Kutheni Sifanele Sikuphephe Ukuzibaxa Izinto?
UYEHOVA ungumzekelo omhle wokulungelelana. “Ugqibelele umsebenzi wakhe” yaye okusesikweni kwakhe kuhambisana nenceba. (Duteronomi 32:4) Uthando lwakhe lunomgaqo ngenxa yokuba izinto uzenza ngokuvumelana nemithetho egqibeleleyo. (INdumiso 89:14; 103:13, 14) Abazali bethu bokuqala babedalwe balungelelana kuzo zonke iinkalo zobomi. Babengatyekelanga ekuzibaxeni izinto. Noko ke, isono sabangela “isiphako”—ukungafezeki—nto leyo eyaphumela ekubeni singalungelelani.—Duteronomi 32:5.
Ngokomzekelo: Ngaba wakha wakhwela kwimoto okanye kwiibhayisekile enevili elineqhuma? Ngokungathandabuzekiyo elo qhuma linokuyenza imoto ihambe ngokungathi ihamba kwizigingqi yaye akuziva ukhuselekile kolo hambo. Eli vili lifuna ukulungiswa ngaphambi kokuba lonakale ngakumbi okanye ligqabhuke. Ngokufanayo, kuba singafezekanga, sityekele ebubini. Ukuba sivumela elo “qhuma” likhule, uhambo lwethu ebomini lusenokuba nzima kwaye lube yingozi.
Maxa wambi neempawu zethu ezintle sisenokuzibaxa. Ngokomzekelo, nangona uMthetho kaMoses wawuyalela ukuba amaSirayeli anxibe umbhinqo onomphetho, abaFarisi ‘bayandisa imiphetho yezambatho’ zabo, bezibaxa izinto. Injongo yabo yayikukuba bakhangeleke bengcwele kunabanye abantu.—Mateyu 23:5; INumeri 15:38-40.
Namhlanje abanye abantu benza izinto ezothusayo kuba befuna nje ingqalelo yabanye. Ubani engasaziva, usenokuba ufuna ukuthi: “Kutheni ingathi anindiboni nje? Nam ndingumntu!” Kodwa ukuzibaxa izinto kwindlela esinxiba ngayo, kwisimo sethu sengqondo nezenzo zethu akusayi kumenza umKristu azive anelisekile.
Imbono Elungeleleneyo Ngomsebenzi
Ukusebenza yenye yezinto eyenza ubomi bethu bube nenjongo enoba ungubani okanye uhlala phi. Indlela esidalwe ngayo isenza sifumane ulwaneliseko emsebenzini. (Genesis 2:15) Ngokuvisisana noko, iBhayibhile iyabugatya ubuvila. Umpostile uPawulos ngokungqalileyo wathi: “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.” (2 Tesalonika 3:10) Enyanisweni ukonqena kusenokungazisi nje indlala nokunganeliseki kodwa kusenokwenza uYehova angakholiswa sithi.
Abantu abaninzi ngokuzithandela banokuba ngamakhoboka omsebenzi. Abanye besithi baphangelela iintsapho zabo, banokuhamba ngenj’ ixukuxa baze babuye ngongcwalazi. Kanti iintsapho zisenokungahoywa ngenxa yokuzibhokoxa emsebenzini. Enye inkosikazi engaphangeliyo enomyeni osebenza iiyure ezongezelelekileyo emsebenzini ithi: “Ndingakuvuyela ukutshintshisa ngazo zonke izinto zobunewu-newu ezikule ndlu ngokuba nomyeni wam kunye nabantwana bam.” Abo bakhetha ukusebenza ixesha elongezelelekileyo bafanele bacinge nzulu ngoko kwenzeka kuKumkani uSolomon. Wathi: “Ndaza mna, ndaguqukela kuyo yonke imisebenzi yam eyenziwe zizandla zam nokusebenza kwam nzima endikusebenze nzima ukuze ndikufeze, yaye, khangela! yonk’ into yayingamampunge nokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 2:11.
Sifanele sikuphephe ukuba ngamavila kwangaxeshanye nokuba ngamakhoboka omsebenzi. Sinokukhuthala emsebenzini, ngoxa sikhumbula ukuba, ukuba likhoboka lomsebenzi kunokusenza singonwabi.—INtshumayeli 4:5, 6.
