“Yambathani Sonke Isikrweqe SikaThixo”
“Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.”—EFESE 6:11.
1, 2. Ngamazwi akho, chaza isikrweqe sokomoya afanele asinxibe amaKristu.
IROMA yayiligunya eliphambili ebudeni benkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Imikhosi yaseRoma yayinamandla kangangokuba eso sixeko sasilawula phantse lonke ihlabathi. Omnye umbhali-mbali wayichaza le mikhosi ngokuthi “yeyona mikhosi igqugqisayo kunayo yonke eyakha yakho embalini.” Imikhosi yaseRoma yayinamajoni aqeqeshwe ngeyona ndlela isemagqabini, kodwa ukuphumelela kwawo kwakuxhomekeke nasekunxibeni kwawo isikrweqe. Umpostile uPawulos wazekelisa ngesi sikrweqe sejoni laseRoma xa wayebonisa izixhobo zokomoya amele abe nazo amaKristu ukuze aphumelele ekulweni noMtyholi.
2 Esi sikrweqe sokomoya sichazwe kwabase-Efese 6:14-17. UPawulos wabhala: “Yimani niqinile . . . nibhinqe inyaniso ezinqeni zenu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa, neenyawo zenu nizixhobisele iindaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kwezinto zonke, thabathani ikhaka elikhulu lokholo, enothi ngalo nikwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo. Kanjalo, yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nekrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo.” Isikrweqe sokoqobo awazekelisa ngaso uPawulos, sasibaluleke kakhulu ekukhuselekeni kwejoni laseRoma. Kanti lona ikrele lalo, lalisisixhobo esiyintloko sokulwa edabini.
3. Kutheni sifanele sithobele imiyalelo kaYesu Kristu size sixelise umzekelo wakhe?
3 Ngaphandle kwezixhobo noqeqesho, ukuphumelela komkhosi wamaRoma kwakuxhomekeke ekuthobeleni kwamajoni umphathi-mkhosi wawo. Ngokufanayo, amaKristu amele athobele uYesu Kristu, lowo iBhayibhile imchaza ‘njengomphathi wamaqela eentlanga.’ (Isaya 55:4) ‘Ukwayintloko yebandla.’ (Efese 5:23) UYesu usinika imiyalelo ephathelele imfazwe yokomoya esikuyo yaye usimisele umzekelo ogqibeleleyo wendlela esinokusinxiba ngayo isikrweqe sokomoya. (1 Petros 2:21) Ekubeni ubuntu bukaKristu bufana nesikrweqe sethu sokomoya, iZibhalo zisicebisa ukuba ‘sizimisele’ ukuba nesimo sengqondo sikaKristu. (1 Petros 4:1) Ngoko ke, ekuhlolisiseni kwethu nxalenye nganye yesikrweqe sethu sokomoya, siza kusebenzisa umzekelo kaYesu ukubonisa ukubaluleka nokuba luncedo kwaso.
Ukukhusela Isinqe, Isifuba Neenyawo
4. Ibhanti lalinayiphi indima kwisikrweqe sejoni, yaye lifanekisela ntoni?
4 Ukubhinqa inyaniso esinqeni. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, amajoni ayenxiba ibhanti elikhulu lethwathwa, elinobubanzi obuziisentimitha ezi-5 ukusa kwezili-15. Abanye abaguquleli bacebisa ukuba le ndinyana ifanele ifundeke ngokuthi, “bhinqani inyaniso njengebhanti esinqeni senu.” Ibhanti lejoni lalikhusela isinqe salo, yaye kwakujingiswa kulo ikrele. Xa ijoni libhinqa esinqeni, oko kubonisa ukuba lilungele idabi. UPawulos wasebenzisa umzekeliso webhanti ukubonisa umkhamo inyaniso yeZibhalo efanele ibuchaphazele ngawo ubomi bethu. Sifanele siyibhinqe ngokuthe nkqi inyaniso, ukuze siphile ngokuvisisana nayo size sikulungele ukuyithethelela ngawo onke amaxesha. (INdumiso 43:3; 1 Petros 3:15) Oko kuthetha ukuba, sifanele siyifundisise ngokukhutheleyo iBhayibhile yaye sicamngce ngoko sikufundayo. Umthetho kaThixo ‘wawungaphakathi ezibilinini’ zikaYesu. (INdumiso 40:8) Ngoko xa wayephikiswa ngabachasi, wayekwazi ukubaphendula ngokucaphula iZibhalo ngentloko.—Mateyu 19:3-6; 22:23-32.
