Ukubuya KukaKristu—Ngaba Simele Sikoyike?
YINTONI ethi qatha engqondweni yakho xa ucinga ngokubuya kukaYesu Kristu? Ngaba ukubona njengomgwebo, intshabalalo nokohlwaywa koluntu? Okanye ngaba ulindele ukuba kuphelise zonke iingxaki zethu? Ngaba ukubuya kukaKristu kumele koyikwe? Okanye ngaba sifanele sikulindele ngolangazelelo?
Mayela nokubuya kukaKristu iBhayibhile ithi: “Khangela! Uza ngamafu, yaye onke amehlo aya kumbona, . . . zize zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisentlungwini ngenxa yakhe.” (ISityhilelo 1:7) Oku kuza kubhekisela ekubonakaleni kukaYesu kwixa elizayo xa evuza abalungileyo aze ohlwaye abangendawo.
Kunokuba agubhe kukoyika umpostile uYohane wayekulangazelela ukubuya kukaKristu. Emva kokutyhilelwa ngokuza kukaKristu nendlela ekuya kubachaphazela ngayo abo baphila emhlabeni, uYohane wathandaza ngokunyanisekileyo wathi: “Yiza, Nkosi Yesu.” (ISityhilelo 22:20) Kodwa, kutheni ‘zonke izizwe zomhlaba zizimbambazela zisentlungwini ngenxa yakhe’? Kuza kwenzeka njani ukuba “onke amehlo” ambone? Yintoni eza kufezwa kukubuya kukaKristu? Ukukholelwa koku kuya kusinceda njani ngoku? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.