Imibuzo Yabafundi
Ngaba Bonke Abantu Abaphiliswa Ngokungummangaliso Baphiliswa NguThixo?
Sonke siqinisekile ukuba uYehova uThixo unawo amandla okuphilisa. Nabo bamnqulayo unokubanika loo mandla. Ngokomzekelo, ngexesha labapostile, ukuphilisa ngommangaliso kwakuzezinye zeziphiwo zomoya oyingcwele. Umpostile uPawulos wabhala: “Umoya uzibonakalisa kuye ngamnye ngenjongo yengenelo. Ngokomzekelo, omnye unikwa ngomoya intetho yobulumko, . . . omnye iziphiwo zokuphilisa ngaloo moya mnye, . . . omnye ukuprofeta, . . . omnye iilwimi ezahlukeneyo.”—1 Korinte 12:4-11.
Kodwa ke, kwakuloo leta eyayisiya kwabaseKorinte wathi iziphiwo ezingummangaliso zomoya kaThixo zaziza kuphela. Wathi: “Enoba kukho iziphiwo zokuprofeta, ziya kubhangiswa; enoba kukho iilwimi, ziya kuphela; enoba kukho ulwazi, luya kubhangiswa.”—1 Korinte 13:8.
Ngenkulungwane yokuqala, uYesu Kristu nabapostile bakhe baphilisa abantu. Ngeloo xesha xa laliselitsha ibandla lamaKristu, iziphiwo zomoya, kuquka nokuphilisa abantu ngokungummangaliso, zazizukisa uThixo kwaye zazibonisa ukuba uYehova wayelisikelele elo bandla lamaKristu. Kodwa lathi lisakuqingqa okanye lakwazi ukuzimela, layeka ukuxhomekeka kwimimangaliso kunoko labonakala ngokuba nokholo olomeleleyo, ithemba nothando zinto ezo ezazibonisa ukuba lalisikelelwe nguThixo. (Yohane 13:35; 1 Korinte 13:13) Ngoko, malunga nowama-100 C.E., ukuphiliswa kwabantu ngokungummangaliso okwakubonisa ukuba abantu basikelelwe nguThixo kwaphela.a
Kodwa ke, mhlawumbi usenokuzibuza, ‘Kutheni ndisamane ndisiva ngokuphiliswa kwabantu ngokungummangaliso?’ Ngokomzekelo, elinye iphephandaba labhala ngendoda ekuthiwa yayinomhlaza. Yayinamathumba entloko, ezintsweni nangaphakathi emathanjeni ayo. Ikamva layo lalibonakala limfiliba de uThixo “wathetha” nayo ngenye imini. Le ngxelo yathi emva kweentsuku ezingephi, umhlaza wayo waphela.
Xa usiva iingxelo ezinjalo, kutheni ungazibuzi ukuba, ‘Ngaba bukho ubungqina bokuba le nto iyinyani? Ngaba bukho ubungqina bezonyango obubhaliweyo obuxhasa loo nto? Nokuba kubonakala ngathi ukho umntu ophilisiweyo, ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba bonke abantu abaphiliswa ngokungummangaliso baphiliswa nguThixo?’
Impendulo yalo mbuzo ibalulekile ngoba uYesu wabalumkisa abalandeli bakhe esithi: “Baphapheleni abaprofeti bobuxoki . . . Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi, asizange na siprofete egameni lakho, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi yamandla [imimangaliso] egameni lakho?’ Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.”—Mateyu 7:15, 21-23.
Kuyacaca ke ukuba ukho omnye umntu ngaphandle kukaThixo onokuphilisa abantu ngokungummangaliso. Ukuze singaqhathwa ngabo bathi benza imimangaliso egameni likaThixo, kufuneka sifumane ulwazi oluchanileyo ngoThixo, sisebenzisa amandla ethu okuqiqa esiwanikwe nguThixo size sikwazi ukubabona abantu abenza ukuthanda kukaThixo.—Mateyu 7:16-19; Yohane 17:3; Roma 12:1, 2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kuyacaca ukuba, emva kokufa kwabapostile, ukudluliselwa kweziphiwo nokuphiliswa kwabantu ngokungummangaliso kwaphela ngokupheleleyo kuba abo babe nezo ziphiwo babefile.