‘Wasifundisa Ukuba Siluhlonele Unqulo Lwakhe’
OMNYE wamaNgqina kaYehova kwiphondo laseRovigo, eItali, wafumanisa ukuba unethumba yaye imeko yakhe imaxongo. Emva kokulala esibhedlele izihlandlo eziliqela, yaye ecela ukuba anyangwe ngaphandle kokutofelwa igazi, wancedwa ekhayeni lakhe ngabongikazi abakumbutho wabongikazi basekuhlaleni abanceda abantu abanomhlaza.
Ukholo olomeleleyo lwalo mguli oneminyaka engama-36 ubudala nokufuna kwakhe ukusebenzisana nabanye kwabachukumisa kakhulu oogqirha nabongikazi ababemnyanga. Ngaphambi kokuba lo mguli afe ngenxa yomhlaza, omnye wabongikazi ababemnceda wabhalela iphephancwadi labongikazi ngamava alo mguli awayembiza ngokuba nguAngela.
“UAngela udlamkile yaye ufuna ukuphila. Uyayazi imeko yakhe nesifo sakhe esibuhlungu, yaye njengaye nabani na kuthi, ufuna isicombululo, okanye iyeza. . . . Thina boomongikazi siye samazi ngokuthe ngcembe. Akazange angalwamkeli uncedo lwethu. Ngokwahlukileyo koko, kuba uAngela engumntu otyhilekileyo kwenza izinto zaba lula. Kwakuvuyisa ukumtyelela, ekubeni sasisazi ukuba yayiza kuba lixesha lonxulumano lokwenene nelokuba sonke sizuze okuthile. . . . Ngokukhawuleza saqonda ukuba unqulo lwakhe lwaluza kuba ngumnqobo ekunyangeni isigulo sakhe.” Olo yayiluluvo lwakhe kuba wayevakalelwa kukuba uAngela wayefanele atofelwe igazi, kodwa wakwala oko.—IZenzo 15:28, 29.
“Njengeengcali kwezonyango, samxelela uAngela ukuba asivumelani nesigqibo sakhe, kodwa ngoncedo lwakhe, saqonda ukuba ubomi buthetha ntoni kuye. Kwakhona sasiyiqonda indlela unqulo lwakhe olubaluleke ngayo kuye nakwintsapho yakhe. UAngela akanikezeli. Akanikezeli kwisifo sakhe. Womelele. Ufuna ukuphila, ulwela ukuphila aze aqhubeke ephila. Uye wachaza ukuba uzimisele kukholo lwakhe. Uzimisele ngendlela esingafane sizimisele ngayo, ukholo lwethu alomelelanga njengolwakhe. . . . UAngela uye wasifundisa ukubaluleka kokuba siluhlonele unqulo lwakhe, nto leyo eyahlukileyo kwimigaqo esiyaziyo yezonyango. . . . Sikholelwa kukuba oko uAngela asifundise kona kubaluleke kakhulu, kuba sidibana nabantu abahlukahlukeneyo, abakwiimeko ezahlukahlukeneyo, nabakwiinkonzo ezahlukahlukeneyo, yaye sinokufunda size sincede wonke ubani esidibana naye.”
Landula ke inqaku leli phephancwadi lathetha ngeMigaqo Yonyango Yabongikazi BaseItali, eyamiselwa ngowe-1999, ethi: “Umongikazi usebenza, ecinga ngemigaqo yaloo mntu yonqulo, yokuziphatha namasiko akhe, kwakunye nohlanga nesini sakhe.” Maxa wambi, kusenokuba nzima koogqirha nakubongikazi ukuhlonela iinkolelo zonqulo zomntu ogulayo, yaye ubani uyabaxabisa abantu abanomnqweno wokwenjenjalo.
Izigqibo ezenziwa ngamaNgqina kaYehova ngokuphathelele impilo nendlela yokunyangwa ziye zacingisiswa kakuhle. Akuqwalasela ngokunzulu oko kuthethwa ziZibhalo, yaye njengokuba kuboniswe yimeko ka-Angela, akananzondelelo yempambano. (Filipi 4:5) Emhlabeni wonke, liyanda inani loogqirha abafuna ukuhlonela isazela samaNgqina agulayo.