IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 6/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • “Yiqeqeshe Inkwenkwe Ngokwendlela Yayo”
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Qeqesha Umntwana Wakho Eselusana
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Ukunika Abantwana Ingqalelo Abayifunayo
    Vukani!—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 6/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba IMizekeliso 22:6 isiqinisekisa ukuba abantwana abangamaKristu abafundiswe kakuhle, abayi kuphambuka endleleni kaYehova?

Le ndinyana ithi: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.” Kanye njengokuba ukugoba umthi usemncinane kuyichaphazela indlela okhula ngayo, abantwana abafundiswe kakuhle batyekela ekubeni baqhubeke bemkhonza uYehova naxa bebadala. Kanye njengokuba umzali ngamnye esazi, ukufundisa umntwana kufuna ixesha nomgudu. Ukuze umntwana abe ngumfundi kaKristu, abazali bafanele bamyalele, bamluleke, bamkhuthaze baze bamqeqeshe ngenyameko kwaye nabo bafanele bamisele umzekelo omhle. Bafanele bangalali neli bavuke neli yaye bakwenze oku ngothando kangangeminyaka emininzi.

Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba, ukuba umntwana uyayeka ukukhonza uYehova kufanele kubekw’ ityala kubazali? Kwezinye imeko, kusenokuba abazali baye basilela ukukhulisela abantwana babo kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova. (Efese 6:4) Kwelinye icala, ukuqeqeshwa kwabantwana kakuhle akusosiqinisekiso sokuba baya kukhonza uThixo ngokuthembeka. Abazali abanakubenza abantwana babo babe yile nto bayifunayo. Abantwana, njengabantu abadala banenkululeko yokuzikhethela yaye bayazikhethela indlela abafuna ukuphila ngayo. (Duteronomi 30:15, 16, 19) Nangona abazali benokwenza konke okusemandleni abo, abanye abantwana baye bangathembeki, njengoSolomon lo wabhala le ndinyana sithetha ngayo ngoku. Naye uYehova unabo oonyana abangazange bathembeke.

Ngenxa yoko, lo mbhalo awuthethi kuthi kuzo zonke iimeko umntwana ‘akasayi kuphambuka’ kodwa ithetha ukuba ngokuqhelekileyo kudla ngokuba njalo. Oku kuyabakhuthaza abazali! Abazali bafanele bakhuthazwe kukwazi ukuba imigudu enyanisekileyo abayenzayo ukuqeqesha abantwana babo ngendlela kaYehova iya kuba nemiphumo emihle. Ekubeni benendima ebalulekileyo kwaye benempembelelo enkulu kubantwana babo, abazali bakhuthazwa ukuba bayithabathe nzulu le mbopheleleko.—Duteronomi 6:6, 7.

Abazali abaye babaqeqesha abantwana babo baza bona bayeka ukukhonza uYehova, banokuba nethemba lokuba abantwana babo baya kubuyela ezingqondweni. Inyaniso yeBhayibhile inamandla yaye ingqeqesho yabazali ayikhawulezi ukulibaleka.—INdumiso 19:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share