yomgwebo. (1 Tesalonika 5:3) Loo mini iya kuzisa iinguqulelo ezimangalisayo—ukupheliswa kwazo zonke iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ugonyamelo nezifo. Ngoko ke, kunokuba sikholose ngale nkqubo yezinto, ngoku lixesha lokuba sizabalazele ukoyika uThixo size sihlale sinehambo entle.

Ushwankathelo lweMboniselo lwalandelwa yintetho yokuqukumbela indibano enomxholo othi, “Phuphuma Yimisebenzi Emihle Njengomvakalisi WoBukumkani Onenzondelelo.” Isithethi sachaza indlela olu cwangciso oluye lwasivuselela ngayo ngokomoya lwaza lwasikhuthaza ukuba sithembele kuYehova. Ekuqukumbeleni, sakhuthazwa ukuba sifanele sibe ngabavakalisi boBukumkani bukaThixo abacocekileyo, abanothando nabanenzondelelo.—1 Petros 2:12.

Sinaloo moya ofana nowabakhonzi bakaYehova ngexesha likaNehemiya, ngokuqinisekileyo sabuyela emakhaya sivuya ngenxa yeentsikelelo zokomoya esazifumana kwiiNdibano Zesithili ‘Zabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo.’ (Nehemiya 8:12) Ngaba le ndibano ichukumisayo ayikwenzanga wanovuyo waza wazimisela ukuqhubeka ungumvakalisi woBukumkani onenzondelelo?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 23]

Incwadi Entsha Yokufundisisa!

Ekuqukunjelweni kosuku lokuqala lwendibano, abo babekho bavuyiswa gqitha kukukhululwa kwencwadi entsha ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Le ncwadi ibhalwe ngenjongo yokuba ifundisiswe ngabo baye bagqiba incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade yaye ngokungathandabuzekiyo iya komeleza ukholo lwabo “banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.”—IZenzo 13:48.

[Inkcazelo]

Umfanekiso ongaphandle kule ncwadi: U.S. Navy photo

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24]

Into Yokusinceda Ukuze Sisondele KuThixo

Isithethi sokugqibela kusuku lwesibini lwendibano senza isaziso sokukhululwa kwencwadi entsha ethi Sondela KuYehova. Le ncwadi inamacandelo amane ayintloko, ngalinye lixubusha ngophawu lukaYehova olubalaseleyo—amandla, okusesikweni, ubulumko nothando. Icandelo ngalinye lale ncwadi linesahluko esibonisa indlela uYesu Kristu awayenikela ngayo imizekelo ecacileyo ngeempawu zikaThixo. Eyona njongo yale ncwadi intsha kukunceda thina nesifunda nabo iBhayibhile ukuze sakhe ulwalamano olusenyongweni noluqinileyo noYehova uThixo.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 26]

Ukhokelo Lokomoya Lwabantu Abaselula

Into eyayibalasele kusuku lwesithathu lwendibano yayikukukhululwa kwephecana elikhethekileyo elinomxholo othi Lutsha—Niya Kwenza Ntoni Ngobomi Benu? Eli phecana litsha lenzelwe ukunceda amaNgqina aselula ukuba enze izigqibo ezifanelekileyo ngokuphathelele ikamva lawo, linikela amacebiso asekelwe eZibhalweni ngendlela yokwenza inkonzo kaYehova ibe ngowona msebenzi ubalulekileyo ebomini bawo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share