Kuphephe Ukuzonwabisa Ngokugqith’ Emgceni
IBhayibhile yaxela kwangaphambili ngexesha esiphila kulo, isithi: ‘Abantu baya kuba ngabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ (2 Timoti 3:2, 4) Ukuthanda iziyolo sesinye kwizixhobo eziphumelelayo uSathana azisebenzisayo ukusirhwebesha ukuba simtyeshele uThixo. Baye besanda abantu abazibhokoxa kwimidlalo nakwindlela yokuzonwabisa ebeka ubomi babo esichengeni ngenjongo nje yokuba kuthiwe baphumeze okuthile. Iliqela ngoku imidlalo enjalo kuquka nenani labantu abayidlalayo. Kutheni idume kangaka? Ngenxa yokuba abantu abaninzi benganelisekanga bubomi babo bemihla ngemihla, bafuna ukwenza okuthile okuza kubenza bonwabe. Kodwa ukuze bahlale bonwabile baye bafune into eza kubeka ubomi babo esichengeni ngakumbi. AmaKristu anezazela ayakuphepha ukudlala imidlalo eza kubeka ubomi bawo esichengeni ngenxa yokuba ahlonela ubomi noMniki-bomi.—INdumiso 36:9.
Xa uThixo wadala uAdam noEva, wababeka phi? Emyezweni wase-Eden, igama elithetha “Uyolo.” (Genesis 2:8) Kucacile ukuba yayiyinjongo kaYehova ukuba abantu bonwabe.
UYesu wasishiya nomzekelo ogqibeleleyo wokulungelelana kumba wokuzonwabisa. Wayezinikele ngokuzeleyo ekuphumezeni ukuthanda kukaYehova yaye akazange maxa wambi athath’ ikhefu ekuphileni ngemithetho nemigaqo kaThixo. Wayechitha ixesha kunye nabantu nakuba maxa wambi wayedinwa. (Mateyu 14:13, 14) UYesu wayesiya xa emenywe kwisidlo yaye wayenalo ixesha lokuphumla nelokuzihlaziya. Kakade ke, wayesazi ukuba iintshaba zakhe zazimjonge ngeliso eligxekayo ngenxa yendlela awayezenza ngayo izinto. Zathi kuye: “Khangela! Umntu olidla-kudla nozinikela ekuseleni iwayini.” (Luka 7:34; 10:38; 11:37) Kodwa uYesu wayengakholelwa ukuba ukuzinikela ngokwenyaniso akubandakanyi ukuzonwabisa.
Licacile elokuba, sizizilumko ukuba siyakuphepha ukudlala ngokugqithiseleyo. Asiyi kulufumana ulonwabo lokwenene ukuba ukuzonwabisa kuyeyona nto iphambili ebomini bethu. Oko kuya kuphumela ekubeni sityeshele ezona zinto zibalulekileyo, kuquka ulwalamano lwethu noThixo. Sekunjalo, asifanele sizibandeze ulonwabo okanye sigxeke abantu abazonwabisa ngendlela elungeleleneyo.—INtshumayeli 2:24; 3:1-4.
Fumana Ulonwabo Ngokuphila Ubomi Obulungeleleneyo
Umfundi uYakobi wabhala: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yakobi 3:2) Sinokuwafumanisa eyinyaniso la mazwi ukuba siyakuphepha ukuzibaxa izinto. Yintoni enokusinceda ukuze sihlale silungelelene? Sifanele sizazi izinto esinokukwazi ukuzenza nesingakwaziyo ukuzenza. Akulula ukwenza loo nto. Sinokuzenza izinto ngendlel’ ebaxiweyo singaqondanga. Ngoko ke, siya kuba zizilumko ukuba sihlala sikunye namaKristu aqolileyo size siphulaphule icebiso labo elihle. (Galati 6:1) Sisenokucela icebiso kumhlobo esimthembileyo okanye kumdala onamava ebandleni. Icebiso elisekelwe eBhayibhileni linokuba ‘njengesipili’ esizijonga kuso indlela esikhangeleka ngayo phambi kukaYehova.—Yakobi 1:22-25.
Okuvuyisayo kukuba asinyanzelekanga ukuba siphile ubomi bokuzibaxa izinto. Ukuba sizimisele ukwenjenjalo yaye sixhaswa nguYehova, sinokuba ngabalungeleleneyo size sonwabe. Sinokuluphucula ulwalamano lwethu nabazalwana noodade abangamaKristu yaye sinokuba yimizekelo emihle nakubantu esishumayela kubo. Ngaphezu kwako konke, siya kuxelisa ngokusondeleyo uThixo olungeleleneyo nonothando, uYehova.—Efese 5:1.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 28]
©Greg Epperson/age fotostock