“Xa Sukuba Nithandaza, Yithini, ‘Bawo’”
“Bawo.” Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa usiva eli gama? Indoda, enothando neyikhathaleleyo intlalo ntle yentsapho yayo? Okanye indoda engakhathaliyo mhlawumbi eyiphethe kakubi intsapho yayo? Ubukhulu becala oku kuxhomekeke kuhlobo lwendoda awayelulo utata wakho.
“UBAWO libinzana elalisoloko lisetyenziwa nguYesu xa ethetha noThixo naxa ethetha ngaye.a Xa wayefundisa abalandeli bakhe ukuthandaza, uYesu wathi: “Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo.” (Luka 11:2) Kodwa luhlobo olunjani lukaBawo uYehova? Ibaluleke gqitha impendulo yalo mbuzo. Ngoba? Xa siqonda ukuba wayengubawo onjani uYehova, sakusondela ngakumbi kuye size simthande ngakumbi.
Akakho omnye umntu onokusichazela kakuhle ngoBawo wethu wasezulwini ngaphandle kukaYesu. Unobuhlobo obusondeleyo noYise. UYesu wathi: “Akukho bani umazi ngokupheleleyo uNyana ngaphandle kukaBawo, kungekho nabani na umazi ngokupheleleyo uBawo ngaphandle kukaNyana naye nabani na lowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.” (Mateyu 11:27) Eyona ndlela yokumazi uBawo kungoNyana.
Yintoni esinokuyifunda kuYesu ngoBawo wethu wasezulwini? Khawuhl’ amahlongwane la mazwi kaYesu: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) La mazwi kaYesu abonisa olona phawu lukaYise olubalaseleyo—uthando. (1 Yohane 4:8) UYehova ubonisa uthando lwakhe ngeendlela ezininzi, ngokusibonisa ukuba uyakholiswa sithi, uyayiqonda indlela esivakalelwa ngayo, uyasikhusela, asiqeqeshe aze anyamekele neentswelo zethu.
UBawo Wethu Uyasiqinisekisa Ukuba Uyasithanda
Abantwana bayomelela baze bakhaliphe xa besazi ukuba loo nto bayenzayo iyabakholisa abazali. Unokuyithelekelela indlela awavakalelwa ngayo uYesu xa weva uYise esithi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17) Kamva uYesu, wasiqinisekisa ukuba uBawo uyasithanda yaye uyakholiswa sithi, xa wathi: “Lowo undithandayo uya kuthandwa nguBawo.” (Yohane 14:21) Athuthuzela ngokwenene loo mazwi! Noko ke, kukho umntu ofuna uphulukane nolo vuyo.
USathana ufuna sithandabuze ukuba uBawo wethu wasezulwini uyakholiswa sithi. Ufuna sicinge ukuba akakholiswa sithi. Oku udla ngokukwenza xa sibuthathaka—sigula, saluphele okanye siphazanyiswa zizinto esiye sasilela kuzo nesiye saphoxeka kuzo. Khawucinge ngemeko yetyendyana lo mfana onegama elinguLucas, owavakalelwa kukuba uThixo akakholiswa nguye. ULucas uthi abazali bakhe bayityeshela yonke imilinganiselo ababemfundise yona xa wayeselula. Mhlawumbi kwakungenxa yoko lento wakufumanisa kunzima ukuba nolwalamano noYise wasezulwini. Ukongezelela ekubeni sisityhuthutyhuthu, uLucas wayesoloko engena ezingxakini, ngokukodwa xa eqhubana nabanye abantu. Noko ke, ngokuthe ngcembe, umfazi wakhe onomonde nowayemkhuthaza—ambiza ngokuba “yintsikelelo evela kuThixo”—wamnceda wakwazi ukuzibamba. ULucas wafumanisa ukuba “uKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.” (1 Timoti 1:15) Uthi ukucamngca ngothando lukaThixo nokukholiswa kwakhe nguye kuye kwamenza waziva onwabile yaye anelisekile ebomini.
Ukuba, maxa wambi, ukhe uthandabuze enoba uYehova uyakuthanda okanye uyakholiswa nguwe, unokukhuthazwa kukufunda nokucamngca ngamaRoma 8:31-39. Umpostile uPawulos uyasiqinisekisa ukuba akukho nto ‘inokusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.’b
UBawo Onemfesane
UBawo wethu wasezulwini usikhathalele. UnguThixo “onemfesane.” (Luka 1:78) UYesu wabonisa imfesane kaYise kubantu abangafezekanga. (Marko 1:40-42; 6:30-34) Nawo amaKristu okwenyaniso azama ukuxelisa uYise wasezulwini onemfesane. Athobela isiluleko seBhayibhile esithi “yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane.”—Efese 4:32.
