Imibuzo Evela Kubafundi
KwaSirayeli, kwakufuzisela ntoni ukukhanya okungumangaliso okwakubizwa ngokuba yiShekina maxa wambi okwakusiba kweYona Ngcwele yomnquba nasetempileni?
UYehova, uBawo onothando noMkhuseli wabantu bakhe, wayebenza bubonakale ngokukhethekileyo ubukho bakhe kwaSirayeli. Enye indlela awayekwenza ngayo oku yayililifu elalikhanyisa kwindawo yokumnqula.
Oko kukhanya kuqaqambileyo kwakumela ubukho bukaYehova ongabonakaliyo. Kwakukhanya kweYona Ngcwele emnqubeni nakwitempile eyakhiwa nguSolomon. Oko kukhanya kwakungathethi ukuba uYehova ukho ngokoqobo apho. UThixo akanakuhlala kwizindlu ezakhiwe ngabantu. (2 Kronike 6:18; IZenzo 17:24) Oku kukhanya kungaqhelekanga kule ngcwele kaThixo kwakusomeleza umbingeleli omkhulu aze yena omeleze onke amaSirayeli awayekhuselwa bubukho bukaYehova ekwanyamekela neentswelo zawo.
Emva kokubhalwa kweBhayibhile ngesiAramiki, oku kukhanya kwakubizwa ngokuba yiShekina (shekhinah’), gama elo elithetha “into ehleliyo” okanye “ukuhlala.” Eli binzana aliveli eBhayibhileni kodwa lifumaneka kwiinguqulelo zesiAramiki zeZibhalo zesiHebhere, ezikwabizwa ngokuba yiTargum.
Xa uYehova wanika uMoses imiyalelo yokwakha umnquba wathi: “Uze usibeke isigubungelo phezu kweTyeya, usifake eTyeyeni isingqino endiya kukunika sona. Ndiya kuhlangana nawe khona ndithethe kuwe ndiphezu kwesigubungelo, phakathi kweekherubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino.” (Eksodus 25:21, 22) ITyeya ekuthethwa ngayo apha yityesi eyayalekwe ngegolide ehlala kweYona Ngcwele. Kwakukho iikherubhi ezimbini zegolide ngaphezu kwesiciko saloo Tyeya.
Yiyiphi indawo awayeza kuthetha kuyo uYehova? Wawuphendula lo mbuzo wathi kuMoses: “Ndiya kubonakala efini phezu kwesigubungelo.” (Levitikus 16:2) Eli lifu lalindanda phezu kweTyeya engcwele phakathi kweekherubhi zegolide ezimbini. IBhayibhile ayichazi ukuba laliphakame kangakanani elo lifu okanye lalikude kangakanani kwiikherubhi.
Eli lifu liqaqambileyo lalikhanyisa kweYona Ngcwele. Phofu, lalikukuphela kokukhanya okwakukho kwelo gumbi lomnquba. Oko kukhanya kwakumnceda umbingeleli omkhulu xa engena kwelona gumbi lingaphakathi lengcwele ngoMhla Wocamagushelo. Wayemi phambi koYehova.
Ngaba oku kukhanya kungumangaliso kunentsingiselo ekhethekileyo kumaKristu? Umpostile uYohane wabona isixeko ‘esingenabusuku’ embonweni. Esi sixeko yiYerusalem Entsha, ebunjwe ngamaKristu athanjisiweyo avusiweyo ukuze alawule noYesu. Esi sixeko sokomfuziselo asikhanyiselwa lilanga okanye yinyanga. Uzuko lukaYehova uThixo lukhanyisela intlangano ngokungqalileyo, kanye njengokuba ilifu leShekina lalikhanyisela eYona Ngcwele. NeMvana uYesu Kristu, ‘sisibane’ sesi sixeko. Naso esi “sixeko” sabelana ngokukhanya kwaso kokomoya nabantu abahlawulelweyo abaphuma kuzo zonke iintlanga.—ISityhilelo 21:22-25.
Ekubeni befumana iintsikelelo ezivela ngasentla, abanquli bakaYehova banokuqiniseka ukuba uYehova nguMalusi onenkathalo noBawo onothando.