Ngaba Uyaluxhasa Ulongamo LukaYehova?
“Yithini phakathi kweentlanga: ‘UYehova ngukumkani.’”—INDUMISO 96:10.
1, 2. (a) Kwenzeka siphi isiganeko esibalulekileyo ngo-Oktobha 29 C.E.? (b) Eso siganeko sasibaluleke ngantoni kuYesu?
NGO-OKTOBHA 29 C.E. kwenzeka isiganeko esingazange senzeke emhlabeni. Umbhali weVangeli uMateyu uthi: “Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka, waza [uYohane uMbhaptizi] wabona umoya kaThixo usihla njengehobe phezu [kukaYesu]. Khangela! Kwakukho ilizwi eliphuma emazulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’” Esi sesinye seziganeko ezimbalwa ezabhalwa ngabo bonke ababhali abane beVangeli.—Mateyu 3:16, 17; Marko 1:9-11; Luka 3:21, 22; Yohane 1:32-34.
2 Ukuthululwa komoya oyingcwele kuYesu ngendlela ebonakalayo kwamenza waba ngoThanjisiweyo, gama elo elithetha uMesiya, okanye uKristu. (Yohane 1:33) Ekugqibeleni, yathi gqi ‘imbewu’ ethenjisiweyo! Phambi kukaYohane uMbhaptizi kwakumi lowo wayeza kutyunyuzwa isithende nguSathana nowayeza kutyumza intloko yolo tshaba luphambili lukaYehova nolongamo Lwakhe. (Genesis 3:15) Ukususela ngelo xesha, uYesu wayesazi kakuhle ukuba wayemele afeze injongo kaYehova ngokuphathelele ulongamo noBukumkani Bakhe.
3. UYesu wayilungiselela njani indima awayeza kuyidlala ekuxhaseni ulongamo lukaYehova?
3 Ukuze akulungele oku, “uYesu, ezele ngumoya oyingcwele, wemka eYordan, waza wajikeleza entlango eqhutywa ngumoya.” (Luka 4:1; Marko 1:12) Apho, kangangeentsuku ezingama-40, uYesu wafumana ithuba lokucamngca ngembambano eyaphakanyiswa nguSathana ngolongamo, noko wayeza kukwenza ukuze aluxhase ulongamo lukaYehova. Loo mbambano iquka zonke izidalwa—ezulwini nasemhlabeni. Ngoko sifanele siqwalasele ihambo kaYesu yokuthembeka size sibone oko simele sikwenze ukubonisa ukuba nathi sifuna ukuxhasa ulongamo lukaYehova.—Yobhi 1:6-12; 2:2-6.
Ukucelwa Umngeni Kolongamo
4. USathana wenza ntoni ukuze aphakamise imbambano yolongamo?
4 Kakade ke, noSathana wayezibona ezi ziganeko. Engaphozisanga maseko, waqalisa ukuhlasela ‘imbewu’ eyintloko ‘yomfazi’ kaThixo. (Genesis 3:15) USathana walukuhla uYesu izihlandlo ezithathu, esithi ufanele enze into eza kumzuzisa kunoko kufunwa nguYise. Ngokukhethekileyo isilingo sesithathu sasicela umngeni ulongamo lukaThixo. Ebonisa uYesu “zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo,” uSathana wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndokunika ukuba uthe wawa phantsi wanqula kum.” Esazi kakuhle ukuba nguMtyholi olawula “zonke izikumkani zehlabathi,” uYesu wambonisa ukuba umi kwiliphi icala ngokuphathelele ulongamo, xa wamphendula wathi: “Hamb’ umke, Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’”—Mateyu 4:8-10.
