UkuBuya KukaKristu
Ingcaciso: Ngaphambi kokushiya umhlaba, uYesu Kristu wathembisa ngokubuya. Iziganeko ezichulumancisayo ezingoBukumkani bukaThixo zinxulunyaniswe nelo dinga. Kumele kuphawulwe ukuba kukho umahluko phakathi kokuza nokufika. Ngaloo ndlela, ngoxa ukuza komntu (okunxulunyaniswa nokufika okanye nokubuya kwakhe) kusenzeka ngexesha elimiselweyo, ubukho bakhe busenokuthi emva koko bunabele kwithuba elithile leminyaka. EBhayibhileni igama lesiGrike elithi erʹkho·mai (elithetha “ukuza”) likwasetyenziswe ukubhekisela ekwalathiseni kukaYesu ingqalelo yakhe kumsebenzi obalulekileyo ngexesha elithile ebudeni bobukho bakhe, kumsebenzi wakhe njengomgwebi omiselwe nguYehova emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.
Ngaba iziganeko ezinxulumene nobukho bukaKristu zenzeka ngexesha elifutshane gqitha okanye kwithuba leminyaka?
Mat. 24:37-39: “Njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika [“ukuza,” RS, TEV; “ubukho,” NW, Yg, Ro, ED; pa·rou·siʹa, ngesiGrike] koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika [nobukho] koNyana woMntu.” (Iziganeko ‘zemihla kaNowa’ ezichazwe apha zenzeka kangangethuba leminyaka emininzi. UYesu ubukho bakhe wabuthelekisa nokwenzekayo emva apho.)
KuMateyu 24:37 kusetyenziswe igama lesiGrike elithi parou·siʹa. Ngokoqobo lithetha ukuba “ndawonye.” IGreek-English Lexicon kaLiddell noScott (Oxford, 1968) inikela “ubukho, babantu,” njengengcaciso eyayiyeyokuqala yegama elithi pa·rou·siʹa. Ingqiqo yeli gama iboniswe ngokucacileyo kumaFilipi 2:12, apho uPawulos athelekisa ubukho (pa·rou·siʹa) bakhe nokungabikho (a·pou·siʹa) kwakhe. Kwelinye icala, kuMateyu 24:30, osixelela ‘ngoNyana woMntu oza ngamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu’ njengomgwebi omiselwe nguYehova kwimfazwe yaseArmagedon, kusetyenziswe igama lesiGrike elithi er·khoʹme·non. Bambi abaguquleli basebenzisa igama elithi ‘ukuza’ kuwo omabini la magama esiGrike, kodwa abo banenyameko ngakumbi bachaza umahluko phakathi kwala magama mabini.
Ngaba uKristu uza kubuya ngokubonakalayo kumehlo abantu?
Yoh. 14:19: “Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina [abapostile bakaYesu abathembekileyo] niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.” (UYesu wayethembise abapostile bakhe ukuba wayeya kuphinda abuye aze abathabathele ezulwini kunye naye. Babe nokumbona kuba babeza kuba zizidalwa zokomoya njengoko esiso. Kodwa ihlabathi lalingayi kumbona kwakhona. Thelekisa eyoku-1 kuTimoti 6:16.)
Ize. 13:34, TE: “UThixo wamvusa [uYesu] ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole.” (Imizimba yabantu ngokwemvelo iyabola. Kungesosizathu le nto eyoku-1 yabaseKorinte 15:42, 44 isebenzisa igama elithi “ukonakala” xa ithetha ngelithi “umzimba ongowemvelo.” UYesu akanakuze aphinde abe nomzimba onjalo.)
Yoh. 6:51: “Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.” (Ekubeni wabuncamayo, uYesu akaphindi abuthabathe. Akathi ngaloo ndlela abandeze uluntu iingenelo zedini lobomi bakhe bobuntu obugqibeleleyo.)
Bona kwanephepha 383, 384, phantsi komxholo othi “UkuXwilwa.”
Iyintoni intsingiselo yokuza kukaYesu “ngolu hlobo” lufana nawanyukela ngalo ezulwini?
Ize. 1:9-11: “Bakubon’ ukuba bakhangele [abapostile bakaYesu], wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo. Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe, awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” (Phawula ukuba kuthiwa “ngolu hlobo,” akuthiwa ngomzimba okwamnye. Wanyukela ngaluphi ‘uhlobo’ ezulwini? Njengoko indinyana 9 ibonisa, wathi pheselele emehlweni, ukuhamba kwakhe kwabonwa kuphela ngabafundi bakhe. Ihlabathi ngokubanzi lalingakuqondi okwakusenzeka. Kwakuya kwenzeka into efanayo ngokubuya kukaKristu.)
Kusingiselwe entwenini ‘ngokuza emafini’ nangokuthi ‘amehlo onke aya kumbona’?
