Ngaba Uyayazi Indlela Okuvuyisa Ngayo Ukupha?
OMNYE udade ongumKristu othembekileyo sele echithe phantse iminyaka engama-50 kwinkonzo yamaKristu. Nangona ukwaluphala kwamenza akabi namandla, wayezimisele ukuya kwiHolo yoBukumkani esandul’ ukwakhiwa. Ebambelele engalweni yomzalwana ongumKristu owayemnceda, wangena eholweni waza wahamba kancinane kodwa esiya ngqo kweyona nto ngokuyintloko awayeze kuyo—ibhokisi yomnikelo. Apho wafaka isixa esithile semali awayeyigcinele le njongo. Nangona kwakungekho msebenzi awayenokuncedisa kuwo kulwakhiwo lwale holo, wayefuna ukunikela uncedo.
Eli bhinqa lingumKristu lisenokukukhumbuza elinye ibhinqa elithembekileyo—‘umhlolokazi olihlwempu’ uYesu awambona ephosa iingqekembe ezimbini ezincinane kwibhokisi yokugcina imali yetempile. Asixelelwa iimeko awayephila phantsi kwazo lo mhlolokazi, kodwa ngalo maxesha ukungabi nandoda kwakunokwenza umfazi atsale nzima. Ngokuqinisekileyo uYesu waba nosizi, kuba wayeyiqonda ngokupheleleyo intlungu yakhe. Isizathu sokuba ammise njengomzekelo kubafundi bakhe, kungokuba waphawula ukuba isipho sakhe esincinane sasikuko “konke abenako, ukuphila kwakhe kuphela.”—Marko 12:41-44.
Kwakutheni ukuze umfazi osweleyo njengalo mhlolokazi ulihlwempu enze umnikelo onjalo? Licacile elokuba, kwakungenxa yokuba wayezinikele ngokunzulu kuYehova uThixo, owayenqulwa kwitempile eseYerusalem. Nangona wayengenanto ingako awayenokuyenza, wayefuna ukuhambisela phambili inkonzo engcwele. Yaye kumele ukuba wakuvuyela gqitha ukunikela oko anako.
Ukunikela Ukuze Kuxhaswe Umsebenzi KaYehova
Ukunikela ngezinto eziphathekayo nangemali bekusoloko kuyinxalenye ebalulekileyo kunqulo olunyulu, yaye bekusoloko kubangela uvuyo olukhulu. (1 Kronike 29:9) KwaSirayeli wamandulo iminikelo yayisetyenziswa kungekhona ukwenza itempile ibe ntle kodwa kwanokugcina zonke izinto ezazisetyenziswa kunqulo lukaYehova zisebenza. UMthetho wachaza ngokungqalileyo ukuba oonyana bakaSirayeli babefanele banikele ngesishumi semveliso yabo ukuze baxhase abaLevi, ababesebenza etempileni. Kodwa nabo abaLevi babefanele banikele kuYehova isishumi kwizinto ababezifumana.—Numeri 18:21-29.
Nangona amaKristu ayekhululwe kwizinto ezazifuneka kumnqophiso woMthetho, umgaqo wokuba abakhonzi bakaThixo banikele ngezinto eziphathekayo ukuxhasa unqulo lokwenyaniso awuzange utshintshe. (Galati 5:1) Ukongezelela, amaKristu enkulungwane yokuqala ayekugqala kuluvuyo ukunikela ukuze axhase abazalwana babo abasweleyo. (IZenzo 2:45, 46) Umpostile uPawulos wakhumbuza amaKristu ukuba kanye njengokuba uThixo ewanika ngesisa izinto ezilungileyo, ngoko ke afanele abonakalise isisa kwabanye. Wabhala: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe; mabenze okulungileyo, batyebe emisebenzini emihle, bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana, ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.” (1 Timoti 6:17-19; 2 Korinte 9:11) Eneneni, ngenxa yamava awayenawo, uPawulos waqinisekisa ukuba yinyaniso kwamazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Indlela AmaKristu Anikela Ngayo Namhlanje
Namhlanje, abakhonzi bakaYehova baqhubeka besebenzisa izinto zabo eziphathekayo ukuze bancedane baze baxhase umsebenzi kaThixo. Kwanabo bangenazinto zingako bayanikela xa benako. ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ livakalelwa kukuba linembopheleleko kuYehova yokuyisebenzisa ngeyona ndlela ifanelekileyo yonke le minikelo. (Mateyu 24:45) Iminikelo isetyenziselwa ukuze iiofisi zamasebe ziqhubeke zisebenza, ukuguqulela nokushicilela iiBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni, ukulungiselela iindibano ezinkulu zamaKristu, ukuqeqesha nokuthumela abaveleli abahambahambayo nabavangeli basemazweni, ukunikela uncedo xa kwehle intlekele, nezinye izinto ezininzi ezibalulekileyo. Makhe siqwalasele enye injongo ebalulekileyo—ukunikela ukuze kwakhiwe iindawo zonqulo.