5. Nguwuphi umsebenzi onzima uYesu awayefanele awufeze?
5 Ikhondo lobomi bukaYesu labonisa ngokucacileyo ukuba, eyona nto ibalulekileyo kuye kukuxhasa ulongamo lukaYehova. UYesu wayesazi kakuhle ukuba wayemele ahlale ethembekile de uSathana ambulale—ekubeni kwaprofetwa ukuba kwakuza kutyunyuzwa isithende ‘sembewu’ yomfazi—aze anikele ubungqina bokuba nguThixo ofanele ukulawula. (Mateyu 16:21; 17:12) Kwakhona wayefanele atyhile isibakala sokuba buBukumkani bukaThixo obuya koyisa umvukeli uSathana buze buzise uxolo nocwangco kuyo yonke indalo. (Mateyu 6:9, 10) Wenza ntoni uYesu ukuze akufeze oku?
“Ubukumkani BukaThixo Busondele”
6. UYesu wakwazisa njani ukuba uThixo uza kusebenzisa uBukumkani ukuze “ayichithe imisebenzi kaMtyholi”?
6 Okokuqala, “uYesu waya eGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zikaThixo esithi: ‘Lizalisekile ixesha elimisiweyo, yaye ubukumkani bukaThixo busondele.’” (Marko 1:14, 15) Wada wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo . . . ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:18-21, 43) UYesu wayelityhutyha lonke ilizwe, “eshumayela yaye evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 8:1) Kwakhona uYesu wenza imimangaliso emininzi—esondla izihlwele, edambisa izaqhwithi, ephilisa abagulayo yaye evusa abafileyo. Ngale mimangaliso, uYesu wabonisa ukuba uThixo wayenokuwulungisa wonke umonakalo nokubandezeleka okwabangelwa yimvukelo yase-Eden aze ngaloo ndlela “ayichithe imisebenzi kaMtyholi.”—1 Yohane 3:8.
7. UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze ntoni, yaye waba yintoni umphumo?
7 Ukuze iindaba ezilungileyo zoBukumkani zivakaliswe ngokucokisekileyo, uYesu wahlanganisa iqela labalandeli abathembekileyo waza wabaqeqesha kuloo msebenzi. Waqala ngokuthuma abapostile abali-12 ukuba “baye kushumayela ubukumkani bukaThixo.” (Luka 9:1, 2) Wandula ke wathuma abanye abangama-70 ukuba bavakalise esi sigidimi: “Ubukumkani bukaThixo busondele kuni.” (Luka 10:1, 8, 9) Xa aba bafundi babuyayo, baza baxelela uYesu ngempumelelo abaye baba nayo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, uYesu wathi: “Ndiqalise ukumbona uSathana sele ewile ezulwini njengombane.”—Luka 10:17, 18.
8. Ikhondo lobomi bukaYesu lalibonisa ntoni ngokucacileyo?
8 UYesu wayezibhokoxa yaye esebenzisa naliphi na ithuba ukuze ashumayele ngoBukumkani. Wayengaphezi kumsebenzi wakhe, esebenza ubusuku nemini, kangangokuba wayencama nezinto eziqhelekileyo ebomini. Wathi: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zezulu zineendlwana, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” (Luka 9:58; Marko 6:31; Yohane 4:31-34) Kungekudala emva kokufa kwakhe, uYesu wathetha ngenkalipho noPontiyo Pilato esithi: “Ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:37) Kubo bonke ubomi bakhe, uYesu wabonisa ukuba wayezele, kungekhona ukuba ngumfundisi omkhulu okanye umenzi wemimangaliso okanye uMsindisi ozincamileyo, kodwa wayezele ukuxhasa ulongamo lukaYehova nokunikela ubungqina bokuba uThixo unamandla okuzalisekisa izithembiso esebenzisa uBukumkani.—Yohane 14:6.
“Kufeziwe!”
