Ngaba Unako Ukwaneliseka?
“Ukwaneliseka kwenza amahlwempu abe zizityebi; ukunganeliseki kwenza izityebi zibe ngamahlwempu.”—Benjamin Franklin.
NGOKUVUMELANA nalo mzekeliso, abaninzi baye bafunda ukuba ulwaneliseko alunakuthengwa. Akumangalisi ke ngoko ukuba kube nzima ukufumana ulwaneliseko kweli hlabathi elikhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo, ukugqwesa nokunqwenela izinto zabanye abantu. Ngaba ikho eye yakuchaphazela kwezi zinto zilandelayo?
• Abenzi bezibhengezo zentengiso bathi kufuneka ube nezinto ezininzi ukuze waneliseke.
• Ukhuphiswano lwasemsebenzini okanye esikolweni lukwenza uzithelekise nabanye.
• Abantu abazixabisi izinto obenzela zona.
• Abahlobo bakho bakwenza ube nomona ngenxa yezinto abanazo.
• Awuzifumani iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo ebomini.
Ngaba unako ukwaneliseka xa unezi ngxaki? Umpostile uPawulos wathetha “ngemfihlelo yokwaneliseka.” Ngamanye amaxesha wayesiba nentabalala aze ngamanye aswele. Wayexatyiswa ngabahlobo bakhe kodwa egculelwa ngabanye abantu. Nakuba kunjalo, wathi ‘wayefunde ukwaneliseka kuzo zonke iimeko.’—Akekeliswe sithi; Filipi 4:11, 12, New International Version.
Abantu abangazange bakha bathabatha amanyathelo okuzuza ulwaneliseko abakwazi kulufumana, kodwa ke sinako ukukufunda njengoko watshoyo nompostile uPawulos. Ngoku sicela ukhe uqwalasele izinto ezintlanu elithi iLizwi likaThixo iBhayibhile zinokukunceda waneliseke.