AmaNgqina kaYehova ahlanganisana kangangeentsuku eziliqela ngeveki kwiiHolo zoBukumkani zawo ukuze azuze kwimfundo engokomoya nakunxulumano olwakhayo. Noko ke, kumazwe amaninzi iimeko zoqoqosho ziye zenze amaNgqina asekuhlaleni angakwazi ukwakha iiHolo zoBukumkani ngaphandle kokuba aqale afumane uncedo lwemali. Ngoko ke, ngowe-1999, amaNgqina kaYehova aqalisa inkqubo yokusebenzisa imali evela kumazwe afumileyo ize isetyenziselwe ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kumazwe ahlwempuzekileyo. Ukongezelela, amatsha-ntliziyo amaninzi sele enikele ngexesha nobuchule bawo, maxa wambi esebenza kwiindawo ezikwanti zala mazwe. Ebudeni bolwakhiwo, amaNgqina asekuhlaleni afunda ubuchule bokwakha nobokulungisa izinto, yaye Ingxowa-mali yeeHolo zoBukumkani yenza kwakho imali yokuthenga izixhobo ezifunekayo. AmaNgqina ngoku asebenzisa ezi holo zintsha anombulelo onzulu kuba amanye amakholwa aye anikela ngexesha nangemali. AmaNgqina asekuhlaleni nawo anikela inyanga ngenyanga ukugcina iHolo yoBukumkani entsha ikwimeko entle yaye ayancedisa ekuhlawuleni iindleko zolwakhiwo, ngaloo ndlela enikela uncedo ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezingakumbi.
IiHolo zoBukumkani ziye zakhiwe ngendlela nangezinto zasekuhlaleni. Nangona ezi holo zingenabugocigoci, zintle yaye ziyayifeza ngokupheleleyo injongo yazo. Xa kwaqaliswa olu cwangciso lokwakha ngowe-1999, kwaqukwa amazwe amalunga nama-40 angafumanga. Ukususela ngoko, olu cwangciso lokwakha luye lwaquka amazwe ali-116, aquka ngaphezu kwesiqingatha samabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini. Kwiminyaka emihlanu edluleyo, kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezingaphezu kwama-9 000 kusetyenziswa eli lungiselelo, umlinganiselo weeholo ezintsha ezingaphezu kwezi-5 suku ngalunye! Sekunjalo, kula mazwe ali-116, kusafuneka iiHolo zoBukumkani ezintsha ezingama-14 500. Ngentsikelelo kaYehova nangokuzincama nokuba nesisa kwamaNgqina ehlabathini lonke, kukho ithemba lokuba kuya kubakho imali eyaneleyo ukuphumeza le ntswelo.—INdumiso 127:1.
IiHolo ZoBukumkani Zibangela Ulwando
Lo mgudu ungaka uye waba naliphi igalelo kumaNgqina asekuhlaleni nakumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani? Kwiindawo ezininzi, kukho ulwando oluphawulekayo lwabantu abeza kwiintlanganiso emva kokuba kwakhiwe iHolo yoBukumkani entsha. Umzekelo woko ufumaneka kule ngxelo yaseBurundi: “Kungekudala emva kokuba iHolo yoBukumkani igqityiwe ukwakhiwa, iye izale. Ngokomzekelo, enye iHolo yoBukumkani yayakhelwe ibandla elinomlinganiselo wabantu abali-100 abeza ezintlanganisweni. IHolo yoBukumkani yalo entsha ihlala abantu abali-150. Ngexesha eyagqitywa ngalo, kwakusiza abantu abangama-250 kwiintlanganiso.”
Kutheni kubakho ulwando olunjalo? Esinye isizathu sikukuba, amaqela abavakalisi boBukumkani angenandawo efanelekileyo yokuhlanganisana ekuye kufuneke ahlanganisane phantsi kwemithi okanye ebaleni maxa wambi aye angaqondwa kakuhle. Kwelinye ilizwe, ugonyamelo lobuhlanga luye lwanxulunyaniswa namaqela onqulo amancinane anjalo, yaye umthetho ufuna ukuba zonke iintlanganiso zonqulo ziqhutyelwe kwindlu yonqulo.