9. USathana waphumelela njani ekutyumzeni isithende ‘sembewu’ yomfazi kaThixo?
9 UTshaba lukaYesu, uSathana uMtyholi, aluzange lukholiswe konke konke koko kwenziwa nguYesu ngokuphathelele uBukumkani. Ngokuphindaphindiweyo, esebenzisa inxalenye esemhlabeni ‘yembewu’ yakhe—ezobupolitika nezonqulo—uSathana wazama ukubulala ‘imbewu’ yomfazi kaThixo. Ukususela ekuzalweni kwakhe ukusa ekupheleni kobomi bakhe emhlabeni, uYesu wayelixhoba likaSathana namahlakani akhe. Ekugqibeleni, ngentwasahlobo yowama-33 C.E., kwafika ixesha lokuba uNyana womntu anikelwe kwizandla zoTshaba ukuba lumtyumze isithende. (Mateyu 20:18, 19; Luka 18:31-33) Iingxelo zeVangeli zibonisa ngokucacileyo indlela abantu—ukususela kuYudas Skariyoti ukusa kubabingeleli abaziintloko, ababhali, abaFarisi namaRoma—abasetyenziswa ngayo nguSathana ukuba bagatye uYesu baze bambulale kabuhlungu kwisibonda sentuthumbo.—IZenzo 2:22, 23.
10. Ngokuyintloko uYesu wafeza ntoni ngokufa kwakhe kwisibonda sentuthumbo?
10 Yintoni efika engqondweni xa ucinga ngoYesu ekwisibonda sentuthumbo ebandezeleka de afe kabuhlungu? Mhlawumbi ukhumbula idini lentlawulelo elenziwa nguYesu ngenxa yoluntu olunesono. (Mateyu 20:28; Yohane 15:13) Unokumangaliswa luthando olukhulu uYehova awalubonakalisayo ngokulungiselela elo dini. (Yohane 3:16) Mhlawumbi uvakalelwa ngendlela efanayo negosa elingumRoma elathi: “Ngokuqinisekileyo lo ibinguNyana kaThixo.” (Mateyu 27:54) Enoba yiyiphi na indlela ovakalelwa ngayo kwezi, ifanelekile. Kwelinye icala, khumbula amazwi okugqibela athethwa nguYesu kwisibonda sentuthumbo, athi: “Kufeziwe!” (Yohane 19:30) Kwafezwa ntoni? Ngoxa uYesu wafeza izinto ezininzi ebomini nasekufeni kwakhe, ngaba eyona njongo yokuza kwakhe emhlabeni yayingekuko ukuzinzisa imbambano yolongamo lukaYehova? Ngaba akuzange kuprofetwe ukuba ‘njengembewu,’ wayeza kuvavanywa ngokuqatha nguSathana ukuze asuse ugculelo egameni likaYehova? (Isaya 53:3-7) Yayiziimbopheleleko ezinzima kunene nezi, kodwa uYesu wazifeza ngazo zonke iindlela.
11. UYesu uza kwenza ntoni ukuze azalisekise ngokupheleleyo isiprofeto sase-Eden?
11 Ngenxa yokuthembeka nokunyaniseka kwakhe, uYesu wavuswa, kungekhona njengomntu, kodwa ‘njengomoya onik’ ubomi.’ (1 Korinte 15:45; 1 Petros 3:18) UYehova wamthembisa oku uNyana wakhe ozukileyo: “Hlala ngasekunene kwam ndide ndizibeke iintshaba zakho njengesitulo seenyawo zakho.” (INdumiso 110:1) Ezi “ntshaba” ziquka olona tshaba lukhulu uSathana, nabo bonke ababumba ‘imbewu’ yakhe. NjengoKumkani woBukumkani bukaMesiya obuphantsi kukaYehova, uYesu Kristu uya kukhokela ekutshabalaliseni bonke abavukeli, ezulwini nasemhlabeni. (ISityhilelo 12:7-9; 19:11-16; 20:1-3, 10) Kuya kwandula ke kuzaliseke ngokupheleleyo isiprofeto esikwiGenesis 3:15 nomthandazo uYesu awawufundisa abalandeli bakhe othi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10; Filipi 2:8-11.
