Fumana Ulwaneliseko Ngokuphila Ngokuvisisana Nemigaqo YeBhayibhile
NGOKUQINISEKILEYO ukhe uyibone ikati izisongile—ibonakala yanelisekile. Hayi indlela ebekuya kuba mnandi ngayo ukuzisonga njengayo! Noko ke, kubantu abaninzi ulwaneliseko lunqabe okwezinyo lenkuku. Kubangelwa yintoni oko?
Ekubeni, sihlala sisenza iimpazamo ngenxa yokungafezeki kwethu, kuphinde, kufuneka sinyamezele iintsilelo zabanye. Ukongezelela koko, siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ “amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1-5) Nokuba sele sinezinto ezimyoli esizikhumbulayo ezenzeka ebuntwaneni bethu, ngoku inkoliso yethu iyaliva ifuthe ‘lamaxesha amanqam.’ Ngaba umntu unako ukufumana ulwaneliseko namhlanje?
Phawula ukuba iZibhalo azithi akunakuphilwa kula maxesha amanqam kunoko zithi kuya kuba nzima ukujamelana nawo. Sinokujamelana nawo ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Asinakusoloko sikwazi ukucombulula iingxaki zethu, kodwa sinako ukufumana umlinganiselo othile wolonwabo. Makhe sixubushe emithathu kule migaqo.
Yiba Nembono Esengqiqweni
Ukuze sifumane ulwaneliseko, kufuneka sibe nembono elungeleleneyo ngeentsilelo zethu nezabanye. Kwileta awayeyibhalela abaseRoma, umpostile uPawulos wathi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ezinye iinkalo zozuko lukaYehova asikwazi kuziqonda ngokupheleleyo. Omnye umzekelo woku uchazwe kwiGenesis 1:31 ethi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” Nanini na uYehova ekhangela izinto azidalileyo usoloko esithi, ‘zilunge gqitha.’ Akakho umntu onokukwazi ukuwathetha loo mazwi. Ukuzamkela iintsilelo zethu linyathelo lokuqala lokufumana ulwaneliseko. Noko ke, kukho okungakumbi kunoko. Kufuneka siqonde imbono kaYehova ngezinto size siyamkele.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “isono” ingcambu yalo ithetha “ukusilela ukufikelela imilinganiselo kaThixo.” (Roma 3:9, umbhalo osemazantsi kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha eneembekiselo) Ukuzekelisa le meko: Yiba nomfanekiso-ngqondweni womntu onethemba lokuphumelela ibhaso ngokuchana lo nto ngotolo. Uphethe iintolo ezintathu. Udubula utolo lokuqala aze abuye nganeno ngemitha. Uyaphinda azame okwesibini kodwa ubuya nganeno ngeesentimitha ezingama-30. Wenza konke okusemandleni kwityeli lokugqibela, kodwa nakwesi sihlandlo sesithathu ubuya nganeno ngeesentimitha ezi-2. Ewe uphantse wachana kodwa akachananga.
Sifana nalo mtoli uphoxekileyo. Maxa wambi kuye kucace phandle ukuba ‘sisilele ukufikelela imilinganiselo kaThixo.’ Maxa wambi siwa ngaphantsi kancinane kodwa aside siyifikelele. Siyadimazeka kuba siwa sivuka, kodwa sifa namthanyana. Ngoku makhe siphinde sixubushe ngalo mzekeliso womtoli.
Ethokombisile uyanyoshoza ebheka phaya kaloku ebelijonge ngamehlo abomvu eli bhaso. Engalindelanga, umphathi wolu khuphiswano uyambiza aze amnike ibhaso esithi: “Ndiza kukunika eli bhaso kuba ndiyakuthanda, ndiyibonile indlela oye wazibhokoxa ngayo.” Lo mtoli akakwazi kuzibamba luvuyo!
Wonke ubani ofumana kuThixo “isipho” sobomi obungunaphakade obugqibeleleyo uya kuvakalelwa ngale ndlela. (Roma 6:23) Emva koko, yonke into abaya kuyenza iya kufezeka—abasayi kuze basilele ukufikelela umlinganiselo kaThixo kwakhona. Baza kwaneliseka ngokupheleleyo. Okwangoku, ukuba sihlala sisikhumbula esi sibakala, siya kuba nembono elungeleleneyo ngathi nangabanye abantu.
Yiqonde Into Yokuba Izinto Zithabatha Ixesha
Sisibakala esivunyiweyo ukuba yonke into ithabatha ixesha layo. Ngaba ukhe wayiqaphela indlela ekunzima ngayo ukulinda xa into oyilindeleyo ibonakala ngathi ayide ifike okanye xa imeko engathandekiyo ibonakala itsala ixesha elide kunokuba ubulindele? Nangona kunjalo, abanye baye bakwazi ukuhlala banelisekile nakwezo meko. Khawuqwalasele umzekelo kaYesu.
Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu wayengumzekelo obalaseleyo wokuthobeka ngoxa wayesezulwini. Noko ke, ukuthobeka ‘wakufunda’ apha emhlabeni. Njani? “Ngeembandezelo awazifumanayo.” Ngaphambili, wayeqhele ukubabona abantu bebandezeleka kodwa wayengazange akhe abandezeleke yena. Xa wayelapha emhlabeni, ngokukodwa emva kokubhaptizwa kwakhe kumlambo iYordan de kwasekufeni kwakhe eGolgotha, watyhubela kwiimeko ezininzi ezivavanyayo. Asizazi zonke iinkcukacha zendlela enziwa “wagqibelela” ngazo, kodwa siyazi ukuba inkqubo yokufundiswa kwakhe yathabatha ixesha.—Hebhere 5:8, 9.
UYesu waphumelela kuba wayecamngca ‘ngovuyo olwalubekwe phambi kwakhe,’ olwalungumvuzo wokuthembeka kwakhe. (Hebhere 12:2) Nangona kunjalo, maxa wambi “wanikela izikhungo kwanezibongozo esitsho . . . ngezikhalo ezinamandla.” (Hebhere 5:7) Kusenokwenzeka ukuba nathi sikhe sizifumane sele iinyembezi zinqamlez’ umbombo xa sithandaza. UYehova uwujonga njani umthandazo onjalo? Kwale ndinyana ibonisa ukuba uYehova wamva uYesu. UThixo uya kwenjenjalo nakuthi. Kutheni sisitsho nje?
Kungenxa yokuba uYehova uyazazi iintsilelo zethu, kwaye uyasinceda. Wonke umntu unezinto angenako ukuzinyamezela. Abantu baseBenin, eAfrika, baneqhalo elithi: “Amanzi amaninzi anokurhaxa kwanesele.” UYehova ukwazi bhetele ukusikelwa umda kwethu. Ngothando ulungiselela “inceba . . . nobubele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.” (Hebhere 4:16) Wakwenza oku kuYesu, kwaye uye wakwenzela nentlaninge yabanye abantu. Khawuve amava kaMonika.
UMonika wakhula engumntu ongenazingxaki nowonwabileyo. Ngowe-1968, ngoxa wayekwiminyaka yama-20 nomvo ubudala wafumanisa ukuba unesifo esithile, esidla ngokubulala amalungu athile omzimba. Esi sigulo sabutshintsha ngokupheleleyo ubomi bakhe kwafuneka enze uhlengahlengiso kwinkonzo yakhe yexesha elizeleyo. UMonika waqonda ukuba esi sigulo sasiza kuthabatha ixesha elide. Emva kweminyaka eli-16 kamva, wathi: “Isifo sam asikanyangeki kwaye lisenokungabikho ichiza lokusinyanga kude kufike inkqubo entsha yezinto kaThixo.” Evuma ukuba bekungelulanga, uthi: “Nangona abahlobo bam besithi ndisoloko ndichulumancile njengangaphambili, . . . abahlobo bam abasenyongweni bayazi ukuba maxa wambi bendikhe ndicuntsule kule nto yabantwana.”
Uthi: “Ndiye ndafunda ukuba nomonde nokuvuyiswa nangumnyenyevu omncinane kwimpilo yam. Ulwalamano lwam noYehova luye lomelezwa kukubona indlela abantu abakatyiswa ngayo kukulwa nezigulo. NguYehova kuphela onokuziphelisa nya izigulo.” Encedwa nguYehova, uMonika uye wahlala onwabile kwaye ngoku unokukhangela ngasemva kwiminyaka engaphezu kwama-40 ekwinkonzo yexesha elizeleyo.
Kuyavunywa, ukuba iimeko ezifana nekaMonika akululanga ukuzinyamezela. Kodwa into esiqiniseke ngayo kukuba, uya kwaneliseka ngakumbi xa uqonda ukuba ezinye izinto zinokuthabatha ixesha elide kunokuba sicinga. NjengoMonika nawe unokuqiniseka ukuba uYehova “uya kukunceda ngexesha elifanelekileyo.”
Musa Ukuzithelekisa Nabanye—Zibekele Usukelo Olusengqiqweni
Akakho umntu onjengawe. Elinye iqhalo lolwimi lwesiGun, oluthethwa eAfrika liyibeka kakuhle le nto xa lisithi: “Iminwe yomntu ayilingani.” Ibiya kuba bubudenge ukuthelekisa iminwe. Ubungenakuyithanda into yokuba uYehova akuthelekise nomnye umntu, ibe akasoze ayenze lo nto. Noko ke, abantu bayakuthanda ukuthelekisa abantu nabanye kwaye kunokubaphanga uvuyo oko. Phawula indlela akuzekelisa ngayo oku uYesu, njengokuba sifunda uMateyu 20:1-16.
