Ibali Lobomi
Ukukhonza Ngomphefumlo Uphela Phezu Kwazo Izilingo
NGOKUBALISWA NGURODOLFO LOZANO
Ndazalelwa eMexico, kwisixeko saseGómez Palacio, eDurango State, ngoSeptemba 17, 1917. IMvukelo yaseMexico yayisaqhubeka. Nangona le mvukelo yaphela ngowe-1920, kwaqhubeka kukho iziphazamiso ezithile kangangeminyaka emva koko kwindawo esasihlala kuyo, nto leyo eyayisenza ubomi bube nzima kakhulu.
NGENYE imini, xa uMama weva ukuba kwakuza kubakho umlo phakathi kweqela labavukeli nomkhosi, wandigcina mna nabakhuluwa bam abathathu noodadewethu ababini endlwini kangangeentsuku eziliqela. Ukutya esasinako kwakukuncinane, yaye ndikhumbula ndizimele nodadewethu omncinane phantsi kwebhedi. Emva koko, uMama wagqiba kwelokuba asithabathe thina bantwana asise eUnited States, apho utata wayeza kudibana nathi kamva.
Safika eKhalifoniya ngowe-1926, kungekudala ngaphambi kokuba ukuDodobala Okukhulu kuqale eUnited States. Sasihamba sisiya naphi na apho sasinokufumana khona umsebenzi, iindawo ezifana neSan Joaquin Valley, iSanta Clara, iSalinas neKing City. Safunda ukusebenza emasimini nokuvuna zonke iintlobo zeziqhamo nemifuno. Nangona ebutsheni bam ndandisenza umsebenzi onzima, elo yayilelona xesha limnandi kakhulu ebomini bam.
Ukufumana Inyaniso YeBhayibhile
NgoMatshi 1928, uMfundi weBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo, wasityelela. Wayeyindoda eselikhulile ethetha iSpanish egama linguEsteban Rivera. Umxholo wencwadana awayishiyayo owawusithi, “Bapina Abafileyo?,” wandichukumisa, njengoko kwakunjalo nangeziqulatho zayo. Nangona ndandiselula, ndaqalisa isifundo seBhayibhile ndaza ndanxulumana naBafundi BeBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, umama nodadewethu uAurora nabo baba ngabadumisi abanenzondelelo bakaYehova.
Phakathi kwiminyaka yee-1930, kwakhiwa iHolo yoBukumkani yebandla elithetha isiNgesi eSan Jose. Ekubeni abaninzi abathetha iSpanish nesiPhuthukezi babesebenza kummandla weefama, saqalisa ukushumayela kubo saza saba neSifundo seMboniselo. Sakwenza oku ngoncedo lwamaNgqina athetha iSpanish nesiPhuthukezi avela eSan Francisco, ekumgama oziikhilomitha ezinokuba ngama-80. Ekuhambeni kwexesha, sasinabantu abanokuba ngama-60 ababesiza kwiintlanganiso zabathetha iSpanish kwiHolo yoBukumkani eSan Jose.
Ekugqibeleni, ngoFebruwari 28, 1940, ndafuzisela uzahlulelo lwam kuYehova ngokubhaptizwa emanzini kwindibano eyayiseSan Jose. Kunyaka olandelayo, ndamiselwa njengovulindlela, umkhonzi wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Ndandula ke ngoAprili 1943, ndamenywa ukuba ndifudukele eStockton, isixeko esikumgama omalunga neekhilomitha ezili-130, ukuze ndiseke ibandla elithetha iSpanish apho. Ngelo xesha, ndandikhonza njengomveleli owongamelayo webandla lesiNgesi eSan Jose, yaye ndandikwanyamekela namaNgqina awayethetha iSpanish awayelapho. Emva kokulungiselela ukuba abanye banyamekele ezi mbopheleleko, ndafudukela eStockton.
Ukuvavanywa Kwengqibelelo
Ukususela ngowe-1940, ndandihlala ndibizwa libhunga elalinyanzelisa abantu ukuba baye emkhosini, kodwa sihlandlo ngasinye ukuma kwam ngenxa yesazela kwakuhlonelwa. Kungekudala emva kokuba iUnited States igaxeleke kwimfazwe yesibini yehlabathi ngoDisemba 1941, landinyanzela ngamandla eli bhunga. Ekugqibeleni, ngowe-1944, ndafakwa entolongweni. Ngoxa ndandilindele isigwebo, ndagcinwa kumgangatho ongaphantsi nezaphuli-mthetho. Zakufumanisa ukuba ndingomnye wamaNgqina kaYehova, ezininzi zandibuza imibuzo ngendlela izenzo zazo zolwaphulo-mthetho ezaziya kukuchaphazela ngayo ukuma kwazo phambi kukaThixo.
