Ubuhle Bendalo KaYehova
“Imilambo Mayiqhwabe Izandla”
XA UJONGA imaphu yomhlaba, uya kuphawula ukuba kwiindawo ezininzi kukho imigca enqumlayo. Le migca inqumla iintili, iintlango namathafa. Yenjenjeya ukutyhubela imiwonyo, imiwewe namahlathi. (Habhakuki 3:9) Le migca yimilambo, efana nemithambo yesijikelezi-langa sethu. Imilambo le ibonisa ubulumko namandla oMdali womhlaba, uYehova. Xa siyibona, sivakalelwa ngendlela efanayo nomdumisi owathi: “Imilambo mayiqhwabe izandla; neentaba xa zizonke mazimemelele ngovuyo phambi koYehova.”—INdumiso 98:8, 9.a
Imilambo inento yokwenza nembali yabantu. IBhayibhile ithetha ngemilambo emine emikhulu eyayiphuma kumlambo wase-Eden. (Genesis 2:10-14) Enye yezona nkcubeko zokuqala yayixhomekeke kwiintlambo ezichumileyo zomlambo iTigris nomEfrate kuMbindi Mpuma. Iinkcubeko ezihamba phambili zazixhomekeke kuMlambo iHwang eTshayina, iGanges neIndus kumzantsi Asia, nomNayile waseYiputa.
Yiyo loo nto abantu bebesoloko bemangaliswa bubukhulu nobuhle bemilambo. UmNayile waseYiputa utyhutyhumeza kangangeekhilomitha ezingama-6 670. Owona mlambo ugqwesileyo ngobukhulu yiAmazon ekuMzantsi Merika. Ngoxa eminye imilambo imikhulu kakhulu, eminye ibalasele ngobuhle, kanye njengomlanjana oqukuqela ngamandla, uMlambo iTone waseJapan.
Yintoni ebangela umlambo uqukuqele? Ngokufutshanje nje, ngumxhuzulane. Nguwo obangela ukuba amanzi asuka phezulu ehlele ezantsi. Yiyo loo nto maxa wambi ubona neengxangxasi. Ichaza ezi mbonakaliso zamandla nobukhulu, iBhayibhile ithi: “Imilambo iphakamisile, Yehova, imilambo isiphakamisile isandi sayo; imilambo iphakamisa ukugquma kwayo.”—INdumiso 93:3.
“Ngubani ovulela izandyondyo zemvula umjelo?” UYehova wabuza indoda eyayimhlonela, uYobhi. (Yobhi 38:25, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Eneneni, avela phi onke amanzi? Phakathi kwezinye izinto, avela kwinkqubo entsonkothileyo ebizwa ngokuba ngumjikelo wamanzi. Amanzi asemhlabeni ajikeleza ngokuqhubekayo encediswa ngamandla elanga nomxhuzulane. Esakuba ngumphunga, la manzi anyukela esibhakabhakeni. Ekugqibeleni ayaphola aze abe ziingqimba zamafu. Ekuhambeni kwexesha, lo mphunga ubuyela emhlabeni njengekhephu okanye imvula. Amaninzi kula manzi angena kwiilwandlekazi, emachibini, emilanjeni, kwimisinga yomkhenkce, nangaphantsi komhlaba.
Ngokuphathelele lo mjikelo umangalisayo, iBhayibhile ithi: “Yonke imisinga yasebusika iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali. Kwindawo eya kuyo imisinga yasebusika, ibuyela kwakuyo.” (INtshumayeli 1:7) NguYehova, uThixo ogqibeleleyo ngobulumko nonothando kuphela onokumisela umjikelo ololo hlobo. Ibe ubuchule obubalasele ngolo hlobo busichazela ntoni ngohlobo lomntu uThixo alulo? UnguThixo obalasele ngobulumko nothando.—INdumiso 104:13-15, 24, 25; IMizekeliso 3:19, 20.
Nangona imikhulu yaye imininzi, imilambo inomlinganiselo omncinane wamanzi anokuselwa. Nakuba kunjalo, abalulekile kwizinto eziphilayo. Incwadi iWater ithi: “Ngekungekho nanye into ephilayo ngaphandle kwamanzi. Yonke inkcubeko eye yenziwa ngabantu ukutyhubela imbali, ibixhomekeke emanzini.”
Kangangamawakawaka eminyaka, imilambo ibinceda abantu ngamanzi okuqabula unxano nokunkcenkceshela izitiya zabo. Umhlaba otyebileyo odla ngokuba ngasemlanjeni ulungele ukulinywa. Phawula indlela oku okuchazwe ngayo xa kwakusikelelwa abakhonzi bakaYehova: “Hay’ ubuhle benkangeleko yeentente zakho, Yakobi, nobeminquba yakho, Sirayeli! Ithe tyaba okweentlambo, njengemiyezo engasemlanjeni. Njengezityalo zekhala azityalileyo uYehova, njengemisedare engasemanzini.” (Numeri 24:5, 6) Imilambo ikwaluncedo nakwizilwanyana ezinjengamadada noodyakalashe obabona apha. Enyanisweni, okukhona sifunda ngemilambo, kokukhona sishukunyiselwa ukuba simbulele uYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2004, kuMeyi nakuJuni.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8]
IiNgxangxasi zeIguaçú, ezikumbindi weArgentina neBrazil, ziphakathi kwezona ngxangxasi zinkulu. Zibanzi kangangeekhilomitha ezintathu. Phakathi kwamahlathi ashinyeneyo naluhlaza, zibunjwa zezinye iingxangxasi ezincinane ezingama-300. Amalunga neekyubhik’ mitha ezili-10 000 amanzi ehla kuzo mzuzwana ngamnye ngexesha lemvula.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UMlambo iTone, eJapan