IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 9/15 iphe. 3-7
  • Ukukhonza Ngexesha Lolwando Olumangalisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhonza Ngexesha Lolwando Olumangalisayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunyamezela Intshutshiso
  • Iindibano Zasomeleza
  • Ukuba Nesabelo Ngakumbi Kulwando
  • Umsebenzi Wesiphaluka
  • Ukuba Ngabathunywa Bevangeli
  • Ukwandiswa Kwesebe
  • Abaninzi Bafak’ Isandla Ukuze Kubekho Ulwando
  • Ubomi Bam Kwintlangano Eyalathiswa Ngumoya KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • ‘Ukuhlala Ndiyikhumbula Imini KaYehova’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukuvakalisa Iindaba Ezilungileyo Engayeki (1942-1975)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ubomi Obutyebileyo Enkonzweni KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 9/15 iphe. 3-7

Ukukhonza Ngexesha Lolwando Olumangalisayo

Kubalisa uHarley Harris

KwakungoSeptemba 2, 1950, eKennett, eMissouri, eUnited States. Sasikwindibano yesiphaluka, sirhangqwe lihlokondiba. Usodolophu wathumela uMkhosi weSizwe ukuza kusikhusela kwelo hlokondiba lingalawulekiyo. Izitrato zazizaliswe ngamajoni aphethe oombayimbayi neencula. Nakuba sasigculelwa lelo hlokondiba, sakhwela ezimotweni saya eCape Girardeau, eMissouri, ukuze sigqibezele inxalenye eseleyo yocwangciso lwendibano. Ndabhaptizwa kuloo ndibano ndineminyaka eli-14 ubudala. Kodwa mandikubalisele indlela endamkhonza ngayo uYehova ngelo xesha lezidubedube.

EKUQALENI kweminyaka yee-1930, utatomkhulu nomakhulu nabantwana babo abasibhozo baphulaphula iintetho zikaMzalwan’ uRutherford ezirekhodiweyo yaye zabenza beyiseka ukuba bayifumene inyaniso. Abazali bam, uBay noMildred Harris, babhaptizwa ngowe-1935 kwindibano eyayiseWashington, D.C. Kwabavuyisa ngokwenene ukuba yinxalenye ‘yendimbane enkulu,’ okanye “isihlwele esikhulu,” esachazwa kuloo ndibano!—ISityhi. 7:9, 14; ngokweKing James Version.

Ngonyaka olandelayo kwazalwa mna. Kunyaka olandela lowo, abazali bam bafudukela kwintsimi ekwanti eMississippi. Ngoxa sasihlala kuloo mmandla, sasingatyelelwa ngumveleli ohambahambayo. Abazali bam babebhalelana neBheteli, baye nasezindibanweni yaye kangangexesha elide leyo kwakukuphela kwendlela esasinxibelelana ngayo nabazalwana.

Ukunyamezela Intshutshiso

Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova atshutshiswa kakhulu ngenxa yokungathabathi cala. Sasisele sifudukele eMountain Home, eArkansas. Ngenye imini mna notata sasinikela ubungqina esitratweni. Kwafika enye indoda yaza yahlutha amaphephancwadi kutata yawatshisa. Yathi singamagwala kuba singayanga emfazweni. Ndakhala kuba ngelo xesha ndandineminyaka emihlanu kuphela ubudala. Utata wayijonga nje le ndoda yaye akazange akhuphe nelimdaka yada yahamba.

Bakho nabantu ababelungile nababesiphatha kakuhle. Ngesinye isihlandlo imoto yethu yayingqongwe lihlokondiba labantu kwaza kwadlula igqwetha elingumtshutshisi. Labuza, “Kuqhubeka ntoni apha?” Enye indoda yaphendula yathi, “La maNgqina kaYehova akafuni ukuya kulwela ilizwe lawo!” Eli gqwetha laxhuma laza kuma ngakwimoto yethu laza langxola lathi: “Ndaya kulwa ngeMfazwe Yehlabathi I, yaye ndiza kulwa nakule! Yekani aba bantu bahambe. Abakhathazi mntu!” Elo hlokondiba lathi nyoxo lemka. Sasibaxabisa kakhulu abantu abanjalo ababesenzela ububele.—IZe. 27:3.

