Ngaba Ungafudukela Kwindawo Ekufuneka Abavakalisi BoBukumkani Abangakumbi Kuyo?
“Sasiphila tofotofo eUnited States kodwa sasinexhala lokuba ubomi bobunewunewu balapho bungaba nempembelelo embi kuthi nakoonyana bethu ababini. Mna nenkosikazi yam sasikhe saba ngabathunywa bevangeli, yaye sasifuna ukuphinda siphile obo bomi bulula nobonwabisayo.”
NGENXA yaloo mnqweno, ngowe-1991, uRalph noPam babhalela kwiiofisi zamasebe eziliqela bechaza ukuba bafuna ukuya kwindawo ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuyo. Iofisi yesebe yaseMexico yathi kufuneka ngokukhawuleza abavakalisi boBukumkani abanokushumayela kubantu abathetha isiNgesi abahlala kwelo. Enyanisweni, iofisi yesebe yathi loo ntsimi ‘imhlophe ukuze ivunwe.’ (Yoh. 4:35) Ngokukhawuleza, uRalph noPam, kunye noonyana babo ababini ababeneminyaka esi-8 neli-12 ngelo xesha, basamkela eso sabelo baza baqalisa ukwenza amalungiselelo ohambo.
Intsimi Enkulu
URalph uthi: “Ngaphambi kokuba sihambe eUnited States, abanye abazalwana noodade ababeneenjongo ezintle bathi kuthi: ‘Kuyingozi ukufudukela kwelinye ilizwe!’ ‘Kuthekani ukuba niye nagula?’ ‘Yintoni ebangela ukuba nifudukele kwintsimi enabantu abathetha isiNgesi? Abantu balapho abathetha isiNgesi abazukuba namdla enyanisweni!’ Noko ke, thina sasisele sizimisele ukuhamba. Kaloku, sasicingisisile ngesi sigqibo. Kwakusele kuyiminyaka siceba olu hambo. Sakuphepha ukwenza amatyala amakhulu, sagcina imali saza sathetha njengentsapho ngeengxaki esasinokujamelana nazo.”
Okokuqala, uRalph nentsapho yakhe baya kwiofisi yesebe yaseMexico. Abazalwana balapho bababonisa imaphu yelo lizwe lonke baza bathi, “Nantsi intsimi yenu!” Le ntsapho yaya kuhlala eSan Miguel de Allende, idolophu enabantu abaninzi abavela kwamanye amazwe, ekumgama weekhilomitha ezimalunga nama-240 kumntla-ntshona wesiXeko saseMexico. Emva kweminyaka emithathu, kwasekwa ibandla lesiNgesi elinabavakalisi abali-19 kuloo dolophu. Eli yayilibandla lesiNgesi lokuqala laseMexico—kodwa umsebenzi wawusemninzi.
Abantu baseUnited States abahlala eMexico bamalunga nesigidi. Ukongezelela koko, baninzi abemi baseMexico abazizifundiswa yaye kukho nabafundi abathetha isiNgesi. URalph uthi: “Sathandazela abasebenzi abangakumbi. Sasinegumbi elalingalali mntu esasiligcinele abazalwana noodade ababeze ‘kuhlola ilizwe.’”—Num. 13:2.
Bahlengahlengisa Ukuze Babe Nexesha Elingakumbi Kubulungiseleli
Kungekudala kwafika abazalwana noodade ababefuna ukuchitha ixesha elingakumbi kubulungiseleli. Phakathi kwabo kwakukho uBill noKathy abavela eUnited States. Babesele bechithe iminyaka engama-25 kwimimandla eyahlukahlukeneyo ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuyo. Ekuqaleni babecinga ngokufunda iSpanish, kodwa batshintsh’ ingqondo emva kokuba befudukele kwidolophu yaseAjijic engakunxweme lweChibi iChapala, ethandwa ngabantu baseUnited States abadla umhlala-phantsi. UBill uthi: “EAjijic sasikwiphulo lokukhangela abantu abathetha isiNgesi abafuna ukufunda inyaniso.” Kwisithuba seminyaka emibini bekule dolophu, uBill noKathy bavuya xa kusekwa ibandla lesiNgesi lesibini eMexico.
