IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 10/15 iphe. 25-29
  • Yintoni Olungele Ukuyincama Ukuze Ufumane Ubomi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Olungele Ukuyincama Ukuze Ufumane Ubomi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘UKristu Akazange Azikholise’
  • UYehova Ufuna Simnike Okona Kulungileyo
  • Lisebenzise Ngobulumko Ixesha Onalo
  • “Ndinani Yonke Imihla”
  • Asisaziphileli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Kutheni Simele Silandele ‘UKristu’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukuqeqeshelwa Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 10/15 iphe. 25-29

Yintoni Olungele Ukuyincama Ukuze Ufumane Ubomi?

“Anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?”—MAT. 16:26.

1. Kwakutheni ukuze uYesu amkhalimele kabukhali uPetros ngenxa yoko wakuthethayo?

UMPOSTILE uPetros weva into eyamothusayo. INkokeli yakhe ethandekayo, uYesu Kristu yatsho “ngokuphandle” ukuba kungekudala yayiza kubandezeleka ize ife! UPetros—ngokuqinisekileyo eneenjongo ezintle—wamkhalimela uYesu, esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.” UYesu wamnikel’ umva uPetros waza wajonga kwabanye abafundi. Kusenokwenzeka ukuba nabo babenale mbono iphosakeleyo. Emva koko wathi kuPetros: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”—Marko 8:32, 33; Mat. 16:21-23.

2. UYesu wakuchaza njani oko kulindelekileyo kumfundi wokwenene?

2 Kusenokwenzeka ukuba amazwi awalandelisa ngawo uYesu, amnceda uPetros wabona isizathu sokuba uYesu amphendule kabukhali kangaka. UYesu “wabizela isihlwele kuye kunye nabafundi bakhe” waza wathi kubo: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela. Kuba nabani na ofuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe uya kulahlekelwa nguwo; kodwa nabani na olahlekelwa ngumphefumlo wakhe ngenxa yam neendaba ezilungileyo uya kuwusindisa.” (Marko 8:34, 35) Apha uYesu usebenzisa igama elithi “umphefumlo” xa ebhekisela ‘kubomi.’ Ngokucacileyo, wayengazi kunikela ngobomi bakhe njengedini kuphela kodwa elindele nokuba abo babemlandela bakulungele ukuncama ubomi babo ukuze bakhonze uThixo. Xa besenjenjalo, babeya kufumana umvuzo.—Funda uMateyu 16:27.

3. (a) Yiyiphi imibuzo eyabuzwa nguYesu kubaphulaphuli bakhe? (b) Yintoni ekusenokwenzeka ukuba umbuzo kaYesu wesibini wabakhumbuza yona abaphulaphuli bakhe?

3 Kwangeso sihlandlo, uYesu wabuza le mibuzo mibini ibangel’ umdla: “Kunayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela aze aphulukane nomphefumlo wakhe? Eneneni, anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?” (Marko 8:36, 37) Impendulo yombuzo wokuqala izicacele. Akumncedi nganto umntu ukufumana lonke ihlabathi emva koko aphulukane nobomi bakhe, oko kukuthi umphefumlo wakhe. Umntu uzinandipha izinto eziphathekayo logama esaphila. Umbuzo kaYesu wesibini othi: “Eneneni, anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?” usenokuba wakhumbuza abo babemphulaphule ngezityholo ezenziwa nguSathana ngemihla kaYobhi, esithi: “Yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Abanye abantu abangamnquliyo uYehova, basenokwenza izinto kanye ngale ndlela watsho ngayo uSathana. Abaninzi kubo bangenza nantoni na, baphule nayiphi na imigaqo, ukuze nje baqhubeke bephila. Noko ke, amaKristu akazijongi ngolo hlobo izinto.

4. Kutheni imibuzo kaYesu inentsingiselo engakumbi kumaKristu?

4 Siyazi ukuba uYesu akazange eze emhlabeni ukuza kuqinisekisa ukuba sisempilweni, asinike ubutyebi okanye asenze siphile ixesha elide kweli hlabathi. Weza ukuze asivulele ithuba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha, yaye ukuba nethemba lobu bomi sikuxabisa gqitha. (Yoh. 3:16) UmKristu angawuqonda ngolu hlobo umbuzo kaYesu wokuqala, “Kunokumnceda ngantoni umntu ukufumana ihlabathi lonke aze aphulukane nethemba lobomi obungunaphakade?” Eneneni, kulilize kwaphela. (1 Yoh. 2:15-17) Ukuze sikwazi ukuphendula umbuzo kaYesu wesibini, sinokuzibuza oku, ‘Yintoni endilungele ukuyincama ngoku ukuze ndiqiniseke ngethemba endinalo lehlabathi elitsha?’ Impendulo yethu kulo mbuzo, njengoko ibonakala kwindlela esiphila ngayo, inokubonisa umkhamo wokomelela kwelo themba ezintliziyweni zethu.—Thelekisa uYohane 12:25.