Iindibano Zasomeleza

Indibano yowe-1941 eyayiseSt. Louis, eMissouri, yafika ngexesha elifanelekileyo. Abantu ababekho apho bathelekelelwa kwi-115 000. Kwabhaptizwa abantu abangama-3 903. Ndisayikhumbula kakuhle intetho kaMzalwan’ uRutherford eyayinomxholo othi “Abantwana BakaKumkani.” Wathetha nathi bantwana, yaye sonke saphiwa incwadi entle eluhlaza enomxholo othi, Children. Ngenxa yale ndibano ndakwazi ukunyamezela into eyenzeka ngonyaka olandelayo, unyaka endaqalisa ngawo esikolweni. Mna nabazala bam sagxothwa esikolweni ngenxa yokungakhahlel’ iflegi. Sasisiya esikolweni yonke imihla ngethemba lokuba abaphathi besikolo baza kutshintsha. Amaxesh’ amaninzi ekuseni sasihamba emahlathini sisiya esikolweni—kodwa sasifika sigxothwe. Noko ke, ndandivakalelwa kukuba le yindlela esasibonisa ngayo ukuba sinyanisekile kuBukumkani bukaThixo.

Noko ke, kungabanga thuba lide iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States yawisa isigwebo sokuba ukukhahlel’ iflegi akusosinyanzelo. Ekugqibeleni sabuyela esikolweni. Utitshala wasiphatha ngobubele waza wasenzisa umsebenzi wesikolo owawenziwe xa sasingekho. Nabantwana esasifunda nabo basiphatha ngentlonelo.

Enye indibano endiyikhumbulayo, yindibano yowe-1942 eyayiseCleveland, eOhio, apho uMzalwan’ uNathan H. Knorr wanikela intetho ethi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Lukho?” Kule ntetho kwakuxutyushwa iSityhilelo isahluko 17 yaye kwaboniswa ukuba emva kweMfazwe Yehlabathi II kwakuza kubakho uxolo. Ngenxa yoko kwakulindeleke ukuba kubekho ulwando olungakumbi. Ukuze kulungiselelwe olo lwando, kwaqaliswa iSikolo saseGiliyadi ngowe-1943. Ngelo xesha ndandingazi ukuba oko kwakuya kundichaphazela nam kamva. Ngokwenene lwabakho uxolo emva kwemfazwe yaye nentshutshiso yadamba. Noko ke, ekuqaliseni kweMfazwe yaseKorea ngowe-1950, umsebenzi wethu wokushumayela wachaswa kwakhona njengoko kuchazwe ekuqaleni.

Ukuba Nesabelo Ngakumbi Kulwando

Ngowe-1954, ndagqiba kwisikolo samabanga aphakamileyo yaye kwisithuba esingangenyanga emva koko ndaqalisa ukuba nguvulindlela. Emva kokuba nguvulindlela eKennett, eMissouri, apho sasirhangqwe khona lihlokondiba ngowe-1950, ndabizwa eBheteli ngoMatshi 1955. Intsimi yebandla endandabelwe kulo yayihamba iye kufika eTimes Square phakathi kwisiXeko saseNew York. Le ntsimi yayahluke ngokwenene kweyasemaphandleni! Ukuze nditsale umdla wabantu baseNew York abasoloko bexakekile, ndandiye ndivule umxholo wephephancwadi obangel’ umdla ndize ndithi, “Ngaba wakha wazibuza lo mbuzo?” Abaninzi babewathatha amaphephancwadi.

Enye yezona zinto ndandizithanda kakhulu eBheteli lunqulo lwakusasa, olwaluqhutywa nguMzalwan’ uKnorr. Wayekwazi ukuxubusha iindinyana zeBhayibhile ngendlela ebangel’ umdla aze abonise indlela esinokuzisebenzisa ngayo ebomini bethu. Xa ethetha nathi baselula wayeba ngathi ngutata othetha nonyana wakhe, wayedla ngokusicebisa ngendlela esimele sibaphathe ngayo abantu besini esahlukileyo. Ngowe-1960, ndenza isigqibo sokutshata.