5. Chaza indlela elinokusinceda ngayo icebiso leZibhalo xa sijamelana novavanyo okanye isilingo.
5 Xa sivumela inyaniso yeBhayibhile ukuba iphembelele ubomi bethu, inokusikhusela kwiingcamango eziphosakeleyo ize isincede ukuba senze izigqibo zobulumko. Xa kuvela isilingo okanye uvavanyo, ulwalathiso lweBhayibhile luya kuluqinisa uzimiselo lwethu lokwenza okulungileyo. Siya kuba ngathi siyambona yaye siyamva uMyaleli wethu Ozukileyo, uYehova, esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.”—Isaya 30:20, 21.
6. Kutheni sifanele siyikhusele intliziyo yethu yokomfuziselo, yaye ubulungisa bunokuyilondoloza njani?
6 Isigcina-sifuba sobulungisa. Isigcina-sifuba sejoni sasikhusela ilungu elibalulekileyo, intliziyo. Intliziyo yethu yokomfuziselo—umntu esinguye ngaphakathi—ifanele ikhuselwe ngokukhethekileyo kuba ityekele koko kuphosakeleyo. (Genesis 8:21) Ngoko simele siyazi yaye siyithande imilinganiselo kaYehova yobulungisa. (INdumiso 119:97, 105) Ukuthanda kwethu ubulungisa kusenza sizigatye iingcamango zehlabathi ezilusingela phantsi ulwalathiso lukaYehova olucacileyo. Ngaphezu koko, xa sikuthanda okulungileyo size sikuthiye okubi, siyayiphepha indlela yokuphila enokonakalisa ubomi bethu. (INdumiso 119:99-101; Amosi 5:15) UYesu ungumzekelo omhle kule nkalo, kuba iZibhalo zithi ngaye: “Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho.”—Hebhere 1:9.a
7. Kutheni ijoni laseRoma lalifanele linxibe izihlangu ezomeleleyo, yaye zifanekisela ntoni?
7 Iinyawo zixhotyiselwe iindaba ezilungileyo zoxolo. Amajoni aseRoma ayefanele anxibe izihlangu okanye iimbadada ezomeleleyo, ekubeni ngexesha lemfazwe ayedla ngokumatsha kangangeekhilomitha ezingama-30 suku ngalunye ngoxa enxibe isikrweqe yaye ephethe izixhobo ezinobunzima obumalunga neekhilogram ezingama-27. Ngokufanelekileyo uPawulos wasebenzisa izihlangu ukubonisa ukukulungela kwethu ukushumayela isigidimi soBukumkani kuye nabani na ophulaphulayo. Oku kubalulekile kuba abantu bebeya kumazi njani uYehova ukuba besingakulungelanga ukushumayela?—Roma 10:13-15.
8. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu njengomshumayeli weendaba ezilungileyo?
8 Nguwuphi owona msebenzi wawubaluleke kakhulu kuYesu? Wathi kwiRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato: ‘Ndize ehlabathini ukuze ndingqinele inyaniso.’ UYesu wayeshumayela nanini na kukho umntu ophulaphulayo, yaye wayebunandipha kakhulu ubulungiseleli bakhe kangangokuba wayebuxabise kwanangaphezu kweentswelo zakhe zokwenyama. (Yohane 4:5-34; 18:37) Ukuba nathi, njengoYesu, sikuxabisile ukuvakalisa iindaba ezilungileyo, siya kufumana amathuba amaninzi okwabelana nabanye ngazo. Ngaphezu koko, ukuzibhokoxa kwethu kubulungiseleli kuya kusinceda sihlale somelele ngokomoya.—IZenzo 18:5.