AmaNgqina aseSan Jose andihlawulela ibheyile ukuze ndikhululwe ndize ndilinde ukuchotshelwa kwelo tyala. Igqwetha laseLos Angeles elalimela abamangalelwa kumatyala amalungelo abantu lalamkela ityala lam ngaphandle kokundihlawulisa. Ijaji yagqiba kwelokuba indikhulule kuphela xa ndiyeka ubuvulindlela, ndize ndiphangele, yaye ndiye kuzibonakalisa kwabasemagunyeni nyanga nganye. Andizange ndisamkele eso sigqibo, ngoko ke ndagwetywa iminyaka emibini kwintolongo yaseMcNeil Island eWashington State. Apho ndasebenzisa ixesha lam ndifundisisa iBhayibhile ngokucokisekileyo. Ndafunda nokuchwetheza. Kungekapheli neminyaka emibini, ndakhululwa ngenxa yehambo entle. Ndingalibazisanga ndenza amalungiselelo okuqhubeka nobulungiseleli bobuvulindlela.
Umsebenzi Owandisiweyo
Ngobusika bowe-1947, ndabelwa ukuba ndisebenze phakathi kwabantu abathetha iSpanish kwisiXeko saseColorado, eTexas, kunye neqabane lam elinguvulindlela. Kodwa kwakubanda kakhulu kangangokuba saya eSan Antonio kuba kwakufudumele khona. Noko ke, kwanetha apho kangangokuba saphazamiseka kubulungiseleli bendlu ngendlu. Kungekudala saphelelwa yimali. Kangangeeveki sasiphila ngesonka esinekhaphetshu ekrwada neti yelusini. Iqabane lam lagoduka, kodwa mna ndahlala. AmaNgqina athetha isiNgesi athi akuzazi iimfuno zam zokwenyama, aqalisa ukundinceda.
Ngentwasahlobo elandelayo, ndabuyela kwisabelo sam kwisiXeko saseColorado, yaye ekugqibeleni kwasekwa ibandla elincinane elithetha iSpanish. Ndandula ke ndafudukela eSweetwater, eTexas, apho ndanceda ukuseka ibandla elithetha iSpanish. Ngoxa sasiseSweetwater, ndafumana ileta eyayindimemela kwiklasi ye-15 kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi ukuze ndiqeqeshelwe ukuba ngumvangeli wasemazweni, nto leyo eyaqala ngoFebruwari 22, 1950. Emva kokuthweswa isidanga ngelo hlobo kwindibano yezizwe ngezizwe eYankee Stadium, kwisiXeko saseNew York, ndahlala iinyanga ezintathu kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn. Apho ndaqeqeshelwa isabelo sam esasikwiofisi yesebe eMexico.
Umsebenzi EMexico
Ndafika kwisiXeko saseMexico ngo-Oktobha 20, 1950. Malunga neeveki ezimbini kamva, ndamiselwa njengomveleli wesebe, yaye ndasenza eso sabelo kangangeminyaka emine enesiqingatha. Amava endawafumanayo kwinkonzo yobuvulindlela, entolongweni, eGiliyadi naseBrooklyn aba yingenelo gqitha. Ukufika kwam eMexico, ngokukhawuleza sabona imfuneko yokuphucula ubumoya babazalwana noodade baseMexico. Kwakukho imfuneko yokubanceda babe nemilinganiselo ephakamileyo yeLizwi likaThixo.
Kumazwe akuMbindi noMzantsi Merika, kuquka neMexico, kwakulisiko ukuba izibini zihlalisane ngaphandle kokutshata ngokusemthethweni. Iinkonzo zeNgqobhoko, ingakumbi iCawa yamaKatolika, zazilivumela eli siko lingasekelwanga zibhalweni. (Hebhere 13:4) Ngaloo ndlela, abanye baye baba ngamalungu ebandla lamaNgqina kaYehova, nangona babengatshatanga ngokusemthethweni. Ngoku kwenziwa ilungiselelo lokuba abo banikwe iinyanga ezintandathu ukuze balungise iimeko zabo. Kungenjalo babengasayi kwaziwa njengamaNgqina kaYehova.
Kwakulula kwabaninzi ukulungisa ubomi babo. Kwakufuneka nje ulwalamano lwabo lumiselwe ngokusemthethweni ngokuba batshate. Abanye babekwiimeko ezintsonkothe kakhulu. Ngokomzekelo, abanye babesele betshate izihlandlo ezibini, nezithathu, ngaphandle kokuqhawula umtshato ngokusemthethweni. Xa ekugqibeleni iimeko zomtshato zabantu bakaYehova zazivisisana neemfundiso zeLizwi likaThixo, ibandla lanandipha iintsikelelo zokomoya.—1 Korinte 6:9-11.