UKen noJoanne baseKhanada babefuna ukuphila ubomi obulula ukuze bachithe ixesha elingakumbi kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Nabo bafudukela eMexico. UKen uthi: “Kwakungekho lula ukuhlala kwindawo ekwakukhe kudlule iintsuku kungekho manzi ashushu, umbane yaye neefowuni zingasebenzi.” Noko ke, into eyayibonwabisa ngumsebenzi wokushumayela. Kungekudala, uKen wamiselwa njengesicaka solungiselelo yaye emva kweminyaka emibini wamiselwa njengomdala. Ekuqaleni kwakunzima kwintombi yabo uBritanny kuba eli bandla lesiNgesi lalilincinane nabantu abaselula bembalwa. Noko ke, waqalisa ukuncedisa kumsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani waza wafumana abahlobo abaninzi.
UPatrick noRoxanne baseTexas eUnited States, bavuya xa besiva ukuba kukho intsimi yesiNgesi ekufuphi enabathunywa bevangeli. UPatrick uthi: “Emva kokutyelela eMonterrey idolophu ekumntla-mpuma weMexico, saqonda ukuba uYehova ufuna siye kuncedisa apho.” Kwiintsuku nje ezintlanu bathengisa indlu yabo eseTexas baza ‘bawelela ngaseMakedoni.’ (IZe. 16:9) Akukho lula ukufumana indlela yokuzixhasa eMexico, kodwa kwiminyaka nje emibini iqela elincinane lamaNgqina ali-17 landa laza laba libandla elinabavakalisi abangama-40.
UJeff noDeb nabo bahlengahlengisa iimeko zabo ukuze bandise ubulungiseleli. Bathengisa indlu yabo enkulu eUnited States baza bafudukela kwindlu encinane kwisixeko saseCancún, esikunxweme olungakwimpuma yeMexico. Babedla ngokuya kwindibano ekwiholo eneair-condition ekufuphi nomzi wabo. Emva kokuba befudukile babehamba iiyure ezisibhozo ukuya kwindibano yesiNgesi ekufutshane, eqhutyelwa kwibala lezemidlalo elingenaphahla. Kodwa bavuya kakhulu xa kusekwa ibandla elinabavakalisi abangama-50 eCancún.
Abanye abazalwana noodade baseMexico bancedisa kumsebenzi wokushumayela kwintsimi yesiNgesi. Ngokomzekelo, uRubén nentsapho yakhe beva ukuba kusekwe ibandla lokuqala lesiNgesi eSan Miguel de Allende beva nokuba yonke intsimi yesiNgesi yaseMexico ixhomekeke kweli bandla, baza bagqiba kwelokuba baye kuncedisa. Ngenxa yoko kwafuneka bafunde isiNgesi nendlela abantu balapho abaphila ngayo, yaye bahambe imigama emide—iikhilomitha ezingama-800 veki nganye—xa besiya ezintlanganisweni. URubén uthi: “Sasishumayela kubantu abasele beneminyaka befudukele eMexico nababeqala ukuva iindaba ezilungileyo ngolwimi lwabo. Abanye babelila iinyembezi ngenxa yovuyo.” Emva kokuncedisa kwibandla eliseSan Miguel de Allende, uRubén nentsapho yakhe baba ngoovulindlela kwidolophu yaseGuanajuato, ekumbindi Mexico, apho bancedisa ekusekweni kwebandla lesiNgesi elalinabavakalisi abangaphezu kwama-30. Ngoku, banceda iqela elithetha isiNgesi elikwidolophu yaseIrapuato, ekufuphi naseGuanajuato.
Ukushumayela Kubantu Abafumaneka Nzima
Ngaphandle kwabantu abafudukele eMexico, baninzi nabantu balapho abathetha isiNgesi. Kunzima ukushumayela ngoBukumkani kwaba bantu kuba bahlala kwindawo yezinhanha, apho usoloko ufumana izicaka. Naxa bekho abaninimzi ababi namdla, kuba bacinga ukuba amaNgqina kaYehova lihlelo elincinane. Kodwa xa amaNgqina avela kwamanye amazwe ethetha nabo, abanye baba nomdla.