Ndabhala ileta ndachaza ukuba kwiintsuku ezingama-30 ndiza kuyeka ukukhonza eBheteli kodwa andizange ndifumane mpendulo. Ekupheleni kweentsuku ezingama-30 nakuba ndandimanyonywana ndaqweba isibindi ndafowuna. Ifowuni yaphendulwa nguMzalwan’ uRobert Wallen waza weza kwindawo endandisebenza kuyo. Wandibuza ukuba ndicinga ntoni na ngobuvulindlela obukhethekileyo okanye ngomsebenzi wesiphaluka. Ndaphendula ndathi: “Bob, ndineminyaka engama-24 kuphela ubudala yaye andinamava.”

Umsebenzi Wesiphaluka

Xa ndifika egumbini lam ngaloo mini ngokuhlwa, ndafika kukho imvulophu enkulu. Ngaphakathi kwakukho isicelo sobuvulindlela obukhethekileyo nesomsebenzi wesiphaluka. Ndothuka! Ndafumana ilungelo elikhulu lokuya kukhonza abazalwana bam kwisiphaluka esikumzantsi-ntshona weMissouri nakwimpuma yeKansas. Noko ke, ngaphambi kokuba ndihambe eBheteli ndaya kwintlanganiso yabaveleli abahambahambayo. Kumazwi akhe okuqukumbela uMzalwan’ uKnorr wathi: “Isibakala sokuba ningabaveleli besiphaluka okanye besithili asithethi kuthi nazi ngaphezu kwabazalwana abasemabandleni. Abanye banamava kunani. Kodwa iimeko azibavumeli ukuba banandiphe la malungelo. Kuninzi eninokukufunda kubo.”

Wayenyanisile. Owona mzekelo ubalaseleyo ngokaMzalwan’ uFred Molohan nenkosikazi yakhe, nomkhuluwa wakhe uCharley waseParsons eKansas. Bafunda inyaniso ekuqaleni kweminyaka yee-1900. Kwakumnandi ukuphulaphula amava abo ezinto ezenzeka ndingekazalwa kwaukuzalwa! Kwakumnandi nokuphulaphula amava kaJohn Wristen owayesele ekhulile nowayenobubele kakhulu, ehlala eJoplin, eMissouri yaye wayechithe amashumi ngamashumi eminyaka enguvulindlela. Aba bazalwana bathandekayo babenentlonelo ngamalungiselelo entlangano. Babendenza ndizive ndixabisekile njengomveleli wesiphaluka—nangona ndandiselula.

Ngowe-1962 ndatshata noCloris Knoche, uvulindlela oliqhakraqhakra owayeneenwele ezibomvu. Ndaqhubeka nomsebenzi wesiphaluka kunye noCloris. Ukuhlala kwethu nabazalwana kwasinceda sabazi ngakumbi. Sasifumana ithuba lokukhuthaza ulutsha ukuba luqalise inkonzo yexesha elizeleyo. Abantu ababini abasebatsha ababekweso siphaluka—uJay Kosinski noJoAnn Kresyman—balwamkela ngezandla ezishushu olo khuthazo. Sasisebenza nabo enkonzweni size sibabalisele ngeengenelo zenkonzo yokuzincama yaye oko kwabakhuthaza ukuba bazibekele usukelo. UJoAnn waba nguvulindlela okhethekileyo yaye uJay waya eBheteli. Kamva, aba babini batshata yaye ngoku baneminyaka emalunga nama-30 bekumsebenzi wesiphaluka.

Ukuba Ngabathunywa Bevangeli

Ngowe-1966, uMzalwan’ uKnorr wasibuza ukuba asinawo na umdla wokuya kukhonza kwelinye ilizwe. Saphendula sathi: “Sanelisekile kule ndawo sikhonza kuyo kodwa ukuba kukho indawo ekufuneka siye kunceda kuyo, sikulungele ukuya apho.” Kwiveki elandelayo, samenyelwa kwiSikolo saseGiliyadi. Kwakubangel’ imincili ngokwenene ukuba seBheteli kwakhona ngoxa sasisesikolweni nokuba kunye nabantu abaninzi endibathandayo nendibahlonelayo! Safumana nabahlobo abaninzi kwabo babeze esikolweni yaye basakhonza ngokuthembeka nanamhlanje.

