Ibali Lobomi
Ukwazi Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka Kwabuguqula Ubomi Bam
KUBALISA UHARRY PELOYAN
Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka? Lo mbuzo wawundikhathaza kususela ebuntwaneni. Abazali bam babekhuthele, benyanisekile ibe beyikhathalele intsapho yabo. Sekunjalo, utata wayengayihambi icawa ibe yena umama wayesiya manqaphanqapha. Ngoko babengenakuwuphendula lo mbuzo.
NDAZIBUZA lo mbuzo ngakumbi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, xa ndandikumkhosi waselwandle waseUnited States ngaphezu kweminyaka emithathu. Ukuphela kwemfazwe, ndathunyelwa eTshayina ngenqanawa eyayisisa izinto zoncendo. Ndahlala apho phantse unyaka wonke ibe ndabona indlela abantu abaninzi ababandezeleke ngayo.
AmaTshayina ngabantu abakhutheleyo nabakrelekrele. Kodwa ayesokola gqitha ngenxa yobuhlwempu nogonyamelo olwabangelwa yiMfazwe Yehlabathi II. Intliziyo yam yayiba buhlungu gqitha xa ndibona abantwana abahle, abaninzi kubo bengondlekanga ibe bedlakazela, besiza kungqiba xa besibona siselunxwemeni.
Ukungaqondi Isizathu Sokuba Abantu Babandezeleke
Ndazalwa ngowe-1925 ndaza ndakhulela eKhalifoniya, eUnited States. Ndandingekaze ndayibona into enjengale ndandiyibona eTshayina. Ngenxa yoko, ndahlala ndizibuza, ‘Ukuba kukho uMdali onguSomandla, kutheni evumela abantu abaninzi kangaka bathwaxwe ziimeko ezinje, ingakumbi abantwana abangenatyala?’
Ndandizibuza nesizathu sokuba, ukuba ngokwenene ukhona uThixo, avumele ukubulawa nokufa kwabantu abangaka, nokubandezeleka kwabo kangangeenkulungwane—ingakumbi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, apho kwafa abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-50. Ngaphezulu, kwakutheni ukuze ebudeni balo mfazwe abantu bonqulo olunye, babulalane ngenxa yokuthelekiswa ngabefundisi babo, kuba bekumazwe ahlukeneyo?
Iteleskopu
Xa kwaqalisa iMfazwe Yehlabathi II ngowe-1939 kwaza kwabulawa inyambalala yabantu ehlabathini lonke, ndavakalelwa kukuba akakho uThixo. Kwandula ke, kwizifundo zenzululwazi kwisikolo samabanga aphakamileyo, mfundi ngamnye kwathiwa makakhe into enxulumene nenzululwazi. Ekubeni ndandinomdla kwinzululwazi ngeenkwenkwezi, ndakha iteleskopu enkulu enesipili esiziisentimitha ezingama-20.
Ukuze ndakhe le teleskopu, ndathenga iglasi engaphezu kweesentimitha ezi-2,5 ubukhulu neziisentimitha ezingama-20 ububanzi ndaza ndaya kuyisikisa ukuze yenziwe ngqukuva. Emva koko ndaqalisa umsebenzi onzima wokukhuhla le glasi ngesandla ibe sisipili esimgobongqo. Oku kwadla lonke ixesha lam lokuphumla kwizifundo zesiqingatha sonyaka. Emva kokuba ndigqibile ukwenza esi sipili, ndasincamathelisa kumbhobho omde wesinyithi ndaza ndafaka kule teleskopu iiglasi ezibonisa ngendlela eyahlukahlukeneyo.
Emva kokuba ndigqibile ukuyenza iteleskopu yam ndaphuma nayo okwesihlandlo sokuqala ngobusuku obungenanyanga ndaza ndajonga iinkwenkwezi nezinye izijikelezi-langa. Ndamangaliswa yindlela ezininzi ngayo izijikelezi-langa nendlela ezilungelelaniswe ngayo. Emva koko, ndabamb’ ongezantsi xa ndafumanisa ukuba ezinye “iinkwenkwezi” zaziyiminyele njengoMnyele wethu Wezulu, ngamnye uneenkwenkwezi ezingamawaka ezigidi.
