Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa Ziinkwenkwezi?
XA usemaphandleni wondele isibhakabhaka kubusuku obuzolileyo, iinkwenkwezi ziye zibonakale zimenyezela oku kwamatye edayimani athe saa. Abantu bakuqonde kuphela kule minyaka ingama-350 edluleyo ubukhulu beenkwenkwezi kunye nendlela ezikude ngayo emhlabeni. Kungona siqalayo ukuqonda amandla angathethekiyo asebenza kwindalo yonke.
Ukususela kumaxesha amandulo, abantu bebesondela indlela ezihamba ngayo iinkwenkwezi nendawo ezahlukeneyo eziba kuzo ngamaxesha athile onyaka. (Genesis 1:14) Abantu abaninzi baye bathetha amazwi afana nalawo awathethwa nguKumkani uDavide wakwaSirayeli kwiminyaka engama-3000 eyadlulayo, esithi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?”—INdumiso 8:3, 4.
Kodwa ke enoba siyazi okanye asazi iinkwenkwezi zinegalelo elingqalileyo kubomi bethu. Ilanga elijikelezwa ngumhlaba lisinceda sazi ixesha, ubude beentsuku kunye nonyaka. Inyanga isinceda “siqonde amaxesha amisiweyo.” (INdumiso 104:19; Contemporary English Version) Oomatiloshe noosomajukujuku baxhomekeka kwiinkwenkwezi. Ngenxa yoko abanye bayazibuza enoba iinkwenkwezi zinokusenzela okungakumbi kunokusichazela amaxesha nokusenza siyixabise indalo kaThixo. Ngaba zinokusixelela ikamva zize zisilumkise ngeengozi?
Imvelaphi Nenjongo Yokuvumisa Ngeenkwenkwezi
Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kwaqala kwiMesopotamiya yamandulo mhlawumbi ngewaka lesithathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. Abavumisi ngeenkwenkwezi bamandulo babesondela isibhakabhaka ngocoselelo. Ukufundwa kweenkwenkwezi kwaqalwa ngenxa yemizamo yabo yokufunda indlela ezazihamba ngayo, ukuma kwazo, ukwenziwa kweekhalenda nokukwazi ukubona ixesha eliza kusithwa ngalo ilanga yinyanga. Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kuthetha okungaphaya kokufunda indlela ilanga nenyanga ezinxulumene ngayo nomhlaba wethu. Kufundisa ukuba indawo elikuyo ilanga, inyanga, izijikelezi langa, iinkwenkwezi namakroza azilawuli izinto ezenzeka emhlabeni nje kuphela, kodwa zikwalawula nobomi bomntu ngamnye. Ngaziphi iindlela?
Abanye abavumisi ngeenkwenkwezi bajonga kuzo ukuze babone izinto eziza kwenzeka kwikamva baze abanye basebenzise olo lwazi ukuze bazuze ngeendlela ezahlukeneyo. Abanye abantu bavakalelwa kukuba ukuvumisa ngeenkwenkwezi kubonisa ukuba ikamva lethu limiselwe kwangaphambili yaye kunokusinceda siqonde elona xesha lifanelekileyo lokwenza izinto ezithile. Inkcazelo elolo hlobo ifumaneka ngokondela iinkwenkwezi ezithile “nangokubala” ixesha lokungqamana kwazo okanye eziza kungqamana ngalo nomhlaba. Indlela ezibuphembelela ngayo ubomi bomntu kuthiwa ixhomekeke kwindlela ezime ngayo xa lomntu ezalwa.
