Sondela KuThixo
“Ndiyazi Kakuhle Intlungu Yabo”
“UNGCWELE, ungcwele, ungcwele uYehova.” (Isaya 6:3) Loo mazwi aphefumlelweyo abonisa ukuba uYehova uThixo ucocekile yaye unyulu ngendlela engenakufikelelwa. Mhlawumbi uyazibuza: ‘Ngaba ubungcwele bakhe bumenza azingce okanye aphakame?’ ‘Khona, ngaba uThixo ongcwele ngolo hlobo angazikhathaza ngam—umntu onesono nongafezekanga?’ Masikhe sehle amahlongwane amazwi awathethwa nguThixo kuMoses njengoko efumaneka kwincwadi ye-Eksodus 3:1-10.
Ngenye imini ngoxa wayeluse iigusha, uMoses wabona umhlola—ityholo lisitsha kodwa “lalingade litshe liphele.” (Indinyana 2) Ekubeni wayemangalisiwe wasondela kulo efuna ukubona ukuba kwakusenzeka ntoni. Esebenzisa ingelosi uYehova wathi kuMoses: “Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.” (Indinyana 5) Khawufan’ ucinge nje—ekubeni elo tyholo lalimela ubukho bukaThixo ongcwele, yonke loo ndawo yaba ngcwele!
UThixo ongcwele wayenento ebalulekileyo awayefuna ukuyithetha noMoses. Wathi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Indinyana 7) UThixo akazange angayihoyi intlungu ababekuyo abantu bakhe yaye akazange azivale iindlebe zakhe ukuze angakuva ukukhala kwabo. Kunoko, naye wayekhala kunye nabo. Khawuve ukuba wathini uThixo: “Ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” Ngokuphathelele amazwi athi “Ndiyazi kakuhle,” enye incwadi ithi: “Eli binzana libonisa inkathalo yokwenene, ukuthantamisa nemfesane.” Amazwi awathethwa nguYehova kuMoses abonisa ukuba unguThixo onenkxalabo enzulu nenkathalo.
Wayeza kwenza ntoni uThixo? Akazange abe novelwano nje kuphela kodwa, wenza into ngaloo nto. Wagqiba ekubeni abakhulule abantu bakhe eYiputa aze abase “ezweni eliqukuqela ubisi nobusi.” (Indinyana 8) Ukuze enze loo nto uYehova wathuma uMoses esithi: ‘Bakhuphe abantu bam . . . eYiputa.’ (Indinyana 10) UMoses wavuma waza wawakhupha amaSirayeli eYiputa ngowe-1513 B.C.E.
UYehova akatshintshanga. Abanquli bakhe namhlanje banokuqiniseka ukuba uyayibona intlungu abakuyo yaye uyasiva nesikhalo sabo. Uyazi kakuhle intlungu abakuyo. Kodwa uYehova akapheleli nje ekubasizeleni abantu bakhe. Lo Thixo unovelwano uyabanceda kuba “ubakhathalele.”—1 Petros 5:7.
Imfesane kaThixo isenza sibe nethemba. Unokusinceda nathi bantu bangafezekanga ukuba sibe ngcwele ngomlinganiselo othile size samkeleke kuye. (1 Petros 1:15, 16) Enye inkosikazi engumKristu eyayidandathekile yaye idimazekile yakhuthazwa yingxelo engoMoses netyholo elivuthayo. Ithi: “Ukuba uYehova wenza kwanomhlaba ube ngcwele ngoko likho ithemba nangam. Ukucinga ngale ndlela kundincede kakhulu.”
Ungathanda ukufunda ngakumbi ngalo Thixo ungcwele uYehova? Ungakwazi ukuba ngumhlobo wakhe kuba uYehova “uyakwazi ukuyilwa kwethu ekhumbula ukuba siluthuli.”—INdumiso 103:14.