Umzekelo Wokuxeliswa
12, 13. (a) Abantu baye basabela njani kwiindaba ezilungileyo namhlanje? (b) Yintoni esimele sicingisise ngayo xa silandela emanyathelweni kaKristu?
12 Namhlanje iindaba ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwa kumazwe amaninzi, njengokuba uYesu waprofetayo. (Mateyu 24:14) Ngenxa yoko, abantu abazizigidi baye bahlulela ubomi babo kuThixo. Bayazivuyela iintsikelelo eziya kuziswa buBukumkani. Bakhangele phambili ekuphileni ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi onoxolo nonqabiseko, yaye bayakuvuyela ukuxelela abanye ngethemba labo. (INdumiso 37:11; 2 Petros 3:13) Ngaba ungomnye waba bavakalisi boBukumkani? Ukuba kunjalo, siyakuncoma. Kodwa ke, ngamnye wethu unokuthile amele acingisise ngako.
13 Umpostile uPetros wabhala: “NoKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.” (1 Petros 2:21) Phawula ukuba apha, uPetros ukhankanya, kungekhona inzondelelo kaYesu ekushumayeleni okanye ubuchule bakhe bokufundisa, kodwa ukubandezeleka kwakhe. Njengengqina lokuzibonela, uPetros wayesazi ukuba uYesu wayekulungele kangakanani na ukubandezeleka ukuze azithobe phantsi kolongamo lukaYehova aze amngqine elixoki uSathana. Ngoko ke, ziziphi iindlela esinokuhamba ngazo emanyathelweni kaYesu? Simele sizibuze: ‘Ngaba ndikulindele kangakanani ukubandezeleka ukuze ndixhase ndize ndizukise ulongamo lukaYehova? Ngaba indlela endiphila ngayo nendizibhokoxa ngayo kubulungiseleli ibonisa ukuba eyona nto ndiyixhalabeleyo kukuxhasa ulongamo lukaYehova?’—Kolose 3:17.
14, 15. (a) Wasabela njani uYesu xa wayenikwa amacebiso angafanelekanga? (b) Yiyiphi imbambano esimele sihlale siyikhumbula? (Quka amagqabaza akwibhokisi ethi “Xhasa UYehova.”)
14 Suku ngalunye, sijamelana nezilingo nezigqibo esifanele sizenze, ezikhulu nezincinane. Sifanele senze njani? Ngokomzekelo, xa silingwa ukuba senze into eza konakalisa imeko yethu yokomoya, senza njani? Xa uPetros waxelela uYesu ukuba abe nobubele kuye, wathini uYesu? Wadanduluka wathi: “Suka uye emva kwam, Sathana! . . . Ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.” (Mateyu 16:21-23) Xa sifumana amathuba okufumana imali ngoxa siza kufa ngokomoya, ngaba siya kusabela njengoYesu? Xa uYesu wabona ukuba abo babona imimangaliso yakhe “babesele beza kuza, bambambe bamenze ukumkani,” wemka kubo.—Yohane 6:15.
15 Kwakutheni ukuze uYesu asabele ngale ndlela? Kuba wayebona ngokucacileyo ukuba kwakukho okuthile okubaluleke ngakumbi kunesiqu sakhe. Wayefuna ukwenza ukuthanda kukaYise aze axhase ulongamo lukaYehova nokuba sekumnyam’ entla. (Mateyu 26:50-54) Ngoko ke, ukuba asihlali sicinga ngokucacileyo ngolongamo lukaYehova ngalo lonke ixesha, njengoYesu, sisengozini yokulalanisa. Ngoba? Kuba sinokuba ngamaxhoba amaqhinga kaSathana, olichule ekwenzeni okubi kubonakale kunomtsalane, njengokuba wenjenjalo xa wayelukuhla uEva.—2 Korinte 11:14; 1 Timoti 2:14.
