Sondela KuThixo
Umthandi Wokusesikweni
NGABA wakha walixhoba lokuphathwa ngokungekho sikweni okanye ngenkohlakalo, mhlawumbi ngumntu obhungcayo nongazisoliyo? Zimbalwa izinto ezinokuba buhlungu njengale, ngokukodwa xa ulindele ukuba loo mntu akuthande yaye akunyamekele. Usenokubuza, ‘Kutheni uThixo evumela izinto ezinje ukuba zenzeke?’a Inyaniso kukuba uYehova uThixo ukuthiyile okungekho sikweni. ILizwi lakhe iBhayibhile lisiqinisekisa ukuba uThixo uza kubagweba aboni abaqaqadekileyo. Makhe siqwalasele amazwi kampostile uPawulos akumaHebhere 10:26-31.
UPawulos wabhala: “Ukuba siqhelisela isono ngabom emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, akusekho mbingelelo wezono useleyo.” (Indinyana 26) Abantu abona ngabom ngabona babekek’ ityala. Ngoba? Okokuqala, aboni ngenxa yobuthathaka—nto leyo esiyenzayo maxa wambi ngenxa yokuba asifezekanga. Bona ngokuqhubekayo. Okwesibini, bayakuceba ukona. IThe Bible in Basic English ithi “bona ngabom.” Ububi bendele ezintliziyweni zabo. Okwesithathu, aboni kuba bengazi. ‘Banolwazi oluchanileyo’ ngoThixo neendlela zakhe.
UThixo ucinga ntoni ngaboni abangaguqukiyo? UPawulos uthi: “Akusekho mbingelelo wezono useleyo.” Umbingelelo kaKristu—isipho uThixo asinike uluntu—ugubungela izono esizenza ngenxa yokungafezeki. (1 Yohane 2:1, 2) Kodwa abo bonayo baze bangaguquki babonisa ukuba abasikhathalelanga esi sipho sixabisekileyo. Emehlweni kaThixo, ‘banyathela uNyana wakhe yaye balibalela ekuthini lelexabiso eliqhelekileyo igazi’ likaYesu. (Indinyana 29) Ikhondo labo libonisa ukuba abamgqali uYesu yaye igazi lakhe balijonga ‘njengelingenaxabiso,’ nelifana nelabantu abangafezekanga. (Today’s English Version) Abo bantu bangenaluxabiso abayi kuxhamla kumbingelelo kaKristu.
Yintoni abamele bayilindele abantu abangendawo? UThixo othanda okusesikweni uthembisa oku: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna.” (Indinyana 30) Bonke abo bazimisele ukwenza isono bekhubekisa abanye mabalumke. Akakho umntu onokwaphula umthetho kaThixo aze angohlwaywa. Isikhuni sidla ngokubuya nomkhwezeli. (Galati 6:7) Enoba oko akuzi kwenzeka kwangoku, kwixa elizayo baya kuma phambi koThixo xa eze kutshabalalisa eli hlabathi nako konke okungekho sikweni okwenzeka kulo. (IMizekeliso 2:21, 22) UPawulos ulumkisa athi: “Kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo.”—Indinyana 31.
Ukwazi ukuba uYehova uThixo akabathandi abantu abona ngabom kuyasithuthuzela yaye kuyasiqinisekisa, ngokukodwa abo baye bakhathazwa ngaboni abaqaqadekileyo. Impindezelo sinokuyiyekela kuThixo ngokupheleleyo, kuba yena ukuthiyile konke okungekho sikweni.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ubone isizathu sokuba uThixo evumele ubungendawo, funda kwiphepha 106-114 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.