Ikhaka, Isigcina-ntloko Nekrele
9. Ikhaka elikhulu lalilikhusela njani ijoni laseRoma?
9 Ikhaka elikhulu lokholo. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ikhaka elikhulu” libhekisela kwikhaka elikhulu ngokwaneleyo ukuba likhusele phantse wonke umzimba. Laliwukhusela ‘kwimijukujelwa evuthayo’ ebhekisela kuyo eyabase-Efese 6:16. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, amajoni ayesebenzisa imijukujelwa eyenziwe ngeengcongolo neneencam zentsimbi ekwakufakwa kuzo amafutha avuthayo. Omnye umphengululi uyichaza le mijukujelwa “njengezona zixhobo ziyingozi kwezo zazisetyenziswa kwiimfazwe zamandulo.” Ukuba ijoni alinalo ikhaka elikhulu lokulikhusela kuloo mijukujelwa, lalinokwenzakala kanobom okanye lide libulawe.
10, 11. (a) Yiyiphi “imijukujelwa evuthayo” kaSathana enokulwenza buthathaka ukholo lwethu? (b) Umzekelo kaYesu ukubonisa njani ukubaluleka kokholo ebudeni bamaxesha ovavanyo?
10 Yiyiphi “imijukujelwa evuthayo” ayisebenzisayo uSathana ukuze enze buthathaka ukholo lwethu? Usenokubangela ukuba sitshutshiswe entsatsheni, emsebenzini, okanye esikolweni. Abanye baye bawiswa ngokomoya kukunqwenela ukuba nezinto ezingakumbi eziphathekayo, nakukuziphatha okubi. Ukuze sikhuseleke kwezo zisongelo, ‘ngaphezu kwezinto zonke, simele sithabathe ikhaka elikhulu lokholo.’ Ukholo silufumana ngokufunda ngoYehova, sithethe rhoqo naye ngomthandazo, yaye siyiqonde indlela asikhusela nasisikelela ngayo.—Yoshuwa 23:14; Luka 17:5; Roma 10:17.
11 Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ukubaluleka kokuba nokholo olomeleleyo xa kuvela amaxesha anzima. Wakholosa ngokupheleleyo ngezigqibo zikaYise yaye wayekuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Mateyu 26:42, 53, 54; Yohane 6:38) Kwanaxa wayesiva ubunzima kumyezo waseGetsemane, uYesu wathi kuYise: “Kungekhona ngokuthanda kwam, kodwa ngokuthanda kwakho.” (Mateyu 26:39) UYesu akazange akulibale ukubaluleka kokugcina ingqibelelo nokuvuyisa uYise. (IMizekeliso 27:11) Ukuba sinentembelo efanayo kuYehova, asiyi kuvumela ukugxekwa okanye ukuchaswa kulwenze buthathaka ukholo lwethu. Kunoko, ukholo lwethu luya komelela ukuba sithembela kuThixo, simthande, yaye sigcine imiyalelo yakhe. (INdumiso 19:7-11; 1 Yohane 5:3) Azikho izinto eziphathekayo okanye uyolo lokwenyama olunokuthelekiswa neentsikelelo uYehova azigcinele abo bamthandayo.—IMizekeliso 10:22.
12. Yiyiphi inxalenye ebalulekileyo yomzimba wethu ekhuselwa sisigcina-ntloko sokomfuziselo, yaye kutheni kubalulekile nje oko?
12 Isigcina-ntloko sosindiso. Isigcina-ntloko sasikhusela intloko nobuchopho bejoni—umthombo wolwazi. Ithemba lethu njengamaKristu lifaniswa nesigcina-ntloko kuba likhusela ingqondo yethu. (1 Tesalonika 5:8) Nangona siyiguqulile ingqondo yethu ngolwazi oluchanileyo oluseLizwini likaThixo, sisengabantu ababuthathaka nabangafezekanga. Ingqondo yethu inokonakaliswa lula. Ukusukela izinto zale nkqubo yezinto kunokusiphazamisa okanye kude kulithabathel’ indawo ithemba esilinikwe nguThixo. (Roma 7:18; 12:2) UMtyholi wazama kodwa woyisakala ukuwexula uYesu ngokuthembisa ukumnika “zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo.” (Mateyu 4:8) Kodwa uYesu wasigatya ngokungqongqo eso sithembiso, njengoko uPawulos echaza esithi: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe [uYesu] wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.”—Hebhere 12:2.