5. Sinokusifumana njani isipho sobomi obungunaphakade?

5 Kakade ke, uYesu wayengathi ubomi obungunaphakade yinto esimele siyifumane. Ubomi—kwanobu bufutshane sibuphila kule nkqubo yezinto—busisipho. Asinakubuthenga okanye senze nantoni na ukuze sifanelekele ukubufumana. Ekuphela kwendlela esinokusifumana ngayo isipho sobomi obungunaphakade kukuba ‘nokholo kuKristu Yesu,’ nakuYehova, ‘ongumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Gal. 2:16; Heb. 11:6) Sekunjalo, ukholo lumele lubonakale ngemisebenzi, ekubeni ‘ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.’ (Yak. 2:26) Ngenxa yoko, xa sicamngca ngakumbi ngombuzo kaYesu, kuya kufuneka sicingisise ngoko silungele ukukuncama nangoko silungele ukukwenza kwinkonzo kaYehova ukuze kubonakale ukuba ukholo lwethu luphilile ngokwenene.

‘UKristu Akazange Azikholise’

6. Yintoni eyona nto yayibalulekile kuYesu?

6 Kunokuba anikele ingqalelo kwiingenelo zehlabathi awayephila kulo, uYesu wakhangela kwizinto ezibalulekileyo waza akabanjiswa sisilingo sokusukela izinto eziphathekayo. Wazincama waza wathobela uThixo. Kunokuba azikholise, wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo [kuThixo].” (Yoh. 8:29) Yintoni uYesu awayelungele ukuyenza ukuze akholise uThixo?

7, 8. (a) UYesu wancama ntoni, ibe wavuzwa njani? (b) Nguwuphi umbuzo esinokuzibuza wona?

7 UYesu wakha wathi kubafundi bakhe: “UNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mat. 20:28) Ngaphambilana, xa uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba kungekudala wayeza ‘kunikela ngomphefumlo wakhe,’ uPetros wambongoza ukuba abe nobubele kuye. Sekunjalo, uYesu wahlala eqinile. Wanikela ngokuzithandela ngomphefumlo wakhe, ubomi bakhe obufezekileyo, ngenxa yoluntu. Ngenxa yokungazingci, uYesu wafumana ikamva lokwenene. Wavuswa waza “waphakanyiselwa ngasekunene kukaThixo.” (IZe. 2:32, 33) Ngenxa yoko wasimisela umzekelo omhle gqitha.

8 Umpostile uPawulos waluleka amaKristu aseRoma ukuba ‘angazikholisi’ waza wawakhumbuza ukuba “kwanoKristu akazange azikholise.” (Roma 15:1-3) Ngoko, siya kusithobela ukusa kuwuphi umkhamo isiluleko salo mpostile size sizincame sixelisa uKristu?

UYehova Ufuna Simnike Okona Kulungileyo

9. Yintoni eneneni eyenziwa ngumKristu xa ezahlulela kuThixo?

9 KuSirayeli wamandulo, uMthetho kaMoses wabonisa ukuba amakhoboka angamaHebhere kwakufuneka akhululwe ngonyaka wesixhenxe wobukhoboka bawo okanye ebudeni bonyaka weNtlokoma. Noko ke, ayenalo olunye ukhetho. Ukuba ikhoboka lalimthanda umnini-lo lalinokukhetha ukuqhubeka limsebenzela ubomi balo bonke. (Funda iDuteronomi 15:12, 16, 17.) Nathi senza ukhetho olufanayo xa sizahlulela kuThixo. Ngokuzithandela siyavuma ukuba siza kwenza ukuthanda kukaThixo, kunokwenza ngendlela esithanda ngayo. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba simthanda ngokwenene uYehova yaye sifuna ukumkhonza ngonaphakade.

10. Singamakhoboka kaThixo ngayiphi indlela, ibe oko kufanele kube naliphi igalelo kwiingcinga nezenzo zethu?

10 Ukuba ngoku ufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ushumayela iindaba ezilungileyo yaye uyeza kwiintlanganiso zamaKristu, kuncomeka kakhulu oko. Sinethemba lokuba kungekudala uza kufuna ukuzahlulela kuYehova uze ubuze lo mbuzo wabuzwa ngumTiyopiya kuFilipu: “Yintoni na endithintelayo ukuba ndibhaptizwe?” (IZe. 8:35, 36) Ulwalamano lwakho noThixo luya kufana nolwamaKristu awawabhalela wathi uPawulos: “Aningobenu, kuba nathengwa ngexabiso.” (1 Kor. 6:19, 20) Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, ukuba sizahlulele kuYehova, unguMnini wethu. Kubaluleke gqitha ke, ukungaphileli iminqweno yethu size ‘singabi ngamakhoboka abantu’! (1 Kor. 7:23) Kulilungelo ngokwenene ukuba likhoboka elithembekileyo likaYehova anokulisebenzisa ngendlela athanda ngayo!