Ngokomzekelo cinga ngoGloria ohlala kwisixeko saseQuerétaro, kumbindi Mexico. Uthi: “AmaNgqina athetha iSpanish ayekhe athethe nam kodwa ndandingawaphulaphuli. Noko ke, xa intsapho nabahlobo beqalisa ukuba neengxaki, ndakhathazeka ndaza ndathandaza kuThixo ndimcela ukuba sifumane isicombululo. Kungekudala emva koko, satyelelwa lelinye ibhinqa elithetha isiNgesi. Labuza ukuba ukho na umntu othetha isiNgesi. Kuba eli bhinqa lingelolalapha eMexico, ndaba nomdla ndaza ndalixelela ukuba ndiyakwazi ukuthetha isiNgesi. Njengoko lalithetha, ndandizibuza, ‘Ufuna ntoni lo mMerika apha?’ Kodwa ndakhumbula ukuba bendicele uncedo kuThixo. Ngoko kusenokwenzeka ukuba uphendula umthandazo wam.” UGloria wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza wabhaptizwa ngokukhawuleza nakuba intsapho yakhe yayimchasa. Namhlanje, uGloria unguvulindlela othe ngxi yaye umyeni wakhe nonyana wakhe bangabakhonzi bakaYehova.
Iingenelo Ezifunyanwa Ngabo Bandisa Ubulungiseleli Babo
Zibakho iingxaki xa umntu esiya kuncedisa kwindawo ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuyo, kodwa zininzi iingenelo. URalph ekuthethwe ngaye ekuqaleni, uthi: “Sasiqhuba izifundo zeBhayibhile kunye nabantu abavela eBritani, eJamaica, eSweden naseTshayina yaye sasiqhuba isifundo nesinye isinhanha saseGhana. Abanye baba bantu bangenela inkonzo yexesha elizeleyo. Kule minyaka idluleyo, kuye kwasekwa amabandla esiNgesi asixhenxe kule ntsimi. Oonyana bethu bobabini baqalisa ukuba ngoovulindlela kunye nathi, yaye ngoku bangamalungu entsapho yaseBheteli eUnited States.”
Ngoku kukho amabandla esiNgesi angama-88 eMexico namaqela amaninzi. Yintoni eye yabangela ulwando ngokukhawuleza kangaka? Abantu abaninzi baseMexico abathetha isiNgesi babengazange bakhe bathethe namaNgqina. Abanye baphulaphula kuba iintsapho nabahlobo babo abachasayo babekude. Kanti abanye bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kuba bengasasebenzi yaye benexesha lokufunda iBhayibhile. Ngaphezulu, abavakalisi abaninzi abakumabandla esiNgesi bangoovulindlela, nto leyo ebangela ulwando.
Uya Kufumana Iintsikelelo
Ngokuqinisekileyo abantu abaninzi ehlabathini lonke baya kuba nomdla wokuphulaphula isigidimi soBukumkani xa sishunyayelwa ngolwimi lwabo. Ngoko ke, kuyakhuthaza ukubona abazalwana noodade abakhulileyo ngokomoya—abaselula nabakhulileyo, abatshatileyo nabangatshatanga—abakulungeleyo ukufudukela kwimimandla ekufuneka kuyo abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Liyinyaniso elokuba, bahlangabezana nobunzima, kodwa obo bunzima ababuva ngenxa yovuyo ababa nalo xa befumana abantu abanyanisekileyo baze bamkele inyaniso yeBhayibhile. Ngaba nawe unokuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze ukwazi ukufudukela kwenye intsimi ekwilizwe lakho okanye kwelinye, apho kufuneka abashumayeli abangakumbi boBukumkani?a (Luka 14:28-30; 1 Kor. 16:9) Xa unokwenjenjalo, qiniseka ukuba uya kufumana iintsikelelo ezininzi.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele ukukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi, funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 111-112.