Ndacinga ngale ndlela, ‘Ngokuqinisekileyo konke oku akunakuzenzekela. Akukho nto ilungelelanisiweyo inokwenzeka ngamabona-ndenzile. Indlela elungelelene ngayo indalo ibonakala ngathi yenziwa yinkcuba-buchopho. Ngaba oku kuthetha ukuba ukho uThixo?’ Oko ndakubona ngeteleskopu kwandenza ndarhoxa kwingcamango yam endandibambelele kuyo ngokuqinileyo yokuba akukho Thixo.
Ndandula ke ndazibuza: ‘Ukuba ngokwenene ukho uThixo onamandla nonobulumko bokuba adale le ndalo imangalisayo, ngaba ebengenakukwazi ukulungisa le meko ilusizi isemhlabeni? Kwakutheni ukuze ayivumele kwasekuqaleni yonke le ntlungu?’ Xa ndandibuza le mibuzo abantu abahamba icawa babengakwazi ukundiphendula ngendlela eyanelisayo.
Emva kokuba ndigqibile kwisikolo samabanga aphakamileyo yaye ndifunde iminyaka eliqela ekholeji, ndaya kuMkhosi Waselwandle waseUnited States. Noko ke, abefundisi bomkhosi nabo babengakwazi ukuyiphendula imibuzo yam. Izihlandlo ezininzi abo bahamba icawa babedla ngokuthi, “Iindlela zikaThixo azaziwa mntu.”
Iphulo Lam Lisaqhubeka
Ndandisoloko ndizibuza isizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka nasemva kokuba ndimkile eTshayina. Ndandingakwazi ukuwukhupha engqondweni lo mbuzo, ingakumbi xa ndabona amangcwaba amajoni kwiziqithi ezahlukahlukeneyo esasimisa kuzo endleleni egodukayo sinqumla kwiPasifiki. Uninzi lwalo mangcwaba yayingawabafana ababeseze ngobuso ezweni.
Ukubuyela kwam eUnited States ndakhululwa emkhosini, ibe kwafuneka ndifunde unyaka wokugqibela kwiYunivesithi yaseHarvard eCambridge, eMassachusetts. Emva koko ndafumana isidanga kodwa andizange ndigoduke ndiye eKhalifoniya. Ndagqiba kwelokuba ndihlale kuNxweme olukwiMpuma yeUnited States okwexeshana ndizama ukufumana iimpendulo kwimibuzo yam. Ndandizimisele ukuya kwisiXeko saseNew York apho kwakukho iicawa ezininzi, ukuze ndiye kwiicawa ezithile ze ndazi oko zikufundisayo.
Umakazi, uIsabel Kapigian, wathi mandiye kuhlala naye eNew York. Yena neentombi zakhe ezimbini, uRose noRuth babengamaNgqina kaYehova. Ekubeni ndingazange ndicinge ukuba ndinganomdla kwiinkolelo zabo, ndaqalisa ukuya kwezinye iicawa, ndithetha nabantu ndifunda neencwadi zabo. Abo bantu ndandidla ngokubabuza isizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka, kodwa nabo babengenayo impendulo. Ndagqiba kwelokuba mhlawumbi uThixo akakho.
Ukufumana Iimpendulo
Emva koko ndacela kumakazi neentombi zakhe ukuba ndifunde iincwadi zabo ukuze ndive ngeembono zamaNgqina kaYehova. Xa ndafunda iimpapasho zabo, ngokukhawuleza ndafumanisa ukuba amaNgqina ahluke gqitha kwezinye iicawa. Iimpendulo endandizifumana zaziphuma eBhayibhileni ibe zazisanelisa gqitha. Ngexesha nje elifutshane, imibuzo yam ngesizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka yaphenduleka.