Mna noCloris sathunyelwa e-Ecuador eMzantsi-Merika kunye noDennis noEdwina Crist, uAna Rodríguez, noDelia Sánchez. AbakwaCrist baya kwisixeko esilikomkhulu, eQuito. Thina noAna noDelia saya eCuenca esinye sezona zixeko zikhulu zase-Ecuador. Intsimi yethu yayidibanisa amaphondo amabini. Ibandla lokuqala laseCuenca lalihlanganisana endlwini yethu. Yayiba sithi sobane nabanye abantu ababini. Sasizibuza ukuba siya kuphumelela njani ekwenzeni umsebenzi wokushumayela.

ECuenca kwakuzele iicawa yaye ngeentsuku ezibizwa ngokuba zingcwele, amalungu ecawa ayesenza imingcelele ezitratweni. Noko ke, abantu baseCuenca babenemibuzo emininzi. Ngokomzekelo, uMario Polo owayeyintshatsheli yomkhweli webhayisikile eCuenca, ndiqala ngqa ukudibana naye wandibuza umbuzo endandingawulindelanga, wathi, “Ngubani ihenyukazi ekuthethwa ngalo kwincwadi yeSityhilelo?”

Ngesinye isihlandlo, uMario wafika emzini wethu ebusuku ekhathazekile. Omnye umfundisi wayemnike incwadi enezityholo ezinzulu nxamnye namaNgqina kaYehova. Ndathi kuye umntu otyholwayo ufanele anikwe ithuba lokuzithethelela. Ngoko ngemini elandelayo, uMario wacela mna nalo mfundisi ukuba siye kwakhe ukuze ndiphendule ngezo zityholo. Ndacela ukuba sithethe ngoBathathu Emnye. Xa umfundisi efunda uYohane 1:1, uMario wayicacisa ngokwakhe le ndinyana. Wazicacisa zonke iindinyana zeBhayibhile esathetha ngazo. Ngoko umfundisi wahamba engakhange akwazi ukucacisa uBathathu Emnye. Oku kwamqinisekisa uMario nenkosikazi yakhe ukuba sifundisa inyaniso yaye emva koko bazithethelela iimfundiso zeBhayibhile. Sivuya kakhulu kuba kwisixeko saseCuenca esasabelwe kuso ukuqala kwethu, kwasekwa amabandla angama-33 yaye ngoku angama-63—ulwando olungummangaliso ngokwenene!

Ukwandiswa Kwesebe

Ngowe-1970, ndacelwa ukuba ndiye kwisebe laseGuayaquil kunye noAl Schullo. Sanyamekela umsebenzi owenziwa esebeni. UJoe Sekerak wayesiza ngamaxesh’ athile aze kupakisha uncwadi lwamabandla angama-46 awayekho kwelo. Kangangexesha elithile, uCloris waqhubeka eshumayela entsimini ngoxa mna ndisebenza eBheteli. Bangama-55 abantu awafunda kunye nabo baza babhaptizwa, kwakudla ngokubhaptizwa abantu abafundeleyo abathathu ukuya kwabahlanu kwindibano nganye.

Ngokomzekelo, uCloris wafunda nelinye ibhinqa eligama linguLucresia, elalinomyeni ochasayo. Sekunjalo, uLucresia wabhaptizwa ekugqibeleni waza waqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi. Wafundisa abantwana bakhe ngemithetho kaYehova. Oonyana bakhe ababini bangabadala ngoku, omnye unguvulindlela okhethekileyo; intombi yakhe inguvulindlela. Umzukulwana wakhe utshate nomzalwana oqhuba kakuhle yaye nabo bangoovulindlela abakhethekileyo. Le ntsapho incede abantu abaninzi bafunda inyaniso.