13. Sinokunamathela njani kwithemba elibekwe phambi kwethu?
13 Ukuhlala kukaYesu omelele elukholweni akuzange kwenzeke ngamabona-ndenzile. Ukuba sizalisa iingqondo zethu ngamaphupha nosukelo lwale nkqubo yezinto kunokuba sizimilisele kwithemba eliphambi kwethu, ukholo lwethu kumathemba kaThixo luya kuba buthathaka. Ekuhambeni kwexesha, sisenokude siphelelwe lithemba ngokupheleleyo. Kanti ukuba sicamngca rhoqo ngezithembiso zikaThixo, siya kuqhubeka sisiba nemihlali kwithemba elibekwe phambi kwethu.—Roma 12:12.
14, 15. (a) Liyintoni ikrele lethu lokomfuziselo, yaye linokusetyenziswa njani? (b) Zekelisa indlela ikrele lomoya elinokusinceda ngayo ukuba sixhathise isilingo.
14 Ikrele lomoya. Ilizwi okanye isigidimi sikaThixo esibhalwe eBhayibhileni sifana nekrele elibukhali ntlangothi zombini nelinokutshitshisa ubuxoki bonqulo lize lincede abantu abantliziyo zilungileyo bafumane inkululeko yokomoya. (Yohane 8:32; Hebhere 4:12) Eli krele lokomoya linokusikhusela naxa sihlaselwa zizilingo okanye imizamo yabawexuki yokutshabalalisa ukholo lwethu. (2 Korinte 10:4, 5) Siyivuyela gqitha into yokuba ‘sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo yaye sisenza siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo’!—2 Timoti 3:16, 17.
15 Xa wayelingwa nguSathana entlango, uYesu walisebenzisa kakuhle ikrele lomoya ukuze atshitshise iingcamango zobuxoki nezilingo zobuqhophololo. Sihlandlo ngasinye uSathana emhenda, waphendula wathi: “Kubhaliwe kwathiwa.” (Mateyu 4:1-11) UDavid, ongomnye wamaNgqina kaYehova eSpeyin, naye uye wancedwa ziZibhalo ukuba oyise isilingo. Xa wayeneminyaka eli-19 ubudala, elinye inenekazi eliselula nelihle awayesebenza nalo kwinkampani yokucoca lamcela ukuba “bazonwabise kunye.” UDavid wakugatya oko waza wacela umphathi wakhe ukuba amnike umsebenzi kwenye indawo ukuze kungaphindi kwenzeke oku. UDavid uthi: “Ndiye ndakhumbula umzekelo kaYosefu. Wakugatya ukuziphatha okubi waza waphuma ngoko nangoko. Nam ndenze okufanayo.”—Genesis 39:10-12.
16. Chaza isizathu sokuba simele siziqeqeshele ‘ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’
16 Kwakhona uYesu walisebenzisa ikrele lomoya ukuze ancede abanye bakhululeke emakhamandeleni kaSathana. UYesu wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yohane 7:16) Ukuze sikwazi ukuxelisa ubuchule bukaYesu bokufundisa, sifanele senze uqheliselo. Umbhali-mbali ongumYuda uJosephus wabhala wathi ngamajoni aseRoma: “Joni ngalinye liqhelisela suku ngalunye, yaye oko likwenza ngokuzimisela okukhulu ngokungathi lisemfazweni, yaye kungenxa yeso sizathu le nto la majoni engakhawulezi adinwe ngexesha lemfazwe.” Kwimfazwe yethu yokomoya, sifanele sisebenzise iBhayibhile. Ngaphezu koko, simele ‘senze unako-nako wokuba sizinikele sikholekile kuThixo, singabasebenzi abangenazintloni nganto, yaye siliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Eneneni saneliseka gqitha xa sisebenzisa iZibhalo ukuphendula umbuzo onyanisekileyo womntu onomdla!