Abavumisi ngeenkwenkwezi bokuqala babecinga ukuba umhlaba sisazulu sendalo yaye babecinga ukuba izijikelezi langa neenkwenkwezi zijikeleza umhlaba. Babekwacinga ukuba ilanga lihamba phakathi kweenkwenkwezi namakroza ngendlela ethile unyaka wonke. Loo nto bayibiza ngokuba yindlela yelanga baza bayahlulahlula yaziinxalenye ezili-12. Nxalenye nganye yathiywa ngegama lekroza elalidlula kulo ilanga. Zavela ngaloo ndlela ke iimpawu ezili-12 zokuvumisa ngeenkwenkwezi. La macandelo okanye “izindlu zezulu,” kwakusithiwa ziindawo abahlala kuzo oothixo. Kodwa ke ngokuhamba kwexesha izazinzulu zafumanisa ukuba ilanga aliwujikelezi umhlaba kodwa nguwo ojikeleza ilanga. Ukufunyaniswa kwaloo nto kwakusingela phantsi ukuchana kokuvumisa ngeenkwenkwezi.
Ukuvumisa ngeenkwenkwezi okwaqala eMesopotamiya kwazalisa phantse wonke umhlaba yaye bekusoloko kukho ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Emva kokoyiswa kwamaBhabhiloni ngamaPersi ukuvumisa ngeenkwenkwezi kwaya kufikelela eYiputa, eGrisi naseIndiya. Abefundisi bamaBhuda bahamba nako ukuya kuMbindi Asiya, eTshayina, eTibet, eJapan nakuMzantsi-mpuma Asiya. Nangona kungaziwa ukuba kwafika njani kwelamaMaya kodwa nawo ayevumisa ngeenkwenkwezi njengamaBhabhiloni. Ukuvumisa ngeenkwenkwezi “kwale mihla” kwavela ngoxa amaYiputa ayephantsi kwamaGrike kwaza kwanempembelelo nakubuYuda, ubuSilamsi nakwiNgqobhoko.
Uhlanga lwakwaSirayeli nalo lwaphenjelelwa kukuvumisa ngeenkwenkwezi kwanangaphambi kokuthinjwa ngamaBhabhiloni ngenkulungwane yesixhenxe Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. IBhayibhile isixelela ngemigudu kaKumkani uYosiya yokuphelisa ukwenziwa kwamadini “elangeni nasenyangeni nakumakroza ezulu nakuwo wonke umkhosi wamazulu.”—2 Kumkani 23:5.
Imvelaphi Yokuvumisa Ngeenkwenkwezi
Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kusekelwe ekungayazini kakuhle indlela esebenza ngayo indalo. Ngoko kucacile ukuba akuveli kuThixo. Ekubeni iimfundiso zako ezisisiseko zingasekelwanga kwinyaniso, ukuvumisa ngeenkwenkwezi akunakulixela ngokuchanileyo ikamva. Ukusilela kwako kubonakala kwiziganeko ezibini zembali.
Ngexesha likakumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni ababingeleli nabavumisi ngeenkwenkwezi abazange bakwazi ukulawula iphupha lakhe. UDaniyeli umprofeti kaYehova uThixo wachaza isizathu esithi: “Azikho izilumko, nabantu abanobugqi, nababingeleli abaqhelisela imilingo, nabavumisi ngeenkwenkwezi abanokukwazi ukuyityhila le mfihlelo kakumkani. Noko ke, kukho uThixo emazulwini onguMtyhili weemfihlelo, yaye umazisile uKumkani uNebhukadenetsare okuya kwenzeka ekupheleni kwemihla.” (Daniyeli 2:27, 28) UDaniyeli wabuza kuYehova uThixo, “uMtyhili weemfihlelo” kungekhona ilanga, inyanga okanye iinkwenkwezi yaye walilawula ngendlela echanileyo iphupha likaKumkani.—Daniyeli 2:36-45.
Ukuzifunda ngokuchanileyo kwamaMaya iinkwenkwezi akuzange kuyisindise impucuko yawo kuba yawa ngenkulungwane yethoba Ngexesha Eliqhelekileyo. Izinto ezenzeka kwezi ntlanga azibonisi nje ukuba ukuvumisa ngeenkwenkwenzi bubuxoki obungakwaziyo ukuxela ngokuchanileyo nantoni na ezayo kodwa zibhenca nenjongo yako; ekukwenza abantu bangakhangeli kuThixo ukuze bafumane inkcazelo echanileyo ngekamva.