UYesu wathetha “ngenkosi” eyayifuna abantu ababeza kusebenza esidiliyeni sayo. Yabona amadoda angasebenziyo yaze yawaqesha “ngonyezi,” mhlawumbi ngentsimbi yesi-6:00 kusasa. Yavumelana nawo ngomvuzo wosuku wezo mini, idenariyo eyayingumvuzo wemini yonke, iiyure ezili-12. Ngokuqinisekileyo la madoda ayekuvuyela ukufumana umsebenzi oza kuwahlawula umvuzo owamkelekileyo. Kamva, le nkosi yabona elinye iqela lamadoda angasebenziyo aza wona aqalisa ukusebenza ngentsimbi yesi-9:00 kusasa, ngeye-12:00 emini emaqanda, ngeyesi-3:00 emva kwemini, amanye aqeshwa ngentsimbi yesi-5:00 emva kwemini. Alikho kula maqela amadoda aqeshwa kamva elaliza kusebenza imini yonke. Inkosi yavumelana nabaqeshwa ‘ngomvuzo ofanelekileyo’ eyayiza kubahlulwa wona.
Ekupheleni kosuku, inkosi yayalela umkhonzi wayo ophetheyo ukuba ahlawulwe la madoda. Yathi makubizelwe ndawonye abasebenzi kuze kuqala kuhlawulwe abo babeqeshwe kamva. La madoda ayesebenze iyure enye kuphela, kodwa okothusayo kukuba ahlawulwa umvuzo wosuku lonke. Sinokuluthelekelela uxambuliswano olwavela apho. Lawo asebenza iiyure ezili-12 aye acinga ukuba aza kuhlawulwa imali engakumbi. Kodwa, nawo afumana imali elinganayo.
Asabela njani la madoda? “Akwamkela, ambombozela esithi, ‘Aba bokugqibela benze umsebenzi welixa elinye; ukanti ubenze balingana nathi thina siye sathwala uxanduva lwemini nobushushu obutshisayo!’”
Noko ke, inkosi yayingaboni ngasonye nabo. Yathi ibanike oko babevumelene nayo ngako. Nabanye abo, yagqiba ekubeni ibanike umvuzo wemini yonke, ngaphezu koko babekulindele. Eneneni, akakho owafumana ngaphantsi koko kwakuvunyelwene naye ngako; eneneni abaninzi bafumana ngaphezu koko babekulindele. Ekugqibeleni, inkosi yababuza lo mbuzo: “Akukho mthethweni na ngam ukuba ndenze oko ndikufunayo ngezinto zam?”
Ngoku khawufun’ ucinge ukuba, lo mphathi wayehlawule ela qela laliqeshwe kuqala laza lemka emva koko. Laliza kwaneliseka lingabi nangxaki. Olu sukuzwano lwavela emva kokubona amanye ehlawulwa imali elingana neyawo nangona engasebenzanga kangako. Oku kwawacaphukisa kakhulu, kangangokuba ayikhalazela inkosi yawo, awayefanele ayibulele ngokuwapha umsebenzi.
Oku kubonisa kakuhle ukuba kwenzeka ntoni xa sizithelekisa nabanye. Ukuba ucamngca ngolwalamano lwakho noYehova uze ube nombulelo ngendlela akusikelela ngayo, uya kwaneliseka. Musa ukuthelekisa imeko yakho neyabanye. Ukuba kubonakala ukuba uYehova uye wagqiba ekubeni abanike iintsikelelo ezithe chatha abanye, vuyiswa koko uze uvuyisane nabo.
Ewe, uYehova ulindele ukuba wenze okuthile nawe. Yintoni leyo? AmaGalati 6:4 athi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu.” Ngamanye amazwi zibekele usukelo olusengqiqweni. Ceba ukwenza oko kusemandleni akho, uze ukwenze. Ukuba usukelo lwakho lusengqiqweni kwaye uyakwazi ukulufikelela, uya kuba “nesizathu sokugcoba.” Uya kufumana ulwaneliseko.
Uya Kuvuzwa
Le migaqo mithathu siye sayixubusha ibonisa kakuhle ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kunokuzisa ulonwabo kwanakule mihla yokugqibela nangona singafezekanga. Xa usenza ufundisiso lweBhayibhile lwemihla ngemihla, kutheni ungakhangeli imigaqo efana nale okanye isenokuba yimizekeliso namabali?
Ukuba uvakalelwa kukuba uya unganeliseki, zama ukufumana isizekabani. Emva koko khangela ukuba yiyiphi imigaqo onokuyisebenzisa ukuze ulungise imeko leyo. Ngokomzekelo, usenokuhlola iphepha 110-11 lencwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo.”a Le ncwadi ixubusha incwadi yeMizekeliso, kwaye uya kufumana uthotho lwemigaqo edweliswe ngaphantsi kwemixholo eli-12. IThe Watch Tower Publications Indexb neWatchtower Library on CD-ROMc nazo zinemibandela esemagqabini. Ngokuzisebenzisa rhoqo, uya kuqhelana nemigaqo eluncedo.
Liyeza ixesha apho uYehova aya kubanika ubomi obungunaphakade nemfezeko kumhlaba oyiparadesi bonke abafanelekayo. Baya kwaneliseka ngokupheleleyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
“Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.”—Roma 3:23
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
UYesu “wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.”—Hebhere 5:8, 9
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 15]
“Uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.”—Galati 6:4