Ukanti ndaphawula nokuba amaNgqina kaYehova axhasa iimpendulo zawo ezisekelwe eBhayibhileni ngokuphila ngokuvisisana neenkolelo zawo. Ngokomzekelo, ndabuza umakazi ngoko kwakusenziwa ngabafana bamaNgqina kaYehova eJamani ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Ngaba baya emkhosini, bathi “Heil Hitler!,” baza bakhahlela indwe yeswastika? Wandiphendula wathi abazange bakwenze oko. Ngenxa yokungathabathi cala kwabo kwezopolitiko, basiwa kwiinkampu zoxinaniso apho abaninzi babulawelwa khona. Wandixelela ukuba ebudeni bemfazwe amaNgqina kaYehova kuzo zonke iindawo ayebambelele kwisigqibo esifanayo—ukungathabathi cala kwezopolitiko. Kwanakumazwe alawula ngedemokhrasi, abafana bamaNgqina kaYehova bavalelwa ngenxa yokungathabathi cala kwezopolitiko.
Emva koko umakazi wandicela ukuba ndifunde uYohane 13:35, othi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” AmaKristu okwenyaniso amele aphawulwe ngokuba nolo thando ehlabathini lonke. Akanakuze alwe emfazweni ebulalana ngenxa yobuhlanga! Wandibuza: “Ngaba unombono kaYesu nabafundi bakhe besilwa kwiimfazwe zamaRoma baze babulalane?”
Wandicela ukuba ndifunde nencwadi yoku-1 kaYohane 3:10-12. Ithi: ‘Yiyo ke le indlela ababonakala ngayo abantwana bakaThixo nabantwana bakaMtyholi: Bonke abangaqhubekiyo besenza ubulungisa abaphumi kuThixo, kukwanjalo nangalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. Masithandane; singabi njengoKayin, owaphuma kulowo ungendawo waza wambulala ngogonyamelo umntakwabo.’
Imfundiso yeBhayibhile icacile. AmaKristu okwenyaniso amele athandane, enoba ngawaluphi na uhlanga. Ngenxa yoko, akanakuze abulale abazalwana bawo bokomoya okanye nawuphi na umntu. Seso sizathu esabangela ukuba uYesu athi ngabalandeli bakhe: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.”—Yohane 17:16.
Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka
Kungekudala ndafumanisa ukuba iBhayibhile iyasixelela isizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka. Ichaza ukuba xa uThixo wadala abazali bethu bokuqala, wabenza bafezeka waza wababeka kumyezo oyiparadesi. (Genesis 1:26; 2:15) Wabanika nesona sipho sinqwenelekayo—inkululeko yokuzikhethela. Kodwa babefanele bayisebenzise ngokuthembeka. Ukuba babethobela uThixo nemithetho yakhe, babeza kuqhubeka bephila eparadesi befezekile. Babeza kwandisa loo paradesi de umhlaba wonke ube yiparadesi. Inzala yabo nayo yayiza kufezeka, kangangokuba ekuhambeni kwexesha lo mhlaba wawuza kuba yiparadesi entle ehlalwa ngabantu abafezekileyo nabonwabileyo.—Genesis 1:28.
Noko ke, ukuba uAdam noEva babeza kukhetha ukuzilawula kunokuba balawulwe nguThixo, wayengayi kubavumela bahlale befezekile. (Genesis 2:16, 17) Okubuhlungu kukuba, abazali bethu bokuqala bayisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela baza bakhetha ukungalawulwa nguThixo. Balukuhlwa sisidalwa somoya esinemvukelo esaziwa ngokuba nguSathana uMtyholi. Sasifuna ukuzimela geqe kuThixo ibe sinqwenela ukunqulwa nto leyo efanele yenziwe kuThixo kuphela.—Genesis 3:1-19; ISityhilelo 4:11.