Ngezo mini umgangatho wemfundo eMexico wawuphantsi. Nangaphambi kokuba ndifike ngowe-1950, iofisi yesebe yayisele iqalisile ukucwangcisela iiklasi zokufunda nokubhala emabandleni. Ngoku ezi klasi ziye zaphinda zacwangciswa, yaye kwenziwa amalungiselelo okuba zibhaliswe kurhulumente. Ukususela ngowe-1946, xa kwaqalisa ukugcinwa kweengxelo, abantu abangaphezu kwabangama-143 000 eMexico bafundiswa ukufunda nokubhala kwiiklasi eziqhutywa ngamaNgqina!
Imithetho eMexico yayingqongqo gqitha ngokuphathelele unqulo. Noko ke, kwiminyaka yakutshanje kuye kwakho utshintsho ngokuphathelele lo mba. Ngowe-1992 kwamiswa umthetho omtsha kwezonqulo, ngoko ngowe-1993 amaNgqina kaYehova eMexico abhaliswa njengentlangano yonqulo.
Olu tshintsho luye lwandivuyisa kakhulu, into endandicinga ukuba ayisokuze yenzeke ngaphambili. Kangangeminyaka emininzi, ndandisoloko ndityelela iiofisi zikarhulumente yaye ndijamelana nesimo sengqondo esingathembisiyo. Noko ke, kuhle ukubona indlela eye yasingathwa ngayo le mibandela liSebe Lezomthetho kwiofisi yethu yesebe, kuba ngoku asiphazanyiswa kangako kumsebenzi wokushumayela.
Ukukhonza Neqabane Elingumvangeli Wasemazweni
Ukufika kwam eMexico, kweli lizwe kwakusele kukho abantu abaninzi ababephumelele kwiiklasi zaseGiliyadi. Omnye waba yayinguEsther Vartanian, iNgqina laseArmenia elaqala ukuba nguvulindlela eVallejo, eKhalifoniya, ngowe-1942. Satshata ngoJulayi 30, 1955, yaye emva koko saqhubeka nesabelo sethu eMexico. UEsther waqhubeka nomsebenzi wobuvangeli kwisiXeko saseMexico, yaye sasihlala kwiofisi yesebe, apho ndandikhonza khona.
Ngowe-1947, uEsther wafika kwisabelo sakhe sokuqala sobuvangeli basemazweni eMonterrey, eNuevo León, eMexico. Kwakukho ibandla elinye kuphela elinamaNgqina angama-40 eMonterrey, kodwa xa wayethunyelwa kwisiXeko saseMexico ngowe-1950, kwakukho amabandla amane. Kwisebe lethu kufuphi nesiXeko saseMexico, ngoku kukho izalamane eziselula zentsapho uEsther awafundisisa nayo iBhayibhile xa wayekhonza eMonterrey.
Ngowe-1950 intsimi ababeshumayela kuyo abavangeli basemazweni kwisiXeko saseMexico yayiquka inkoliso yesixeko. Babenqumla kweso sabelo sabo ngeenyawo okanye ngeebhasi ezindala ezazizele qhu ngabantu. Ukufika kwam ekupheleni kowe-1950, kwakukho amabandla asixhenxe. Ngoku la mabandla aye anda amalunga ne-1 600, anabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwama-90 000 kwisiXeko saseMexico, yaye kunyaka ophelileyo, abantu abangaphezu kwama-250 000 baya kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu! Ebudeni beminyaka, mna noEsther siye saba nelungelo lokukhonza kuninzi lwala mabandla.
Xa mna noEsther siqalisa isifundo seBhayibhile, sisoloko sizama ukuqiniseka ukuba utata wekhaya unomdla ukuze yonke intsapho ibandakanyeke. Ngaloo ndlela, siye sabona iintsapho ezininzi ezinkulu zikhonza uYehova. Ndikholelwa kukuba esinye sezizathu zolwando olungako kunqulo lokwenyaniso eMexico kukuba ngokufuthi iintsapho zithelela kunqulo lokwenyaniso ngokumanyeneyo.
UYehova Uye Wawusikelela Umsebenzi
Ukususela ngowe-1950 kuye kwakho inkqubela ephawulekayo kumsebenzi waseMexico, njengokuba kunjalo kumanani abonisa ulwando notshintsho ekucwangcisweni kwezinto. Ndivuyiswa gqitha kukuba ndiye ndanesabelo esincinane kolu lwando, ndisebenza nabantu abanomoya wokubuk’ indwendwe nabonwabileyo.
