Ububi Besamele
KWIHLABATHI lanamhlanje kusenokubonakala ngathi bambalwa abantu abakulungeleyo ukunceda abanye. Noko ke, basekho abanomnqweno “wokwenza umahluko”—ngokwenza okuthile ukuze bancede abanye. Nyaka ngamnye, abantu abaninzi banikela ngamawaka ezigidi zeerandi kwimibutho abavakalelwa kukuba iluncedo. Ngokomzekelo, eBritani, ngowama-2002 imali eyanikelwa kule mibutho yoncedo yafikelela kuma-84 amawaka ezigidi zeerandi. Ukususela ngowe-1999, abaququzeleli bentlalo-ntle yabantu abanesisa abalishumi baye banikela okanye bathembisa ukunikela ngemali engaphezu kwama-246 amawaka ezigidi zeerandi ukuze bancede abasweleyo.
Eminye imisebenzi elungileyo eyenziwa yimibutho yoncedo kukuhlawulela iintsapho ezinemivuzo emincinane amatyala azo onyango, ukufundisa abantwana abanomzali omnye, ukuxhasa iinkqubo zokugonywa kumazwe asakhasayo, ukunika abantwana abahlwempuzekileyo iincwadi, ukunceda amafama akumazwe ahlwempuzekileyo ngokuwanika izilwanyana ezizalayo nokunceda amaxhoba eentlekele zemvelo.
Ezi zibakala zibonisa ukuba abantu bangakwazi ukuncedana. Noko ke, okubuhlungu kukuba, kukho abantu abenza ububi obungathethekiyo.
Ububi Buyanda
Ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, kuye kwakho iingxelo ezimalunga nama-50 zokutshatyalaliswa kohlanga nokubulawa kwenkitha yabantu ngenxa yezenzo zezopolitiko. Iphephancwadi iAmerican Political Science Review, lithi: “Kwezi ziganeko kuye kwabulawa abantu abazizigidi ezili-12 nabantu abangenanto yakwenza nemfazwe abazizigidi ezingama-22, inani elingaphezu kwelo labo bafa kwiimfazwe ezaliwa kumazwe athile nakwihlabathi liphela ukususela ngowe-1945.”
Ngasekupheleni kwenkulungwane yama-20, ngenxa yezopolitiko eKhambodiya kwabulawa abantu abazizigidi ezi-2,2. ERwanda intiyo yobuhlanga yabulala amadoda, amabhinqa nabantwana abangephezu kwama-800 000. EBosnia unqulo nezopolitiko zaba negalelo ekubulaweni kwabantu abangaphezu kwama-200 000.
Ethetha ngeziganeko zakutshanje zobubi, unobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo wathi ngowama-2004: “EIraq, kuye kwaphalala igazi labantu abangenanto yakwenza nemfazwe, ngoxa abantu abanikela uncedo, iintatheli nabanye abantu baye bathinjwa baza babulawa ngenkohlakalo. Kwangaxeshanye, siye sabona amabanjwa aseIraq ephathwa kakubi ngendlela engathethekiyo. EDarfur, abemi balapho baye babhaca, izindlu zabo zatshatyalaliswa, ngoxa abafazi bedlwengulwa ngabom. Emntla Uganda, abantwana bashunquke amalungu omzimba yaye banyanzelwa ukuba babe nenxaxheba kwizenzo zenkohlakalo ezihambis’ umzimba. EBeslan, abantwana baye bathinjwa baza babulawa ngenkohlakalo.”
Ulwaphulo-mthetho olubangelwa bubuhlanga luya lusanda kwanakumazwe ekuthiwa ahambele phambili. Ngokomzekelo, i-Independent News ngowama-2004 yathi eBritani kuye kwakho “ulwando oluphindwe kalishumi elinanye lwabantu abaye bahlaselwa okanye baphathwa kakubi kuba bengabolunye uhlanga kule minyaka ilishumi edluleyo.”
Kwenzeka njani ukuba abantu abanamandla okwenza izinto ezininzi ezilungileyo bakwazi ukwenza okubi kangaka? Ngaba ububi buya kuze buphele? Njengoko inqaku elilandelayo libonisa, iBhayibhile ineempendulo ezanelisayo kule mibuzo ididayo.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Mark Edwards/Still Pictures/Peter Arnold, Inc.