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Abantu Abadla Umhlala-phantsi Abonwabileyo
UBeryl waseBritani wafudukela eKhanada. Apho, wafika waba ngumphathi weenkampani eziliqela ezisebenzelana namazwe angaphandle. Wayeyincutshe yokukhwela amahashe kangangokuba ngowe-1980 wanyulwa ukuba aye kumela elaseKhanada kwiiOlimpiki. Emva kokuba bethathe umhlala-phantsi, uBeryl nomyeni wakhe baya kuhlala eChapala, eMexico, yaye babekuthanda ukuya kwiivenkile zokutyela. Wayesithi xa ebona abantu abadla umhlala-phantsi abathetha isiNgesi nababonakala bonwabile, aye kuzazisa kubo aze ababuze ukuba benza ntoni na apho eMexico. Abaninzi kwabo wayebabuza kwakuye kuthi kanti ngamaNgqina kaYehova. UBeryl nomyeni wakhe baqonda ukuba, ukuba umntu uyonwaba yaye uphila ubomi obunenjongo xa esazi uThixo, kubhetele nabo bafunde ngaye. Emva kokuya kwiintlanganiso zamaKristu kangangeenyanga eziliqela, uBeryl wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza waba liNgqina. UBeryl wakhonza njengovulindlela othe ngxi kangangeminyaka eliqela.
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
“Siyabaxabisa Kakhulu”
Abo bafudukela kumazwe ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuwo, baxatyiswa kakhulu ngabazalwana baloo mazwe. Enye iofisi yesebe ekwiCaribbean yathi: “Xa abazalwana noodade abangamakhulukhulu abavela kwamanye amazwe benokumka, ungabonakala umahluko emabandleni. Siyabaxabisa kakhulu.”
ILizwi likaThixo lithi “abafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.” (INdu. 68:11) Ngenxa yoko, kukho oodade abaninzi abangatshatanga phakathi kwabo bakhonza kwamanye amazwe. Aba dade babonakalisa umoya wokuzincama, baluncedo kakhulu. Iofisi yesebe ekwiMpuma Yurophu yathi: “Kumabandla amaninzi baninzi oodade, maxa wambi bafikelela kuma-70 ekhulwini. Abaninzi babo basebatsha enyanisweni, kodwa oodade abangoovulindlela abangatshatanga abavela kwamanye amazwe bayabaqeqesha aba basebatsha. Sibaxabisa kakhulu aba dade bavela kwamanye amazwe!”
Bavakalelwa njani aba dade njengoko bekhonza kwamanye amazwe? UAngelica, osele eyigabhule iminyaka engama-30 ubudala nobenguvulindlela ongatshatanga kangangeminyaka eliqela, uthi: “Zininzi iingxaki esihlangabezana nazo. Komnye ummandla, ndandigxampuza kwiindlela ezinodaka yaye ndandikhathazeka xa ndibona abantu abatsala nzima. Kodwa ndandisonwaba xa ndinceda abantu entsimini. Ndandiziva ndixabisekile xa oodade balapho bendibulela ngokuza kubanceda. Omnye udade wandixelela ukuba ngenxa yokuba ndahamba umgama omde ndaza kuba nguvulindlela kwilizwe labo naye wakhuthazeka ukuba abe kwinkonzo yexesha elizeleyo.”
USue, onguvulindlela oneminyaka engaphezulwana kwama-50 uthi: “Zibakho zona iingxaki, kodwa ziba ninzi kakhulu iingenelo ozifumanayo. Kuyachwayitisa kakhulu ukuya entsimini! Ekubeni ndichitha ixesha elininzi entsimini noodade abaselula, ndiye ndibabalisele amava endiwafunde eBhayibhileni nakwiimpapasho zethu athetha ngendlela yokucombulula iingxaki. Badla ngokuthi ukunyamezela kwam nokukwazi ukuhlangabezana neengxaki ngoxa ndinguvulindlela ongatshatanga, kuyabanceda babone ukuba nabo banako ukuphumelela ebomini. Ndiziva ndanelisekile xa ndinceda aba dade.”
[Imaphu ekwiphepha 20]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
MEXICO
Monterrey
Guanajuato
Irapuato
Ajijic
Chapala
Lake Chapala
San Miguel de Allende
Querétaro
MEXICO CITY
Cancún
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abanye bavuyiswa kukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abavela kwamanye amazwe abaqalayo ngqa ukuziva