UKarl Klein, okhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, nomfazi wakhe, uMargaret, basityelela ngoxa babesekhefini kwiminyaka ethile ngaphambili. UMzalwan’ uKlein wayefuna ukwazi indlela ohamba ngayo umsebenzi kwintsimi yethu yaseMexico, ngoko yena noMargaret beza kwiBandla laseSan Juan Tezontla, kufuphi nesiXeko saseMexico, apho sasihlanganisana khona ngelo xesha. Iholo yethu yayincinane, malunga neemitha ezisisi-4,5 ububanzi neemitha ezisisi-5,5 ubude. Ukufika kwethu, kwakusele kukho abanokuba ngama-70, yaye phantse kwakungekho nendawo eseleyo yokuma. Abasele bekhulile babehleli ezitulweni, abaselula behleli kwiibhanki, yaye abantwana abancinane behleli phezu kwezitena okanye phantsi.
UMzalwan’ uKlein wachukumiseka kakhulu kuba bonke abantwana babephethe iiBhayibhile zabo, babekhangela iindinyana zeBhayibhile behambisana nesithethi. Emva kwentetho yesidlangalala, uMzalwan’ uKlein wanikela intetho eyayisekelwe kuMateyu 13:19-23 waza wathi eMexico kukho ‘umhlaba omhle’ omninzi uYesu awathetha ngawo. Ngoku, abantwana abasixhenxe ababekho ngaloo mini basebenza kumsebenzi omkhulu wokwandisa izakhiwo zesebe kufuphi nesiXeko saseMexico. Omnye ukhonza eBheteli, yaye abanye bangoovulindlela!
Ukufika kwam kwisiXeko saseMexico, kwakukho kuphela amalungu ali-11 kwisebe lethu. Ngoku sinabali-1 350 abasebenza apho, malunga nabangama-250 benza umsebenzi wokwakha izakhiwo ezitsha zesebe. Xa sele ugqitywe wonke lo msebenzi, ekunokwenzeka ukuba kuya kuba kungowama-2002, siya kukwazi ukuhlalisa abantu abali-1 300 kwizakhiwo zethu ezandisiweyo. Khumbula ukuba ngowe-1950 sasinabavakalisi boBukumkani abangaphantsi kwama-7 000 kwilizwe lonke, kodwa ngoku sinabangaphezu kwama-500 000! Intliziyo yam izaliswa luvuyo xa ndibona indlela uYehova aye wayisikelela ngayo imigudu yabazalwana abathobekileyo baseMexico, abazibhokoxayo ukuze bamdumise.
Ukujamelana Nocelomngeni Olukhulu
Enye yezona zinto zilucelomngeni olukhulu kum ngoku yimpilo. Bendisoloko ndingumntu osempilweni. Kodwa ngoNovemba 1988, ndafunyanwa sistroke esawachaphazela kakhulu amalungu am omzimba. Hayi indlela endimbulela ngayo uYehova, kuba ngokwenza umthambo nonyango, ndiye ndachacha ukusa kumkhamo othile, kodwa amalungu athile omzimba wam akasebenzi ngendlela ebendingathanda ngayo. Ndisaqhubeka ndifumana unyango ukuphelisa intloko ebuhlungu gqitha neminye imiphumo esaseleyo.
Nangona ndingasakwazi ukuzenza izinto ngendlela ebendingathanda ngayo, ndiyaneliseka kukwazi ukuba ndiye ndakwazi ukunceda abaninzi bafunda ngeenjongo zikaYehova baza baba ngabakhonzi bakhe abazahluleleyo. Kwakhona ndiyavuyiswa kukuthetha nabazalwana noodade abangamaKristu abaninzi kangangoko kunokwenzeka xa betyelele isebe lethu; ndivakalelwa kukuba sonke siyakhuthazeka.
Ukwazi ukuba uYehova uyayixabisa inkonzo yethu noko siye sakwenza akulolize, kuye kwandomeleza kakhulu. (1 Korinte 15:58) Phezu kwazo nje iintsilelo zam nokugula, ndiye ndawathabatha nzulu amazwi akwabaseKolose 3:23, 24 athi: “Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu, kuba niyazi ukuba niya kuwamkela kuYehova umvuzo ofanelekileyo welifa.” Ngokugcina esi siluleko, ndiye ndafunda ukukhonza uYehova ngomphefumlo uphela phezu kwazo nje izilingo.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngowe-1942 xa ndandinguvulindlela
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umfazi wam waqalisa isabelo sakhe sobuvangeli basemazweni eMexico ngowe-1947
[Umfanekiso okwiphepha 24]
NdinoEsther namhlanje
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Ngasentla ekhohlo: Ngaphambili ndim kunye nentsapho yaseBheteli eMexico ngowe-1952
Ngasentla: Abangaphezu kwabali-109 000 babehlanganisene kwibala lemidlalo kwisiXeko saseMexico kwindibano yesithili ngowe-1999
Ezantsi ngasekhohlo: Izakhiwo ezitsha zesebe lethu ngoku sele ziza kugqitywa