11. AmaKristu abongozwa ukuba ancame ntoni, yaye oko kuthetha ntoni ngokwenene, njengoko kuzekeliswe ngamadini awayesenziwa kuMthetho kaMoses?

11 UPawulos wathi xa wayebongoza amanye amaKristu: “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.” (Roma 12:1) Kusenokwenzeka ukuba loo mazwi akhumbuza amaKristu angamaYuda ngamadini awayeyinxalenye yonqulo lwawo ngaphambi kokuba abe ngabalandeli bakaYesu. Amele ukuba ayesazi ukuba phantsi koMthetho kaMoses, izilwanyana ezazinikelwa kwisibingelelo sikaYehova zazimele zibe zezona zisemgangathweni. Nantoni na engekho mgangathweni yayingamkelekanga. (Mal. 1:8, 13) Kulindeleke oko naxa sinikela imizimba yethu ukuba ibe “yimibingelelo ephilayo.” Simnika okona kulungileyo uYehova, kungekhona oko kuseleyo emva kokuba sanelise iminqweno yethu. Xa sizahlulela kuThixo, ngokungazibandezi simnika “imiphefumlo,” ubomi bethu—kuquka amandla ethu, izinto eziphathekayo esinazo nobuchule esinabo. (Kol. 3:23) Kuthetha ntoni oku kuthi?

Lisebenzise Ngobulumko Ixesha Onalo

12, 13. Yiyiphi enye indlela esinokumnika ngayo okona kulungileyo uYehova?

12 Enye indlela yokunika uYehova okona kulungileyo kukulisebenzisa ngobulumko ixesha esinalo. (Funda eyabase-Efese 5:15, 16.) Loo nto ifuna sizeyise. Impembelelo yehlabathi kwakunye nokungafezeki esikuzuze ilifa kusenza sifune ukusebenzisa ixesha ukuze nje sizihlaziye okanye senze izinto zethu. Liyinyaniso elokuba, “yonke into inexesha layo elimisiweyo,” kuquka ukuzihlaziya nomsebenzi wempangelo osinceda sifeze imbopheleleko esinayo njengamaKristu. (INtshu. 3:1) Noko ke, umKristu ozahluleleyo ufanele ahlale elungelelene aze alisebenzise ngobulumko ixesha analo.

13 Xa uPawulos wayetyelele eAthene, waphawula ukuba “onke ama-Athene nabasemzini abaphambukele apho babechitha ixesha labo lokuphola bengenzi nto ngaphandle kokuxela okuthile okanye ukuphulaphula okuthile okutsha.” (IZe. 17:21) Nanamhlanje, abaninzi balichitha ngaloo ndlela ixesha abanalo. Izinto eziphazamisa abantu namhlanje ziquka ukubukela umabonwakude, ukudlala imidlalo yevidiyo nokujonga i-Internet. Ziya zisiba ninzi izinto ezinokusiphazamisa zize zitye ixesha esinalo. Ukuba asiziphapheli, zingaphazamisana nokuzondla kwethu ngokomoya. Singaphela sesivakalelwa kukuba asinalo ixesha lokunikel’ ingqalelo ‘kwizinto ezibaluleke ngakumbi’—imiba ephathelele ukukhonza uYehova.—Fil. 1:9, 10.

14. Yiyiphi imibuzo esifanele sicingisise ngayo?

14 Ngoko ke, njengomkhonzi kaYehova ozahluleleyo, zibuze, ‘Ngaba mhla ngamnye ndifunda iBhayibhile, ndicamngce ndize ndithandaze?’ (INdu. 77:12; 119:97; 1 Tes. 5:17) ‘Ngaba ndiba nexesha lokulungiselela iintlanganiso zamaKristu? Ngaba ndiyabakhuthaza abanye ngokugqabaza kwiintlanganiso?’ (INdu. 122:1; Heb. 2:12) ILizwi likaThixo lithi uPawulos namaqabane akhe bachitha “ixesha elide bethetha ngenkalipho ngegunya likaYehova.” (IZe. 14:3) Ngaba ungahlengahlengisa iimeko zakho ukuze uchithe ixesha elingakumbi, okanye “ixesha elide,” ushumayela, mhlawumbi unguvulindlela?—Funda amaHebhere 13:15.