ISityhi. 1:7: “Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba.” (KwanoMateyu 24:30; Marko 13:26; Luka 21:27)
Iyintoni intsingiselo ‘yamafu’? Athetha ukungabonakali. Xa inqwelo-moya isemafini angqingqwa okanye ingaphezu kwamafu, abantu abasemhlabeni ngokuqhelekileyo abanakuyibona, nangona besenokuwuva umdumo weenjini. UYehova waxelela uMoses oku: “Ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa.” UMoses akazange ambone uThixo, kodwa elo lifu labonakalisa ubukho bukaThixo obungabonakaliyo. (Eks. 19:9; bona kwaneLevitikus 16:2; Numeri 11:25.) Ukuba uKristu wayeza kubonakala ngokoqobo emazulwini, licacile elokuba asingawo “onke amehlo” ayeya kumbona. Ngokomzekelo, ukuba wayebonakele eOstreliya, wayengenakubonakala eYurophu, eAfrika, naseMerika, akunjalo na?
‘Amehlo onke aya kumbona’ ngayiphi ingqiqo? Baya kuqonda ngeziganeko ezisemhlabeni ukuba ukho ngokungabonakaliyo. Ekwathetha ngokubona okungekuko okwenyama, uYohane 9:41 uthi: “Uthe ke kubo [abaFarisi] uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoko nithi, Siyabona; ke ngoku isono senu sihleli.” (Thelekisa amaRoma 1:20.) Emva kokubuya kukaKristu, bambi abantu ababonakalisa ukholo; bayawuqonda umqondiso wobukho bakhe. Abanye bayabuchasa ubungqina, kodwa xa uKristu ephumeza isenzo njengomgwebi wabangendawo omiselwe nguThixo, baya kuqonda ngokubonakala kwamandla akhe ukuba intshabalalo ayiphumi mntwini kodwa ivela ezulwini. Baya kukwazi okwenzekayo kuba balunyukiswa kwangaphambili. Ngenxa yoko kubafikelayo, baya ‘kuzimbambazelela.’
Ngoobani “abo bamhlabayo”? Ngokoqobo, amajoni aseRoma akwenza oku ngexesha lokubulawa kukaYesu. Kodwa kudala afa. Ngoko oku kumele kubhekisele ebantwini abathi ngokufanayo babaphathe kakubi okanye ‘babahlabe,’ abalandeli bakaKristu bokwenyaniso ebudeni ‘bemihla yokugqibela.’—Mat. 25:40, 45.
Ngaba ngokwenene kunokutshiwo ukuba umntu ‘uzile’ okanye ‘ukho’ ukuba akabonakali?
Umpostile uPawulos wathetha ‘ngokungabikho ngesiqu, kodwa ngokubakho ngomoya’ kwibandla laseKorinte.—1 Kor. 5:3.
UYehova wathetha ‘ngokuhla’ kwakhe ukuya kuduba intetho yabakhi benqaba yaseBhabheli. (Gen. 11:7) Kwakhona wathi wayeya ‘kuhla’ amkhulule uSirayeli kubukhoboka eYiputa. Ibe uThixo waqinisekisa uMoses, ngokuthi, “Ubuso bam bohamba nawe” ukuze akhokele uSirayeli aye kwiLizwe Ledinga. (Eks. 3:8; 33:14) Kodwa akukho mntu wakhe wambona uThixo.—Eks. 33:20; Yoh. 1:18.
Ziziphi ezinye zeziganeko iBhayibhile ezinxulumanisa nobukho bukaKristu?
Dan. 7:13, 14: “Nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu [uYesu Kristu], wafika kuNyangelemihla [uYehova uThixo], wasondezwa phambi kwakhe. Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse.”
1 Tes. 4:15, 16: “Oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala.” (Ngoko, abo baya kulawula noKristu babeya kuvuselwa ukuze babe kunye naye ezulwini—okokuqala abo babefe kwiminyaka edlulileyo kuze kube ngabo babeya kufa emva kokubuya kweNkosi.)
Mat. 25:31-33: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.”
2 Tes. 1:7-9: “Nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo; inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo.”
Luka 23:42, 43, NW: “Yena [umenzi-bubi onovelwano owayexhonywe ngakuYesu] wahambisa wathi: ‘Yesu, uze undikhumbule xa ufika ebukumkanini bakho.’ Ibe yena wathi kuye: ‘Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.’” (Phantsi kolawulo lukaYesu, wonke umhlaba uya kuba yiparadisi; abafileyo abakhunjulwayo nguThixo baya kuvuswa babe nethuba lokunandipha ubomi obufezekileyo emhlabeni ngonaphakade.)
Bona kwanephepha 135-140, phantsi komxholo othi “ImiHla Yokugqibela.”