Ngenxa yoko uSathana waba ‘nguthixo wale nkqubo yezinto.’ (2 Korinte 4:4) IBhayibhile ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) UYesu wathi uSathana ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30) Ukungathobeli kukaSathana nabazali bethu bokuqala kwabangela ukungafezeki, ugonyamelo, ukufa, iintlungu nokubandezeleka kubo bonke abantu.—Roma 5:12.
“Asikokomntu”
Ukuze uThixo abonise indlela abantu ababeya kuchaphazeleka ngayo ngokungathobeli umthetho woMdali, uye wavumela imiphumo yako ibekho kangangamawaka eminyaka. Oku kuye kwanika bonke abantu ithuba lokubona ukuba yinyaniso yoko kuthethwa yiBhayibhile xa isithi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe. . . . Ndilungise, Yehova.”—Yeremiya 10:23, 24.
Ngoku, emva kwazo zonke ezi nkulungwane, sinokubona ukuba ukuzilawula ngaphandle koncedo lukaThixo kuye kwazisa intlekele. Ngenxa yoko, uThixo uthembisa ukuphelisa yonke le ntlekele iye yabangelwa kukungafuni kwabantu ukulawulwa nguye nokuthobela imithetho yakhe.
Ikamva Eliqaqambileyo
Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba, kungekudala uThixo uza kuphelisa le nkqubo yezinto ikhohlakeleyo, kuba sithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:10, 11.
Isiprofeto esikuDaniyeli 2:44 sithi: “Ngemihla yabo kumkani [zonke iintlobo zolawulo ezikhoyo ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Abantu abanakuze baphinde bavunyelwe ukuba balawule. Umhlaba wonke uya kulawulwa buBukumkani bukaThixo. Xa sele bulawula, umhlaba wonke uya kwenziwa iparadesi ibe abantu baya kufezeka baze baphile ngolonwabo ngonaphakade. IBhayibhile ithembisa oku: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” (ISityhilelo 21:4) UThixo usithembisa ikamva eliqaqambe ngokwenene!
Ubomi Obahlukileyo
Ukufumana ezi mpendulo zanelisayo kwabutshintsha ubomi bam. Ukususela ngoko, ndafuna ukukhonza uThixo nokunceda abanye bafumane ezi mpendulo. Ndakuqonda ukubaluleka koko kuthethwa kweyoku-1 kaYohane 2:17: “Ihlabathi [le nkqubo yezinto elawulwa nguSathana] liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” Ndandikufuna ngolangazelelo ukuphila ngonaphakade kumhlaba omtsha kaThixo. Ndagqiba ekubeni ndihlale eNew York ndaza ndaqalisa ukunxulumana nebandla lamaNgqina kaYehova apho, ibe ndafumana amava amnandi okwazisa abanye oko ndikufundileyo.
Ngowe-1949 ndadibana noRose Marie Lewis. Yena nomama wakhe, uSadie noodade wabo abathandathu babengamaNgqina kaYehova. URose wayengumshumayeli wexesha elizeleyo. Wayeneempawu ezintle ezininzi ibe ndatsaleleka kuye ngokukhawuleza. NgoJuni 1950 satshata saza sahlala eNew York. Sasikuvuyela oko sasikwenza sinethemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.
Ngowe-1957 mna noRose Marie sabizelwa kwinkonzo yexesha elizeleyo kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, eliseBrooklyn, eNew York. NgoJuni 2004 sagqiba iminyaka engama-54 sonwabile emtshatweni wethu, engama-47 kuloo minyaka siyichithe kwikomkhulu laseBrooklyn. Leyo yayiminyaka ezaliswe luvuyo yokukhonza uYehova nokusebenza namanye amakholwa angamawaka.