Kwakhona ukuba neeholo zawo kunceda amaNgqina kaYehova abonise abantu basekuhlaleni ukuba akangobafundi bomfundisi othile. Iofisi yesebe yaseZimbabwe yamaNgqina kaYehova ibhala isithi: “Kwixesha elidluleyo, abazalwana bale ndawo babedla ngokuhlanganisana emakhayeni abazalwana, yaye abantu basekuhlaleni babeye babize ibandla ngegama lomnini-khaya abahlanganisana kulo. Babeye babhekisele kubazalwana njengabecawa kaMnumzana Zibani-bani. Konke oku kuyatshintsha ngoku njengoko abantu bebona imiqondiso ecacileyo echaza iholo nganye ‘njengeHolo YamaNgqina KaYehova.’”
Abaphi Abachwayitileyo
Umpostile uPawulos wabhala: “UThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Kakade ke, iminikelo emikhulu iluncedo gqitha. Kodwa eyona minikelo mininzi enikelwa kumsebenzi wamaNgqina kaYehova iphuma kwiibhokisi zeminikelo zeeHolo zoBukumkani. Enoba mikhulu okanye mincinane, yonke iminikelo ibalulekile yaye ayijongelwa phantsi. Khumbula ukuba uYesu wambona umhlolokazi olihlwempu xa wayenikela iingqekembe zakhe ezimbini ezincinane. Iingelosi noYehova nabo bambona. Asazi ukuba lalingubani igama lalo mhlolokazi, kodwa uYehova waqiniseka ukuba isenzo sakhe sokungazingci sibhalwa eBhayibhileni ukuze sihlale sikho.
Ukongezelela ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, iminikelo yethu ixhasa zonke ezinye iinkalo zomsebenzi woBukumkani obalulekileyo. Ukusebenzisana ngale ndlela kusinika isizathu sokuvuya ‘nokutyeba ngeembonakaliso ezininzi zombulelo kuThixo.’ (2 Korinte 9:12) Abazalwana bethu abangamaKristu eBenin banikela le ngxelo: “Suku ngalunye imithandazo yokubulela iya kuYehova ngenxa yoncedo lwemali evela kubazalwana ehlabathini lonke.” Kwangaxeshanye, sonke esiye saxhasa umsebenzi woBukumkani ngemali sifumana uvuyo olubangelwa kukupha njengamaKristu!
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 22, 23]
Iindlela Abanye Abakhetha Ukunikela Ngazo
IMINIKELO EYA KUMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE
Abaninzi babekela bucala, okanye benze uqingqo-mali lwesixa abaza kusifaka kwiibhokisi zeminikelo ezibhalwe “Iminikelo Eya Kumsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke—Mateyu 24:14.”
Nyanga nganye, amabandla athumela ezi zixa kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe lawo. Iminikelo yokuzithandela yemali isenokuthunyelwa ngokungqalileyo kwi-Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwiofisi yesebe enyamekela ilizwe lakho. Iitsheki zimele zibhalwe “Watch Tower.” Kusenokunikelwa ngezinto ezenziwe ngamatye anqabileyo okanye ngezinye izinto ezixabisekileyo. Le minikelo imele iphelekwe yileta emfutshane echaza ukuba le yiminikelo.
UKUNIKELA OKUCETYIWEYO
Ukongezelela kwiminikelo yemali neminikelo yemali enikelwa phantsi kweemeko ezithile, zikho nezinye iindlela zokunikela kwinkonzo yoBukumkani ehlabathini lonke. Ezi ziquka:
I-inshorensi: IWatch Tower inokubhaliswa njengemele ifumane imali kwi-inshorensi yobomi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala-phantsi.
Imali Eselugcinweni Neebond: Kunokunikelwa ngemali eselugcinweni neebond kwiWatch Tower njengesipho.
Izindlu Nemihlaba: Izindlu nemihlaba enokuthengiswa inokunikelwa njengesipho okanye, kwimeko yendawo yokuhlala, ngokuzigcina zikwilungelo lalowo wenze umnikelo, onokuqhubeka ehlala kuzo ngethuba esaphila. Qhagamshelana neofisi yesebe ekwilizwe lakho ngaphambi kokubhalisa izindlu nemihlaba.
Iminqophiso Yamafa: Izinto okanye imali inokushiyelwa iWatch Tower ngomnqophiso welifa osemthethweni.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, unokuqhagamshelana neAccounting Office, ngokuyibhalela okanye ngokutsala umnxeba, kwidilesi ebhalwe apha ngezantsi okanye kwiofisi yamaNgqina kaYehova enyamekela ilizwe lakho.
Accounting Office
Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
Private Bag X2067,
Krugersdorp, 1740
Inombolo Yefowuni: (011) 761-1000
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Iindawo zokuhlanganisa zamaNgqina kaYehova ezintsha nezindala
EZambia
Central African Republic