Ukufuna Kwabantu Ukukholisa UThixo
“AKUKHO nokuba libe linye ibutho labantu elikhe laphila ngaphandle koThixo, lingalawulwa nguye ngokupheleleyo. Kunjalo nakwiindawo ezinabantu abangafuni ukuba nanto yakwenza noThixo.” Utsho njalo uJohn Bowker kwincwadi yakhe ethi God—A Brief History. Enoba sekutheni na, ukufuna uThixo nenkoliseko yakhe, kutyalwe ngaphakathi ebantwini. Ehlabathini lonke, abantu abaninzi bakufuna ngokunyanisekileyo ukukholisa uThixo. Kambe ke, oku bakwenza ngeendlela ezahlukahlukeneyo kuxhomekeka kwiinkolelo zabo.
Abanye bacinga ukuba ukuze ufumane inkoliseko kaThixo ufanele uphile ubomi obucocekileyo. Abanye bavakalelwa kukuba, uThixo unokukholiswa ngabo xa benceda amahlwempu. Kanti ke, izigidi ngezigidi zabantu zixabise izithethe zonqulo.
Kwelinye icala, bakho nabo bakholelwayo ukuba abanakumfumana uThixo—ukude gqitha kubo, yaye uxakeke kakhulu zezinye izinto ukuba anganikela ingqalelo kubantu nje abaqhelekileyo. Kuthiwa isithandi sobulumko uEpicurus weGrisi yamandulo wayekholelwa ukuba ‘oothixo bakude kakhulu ukuba banganento yokwenza nathi.’ Noko ke, abaninzi kwabo bacinga ngolo hlobo bayakhonza. Kusenokwenzeka ukuba abanye benza amadini baze babandakanyeke kwizithethe ezithile ngethemba lokuzicengezela kwizinyanya zabo.
Wena ucinga ntoni? Ngaba ngokwenene uThixo uyayiphawula imigudu esiyenzayo yokufumana inkoliseko yakhe? Ngaba kunokwenzeka ukuba thina sichukumise intliziyo kaThixo size simkholise?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Courtesy of ROE/Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin