Abaphumelele Kwiklasi Ye-125 YaseGiliyadi
Abathunywa BeVangeli Bakhuthazwe Ukuba Babe NjengoYeremiya
UGEOFFREY JACKSON weQumrhu Elilawulayo wathi: “Le klasi yaseGiliyadi iyimbalasane.” Wayethetha nabantu abangama-6 156 ababeze kumsitho wabaphumelele kwiklasi ye-125 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi ngoSeptemba 13, 2008. Xa kudityaniswa nabangama-56 abaphumelele kule klasi, iSikolo saseGiliyadi siye sathumela abathunywa bevangeli abangaphezu kwama-8 000 “kwezona nxalenye zikude zomhlaba”!—IZe. 1:8.
UMzalwan’ uJackson, owayengusihlalo wocwangciso, wabuza lo mbuzo, “Ngaba ukuthembeka kuza kubuphucula ubulungiseleli benu?” Emva koko wabala izinto ezine ezibangela ukuba umntu athenjwe: ukuba nesimo sengqondo esihle, ukumisela umzekelo omhle, ukusekela ngokuqinileyo nantoni na oyifundisayo kwiLizwi likaThixo nokunikela ingqalelo ekuvakaliseni igama likaYehova.
UDavid Schafer, okwiKomiti Yokufundisa, waxubusha umxholo othi “Ngaba Niza Kuqonda Yonk’ Into?” Waqinisekisa abaphumelele eGiliyadi ukuba “banokuqonda yonk’ into” efunekayo ukuze bakhonze njengabathunywa bevangeli ukuba baqhubeka befuna uYehova baze ngokuthobeka baligqale “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.”—IMize. 28:5; Mat. 24:45.
Emva koko, uJohn E. Barr weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho enomxholo othi “Ningavumeli Nantoni Na Inahlule Eluthandweni LukaThixo.” Isiluleko sikaMzalwan’ uBarr sobuzali sakhulula aba baphumeleleyo kunye nabazali babo kuko nakuphi na ukuxhalaba ekusenokwenzeka bebenako aba bathunywa batsha ngezabelo zabo. Wathi, “Ukuba seluthandweni lukaThixo kuyindawo ekhuselekileyo nefanelekileyo esinokuba kuyo.” Ayikho into enokwahlula abathunywa bevangeli eluthandweni lukaThixo ngaphandle kokuba bona bazahlukanisa noThixo.
USam Roberson okwiSebe leZikolo Zobuthixo wakhuthaza abaphulaphuli ukuba banxibe “esona sinxibo sikumgangatho ophezulu.” Ngokufunda ngoko kwenziwa nguYesu baze bakusebenzise ebomini babo, abo baphumeleleyo ‘banokwambatha iNkosi uYesu Kristu.’ (Roma 13:14) Emva koko, uWilliam Samuelson, umveleli weSebe leZikolo Zobuthixo, wabalaselisa oko kwenza umntu abekeke. Asiyombono yomntu kodwa yekaThixo eyenza umntu abekeke.
UMichael Burnett, owayefundisa apho, wadlan’ indlebe nabaphumeleleyo ngamava abawafumene entsimini. Nangona abaninzi kubo babelwa ukusebenza kwintsimi ekudala isetyenzwa ngoxa bekwiSikolo saseGiliyadi ePatterson, eNew York, bafumana abantu abanomdla. UGerald Grizzle okwiCandelo elijongene neeNdibano wadlan’ indlebe nabazalwana abathathu abeze kwiSikolo saMalungu eeKomiti zamaSebe. Amagqabaza abo enza ukuba aba baphumelele eGiliyadi bazilungiselele izinto abaza kudibana nazo kwizabelo zabo ezikumazwe asemzini.
Intetho ethi “Yiba NjengoYeremiya” yanikelwa nguDavid Splane weQumrhu Elilawulayo, owaphumelela kwiklasi yama-42. Nangona uYeremiya wayeziva engasifanelekeli isabelo awasinikwayo, uYehova wamomeleza. (Yer. 1:7, 8) UThixo uya kwenza okufanayo nakwaba bathunywa bevangeli batsha. UMzalwan’ uSplane wathi, “Ukuba unengxaki nomntu othile, khawukh’ uhlale phantsi uze ubhale iimpawu zibe lishumi ozithandayo kulo mntu. Ukuba akunazo ezilishumi, loo nto ithetha ukuba akumazi kakuhle loo mntu.”
UYeremiya wayenomoya wokuzincama. Kwakusithi kwakubakho into ethi makayeke, athandaze, ibe uYehova wayemxhasa. (Yer. 20:11) UMzalwan’ uSplane wathi, “Xa uziva udimazekile, thetha noYehova. Iya kukumangalisa indlela aya kukunceda ngayo uYehova.”
Lwathi xa luqwelwa ucwangciso lwalo msitho, usihlalo wakhumbuza abaphulaphuli ukuba aba baphumeleleyo bafunde iindlela ezininzi zokwakha ukuthembeka kwabo. Njengoko benikela ubungqina kwizabelo zabo yaye bezingqina benokuthenjwa, isigidimi sabo siya kuba namandla ngakumbi.—Isa. 43:8-12.
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
INKCAZELO ENGABAFUNDI
Inani lamazwe abavela kuwo: 6
Inani lamazwe abathunyelwe kuwo: 21
Inani labafundi: 56
Umlinganiselo wobudala: 32,9
Umlinganiselo weminyaka besenyanisweni: 17,4
Umlinganiselo weminyaka bekwinkonzo yexesha elizeleyo: 13
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iklasi Ye-125 Yabaphumelele KwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi
Kuludwe olungezantsi, kuqalwa ukusuka kuluhlu olungaphambili ukusa kolungasemva, yaye amagama adweliswe ukusuka ekhohlo ukusa ekunene kuluhlu ngalunye.
(1) Hodgson, A.; Wall, A.; Beerens, K.; Hortelano, M.; Newman, L.; De Caso, A. (2) Jenkins, J.; Jarzemski, T.; Méndez, N.; Corona, V.; Canalita, L. (3) Fryer, H.; Savage, M.; Tidwell, K.; Erickson, N.; Dyck, E.; McBeath, R. (4) Perez, L.; Puse, L; Skidmore, A.; Young, B.; McBride, N.; Rondón, P.; Goodman, E. (5) Beerens, M.; Ferguson, J; Pearson, N.; Chapman, L.; Wardle, J.; Canalita, M. (6) Perez, P.; De Caso, D.; Young, T.; Rondón, D.; Goodman, G.; Jenkins, M.; Dyck, G. (7) Corona, M.; Wall, R.; Puse, S.; Méndez, F.; Jarzemski, S.; Savage, T. (8) Newman, C.; Ferguson, D.; Skidmore, D.; Erickson, T.; McBride, J.; Pearson, M.; Chapman, M. (9) Hodgson, K.; Wardle, A.; McBeath, A.; Tidwell, T.; Fryer, J.; Hortelano, J.