Eyona Ntlungu Yakha Yandehlela
Okubuhlungu kukuba, ebutsheni bukaDisemba 2004, kwafunyaniswa ukuba omnye wemiphunga kaRose Marie unomhlaza. Ogqirha bathi lo mhlaza wawunwenwa ngokukhawuleza ngoko ufanele atyandwe. Olo tyando lwenziwa ngasekupheleni kukaDisemba, yaye emva kweveki, ugqirha weza kwigumbi likaRose ngoxa ndandilapho waza wathi: “Rose Marie, ungagoduka! Uphilile!”
Noko ke, emva kweeveki ezimbalwa ebuyile, uRose Marie wayeqaqanjelwa gqitha sisisu nezinye iindawo. Ezi ntlungu zaqhubeka zikho, ngoko wabuyela esibhedlele kwakhona ukuba bajonge unobangela. Kwafunyaniswa ukuba amalungu akhe abalulekileyo ayesiba namahlwili awayebangela ukuba loo malungu angafumani ioksijini. Oogqirha bazama konke okusemandleni abo ukulwa nale meko kodwa abazange baphumelele. Emva kweeveki ezimbalwa, ngoJanuwari 30 2005, ndahlelwa yintlungu engathethekiyo. Ndafelwa nguRose Marie endimthandayo.
Ngelo xesha, ndandisele ndiza kuba neminyaka engama-80 ubudala ibe ndibone indlela abantu ababandezeleka ngayo ubomi bam bonke, kodwa oku kwakwahlukile. Mna noRose Marie ‘sasinyama-nye,’ njengoko iBhayibhile isitsho. (Genesis 2:24) Ndandikhe ndibone abanye bebandezeleka ibe nam ndandiye ndibandezeleke xa ndifelwa ngabahlobo nezalamane. Kodwa indlela endiye ndabandezeleka ngayo xa ndafelwa yinkosikazi yam ayithetheki ibe ndisebuhlungu nangoku. Ndiyiqonda kakuhle ngoku intlungu engathethekiyo yokufelwa ngumntu omthandayo ebisoloko ithwaxa abantu lonke eli xesha.
Noko ke, ukuqonda kwam unobangela wokubandezeleka nendlela ekuya kuphela ngayo kuye kwandinceda. INdumiso 34:18 ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” Eyona nto inceda ubani anyamezele kukwazi ukuba iBhayibhile ifundisa ukuba kuza kubakho uvuko, baze abo basemangcwabeni baphile kwakhona babe nethuba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. Incwadi yeZenzo 24:15 ithi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” URose Marie wayemthanda gqitha uThixo. Ndiqinisekile ukuba naye umthanda ngendlela efanayo ibe uya kumkhumbula aze ambuyisele ebomini ngexesha lakhe elifanelekileyo, ndithemba ukuba uya kukwenza msinya oko.—Luka 20:38; Yohane 11:25.
Ngoxa intlungu yokufelwa ngumntu omthandayo inkulu, uvuyo lokumamkela eluvukweni luya kuba lolungathethekiyo. (Marko 5:42) ILizwi likaThixo liyathembisa: “Abafileyo bakho baya kuphila. . . . Nomhlaba uya kubangela bazalwe kwanabo bangenamandla ekufeni.” (Isaya 26:19) Abaninzi kwabo ‘bangamalungisa’ bakhankanywe kwiZenzo 24:15 kusenokwenzeka bavuswe kuqala. Elo iya kuba lixesha elivuyisa ngokwenene! URose Marie uya kuba phakathi kwabo baya kuvuswa. Uya kwamkelwa ngokufudumeleyo ngabo bamthandayo! Kuya kwanelisa gqitha ngeloxesha ukuphila kwihlabathi apho ukubandezeleka iyinto ekungasethethwayo ngayo!
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ndabona abantu ababandezelekileyo xa ndandiseTshayina
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ukususela ngowe-1957, bendisebenza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ngowe-1950 ndatshata noRose Marie
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngomhla esasibhiyozela ngawo iminyaka engama-50 sitshatile, ngowama-2000