Ngowe-1980 kwakukho abavakalisi abamalunga nama-5 000, e-Ecuador. Iofisi yethu yesebe yaba ncinane kakhulu. Omnye umzalwana wasinika umhlaba wakhe oziihektare ezingama-32 ongaphandle kweGuayaquil. Ngowe-1984 saqalisa ukwakha kule ndawo iofisi entsha yesebe neHolo yeNdibano yaye zanikezelwa ngowe-1987.

Abaninzi Bafak’ Isandla Ukuze Kubekho Ulwando

Ukutyhubela iminyaka, bekusivuyisa ukubona abavakalisi noovulindlela abaninzi abavela kwamanye amazwe besiza kuncedisa e-Ecuador apho abavakalisi boBukumkani bafuneka ngakumbi khona. Umzekelo endingawulibaliyo ngoka-Andy Kidd, owayeyititshala yaseKhanada edla umhlala-phantsi. Wafudukela e-Ecuador ngowe-1985, eneminyaka engama-70 ubudala yaye wakhonza apho ngokuthembeka de wafa ngowama-2008 eneminyaka engama-93 ubudala. Ukuqala kwam ukumbona esabelweni sakhe, yayinguye kuphela umveleli kwibandla elincinane. Nakuba wayengasazi kakuhle iSpanish, wayenikela intetho yesidlangalala aze emva koko aqhube iSifundo seMboniselo. Wayeqhuba neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nezinye iinxalenye zeNtlanganiso Yenkonzo! Ngoku kukho amabandla amabini kuloo mmandla, anabavakalisi abamalunga nama-200 nabadala abaninzi.

Umzalwana uErnesto Diaz, owasuka eUnited States nentsapho yakhe weza kulo mmandla, wathi emva kweenyanga ezisibhozo ese-Ecuador: “Abantwana bethu abathathu baye bafunda ulwimi lwalapha yaye baqhuba izifundo ngokuphumelelayo. Ndiye ndakwazi ukwenza into ebonakala ingenakwenzeka kule nkqubo—ukuba nguvulindlela othe ngxi, ndibe kwinkonzo yexesha elizeleyo kunye nentsapho yam. Xa zizonke izifundo zeBhayibhile esiziqhubayo zingama-25. Konke oku kuye kwasenza samanyana njengentsapho yaye kusenze sasondela ngakumbi kuYehova.” Sibaxabisa ngokwenene aba bazalwana noodade abathandekayo!

Ngowe-1994 kwaphinda kwandiswa isebe ngokuphindwe kabini. Ngowama-2005 inani labavakalisi lafikelela kuma-50 000, yaye ngenxa yoko kwafuneka ukuba isebe liphinde landiswe. Kwafuneka kwandiswe neHolo yeNdibano, kwakhiwe isakhiwo esitsha seendawo zokuhlala neeofisi zabaguquleli. Ezi zakhiwo zanikezelwa ngo-Oktobha 31, 2009.

Ukugxothwa kwam esikolweni ngowe-1942, amaNgqina aseUnited States ayemalunga nama-60 000. Ngoku angaphezu kwesigidi. Ekufikeni kwethu e-Ecuador ngowe-1966, kwakukho abavakalisi boBukumkani abamalunga ne-1 400. Ngoku bangaphezu kwama-68 000. Kusaza kuphuma abangakumbi kwizifundo zeBhayibhile ezili-120 000 naphakathi kwabantu abangaphezu kwama-232 000 ababeze kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngowama-2009. Ngokuqinisekileyo, uYehova uye wabasikelela abantu bakhe ngendlela engathethekiyo. Hayi indlela endivuya ngayo kuba ndiphila kweli xesha lokwanda komsebenzi!a

[Umbhalo osemazantsi]

a Xa bekulungiselelwa ukupapashwa kweli nqaku, uHarley Harris uye wafa ethembekile kuYehova.

[Imifanekiso ekwiphepha 5]

Indibano eyayiqhutyelwa kwindawo evulekileyo (ngowe-1981) neHolo yeNdibano yaseGuayaquil (ngowama-2009) eyakhiwe kwakule ndawo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share