UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 22-26
“Yiqeqeshe Inkwenkwe Ngokwendlela Yayo”
IMizekeliso inamacebiso amahle anokusetyenziswa ngabazali. Kanye njengokuba amasetyana omthi ekhula ngendlela agotywe ngayo, ukuqeqesha abantwana kubangela ukuba baqhubeke bekhonza uYehova naxa bebadala.
Ukuqeqesha abantwana ngendlela efanelekileyo kufuna ixesha nomzamo
Abazali bamele babe ngumzekelo ebantwaneni babo, babafundise, babayale, babakhuthaze baze babaqeqeshe kakuhle
Ukuqeqesha yindlela yokulungisa ingqondo nentliziyo yomntwana ngothando
Abantwana bafanele baqeqeshwe ngeendlela ezahlukeneyo