16. Yiyiphi eyona njongo yethu yokunceda abanye?
16 Entsimini, sizabalazela ukuthetha nabantu ngezinto ezibaxhalabisayo nokubabonisa iimpendulo eziseBhayibhileni. Le yindlela ephumelelayo ekwakheni umdla wokufuna ukufunda iBhayibhile. Kodwa ke, eyona njongo yethu asikokunceda abantu bazi oko kuthethwa yiBhayibhile okanye iintsikelelo abaza kuziziselwa buBukumkani bukaThixo. Simele sibancede bayazi eyona mbambano. Ngaba bakulungele ukuba ngamaKristu okwenyaniso, bathabathe ‘isibonda sabo sentuthumbo’ baze babandezeleke ngenxa yoBukumkani? (Marko 8:34) Ngaba bakulungele ukuthelela abo baxhasa ulongamo lukaYehova baze ngaloo ndlela bamngqine elixoki nomhlebi uSathana? (IMizekeliso 27:11) Kulilungelo ukunceda abanye kwakunye nathi ukuba benjenjalo.—1 Timoti 4:16.
Xa UThixo Esiba “Zizinto Zonke Kubo Bonke”
17, 18. Liliphi ixesha elibalulekileyo esikhangele phambili kulo xa sibonisa ukuba siyaluxhasa ulongamo lukaYehova?
17 Njengoko sisenza konke okusemandleni kwindlela esiziphatha ngayo nasentsimini ukuba sixhase ulongamo lukaYehova, sinokukhangela phambili xa uYesu Kristu “enikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise.” Kuya kwenzeka nini oko? Umpostile uPawulos uyachaza: “Xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla. Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. . . . Uya kwandula ke noNyana ngokwakhe azithobe kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.”—1 Korinte 15:24, 25, 28.
18 Xa uThixo esiba “zizinto zonke kubo bonke”—iya kuba lixesha elivuyisa ngokwenene elo! UBukumkani buya kube buyifezile injongo yabo. Bonke abachasi bolongamo lukaYehova baya kube betshatyalalisiwe. Indalo iphela iya kubuyela eluxolweni ize ilungelelane. Umdumisi uthi yonke indalo iya kuvuma isithi: “Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe . . . Yithini phakathi kweentlanga: ‘UYehova ngukumkani.’”—INdumiso 96:8, 10.
Ngaba Ungaphendula?
• UYesu wayigcina njani ibalulekile imbambano yolongamo lukaThixo?
• Ngokuyintloko uYesu wafeza ntoni ngokushumayela nangokufa kwakhe?
• Ziziphi iindlela esinokuwuxelisa ngazo umzekelo kaYesu ekubonakaliseni ukuba sixhasa ulongamo lukaYehova?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 29]
XHASA UYEHOVA
Njengoko abazalwana abaninzi eKorea nakwezinye iindawo besazi, xa amaKristu ejamelene nezilingo, kuyanceda ukuhlala ecinga ngesizathu sokuba afumane izilingo.
Omnye wamaNgqina kaYehova owayevalelwe entolongweni ebudeni bolawulo lweSoviet uthi: “Into eyasinceda sakwazi ukunyamezela kukuba sasiyiqonda kakuhle imbambano eyaphakama kumyezo wase-Eden—imbambano yokuba uThixo unelungelo lokulawula. . . . Sasisazi ukuba sasinethuba lokuxhasa ulawulo lukaYehova. . . . Oku kwasenza somelela saza sakwazi ukugcina ingqibelelo.”
Elinye iNgqina lichaza oko kwalincedayo lona nelinye iNgqina elalivalelwe nalo enkampini. Lithi: “UYehova wasixhasa. Phezu kwazo nje iimeko ezinzima, sasiphaphile ngokomoya. Sasihlala sikhuthazana ngokuthi sixhasa uYehova nolongamo lwakhe.”
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UYesu waluxhasa njani ulongamo lukaYehova xa wayelingwa nguSathana?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukufa kukaYesu kwafeza ntoni?