IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 5/1 iphe. 4-5
  • 1 Kholosa NgeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 1 Kholosa NgeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • 1. Ichanile Ngokwembali
    Vukani!—2007
  • IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Incwadi Etyhila Ulwazi NgoThixo
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • IBhayibhile Kunye Nawe
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 5/1 iphe. 4-5

1 Kholosa NgeBhayibhile

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.”—2 Timoti 3:16.

YINTONI INGXAKI? Abanye bathi iBhayibhile yincwadi nje ebhalwe ngabantu efana nezinye. Kanti abanye bona bathi izinto ebalisa ngazo aziyonyani. Kubekho ke nabanye abathi isiluleko sayo asiloncedo kule mihla yethu.

UNGAYOYISA NJANI LE NGXAKI? Amaxesha amaninzi, abantu abakuthandabuzayo ukuba luncedo kweBhayibhile ngabantu abangazange bakhe bazifundele ngokwabo. Bathetha nje undiva. Noko ke iBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.

Kunokuba wamkele into ethethwa ngabanye abantu, kutheni ungalandeli umzekelo wamaKristu enkulungwane yokuqala aseBhereya, ngoku engumntla Grisi? Akazange akholelwe nje nayiphi na into awayeyixelelwa. Kunoko ayedume ‘ngokuzincina ngenyameko iZibhalo mihla le efuna ukwazi ukuba zinjalo kusini na ezi zinto.’ (IZenzo 17:11) Masikhe siqwalasele izizathu ezibini zokuba unokukholelwa ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.

Izinto ebalisa ngazo iBhayibhile zichanile Ukutyhubela iminyaka bekusoloko kukho abantu abakuthandabuzayo—ukuchana kwamagama abantu neendawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni, ibe ke basekho abantu abanjalo nanamhla oku. Kodwa bekusoloko kuvela ubungqina obuxhasa ukuba yinyani kwezinto ethetha ngazo.

Ngokomzekelo, ngaxa lithile abaphengululi babekuthandabuza ukuba kwakhe kwakho uKumkani waseAsiriya ekuthiwa nguSargon ekuthethwa ngaye kuIsaya 20:1. Noko ke, ngeminyaka yee-1840 abembi bezinto zakudala bavumbulula amabhodlo ebhotwe lalo kumkani. Sithetha nje uSargon ngomnye wokumkani baseSiriya abaziwayo.

Abanye bebekuthandabuza ukuba kwakukhe kwakho umntu ekuthiwa nguPontiyo Pilato, irhuluneli yaseRoma eyayalela ukuba kubulawe uYesu. (Mateyu 27:1, 22-24) Kodwa ngowe-1961 kwafunyanwa ilitye elalibhalwe igama nesikhundla sikaPilato ngakwidolophu yaseKesareya kwaSirayeli.

Inkupho kaOktobha 25, 1999, yeU.S.News & World Report yathi ngokuphathelele ukuchana kweBhayibhile ngokwembali: “Ukwembiwa kwezinto zakudala kuye kwaqinisekisa ukuchana kweTestamente Endala Nentsha ngendlela engaqhelekanga—kudibanisa iinxalenye ezibalulekileyo zamabali oosolusapho bakwaSirayeli, ukuFuduka kwamaSirayeli eYiputa, ubukhosi bukaDavide kunye nobomi bukaYesu Kristu.” Nangona ukuba nokholo eBhayibhileni kungaxhomekekanga ekombiweni kwezinto zakudala, ubuya kulindela ukuba ichane ngolo hlobo ngokwembali incwadi ephefumlelwe nguThixo.

Ubulumko obuseBhayibhileni bunceda abantu beemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Kwakude kudala ngaphambi kokuba zaziwe iintsholongwane ezingabonakaliyo ngeliso lenyama nendima yazo ekusasazeni izifo, iBhayibhile yakhuthaza ucoceko oluseluncedo nanamhlanje. (Levitikus 11:32-40; Duteronomi 23:12, 13) Amalungu entsapho asebenzisa imigaqo yeBhayibhile ayonwaba. (Efese 5:28–6:4) Umntu ophila ngemigaqo yeBhayibhile uba ngumsebenzi onyanisekileyo okanye abe ngumqeshi obaphatha kakuhle abasebenzi bakhe okanye yena abe ngumqeshi onovelwano. (Efese 4:28; 6:5-9) Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuyanceda nangokweemvakalelo. (IMizekeliso 14:30; Efese 4:31, 32; Kolose 3:8-10) Besifanele silindele ukuba uMdali wethu asinike amacebiso anjalo.

UYINTONI UMVUZO WOKUTHEMBA IBHAYIBHILE? Ubulumko obuseBhayibhileni benza nomntu ongenamava alumke. (INdumiso 19:7) Ukongezelela, xa siyithemba iBhayibhile, yiyo yodwa enokusinceda sibe nokholo olomeleleyo.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda umxholo othi, “IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo,” kwisahluko sesibini sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a

[Umbhalo osemazantsi]

a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share