Thandaza Ngazo Zonke Izihlandlo
17, 18. (a) Umthandazo unayiphi indima ekumelaneni kwethu noSathana? (b) Nika umzekelo obonisa ukubaluleka komthandazo.
17 Akuba esichazile sonke isikrweqe somoya, uPawulos unikela elinye icebiso elibalulekileyo. Ukuze akwazi ukumelana noSathana, amaKristu afanele aqhubeke ‘ethandaza yaye ekhunga.’ Izihlandlo ezingaphi? UPawulos uthi, ‘Qhubekani nithandaza ngazo zonke izihlandlo nikuwo umoya.’ (Efese 6:18) Xa sijamelene nezilingo, uvavanyo, okanye sidimazekile, umthandazo unokusomeleza kakhulu. (Mateyu 26:41) UYesu “wanikela izikhungo kwanezibongozo kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi, yaye waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.”—Hebhere 5:7.
18 UMilagros, oneminyaka engaphezu kwe-15 enyamekela umyeni wakhe ongumlwelwe, uthi: “Xa ndidimazekile, ndithandaza kuYehova. Akukho mntu unokundinceda njengaye. Enyanisweni, akho amaxesha endiye ndizive ndisoyisakala ngawo. Kodwa izihlandlo ezininzi, xa ndithandaza kuYehova, ndiye ndizive ndomelele yaye ndihlaziyekile.”
19, 20. Yintoni efunekayo ukuze siphumelele ekulweni kwethu noSathana?
19 UMtyholi uyazi ukuba ixesha lakhe lifutshane, ngoko uzama ngamandla ngakumbi ukusoyisa. (ISityhilelo 12:12, 17) Ngoko simele siluxhathise olu tshaba lunamandla size ‘silwe umlo omhle wokholo.’ (1 Timoti 6:12) Ukuze siphumelele simele sifumane amandla angaphezu kwaqhelekileyo. (2 Korinte 4:7) Simele sifumane noncedo lomoya oyingcwele kaThixo, ngoko sifanele siwuthandazele. UYesu wathi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!”—Luka 11:13.
20 Ngokucacileyo, kubalulekile ukuba sisinxibe sonke isikrweqe asilungiselele sona uYehova. Ukuze sikwazi ukunxiba esi sikrweqe somoya simele sibonakalise iimpawu zobuthixo, njengokholo nobulungisa. Oko kuthetha ukuba sifanele siyithande inyaniso ngokungathi sibhinqe ngayo, sikulungele ukusasaza iindaba ezilungileyo ngawo onke amaxesha, yaye sihlale silikhumbula ithemba eliphambi kwethu. Simele sifunde ukulisebenzisa ngobuchule ikrele lomoya. Ngokunxiba sonke isikrweqe sikaThixo, sinokuphumelela ekuzamazameni kwethu nemikhosi yoomoya abangendawo, size ngaloo ndlela sizukise igama elingcwele likaYehova.—Roma 8:37-39.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwisiprofeto sikaIsaya, uYehova uchazwa njengalowo wambethe “ubulungisa njengesambatho sentsimbi.” Ngoko ulindele ukuba abaveleli bebandla babonise okusesikweni nobulungisa.—Isaya 59:14, 15, 17.
Ubunokuphendula Uthini?
• Ngubani omisela umzekelo obalaseleyo wokunxiba isikrweqe sokomoya, yaye kutheni sifanele siwuhlolisise ngokucokisekileyo umzekelo wakhe?
• Sinokuyikhusela njani ingqondo yethu nentliziyo yethu yokomfuziselo?
• Sinokubufumana njani ubuchule bokusebenzisa ikrele lomoya?
• Kutheni sifanele siqhubeke sithandaza ngazo zonke izihlandlo?
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ukufundisisa iBhayibhile ngenkuthalo kunokusishukumisela ukuba sivakalise iindaba ezilungileyo ngazo zonke izihlandlo
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ithemba lethu eliqinisekileyo liyasinceda ukuba simelane nezilingo
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Ngaba uyalisebenzisa “ikrele lomoya” kubulungiseleli?