15. Abadala balisebenzisa njani ngobulumko ixesha abanalo?

15 Xa umpostile uPawulos namanye amadoda athembekileyo batyelela ibandla lamaKristu kwa-Antiyokwe, “bachitha ixesha elininzi bekunye nabafundi” ukuze babakhuthaze. (IZe. 14:28) Nanamhlanje abadala abanothando bachitha ixesha elininzi besomeleza abanye. Ngaphandle kokuba beshumayela, abadala basebenza nzima ukuze baluse umhlambi, bakhangele izimvu ezilahlekileyo, bancede abagulayo baze banyamekele nezinye iimbopheleleko ezininzi ebandleni. Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, ngaba iimeko zakho ziyakuvumela ukuba uzabalazele la malungelo ongezelelekileyo enkonzo?

16. Ziziphi ezinye iindlela ‘esinokwenza ngazo okulungileyo kwabo bahlobene nathi elukholweni’?

16 Abaninzi baye bakuvuyela ukunceda abo baye balahlekelwa zizinto zabo ngenxa yeentlekele ezibangelwe ngabantu okanye ezemvelo. Ngokomzekelo, omnye udade okwiminyaka engama-60 ubudala okhonza eBheteli, uye kangangezihlandlo eziliqela wahamba imigama emide ukuya kunceda amaxhoba entlekele. Kutheni eye wasebenzisa ixesha lakhe lekhefu ngaloo ndlela? Uthi: “Nangona ndingenabuchule bukhethekileyo, bekulilungelo kum ukwenza nantoni na endinokukwazi ukuyenza. Kuye kwandikhuthaza gqitha ukubona indlela olomelele ngayo ukholo lwabazalwana noodadewethu abaye balahlekelwa phantse zizo zonke izinto zabo eziphathekayo.” Ukongezelela, amawakawaka ehlabathini lonke aye ancedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nezeeNdibano. Ngokuncedisa kwimisebenzi enjalo, sibonisa ukungazicingeli, ‘sisenza okulungileyo kwabo bahlobene nathi elukholweni.’—Gal. 6:10.

“Ndinani Yonke Imihla”

17. Yintoni wena oya kuyincama ukuze ufumane ubomi obungunaphakade?

17 Abantu abangamhloneliyo uThixo sele beza kutshatyalaliswa. Asazi ukuba iya kwenzeka nini loo nto kanye kanye. Kodwa, into esiyaziyo kukuba “ixesha eliseleyo lifinyele” nokuba “imeko yeli hlabathi iyatshintsha.” (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:29-31.) Oku kuwenza ucace kakuhle umbuzo kaYesu othi: “Eneneni, anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?” Ngokuqinisekileyo siya kunikela nangantoni na ayifunayo uYehova kuthi ukuze sifumane “ubomi benene.” (1 Tim. 6:19) Kubaluleke ngokwenene ukuba sithobele isibongozo sikaYesu ‘sokuqhubeka simlandela’ size ‘sifune kuqala ubukumkani.’—Mat. 6:31-33; 24:13.

18. Sinokuba naliphi ithemba, yaye ngoba?

18 Liyinyaniso elokuba, ukulandela uYesu akusoloko kulula, ibe ngokuvisisana nesilumkiso sikaYesu, abanye bade babulawelwa oko kule nkqubo yezinto. Sekunjalo, kanye njengoYesu, asinikezeli kwisilingo sokuba sibe ‘nobubele kuthi.’ Siyasithemba esi siqinisekiso wasinika abalandeli bakhe abathanjisiweyo benkulungwane yokuqala: “Ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:20) Ngenxa yoko, masisebenzise ixesha nobuchule esinabo kwinkonzo engcwele kangangoko sinako. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba sinethemba lokuba uYehova uya kusilondoloza kwimbandezelo enkulu okanye asivusele kwihlabathi elitsha. (Heb. 6:10) Ngelo xesha siya kuba sibonisile ukuba siyasixabisa isipho sobomi.

Unokuphendula Uthini?

• Yiyiphi eyona ndlela uYesu awabonisa ngayo ukuba ukulungele ukukhonza uThixo nabantu?

• Kutheni umntu efanele azincame, yaye unokukwenza njani oku?

• KuSirayeli wamandulo, ngawaphi amadini awayamkelekile kuYehova, yaye oku kungumzekelo njani kuthi namhlanje?

• Ziziphi iindlela esinokulisebenzisa ngobulumko ngazo ixesha esinalo?

[Imifanekiso ekwiphepha 26]

UYesu wayesoloko esenza izinto ezikholisa uThixo

[Umfanekiso okwiphepha 28]

AmaSirayeli anoxabiso aluxhasa ngezona zinto zawo zilungileyo unqulo lwenyaniso

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

Sikholisa uThixo xa silisebenzisa ngobulumko ixesha esinalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share