Khawucinge ngamava endoda egama linguFelipe. Ngenye imini, xa wayesiya emsebenzini, weva kusithi xhokro emqolo ngokungathi uhlatyiwe. Wasiwa esibhedlele buphuthuphuthu. Emva kokuxilongwa iiyure ezisibhozo, kwafunyaniswa ukuba kwenzakele umthambo omkhulu wentliziyo ohambisa igazi. Bathi unemizuzu engama-25 kuphela ephila ngaphezu koko kwakungazukunceda nganto ukutyandwa.
Abanye babantu awayenqula nabo uFelipe ababekho basikwa yimfesane. Balungiselela ukuba asiwe kwesinye isibhedlele, apho wafumana utyando olukhawulezileyo baza bahlala naye lwade lwagqitywa. Okuvuyisayo kukuba uFelipe wasinda. Xa ukhangela ngasemva kula mava, uFelipe unombulelo ngemfesane eyaboniswa ngabazalwana bakhe. Kodwa uFelipe weyisekile ukuba uYise wasezulwini nguye owashukumisa abanquli bakhe ukuba babe nemfesane. Uhlabela mgama esithi: “Kwakungathi uThixo, njengobawo onothando, wayesecaleni kwam endomeleza.” Eneneni, uThixo udla ngokubonisa imfesane yakhe ngokushukumisa abakhonzi bakhe emhlabeni ukuba nabo babonise olo phawu.
UBawo Wethu Uyasikhusela
Xa umntwana omncinane ebona ingozi, unokubaleka aye kuyise ukuze akhuseleke. Umntwana uziva ekhuselekile kuthando lukayise. UYesu wayethembele ngenkuselo kaYehova. (Mateyu 26:53; Yohane 17:15) Nathi sinokukhuselwa nguBawo wethu wasezulwini. Okwangoku uYehova usikhusela ngokomoya. Ngamanye amazwi, usikhusela kwiingozi zokomoya ngokusixhobisa ngoko kufuneka sikwazi ukuze siphephe ingozi size silondoloze nobuhlobo bethu naye. Enye indlela asikhusela ngayo sisiluleko esisekelwe eBhayibhileni. Xa sifumana eso siluleko, kuba ngathi uYehova uhamba emva kwethu esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.”—Isaya 30:21.
Khawuhlalutye lo mzekelo kaTiago nabantakwabo uFernando noRafael, ababengamalungu eqela lomculo. Babenemincili ngokwenene ukutyunjwa kwabo ukuba badlale kwelinye lawona maholo omculo adumileyo eSão Paulo, eBrazil. Kwakubonakala ngathi impumelelo isenkalweni. Noko ke, umzalwana wabo wabalumkisa ngeengozi zokuba ngamahlakani nabantu abangaphili ngemilinganiselo kaThixo. (IMizekeliso 13:20) Wababonisa ubulumko besi siluleko ngokubabalisela amava akhe. Umntakwabo waye wabandakanyeka ebubini ngenxa yokunxulumana nabantu ababi. UTiago nabantakwabo bagqiba ekubeni bayeke ukucula. Ngoku bobathathu bangabashumayeli ngokusisigxina. Bakholelwa ukuba ukuthobela isiluleko seLizwi likaThixo kwabakhusela ngokomoya.
UBawo Wethu Wasezulwini Uyasiqeqesha
Ubawo onothando uyabaqeqesha abantwana bakhe, kuba uxhalabele into abaza kuba yiyo kwikamva. (Efese 6:4) Ubawo onjalo unokuba ngqongqo, kodwa akabikho ngqwabalala xa eqeqesha abantwana bakhe. Ngendlela efanayo, maxa wambi uBawo wethu wasezulwini usenokukufumanisa kuyimfuneko ukuba asiqeqeshe. Kodwa uqeqesho lukaThixo lusoloko lukhatshwa luthando yaye alukho ngqwabalala. NjengoYise, uYesu wayengekho ngqwabalala, kwanaxa abafundi bakhe babe ngasisebenzisi ngokukhawuleza isiluleko sakhe.—Mateyu 20:20-28; Luka 22:24-30.
Khawuve amava ale ndoda egama linguRicardo eyaqondayo ukuba yayiqeqeshwa nguYehova ngothando. URicardo washiywa nguyise xa wayeneenyanga ezisixhenxe kuphela ubudala. Xa wayekwishumi elivisayo, uRicardo wakuva ukungabikho komntu ongutata ebomini bakhe. Wabandakanyeka kwizinto ezimbi, waba nomvandedwa. Eqonda ukuba indlela awayephila ngayo ayivisisani nemilinganiselo yobuKristu, wagqiba ekubeni athethe nabadala kwibandla awayekulo. Abadala bamnika isiluleko esiqatha esisekelwe eBhayibhileni. URicardo waluxabisa olo qeqesho, kodwa waqhubeka ebuhlungu ngenxa yezinto azenzileyo, ephuthelwa, elila yaye edandathekile. Ekugqibeleni, waqonda ukuba uqeqesho awayelufumana lwalubonisa ukuba usathandwa nguYehova. URicardo ukhumbula amazwi akumaHebhere 12:6, athi: “Lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha.”
