IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 11/15 iphe. 3
  • Kutheni Simele Senze Okulungileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Simele Senze Okulungileyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Umzekelo Wokuxeliswa—UPawulos
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ingqibelelo Ikhokela Abathe Tye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Vumela UThixo Akukhokelele “Kubomi Bokwenene”
    Vukani!—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 11/15 iphe. 3

Kutheni Simele Senze Okulungileyo?

ESINYE isifundiswa sakha sathi: “Umnqweno ukho kum, kodwa amandla okwenza oko kuhle akakho. Kuba okulungileyo endikunqwenelayo andikwenzi, kodwa okubi endingakunqweneliyo kuko endikuqheliselayo.” Kwakutheni ukuze le ndoda ikufumanise kunzima ukwenza okulungileyo enqwenela ukukwenza? Iyanaba isithi: “Ngoko, ndifumana lo mthetho kum: ukuba xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.”—Roma 7:18, 19, 21-23.

La mazwi kampostile uPawulos, awabhalwa phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, achaza isizathu sokuba kunzima kubantu abangafezekanga ukwenza okulungileyo. Akuyondlwan’ iyanetha ukubambelela kwimigaqo elungileyo, ingakumbi xa ujamelene neemeko ezivavanyayo. Ngoko kuhle ukuba sizibuze oku, Sisiphi esona sizathu sokuba ndenze okulungileyo?

Phawula oko kuthethwa ziZibhalo ngekamva lomntu owenza okulungileyo. INdumiso 37:37, 38, ithi: “Mlinde ongenakusoleka uze umkhangele othe tye, kuba ikamva laloo mntu liya kuba leloxolo. Kodwa ngokuqinisekileyo abanxaxhayo baya kubhujiswa ndawonye; ikamva labantu abangendawo liya kunqunyulwa.” IMizekeliso 2:21, 22 ithi: “Kuba abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”

Nangona ezi zithembiso nezinye eziseBhayibhileni zisikhuthaza ukuba siphile ngendlela ekholisa uThixo, azisosizathu esiyintloko sokuba senjenjalo. Esona sizathu sinxulumene nembambano ebandakanya zonke izidalwa ezikrelekrele. Inqaku elilandelayo lichaza eyona nto iyiyo le mbambano nendlela esichaphazela ngayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share