Ekubeni ukuvumisa ngeenkwenkwezi kusekelwe kubuxoki kuyasinceda sazi ukuba kuvela kubani. UYesu wathi ngoMtyholi: “Akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.” (Yohane 8:44) USathana uzenza ngathi ‘uyingelosi yokukhanya’ zize zona iidemon zizenze ngathi ‘zingabalungiseleli bobulungisa.’ Eyona nyaniso kukuba zingabakhohlisi abafuna ukubambisa abantu ngamaqhinga. (2 Korinte 11:14, 15) ILizwi likaThixo lithi le ‘miqondiso yobuxoki nemihlola yimisebenzi kaSathana.’—2 Tesalonika 2:9.
Isizathu Sokuba Ukuphephe
Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kusekelwe kubuxoki yaye ngenxa yoko uYehova uThixo wenyaniso ukuthiyile. (INdumiso 31:5) IBhayibhile iyakugxeka yaye iyalela abantu ukuba bangabi nanto yakwenza nako. KwiDuteronomi 18:10-12, uThixo uthi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . ovumisayo, oqhelisela umlingo, . . . nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo. Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.”
Ekubeni amandla okuvumisa ngeenkwenkwezi evela kuSathana needemon ukubandakanyeka kuko kunokukuchanaba kwimpembelelo kaSathana needemon. Kanye njengokuba ukusebenzisa iziyobisi kunokukwenza ixhoba labantu abazithengisayo, nokuvumisa ngeenkwenkwezi kunokukwenza ixhoba leli qothaqikili linguSathana. Ngenxa yoko abo bathanda uThixo nenyaniso bamele bakuchase ukuvumisa ngeenkwenkwezi baze bathobele isiluleko seBhayibhile esithi: “Thiyani okubi, nithande okulungileyo.”—Amosi 5:15.
Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kubangelwa kukufuna kwabantu ukwazi ngekamva. Ngaba sinako ukulazi ikamva lethu? Ukuba sinako, sinokulazi njani? IBhayibhile ithi asinako ukwazi ukuba kuza kwenzeka ntoni kumntu ngamnye ngomso, kule nyanga izayo okanye kunyaka ozayo. (Yakobi 4:14) Nakuba kunjalo, iyasichazela into eza kwenzeka kuluntu lonke kungekudala. Isixelela ukuba buza kufika kungekudala uBukumkani esibuthandazela kuMthandazo weNkosi. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Kwakhona isichazela ukuba konke ukubandezeleka sele kuza kuphela yaye akusayi kuze kuphinde kusikhathaze kwakhona. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:4) Kunokuba alimisele kwangaphambili ikamva lomntu ngamnye, uThixo uyasimema sonke ukuba sifunde ngaye size sazi noko aza kusenzela kona. Sazi njani? IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba ukuthanda kuThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.”—1 Timoti 2:4.
Izulu kunye nezinto ezikulo azenzelwanga ukusilawula. Kunoko zibonisa amandla nobuThixo bukaYehova. (Roma 1:20) Zinokusinceda ukuze sahlukane nobuxoki size sikhangele kuThixo nakwiLizwi lakhe iBhayibhile xa sifuna ukhokelo olusa kubomi obunempumelelo. “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
AmaMaya ayevumisa kakhulu ngeenkwenkwezi
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
Ukuzifunda ngokuchanileyo kwamaMaya iinkwenkwezi akuzange kuwancede
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
‘Kukho uThixo emazulwini onguMtyhili weemfihlelo, yaye ukwazisile . . .okuya kwenzeka ekupheleni kwemihla’
[Umfanekiso okwiphepha 19]
El Caracol observatory, Chichén Itzá, Yucatán, Mexico, 750-900 C.E.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 19]
Kwiphepha 18 nele-19, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: Iinkwenkwezi: NASA, ESA, neA. Nota (STScI); ikhalenda yamaMaya: © Lynx/Iconotec com/age fotostock; Mayan astronomer: © Albert J. Copley/age fotostock; Mayan observatory: El Caracol (The Great Conch) (photo), Mayan/Chichen Itza, Yucatan, Mexico/Giraudon/The Bridgeman Art Library