Senza kakuhle ukukhumbula ukuba uqeqesho lubandakanya okungakumbi kunokohlwaya. IBhayibhile inxulumanisa uqeqesho nokufundiswa. UBawo wethu wasezulwini unokusiqeqesha ngokusivumela ukuba sibandezeleke kangangexesha elithile ngenxa yeempazamo zethu. Kodwa ke, iBhayibhile ibonisa ukuba uqeqesho lwakhe luyasifundisa luze lusincede sizenzele umendo othe tye. (Hebhere 12:7, 11) Ewe, uBawo wethu usikhathalele ngokwenene yaye uyasiqeqesha ukuze kulungelwe thina.
UBawo Wethu Uyasinyamekela
UBawo okhathalayo uzinyamekela kakuhle iintswelo zentsapho yakhe. NoYehova akohlukanga. UYesu wathi: “UYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.” (Mateyu 6:25-34) UYehova uthembisa oku: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.”—Hebhere 13:5.
Ibhinqa elinguNice labuqonda ubunyaniso balo mazwi esakuphelelwa ngumsebenzi umyeni wakhe. Wayesandula ukuyeka emsebenzini ukuze achithe ixesha elingakumbi neentombi zakhe ezimbini nakwinkonzo kaThixo. Babeza kuphila ngantoni ngoku? Wathandaza kuYehova. Ngosuku olulandelayo, umyeni wakhe waya kulanda zonke izinto zakhe kwindawo awayesebenza kuyo. Akazange akholelwe, xa umphathi wakhe wamchazela ukuba kuvele esinye isithuba kwaye uza kusinika yena. Umyeni kaNice waphulukana namhlanje nomsebenzi waza ngosuku olulandelayo wafumana omnye. UNice nomyeni wakhe wambulela uYise wasezulwini. Amava abo asikhumbuza ukuba njengoMlungiseleli wethu onothando, uYehova akabalibali abakhonzi bakhe abathembekileyo.
Ukuxabisa Uthando LukaBawo Wethu
Eneneni, asinawo amazwi awaneleyo okuchaza uthando olumangalisayo lukaBawo wethu wasezulwini. Xa sisihl’ amahlongwane iindlela ezininzi abonisa ngazo uthando lwakhe—ngokukholiswa, imfesane, inkuselo noqeqesho nangokunyamekela iintswelo zethu—sigqiba kwelokuba akakho uBawo ofana naye.
Sinokulubonisa njani uxabiso ngothando uBawo wethu wasezulwini asibonisa lona? Singenza umgudu wokufunda okungakumbi ngaye nangenjongo yakhe. (Yohane 17:3) Singavisisanisa ubomi bethu nokuthanda kwakhe neendlela zakhe. (1 Yohane 5:3) Singabonisa uthando lwakhe ngendlela esiqhubana ngayo nabanye. (1 Yohane 4:11) Ngazo zonke ezi ndlela, sinokubonisa ukuba sikhangela kuYehova njengoBawo wethu yaye sikujonga njengewonga ukuba ngabantwana bakhe.
[Imibhalo esemazantsi]
a EZibhalweni kusoloko kuthethwa ngoYehova ngokuba unguBawo. Ngokomzekelo, uYesu wasebenzisa ibinzana elithi “Bawo” izihlandlo ezingama-65 kwiincwadi zeVangeli ezintathu zokuqala waze walisebenzisa izihlandlo ezingaphezu kwe-100 kwincwadi yeVangeli kaYohane. Yena uPawulos ubiza uThixo ngokuba “nguBawo” izihlandlo ezingaphezu kwama-40 kwileta yakhe. UYehova nguBawo wethu ngengqiqo yokuba unguMthombo wobomi bethu.
b Funda isahluko 24, esithi “Akukho Nto ‘Inokusahlula Eluthandweni LukaThixo’” sencwadi ethi Sondela kuYehova, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Xa siqonda ukuba wayengubawo onjani uYehova, sakusondela ngakumbi kuye size simthande ngakumbi
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
Sinokubonisa ukuba sikhangela kuYehova njengoBawo wethu yaye sikujonga njengewonga ukuba ngabantwana bakhe
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]
UYEHOVA UBONISA UTHANDO LWAKHE LOBUZALI NGEENDLELA EZAHLUKAHLUKENEYO
NGOKUKHOLISWA
NGEMFESANE
NGOKUKHUSELA
NGOQEQESHO
NGOKUNYAMEKELA IINTSWELO ZETHU